uMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphulaphuli kwi ngcebiso ngezemisebenzi. Umphulaphuli ubhale wathi, "Sine union emsebenzini, kodwa sikrokrela ukuba le union iyasithengisa kumqeshi futhi ikwi cala likamqeshi. Singabasebenzi sifikelele kwisigqibo sokuba sizixoxele ngokwethu nomqeshi malunga nokunyuselwa komvuzo, ngaphandle kwe union. Ingaba ivumelekile lento?"