trufm Current Affairs: Recent Episodes

SABC News and Current Affairs

View Details

ISebe lezothutho eMpuma Koloni lilumkisa abaqhubi, kwakunye nabo balungiselela ukungena ezindleleni, ngolu suku lokugqibela lwempelaveki ende, ukuba baqaphele ezindleleni kulandela isimo sezulu esibi, nesibangele uphazamiseko lwezithuthi ezindleleni. Kwiindawo ezithile zephondo, iindlela zivalekile ngenxa yokuwa kwekhephu. Amagosa ezendlela athe bhazalala ukuqinisekisa ukuba abaqhubi balandela imithetho emiselweyo yendlela. UZizipho Cikozani uthethe nothethela iSebe lezothutho ephondweni, u-Unathi Binqose, ngalo mba...

View Details

Ukuphawula nokubhiyozela iminyaka engamashumi asixhenxe yosuku lwamanina ango-1956 abalelwa ku-20 000 athi abamba umngcelele esingisisa kwi-Union Buildings ngeliqhanqazelela imithitho yamapasi, bekwanyanzelisa kurhulumente welo xesha ukuba nabo amalungelo abo njengabasetyhini athathelwe ingqalelo. Kusasazo olukhethekileyo phakathi kwe-TRU FM kunye no-Umhlobo Wenene FM, siye samema uNjingalwazi Babalwa Magoqwana-Director of the Centre for Women and Gender Studies at Nelson Mandela University, uLelona Mxesibe- Researcher, Policy Analyst and Advocacy Officer at Indlela Mental Health kunye no-Michiki Mavungo, Nelson Mandela Bay Business Chamber Representative and The Eco Laundry Founder and Director...

View Details

I-Premier Soccer Legue ivakalise inkxaso yayo kwilinge lenkampani enamagunya osasazo lwemidlalo iCANAL+, ukulwa umkhwa ovamileyo wokubiwa kosasazo lwezemidlalo equka eyebhola ekhatywayo kunye neyombhoxo, ipapashwe kumakhasi osasazo omgunyathi nakumakhasi onxibelelwano. Ngenxa yalo mkhuba kukho ilahleko eninzi yemali nenkxaso. U-Amanda Xhala uncokole nentatheli yezemidlalo, uKhanyiso Tshwaku , ngalo mba…

View Details

Nanjengoko uMzantsi Afrika kulo nyaka ubhiyozela amashumi amathathu eminyaka wasekwayo umgaqo-siseko weli, sithe namhlanje makhe sikucaphulele kwamanye amalungelo axhanyulwa luluntu lweli, naqulathwe ngu Chapter 2 womgaqo-siseko. Amanye ala malungelo nesiza kuthetha ngawo namhlanje, lilungelo lokukhuseleka kwezinto zakho eziyimfihlo (privacy), ilungelo lokuhlonitshwa kwesidima sakho nokuba ngummi (identity), kwakunye nelungelo lokuhamba-hamba ngokukhululekileyo (freedom of movement). Kungani ebalulekile nje la malungelo? Ukuxoxa banzi ngalo mba, uAmanda Xhala uncokole nengcali kwimiba yezomthetho, uAdv Dumisani Apollos...

View Details

Uwubhengeze ngokusesikweni umhla wesine kweyeNkanga nje ngosuku lonyulo loorhulumente basekhaya, umphathiswa wolawulo ngentsebenziswano, uVelenkosini Hlabisa. Esi sibhengezo uHlabisa usenze ngethuba ephehlelela iintsuku ezingamashumi alithoba ngaphambi kokuba kubanjwe olu nyulo. Esi sibhengezo siphawula isigaba esibaluleke kakhulu kwezonyulo kweli, nanjengoko imibutho yezopolitiko izilungiselela ukukhuphisana koomasipala beli. UHlabisa uthi abavoti abaselungelweni lokuvota banikwa de kube sezinzulwini zobusuku namhlanje ukuba babhalisele ukuvota. UGcinokuhle Malinga uza nengxelo ethe vetshe...

View Details

Umphathiswa wesebe elijongene nobudlelane namanye amazwe, uRonald Lamola, ubhengeze ukuba kuza kuphononongwa umgaqo-nkqubo omtsha oqulethe amaqithiqithi afunyanwa ngabo babesakuba ngoomongameli nababesakuba ngoosekela mongameli. Oku kulandela utyelelo lowayesakuba ngumongameli uJacob Zuma kwilizwe laseIndia, apho eye wadibana khona nomnye wabafo bakwaGupta. To hear more about this, Amanda Xhala spoke to Dirco Spokesperson, Chrispin Phiri...

View Details

Inkundla ephakamileyo eMakhanda eMpuma Koloni isichithile isicelo sesibheno se-ANC sokuba le nkundla ijike isigqibo sayo sokuyalela ukuba kuchithwe isikhokelo sethutyana salo mbutho ephondweni, iProvincial Task Team. Esi sicelo sokubhena besifakwe yi-ANC, unobhala-jikelele walo mbutho uFikile Mbalula kunye nesikhokelo sephondo esi inkundla ethe masichithwe. U-Amanda Xhala uncokole nomhlalutyi wezopolitiko uGqirha Xolisile Ngumbela...

View Details

Izolo kulenkqubo ndaba, besikuphathele inqaku nalapho iSebe lezemfundo kwiMpuma Koloni liza kumilisela inkqubo yokubhaliswa kwabafundi kumabanga uGrade R, uGrade 1 kwakunye no Grade 8, kusetyenziswa ubuxhakaxhaka bale mihla bonxibelelwano. Le nkqubo ke iza kuvavanywa koomasipala abambhaxa iBuffalo City, iNelson Mandela nezithili iJoe Gqabi kwakunye ne-OR Tambo, ukusukela kunyaka ozayo. Sithe ke makhe sikrwece iSebe likhe lisinabisele banzi ngale nkqubo. U-Amanda Xhala uncokole nobambele njenge-Chief Education Specialist kwicandelo lolawulo lwezikolo kwiSebe, uYoliswa Matam...

View Details

UMasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, uwamkele umyalelo wenkundla ephakamileyo yaseGqeberha omalunga nokonyuswa kwerhafu yombane kunyaka-mali u2026/2027. Oku kulandela isicelo esingxamisekileyo seDA enkundleni, nexoxe ngelithi okukwenyuswa kwerhafu kwenziwe kulandela inkqubo ebineziphene yentatho nxaxheba yoluntu. INelson Mandela Bay ithi sele iqalile nokumilisela umyalelo wenkundla. Ukusabela kulo mba, uAmanda Xhala uthethe noyi-Senior Director: Retail - Electricity & Energy Directorate kumasipala iNMB, uDr Mvuleni Bukula...

View Details

Kuphinde kwakho iinguqu kubunkokheli beqela iMK Party. Lo mbutho ubhengeze ukuba obengusekela-mongameli wokuqala walo mbutho uGqirha John Hlophe ususiwe kwisikhundla sakhe. Endaweni yakhe kufakwe uDuduzane Zuma, nongunyana kamongameli walo mbutho uJacob Zuma. Usihlalo walo mbutho uNkosinathi Nhleko naye ususiwe kwesi sikhundla, ngethuba uNomsa Dlamini esusiwe njengosekela-nobhala jikelele. Ezi nguqu zivakaliswe ngulo mbutho kwindibano yawo nonondaba phezolo. U-Amanda Xhala uncokole nomhlalutyi wezopolitiko uHlumelo Xaba…

View Details

Lisekhona ithuba lokuba ubani oselungelweni angabhalisela unyulo oluzakuqhuba kwinyanga yeNkanga kulonyaka, nangona lempelaveki siphuma kuyo ibiyeyokugqibela yokubhalisa. Ikomishoni yonyulo ezimeleyo ithi uluntu luzakukwazi ukuqinisekisa iinkcukacha zalo ukuze lukwazi ukuvota. Kulo-Lwesihlanu siya kuye, umphathiswa worhulumente basemakhaya uVelenkosini Hlabisa, kulindeleke abhengeze ngokusesikweni umhla wokuvota, umhla wesine kwinyanga yeNkanga (4 November). U-Amanda Xhala uncokole nongusekela-manejala kwi-IEC eMpuma Koloni, uMasindi Mosehana...

View Details

Inkundla ephakamileyo yaseGqeberha iyalele umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, ukuba ubuyisele uhlobo ebiqulunkqwe ngayo ngaphambili irhafu yombane, kutshintsho oluqale ngomhla wokuqala kuJuly, emva kokusiwa enkundleni ngumbutho weDA. Lo masipala ukwayalelwe ukuba ufumane imvume kwicandelo iNational Energy Regulator of South Africa zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amathathu ukuze kwenziwe uhlengahlengiso kubume berhafu yombane. Ukuva banzi ngentsusa yoku, Amanda Xhala spoke to SABC reporter, Kim Daniels...

View Details

Onke amehlo ngoku ajonge kunyulo loomasipala apho abemi beli bezakuzikhethela ooceba babo noosodolophu abanqwenela ukuba babakhokhele, bafezekise izidingo zasekuhlaleni. Sithe makhe sijonge umsebenzi wezithembiso zonyulo, iimanifesto ukutsho. Ingaba zisasebenza ukukhuthaza iivoti zoluntu? Abanye bathi abasenamdla wokumamela ezizithembiso kuba oosopolitiki abazigcini izithembiso zabo. Ukushukuxa lo mba, uAmanda Xhala uncokole nomhlalutyi wezopolitiko, uSandile Swana...

View Details

Oomasipala abambhaxa, iNelson Mandela Bay nesixeko saseKapa, bachongwe liphulo elijongene nobume bezulu nophuhliso kwelizwekazi i-Afrika, iAfrican Climate and Development Initiative, iACDI, elikwiYunivesiti yaseKapa, ngokubambisana ne-arhente yophuhliso kwilizwe laseFrance, iAgence Française de Développement, iAFD ngamafuphi, nje ngoomasipala abambhaxa kweli ekuza kuphuhliswa, ze kumiliselwa kubo iinkqubo zale mihla zokuvavanya inkqubela esele yenziwe ekubeni oomasipala abambhaxa bakwazi ukumelana nokuguqu-guquka kobume bezulu. Oku ziinzame zokunceda ekuphawuleni ezona zinto ziphambili ekusebenzeleni ukucutha imisantsa, kusetyenziswa izixhobo zokucutha iimphuphuma, imbalela nokhukuliseko kwimimandla eselunxwemeni, neyimingcipheko aba masipala bambhaxa babini abajamelene nayo. U-Amanda Xhala uncokole banzi ngalo mba nolilungu lekomiti kasodolophu elijongene nempilo yoluntu kumasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay, uThsonono Buyeye...

View Details

Urhulumente kazwelonke umilisele ikomiti equka amasebe karhulumente, ii-arhente kunye necandelo labucala ukumilisela isicwangciso sokuqubisana nomngeni wobonelelo lweenkonzo zamanzi oludodobeleyo koomasipala beli. Le komiti kunye nesi sicwangciso ziyingxenye yongenelelo lukarhulumente kazwelonke phantsi kuka-Operation Vulindlela, nonjongo yayo ikukukhawulezisa iinkqubo zikarhulumente zokusa iinkonzo kuluntu. U-Ayabonga Kekana uye wancokola apha enkqubeni nosekela mphathiswa wesebe lamanzi nogutyulo, uDavid Mahlobo...

View Details

Inyanga yeThupha yinyanga apho kuqatshelwa isigulo somhlaza wethunja, obizwa iAppendix Cancer. Injongo yoku kukunceda uluntu ukuze luwuqonde lomhlaza unqabileyo nothi ufumaneke sele konakele kwaye ubani engawulindelanga. Iingcali zempilo zithi abantu abaninzi azange beva ngalomhlaza de kube kanti ubachaphazele okanye ufunyaniswe kwisizalwane. UAyabonga Kekana uncokola nophuma kwi Dr B Talks, uGqirha Luvuyo Bayeni.

View Details

ICASA iphulaphule izimvo zoluntu ngemigaqo nkqubo egxile ekukhawuleziseni kokunikezelwa ngeenkqubo neziseko zonxibelelwano ezisebenzisa i internet. Ongumlawuli oyintloko kwicandelo le Association of Communications & Technology kwi ICASA, uNomvuyiso Batyi usicacisela banzi ngoku

View Details

Ukubanomyolelo obhaliweyo welifa yinto engabonakala ngokungathi ayibalulekanga, de kufikelele ixesha lempixano ngokubanga oko kushiywa ngumfi. Ukungabi namyolelo wokuba izinto zakho xa ubhubhile mazebiwe njani na, kungadala iintanda kusapho maxa wambi umlo wokubanga ilifa uphelele nakwii nkundla zamatyala. U-Amanda Xhala uye wancokola negqwetha lezomthetho apha eMpuma Koloni u Bongani Qina...

View Details

Urhulumente woMzantsi Afrika uthi uyaqhuba nezicwangciso zokwandisa ukuveliswa nokuphehlwa kombane kusetyenziswa i-nuclear. Okwangoku, sisesinye kuphela isikhululo esiphehla umbane nge-nuclear, yi-Koeberg eNtshona Koloni. Eli lelinye lamalinge okuqinisekisa ukuba eli lineenkalo ezahlukileyo, nezaneleyo, zokubonelela ngombane okhuselekileyo nofikeleleyo kuluntu. Nangona kunjalo, zikhona iinkxalabo U-Amanda Xhala uye wancokola nongusekela-mlawuli kwicandelo lolawulo lwe-nuclear kwiSebe lezamandla nombane, uZizamele Mbambo...

View Details

Kuza kuthunyelwa iimbewu zeRooibos emajukujukwini, kwi-International Space Station, apho kuza kuhlolwa khona ifuthe lokukhula kwesi sityalo singekho mhlabeni, into ekuthiwa yi microgravity. Eli liphulo lezenzulwazi (scientific) loMzantsi Afrika elinxulumanisa imfunalwazi kwezolimo, nokusemajukujukwini, neliphehlelelwe ngokusesikweni kule nyanga, phantsi kwenkqubo ebizwa iRooibos in Space. To hear more about this, Amanda Xhala spoke with the Spokesperson for the SA Rooibos Council, Adele du Toit...

View Details

Ikomishoni ezimeleyo yezonyulo, i-IEC ngamafuphi, imemelela abemi boMzantsi Afrika abaselungelweni lokuvota ukuba basebenzise le mpelaveki ukubhalisela ukuvota. Uluntu luza kukwazi nokulungisa iidelesi zeendawo oluhlala kuzo, ngomhla wokuqala nowesibini kwinyanga yeThupha (August). Oku kubhalisa kulungiselela unyulo loomasipala oluza kubanjwa ngomhla wesine kweyeNkanga (November) kulo nyaka. U-Amanda Xhala uye wancokola nosekela-mlawuli we-IEC kwiMpuma Koloni, uMasindi Mosehana...

View Details

Umbutho wophuhliso lwamafama oMzantsi Afrika, iSAFDA ngamafuphi, umemelela urhulumente ukuba apasise umgaqo okanye umthetho ovumela ukuqeshwa kwabemi bamazwe we-SADC ngexesha likaxakeka okanye ngamaxesha wokuvuna. Oku kuza nanjengoko lo mbutho ujamelene nomngeni wokungabi nabasebenzi kwiifama zeli emva kwemfuduko yabemi bamazwe angaphandle, abashiye eli bebuyela kumazwe abo, kulandela imigushuzo enxamnye nokubakho kwabantu bamazwe angaphandle abangenamaphepha okuba kweli ngokusemthethweni. Bangaphaya kwe-72 000 abemi bamazwe angaphandle abasele befuduselwe kumazwe abo okuzalwa, beshiya imisebenzi yabo kwiifama nemizimveliso yeli. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni uAmanda Xhala uncokole nomlawuli oyintloko kwi South African Farmers Development Association, uSiyabonga Madlala...

View Details

Ikomishoni yamalungelo oluntu, iSAHRC, kwiMpuma Koloni, idandalazise ingxelo equlathe iziphumo zophando lwayo obelugxile kumgangatho wamanzi eli phondo, iziseko zamanzi nongcoliseko lwamanzi lilindle, phakathi kwezinye izinto. Olu phando lulandela izikhalazo eziye zafakwa luluntu ngenkxalabo yalo ngokubhekiselele ekuphalakeni kwelindle kumanzi aselwayo kwimilambo ethile, nakumanzi akwimimandla eselunxwemeni. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umkhomishinala ophuma kule komishoni, uAseza Gungubele...

View Details

Namhlanje sivukele kwiindaba zokulahla kobe yintloko yecandelo lophando oluchasene norhwaphilizo, i-IDAC, uAndrea Johnson, kwisikhundla sakhe, nto leyo iye yamkelwa ngumongameli uCyril Ramaphosa. Oku kwenzeka nanjengoko uJohnson exinwa ngemibuzo kwikomishoni ka Madlanga. Ukanti ebevelile nanamhlanje phambi kwale komishoni. Phakathi kwezinye izinto ezithe zavela susela oko athe waqalisa ukunikezela ngobungqina bakhe phambi kwale komishoni, zezokuba walahlekisa ikomiti yethutyana yasepalamente nebiphanda izityholo zongenelelo lopolitiko norhwaphilizo kwinkqubo yezobulungisa yeli lizwe. Ukuhlalutya banzi ngokulahla kwakhe, emnxebeni uAmanda Xhala wamkela umhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Xolisile Ngumbela...

View Details

Inkundla ephakamileyo eNtshona Koloni igwebe ngakwicala likamongameli uCyril Ramaphosa, ekubeni athintele ukuqhuba komsebenzi wekomiti yasePalamente echophele ukuphula-phula ubungqina ngebholo lokubiwa kwemali kwifama yakhe iPhala-Phala ngo-2020, ngokuphenjelelwa yingxelo yegqiza leengcali zomthetho iSection 89 Panel. Le ngxelo yafumanisa ukuba ukho umsi oqhumayo wobungqina obungathwalisa umongameli uxanduva ngeli bholo, nelinokuphembelela ekubeni asuswe kwisikhundla sakhe. URamaphosa uye wafaka esi sicelo enkundleni, ngelithi le komiti mayingaqhubi nomsebenzi wayo, de kuphulaphulwe isicelo sakhe sokucel'umngeni kule ngxelo ye-Section 89 Panel, kwinyanga ka-September walo nyaka. U-Ayabonga Kekana uncokole nengcali yezomthetho, uAdvocate Jazz Vilakazi...

View Details

Iyaqala imidlalo yeWomen's Africa Cup of Nations, iWAFCON ngamafuphi, ngeCawa eMorocco. Ngamaqela alishumi elinesithandathu azakuthi akhuphisane ukuthathela kuwo itayitile yelizwekazi, nokuzilungiselela indawo kumdlalo wendebe yehlabathi yeFIFA yamanina, eBrazil ngo2027. Kusenjalo, lusuku lwesibini namhlanje lemidlalo yeCommonwealth eGlasgow, eScotland. Ukuba sincokole ngale midlalo, uAmanda Xhala ubambe intatheli yeli jelo yezemidlalo, uSanele Nongauza...

View Details

Amanye amaqela aphikisayo ePalamente avakalise ukudana sisigqibo senkundla yaseNtshona Koloni, sokugweba ngakwicala likamongameli uCyril Ramaphosa ekuthinteleni ukuqhuba komsebenzi wekomiti yasePalamente, echophele ukuphula-phula ubungqina bebholo lokubiwa kwemali kwifama yakhe iPhala-Phala ngo-2020, ngokuphenjelelwa yingxelo yegqiza leengcali zomthetho iSection 89 Panel. Ingxelo kaZalene Marrington siyilungiselelwe nguVuyolwethu Mabeqa...

View Details

Inkundla ephakamileyo eNtshona Koloni igwebe ngakwicala likamongameli uCyril Ramaphosa, ekubeni athintele ukuqhuba komsebenzi wekomiti yasePalamente echophele ukuphula-phula ubungqina bebholo lokubiwa kwemali kwifama yakhe iPhala-Phala ngo-2020, ngokuphenjelelwa yingxelo yegqiza leengcali zomthetho iSection 89 Panel. Le ngxelo yafumanisa ukuba ukho umsi oqhumayo wobungqina obungathwalisa umongameli uxanduva ngeli bholo, nelinokuphembelela ekubeni asuswe kwisikhundla sakhe. URamaphosa uye wafaka esi sicelo enkundleni, ngelithi le komiti mayingaqhubi nomsebenzi wayo, de kuphulaphulwe isicelo sakhe sokucel'umngeni kule ngxelo kwinyanga ka-September. U-Abongwe Kobokana uza nengxelo...

View Details

Igunyabantu elilawula iimveliso zezempilo, iSouth African Health Products Regulatory Authoriy, iSAHPRA ngamafuphi, lilumkise ngokwanda kwamayeza omgunyathi kwelilizwe. ISAHPRA ithi amaqela oonqevu olwaphulo-mthetho olucetyiweyo athande ukuxhaphaka kwicandelo leemalike zeli ngamayeza angekho mthethweni, naquka izitofu zabo bafuna ukunciphisa umzimba, iipilisi zeentlungu kwakunye nezonyango zezifo ezinganyangekiyo kodwa ezilawulekayo, ezifana neHIV. Ukuba sive banzi ngale nkxalabo, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe ophuma kwi-ofisi engokuthotyelwa kwemiqathango ebekiweyo yeemveliso zezempilo (Regulatory Complaince Officer) kwa SAHPRA, uCoceka Ntantala...

View Details

Amanye amaqela opolitiko amemelela kumphathiswa wesebe lemali kuzwelonke, uEnoch Godongwana, ukuba achithe ibhodi yequmrhu lotyalo-mali yabasebenzi bakarhulumente, iPublic Investment Corporation, ukukhusela imali yomhlala-phantsi yabasebenzi bakarhulumente ze emva koko kuchongwe ibhodi yethutyana enyanisekileyo, nenobuchule obufunekayo ukubuyisela intembeko yoluntu kweli qumrhu nelibaluleke kakhulu eMzantsi Afrika. Oku kuza nanjengoko eliqumrhu lijamelene neengxaki zolawulo, nongenelelo lwabezopolitiko kulandela ukunqunyanyiswa kwengqonyela uPatrick Dlamini, nokulahla esikhundleni kwamanye amalungu ebhodi emva kwezityholo ezivele kwingxelo yoodiz'amahlebo. La maqela athi iPIC ayiyiyo eyezopolitiko, okanye imidla yabo yoshishino. Ukushukuxa lo mba,neminye, emnxebeni uAmanda Xhala wamkela ophuma kumbutho wabasebenzi bakarhulumente, uMadoda Maxakane...

View Details

Ikomishoni ezimeleyo yezonyulo ibongoza imibutho yezopolitiko nabo banqwenela ukuba ngabagqatswa abazimeleyo, ukuba basebenzise eli thuba ukufaka abagqatswa babo noluhlu lwabaxhasi babo kwinkqubo engqamene nokutyunjwa kwabagqatswa yale komishoni efumaneka kwi-internet, i-OCNS ngamafuphi. UAmanda Xhala uncokole nosekela-manejala kwikomishoni ezimeleyo yezonyulo kwiphondo iMpuma Koloni, uMasindi Mosehana...

View Details

Inyanga yeKhala yinyanga engokubaluleka kokonga imali, iSavings Month, nalapho kukhuthazwa uluntu ukuba longe imali ukulungiselela ingomso. Ngokokweenkcukacha zebhanka enguvimba iSARB, iqondo lokonga imali eMzantsi Afrika lehle layokutsho ku -1.4% kwikota yesine yonyaka ophelileyo, into echaza ukuba amakhaya achitha imali eninzi kunengeniso ayifumanayo, nto leyo eyenza kubenzima ukubeka imali ecaleni. Oku kubangelwa luxinzelelo loqoqosho kweli nekukwakhokhelela ekubeni uluntu luxhomekeke ekubolekeni imali luzifaka ematyaleni. Ukuncokola banzi ngokubaluleka kokonga imali, on the line Amanda Xhala is now joined by the National Debt Counselling Association chairperson, Rene Moonsamy...

View Details

Iofisi kanondyebo iphonononga umgaqo nkqubo ogxile kwirhafu efakwa etywaleni ngeenzame zokuphelisa umonakalo odalwa kukuselwa kotywala ngokugqithisileyo kwakunye nokuthengiswa kotywala ngokungekho mthethweni. Nangona kunjalo, abavelisi kwakunye nabo bashishina ngotywala bathi ukongeza irhafu kwiziselo ezinxilisayo ayisosisombululo koko abo bathengisa utywala bomgunyathi bazakuxhamla. Olu phononongo lungabona kufakwa uchatha ka 20 percent kwiziselo ezifana neBeer. On the line we are joined by Convenor of the National Liquor Traders, Lucky Ntimane.

View Details

Ngethuba umphicothi zincwadi uTsakani Maluleke esenza ingxelo yonyaka mali ka2024-2025, ngomasipala boMzantsi Afrika wavakalisa ukuba siyaxhalabisa isimo sabo nanjengoko ungekho mkhulu umehluko xa kuthelekiswa nonyakamali ogqithileyo. Komasipala abayi-257, abangamashumi amathathu anesithoba (39) bafumene iclean audit ngelithuba omasipala abangamashumi amathathu anesibhozo (38) kubo kuquka nomasipala abambaxa abathathu, bebuyele umva kwiingxelo zabo ukusukela ngonyaka ka2021. Uphicotho kwakunye nenkqubo yoomasipala abambaxa abasibhozo, bayaqhubeka nokungaqhubi kakuhle nento echaphazela izigidi zabantu. Kutsha nje, isebe likanondyebo belibambe okwetyhutyana isabelo semali yomasipala abangamashumi asithandathu anesithoba kuquka omasipala abasixhenxe beMpuma Koloni. U-Ayabonga Kekana uncokole nothethela umphathiswa kwisebe lorhulumento ngentsebenziswano eMpuma Koloni uPheelo Oliphant...

View Details

Ikomishoni yamalungelo oluntu kwiMpuma Koloni ithi ifumene izikhalazo ezibonisa ukuba abantu abadinga unyango lwe-dialysis abakwazi ukufikelela kule nkonzo kwizibhedlele zikarhulumente zeli phondo. Le komishoni ithi ezi zityholo zixhomisa amehlo, ziyaxhalabisa, kwaye zinyhasha ilungelo lomntu lobomi, isidima, nelekufikelela kwinkonzo yokhathalelo lwezempilo. Kuloko ke le komishoni igqibe kwelokuba ikhwebe inkqubo yokuphulaphula izimvo zoluntu, neza kugxila ekufikeleleni kwiinkonzo ze-dialyis kumaziko empilo karhulumente kweli phondo. Amanda Xhala ubambe udliwano ndlebe ne-Advocacy Officer ejongene namalungelo oluntu kule komishoni kwiphondo, uNelson Kesa...

View Details

Kwinqaku lethu lophicotho ncwadi kulempelaveki, sijonga incwadi enesihloko sithi "Daddy if you can hear me" ebhalwe ngu nyawontle uXolamzi Sam. Lencwadi igxile kwimiba echaphazela impatho mbi ngokwesini. U-Ayabonga Kekana uncokole nombhali wale ncwadi umfundisi uXolamzi Sam...

View Details

Iinkcukacha ezingeyonyani ezilahlekisayo, neziphenjelelwa ngamanye amazwe aquka iNigeria kunye neGhana malunga nezityholo zobundlobongela oluphenjelelwa yintiyo yobuzwe, iXenophobia, ziyaqhuba nokuchaphazela indlela uMzantsi Afrika obonwa ngayo ngamanye amazwe, amashishini, abatyeleli kunye nabo banomdla wokutyala imali kweli. Oku kuza ngexesha apho kukho ukungaboni ngasonye phakathi kwabanye abemi boMzantsi Afrika nabemi abaphuma kwamanye amazwe. U-Amanda Xhala uye wancokola noyiGlobal Political Economist and Reputation Specialist, uGqirha Malusi Mncube..

View Details

Isigwebo sakutsha nje senkundla yomgaqo-siseko esichaphazela ulwakhiwo lwezindlu zokuqeshisa ngendawo yokuhlala kwisixeko saseKapa eNtshona Koloni, siphakamise iingxoxo nesimemelelo sokuba kwakhiwe izindlu eziqeshishayo ezifikelelekayo kwabo bahlawulwa imivuzo esezantsi, nabaphangela kwiidolophu. Ingaba esi sigwebo sizakubanefuthe elinjani kuqulunqo lwemigaqo-nkqubo yolwakhiwo lwezindlu kwiidolophu? Amanda Xhala speaks with Professor Hangwelani Magidimisha of the Town and Regional Planning and Infrastructure Development, from the University of Kwazulu-Natal.

View Details

Ayaphokoka amazwi ovelwano kulandela ukukhothama kosihlalo wendlu yeenkokheli zemveli eMpuma Koloni, uNkosi Mpumalanga Gwadiso. Ingxelo zakusasa zingqinile ukuba umntwan'egazi, uNkosi uGwadiso ukhothame kwikhaya lakhe elikwilali iNtsundwane ngaseNgqeleni. Intatheli yethu u-Ayabonga Kekana iye yancokola nongusekela-sihlalo kwindlu yeenkokheli zemveli kuzwelonke uNkosi Langa Mavuso ngendima nomqela oshiywa ngemva nguNkosi uGwadiso...

View Details

Kule veki ikomishoni yonyulo ezimeleyo ikhupha umyalezo ogxininisa ukuba abemi boMzantsi Afrika abaselungelweni, mabayokubhalisela unyulo xa kuzakuphinda kuvulwe inyoba yesibini yobhaliso kwimpela veki yomhla wokuqala nowesibini kweyeKhala kulonyala. Oku kwenziwa ukulungiselela unyulo loomasipala oluzayo, kwaye umphathiswa wesebe lolawulo ngentsebenziswano ulindeleke ukuba afake kumqulu karhulumente usuku lonyulo kulonyaka. U-Amanda Xhala uncokole nongusekela manejala kwa-IEC eMpuma Koloni uMasindi Mosehana...

View Details

Kulemihla, ukuba nebanga leshumi, imfundo enomsila ayisosiqinisekiso sokuba ungawufumana umsebenzi. Uninzi labantu abatsha bazibona bengakwazi ukugqobhozela bangene emisebenzini. Ezinye zezinto ezikhankanywayo njengonobangela kukungabi nazakhono zokwenza lomsebenzi okanye amava omsebenzi. IMomentum Group Foundation ikwiphulo lokuzama ukuvala lomsantsa. Bazakutyelela amaphondo aliqela befundisa uluntu ngabanokwenza ukuze bakwazi ukungena emisebenzini. Amanda Xhala spoke with the CSI manager at Momentum Group Foundation, Tshego Bokaba.

View Details

Urhulumente wephondo iMpuma Koloni udandalazise inkqubo yongenelelo koomasipala abachatshazelwe kukunqunyanyiswa kwesibonelelo ekubonelelwa ngaso oomasipala ngunondyebo wesizwe. Ngoomasipala abangamashumi amathandathu kuzwelonke abachatshazelwe koku kunkonywa kwesibonelelo, ukanti kwiMpuma Koloni bathandathu. Ukuva banzi ngolu ngenelelo, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umphathiswa weSebe lolawulo ngentsebenziswano kwiphondo, uZolile Williams...

View Details

Umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, ubekele bucala imali engange R5.6million ukulungisa nokuphucula iilwandle zalo masipala, kunyaka mali ka 2026/2027. Lo masipala nosele ufumene 'iBlue Flag status' amatyeli amane, uthi kwiminyaka eliqela egqithileyo ubone lisanda inani labakhenkethi nabatyeleli kunxweme lwawo. Ukuva banzi ngoku, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe isithethi salo masipala, uSithembiso Soyaya...

View Details

Likhankanyiwe igama lenkokheli yeEFF, uJulius Malema, ngethuba bekunikezelwa ubungqina kwikomishoni yophando kaMadlanga. Igama lakhe livele kwincoko eyayiphakathi konqunyayisiweyo oyintloko yezobuntlola esipoliseni, uMajor General Feroz Khan, kwakunye noligosa eliphezulu kwinkampani eyenza amacuba, uMohamed Sayed. Obu bungqina bobaphakathi konyaka ka2020 no2023, nobutyhola aba bathathu ngokuceba ukususa owayeyi Inspector-General yezobuntlola, uSetlhomamaru Dintwe, kwisihlalo sakhe. Kukwakho izityholo zokuba uKhan wayenikezela ngeenkcukacha ekungafanelekanga ukuba unikezele ngazo kuMalema. Kuyavakala ukuba uMalema ubhalele ikomishoni esithi akakwazi ukuqinisekisa ubunyani bale miyalezo eyayiphakathi kuka Khan noSayed. Emnxebeni sinayo ingcali yezopolitiko, uHlumelo Xaba...

View Details

Isiseko se-democracy eluqilima nezinzileyo sisekelezelwe kumanyano lwesizwe. UMzantsi Africa kule nyanga uphawula inyanga egxile kumanyano lwesizwe, iSocial Cohesion Month ngolwasemzini. Sukela ngonyaka ka-1994, uluntu loMzantsi Afrika oluphuma kwiinkolo, iintlanga, iinkcubeko neelwimi ezahlukileyo, lwathi lwaqalisa ukuhlalisana ngoxolo nto leyo ebonisa ukuba eli lizwe leloluntu lonke lweli, kungakhethwanga bala lamntu. Umanyano lwesizwe lubaluleke njani kwilizwe elilawulwa yi-democracy? Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sinomhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Mkhuseli Vimba...

View Details

Umongameli uCyril Ramphosa uphinde walangeza ixesha lokusebenza kwekomishoni ephanda izityholo zongenelelo lomkhambathi woonqevu kunye nefuthe lezopolitiko kwinkqubo yezobulungisa kunye naleyo yolulwa ulwaphulo-mthetho. Ikomishoni kaMadlanga bekulindeleke ukuba ifake ingxelo yayo yokugqibela ngenyanga ka-August walo nyaka, kodwa ngoku umongameli uthe le ngxelo mayifakwe ngenyanga ka-November. U-Ayabonga Kekana uye wancokola nengcali kulawulo lwenkonzo yesipolisa u-Zimisele Nxafani...

View Details

Incwadi osihloko sayo sithi "Jobless, Not Useless, Surviving the Silence" neebhalwe ngu-Abulele Mnqwazi ibalisa ngemingeni abo bangaphangeliyo abajongana nayo. UMnqwazi noyinzalelwane yaseMatatiele uye wancokola no-Ayabonga Kekana kwinkqubo u-Interchange...

View Details

Abasebenzi boMasipala wommandla i-Dr AB Xuma, eMpuma Koloni, banikwe isithintelo senkundla, kunye neeleta zokunqunyaniswa kwabo emsebenzini. Oku kulandela imigushuzo abebeyibamba ngenxa yokungoneliseki yintsebenziswano phakathi kwabo nomasipala, emva kokuba befake izikhalazo ngokungaxoli yimiba ethile edibene nemali. Ngokwengxelo, kuvakala ukuba lo masipala akayihlawulanga imali ekufanele ukuba uyayihlawula yabasebenzi kwingxowamali yomhlalaphantsi, i-Medical Aid kunye neUIF. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ukrwece usihlalo we-SAMWU ephondweni, uLonwabo Delihlazo...

View Details

INTRO: Ikomishoni yonyulo ezimeleyo imemelela yonke imibutho yezopolitiko, abagqatswa abazimeleyo kunye nabavoti ngokubanzi, ukuba banike uluvo lwabo ngomgaqo ochasene nokupapashwa okanye ukusasazwa kweenkcukacha ezingeyonyani. UMzantsi Afrika unikwa de ibe ngumhla wamashumi amabini ananye kule nyanga ukufaka olu luvo. Ikomishoni ithi abemi beli bonke kufuneka bazi ukuba ukuthintela iinkcukacha ezingeyonyani, luxanduva lommi wonke weli. Ngokukhupha iinkcukacha eziyinyani nokwala ukukhupha iinkcukacha ezingeyonyani, ngaloo ndlela uqinisekisa ukuba inkqubo yonyulo yinkqubo engenamakhwiniba. UAmanda Xhala uncokole nongusekela-mlawuli kwa-IEC kwiphondo iMpuma Koloni, u Masindi Mosehana.....

View Details

Umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni ngomnye woomasipala abakhulu eMzantsi Afrika ojamelene nemingeni eliqela, equka ukuhanjiswa kweenkonzo ezisemgangathweni kuluntu, urhulumento olungazinzanga, iincwadi zopicotho ungekho moulds nokungaqokeleli ngeniso yaneleyo phakathi kwezinye izinto. Abahlali balo masipala kwimimandla eyohlukileyo nje bavakalise ukungaxoli ziinkonzo abangazifumaniyo kulo masipala ezifana nombane kunye namanzi. U-Ayabonga Kekana kunye no-Yolanda Kambile bancokole naye usodolophu walo masipala uBabalwa Lobishe…

View Details

Umbutho wabafundi baseMzantsi Afrika i-SAUS, ububambe indibano entsuku-ntathu ejolise kwimiba yeendawo zokuhlala zabafundi, i-Student Accommodation Indaba, kwimpelaveki egqithileyo kwiphondo iKwaZulu-Natal. Lendibano ihlanganise ndawonye bonke abathathi-nxaxheba ababalulekileyo kwicandelo leendawo zokuhlala zabafundi. Oku kuza emva kweminyaka abafundi bejamelane nemingeni eqhubekayo enxulumene nokufumana iindawo zokuhlala. UAmanda Xhala uncokole nophuma kwiSAUS, uMhlengi Ngubo.

View Details

I-Construction Industry Development Board, (CIDB), ibambisene neziko mfundo iUniversity of Johannesburg, isungule inkqubo yayo yokunikezela ngezatifiketi zokwakha, eMpuma Koloni. Eli phulo lijolise ekuxhobiseni oonokonkraka abasakhasayo ngezakhono zokuphucula ukuhanjiswa kweenkonzo kunye nokwakha amashishini azinzileyo. Eli nyathelo liza ngexesha apho iphondo lijolise ekuqiniseni uphuhliso lweziseko zophuhliso nokukhuthaza ukukhula koqoqosho. Ukuva banzi, emnxebeni sinaye okhekele liphulo uNkosinathi Kuseni...

View Details

Umongameli weANC, uCyril Ramaphosa, namhlanje udibene neenkokheli zemveli kunye nabahlali kwikomkhulu iQamata eCofimvaba eMpuma Koloni. Ikomkhulu laseQamata liphantsi kokumkani uDalimvula Matanzima. Inkqubo yokudibanisa amavolontiya, yeminye yemiba ebangele umongameli ukuba atyelele le ndawo. Ukusichazela banzi ngokwenzeke namhlanje,uAmana Xhala uncokole nentatheli yeli jelo uNomzwanele Mngoma...

View Details

Namhlanje kuphawulwa unyaka susela ukuba uLt General Nhlanhla Mkhwanazi wathi wenza izityholo zokugquba kolwaphulo mthetho kwinkqubo yezobulungisa. Ezizityholo zakhokelela ekubeni kumiliselwe ikomishoni yophando, iMadlanga Commission, nesele ikhokhelele ekubanjweni kwabantu abakwizikhundla eziphezulu abaquka amagosa esipolisa aphezulu, nabo batyholwa ngokuba ngoongqondongqondo kulwaphulo mthetho olucetyiweyo. Ukuva ukuba oku kubenetyheneba elinjani kwisipolisa, uAmanda Xhala uncokole nothethela imanyano yamagosa esipolisa, iSAPU, uJabu Mabena...

View Details

We review a book called Duncan Village, authored by Dr Mike Bisopu who Ayabonga our presenter had an interview with on the show.

View Details

Iminxeba yohlobo lweSmartphones ibonwa njengento eyenza ubomi lula nethembakeleyo. Kodwa okukuthembakala kungaba yingxaki nanjengoko uluntu luphela luxhomekeka kuyo. Abantwana abaqala kwiminyaka elithoba ubudala babona iminxeba ingabahlobo nalapho bencokola neChatbots. Kutsha nje kukho izehlo zabantwana ekurhanelwa ukuba baye bazibulala ngenkolelo yokulandela imiyalelo abayifumana kwimidlalo ye internet abayidlala kwiminxeba yabo. Ingaba ithini indima yabazali ekuqinisekiseni ukuba abantwana bayisebenzisa ngendlela iminxeba yabo. U-Amanda Xhala uncokole ngengcali kwimiba yobuchwepheshe ne-Artificial Intelligence uChuma Memela...

View Details

Iphinde yaphazamiseka inkqubo yekomishoni ka Madlanga ngenxa yenkxalabo yokhuseleko lengqina. Ubungqina balowo uzichaza njengosomashishini nempimpi yamapolisa, uTumelo Nku, buye bamiswa ngenxa yoku. Ubandakanyeka kwinkqubo yokubanjwa kweziyobisi e-Aeroton ngamapolisa eRhawutini ngo 2021. Oku kungaphinde kubeke esithatheni umba wokhuseleko lwamangqina kule komishoni. U-Amanda Xhala uncokole nentatheli yeli jelo uSibahle Motha...

View Details

Ikomishoni yonyulo ezimeleyo yoMzantsi Afrika, izakubamba ucweyo oluqulathe uqeqesho oluxhobisa imibutho yezopolitiko kuquka nabagqatswa abazakungenela unyulo loo masipala, kwinyanga yeNkanga kulo nyaka. Olu cweyo luzakubanjwa kuwo onke amaphondo ukusukela ngomhla wesithandathu ukuya kumhla weshumi elinesithandathu kule nyanga siyiqalayo. Imibutho yezopolitiko nabo bazakuzigqatsela ungenela unyulo, bayakhuthazwa ukuba babhalisele ukuba yinxalenye yolu cweyo. Amanda Xhala uncokola nongusekela manejala kwa-IEC apha ephondweni uMasindi Mosehana.....

View Details

Indlu yowiso-mthetho eMpuma Koloni ibibambe ipalamente yolutsha, iYouth Parliment, kwiveki ephelileyo. Le ndibano ibidibanise ulutsha oluvela kuwo onke amacandelo ephondo, phantsi komxolo othi: "Celebrating 30 years of our Constitution: A conscientised Youth Advancing and Inclusive Economy and Ending Gender-Based Violence on the 50th Anniversary of the 1976 uprising". Ukuva banzi ngeziphumo zale ndibano, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe ophuma kwiSouth African Youth Council, uAyanda Makebenge...

View Details

Umphicothi zincwadi weli u Tsakani Maluleke, kwiveki edlulileyo uthe daca ingxelo yopicotho loomasipala kunyaka-mali u-2024/25. Kwezi ziphumo ngokutsho komphicothi zincwadi, kubonakala ukuphucuka okuthile nokubangelwa kukufakwa kwamaxwebhu adingekayo ngabanye oomasipala, bembalwa abangawafakanga lama xwebhu. Nangona kunjalo, basibhozo kuphela oomasipala kwabo bayi-39 eMpuma Koloni abafumane abanencwadi ezinopicotho olucocekileyo. Enkqubeni siye sajonga upicotho loomasipala bephondo ngokwale ngxelo. U-Ayabonga Kekana kunye noYolanda Kambile baye bancokola noyi-Business Unit Leader kwi-ofisi yomphicothi-zincwadi apha ephondweni, uThobile Ntetha...

View Details

Meshack Mugabe's "Fix Local Government or Perish" offers a sharp, unflinching diagnosis of why local government is failing and what must be done to restore it. Ayabonga Kekana interiews the author

View Details

Icandelo lezifundo zoshishino noqoqosho kwiziko-mfundo iNelson Mandela University eMpuma Koloni likwiphulo lokuqokelela ii-Scientific Calculators ukunceda abafundi bamabanga aphakamileyo nabenza izifundo zezibalo. Eli phulo liyinxalenye yokuphawula iphulo lehlabathi lokukhumbula umqela walowo wayengumongameli weli uNelson Mandela. u Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwi marketing office kweliziko lemfundo u Sinaye Willie

View Details

Umphicothi zincwadi weli u Tsakani Maluleke, ebebambe indibano noonondaba izolo enikeza ingxelo emva kwendibano yakhe nekomiti yepalamente ejongene nentsebenziswano kulawulo lukarhulumente nemicimbi yemveli, yeziphumo zophicotho lwakhe loomasipala beli lonyakamali u 2024/25. Kweziziphumo ngokutsho komphicothi zincwadi, kubonakala ukuphucuka okuthile nokubangelwa kukufakwa kwamaxwebhu adingekayo ngabanye oomasipala, bembalwa abangawafakanga lamaxwebhu. Namhlanje ke kwinkqubo-ndaba yakho uAyabonga Kekana ukrwece oyiBusiness Unit Leader kwi ofisi yomphicothi-zincwadi kwiphondo iMpuma Koloni, uThobile Ntetha...

View Details

Kunyaka ka-2023 ngumyinge ka-33 percent wabafundi abenza ibanga leshumi abaachophela iimviwo zephepha lezibalo, ngethuba bebalelwa ku-66% abafundi kweli abenza iMathematical Literacy. Kukho inkxalabo ngokuba abafundi xa befika kwibakala le-Further Education and Training phase okanye amabanga aphakathi kuka-Grade 10 no-Grade 12, baye bakhethe ukwenza i-Pure Mathematics kune Mathematical Literacy? Yintoni ebangela oku kwaye ikhona into esi s'khwa s'lima kwesi sigqibo? Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ophuma kwiSebe lemfundo esisiseko noyingcali kwizifundo zezibalo, uSeliki Tlabane…

View Details

UMzantsi Afrika ujamelene nomngeni omandla wentswelangqesho. Ngokweenkcukacha zeziko iStats SA zekota yokuqala yalo nyaka, iqondo lentswela-ngqesho kulutsha oluphakathi kweminyaka elishumi elinesihlanu ukuya kumashumi amabini anesine ubudala likumyinge we 60,9%, ngeli lixa elolutsha oluphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesine ukuya kumashumi amathathu anesine ubudala likumyinge we 40.6%. Amaqondo kwiphondo iMpuma Koloni akumyinge we 29.8%. Kungesi sizathu ke iqumrhu lezoshishino kumasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay ligqibe kwelokuba lingenelele ngokuthi lincedise ekulweni intswela-ngqesho ngenkqubo yalo ebizwa iDigital Technician Training Programme. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli noyi-Chief Growth Officer kwiNelson Mandela Bay Business Chamber, uLunga Mjodo...

View Details

The UCT's Children’s Institute and a group of South African parents, represented by the Legal Resources Centre, took the Home Affairs Department to the Western Cape High Court over the massive registration backlog. This legal action is due to the severe delays in the processing of applications for birth registration, and the significant consequences this has on the constitutional rights of children. Amanda Xhala is in conversation with the Children's Institute's Amanda Mpedi...

View Details

Umbutho woluntu kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, iCivil Society Coalition, unezikhalazo eziliqela neziyinkxalabo ngomasipala i-NMB. Phakathi kwezikhalazo zabo kuquka umgangatho ongaphucukanga wokusiwa kweenkonzo eluntwini, ukuchitheka kwelindle ezitalatweni, neendlela ezingekhosemgangathweni. U-Ayabonga Kekana uye wancokola nomanejala walo masipala uSithembiso Soyaya malunga nezikhalazo zabahlali....

View Details

Kule mpela-veki siphuma kuyo ikomishoni yonyulo ezimeleyo i-IEC ibiqhuba inkqubo yokubhalisela uvoto loo masipala luka-2026 ngo-November. Masincokole nekomishoni ukuva ukuba iqhube njani le nkqubo ingakumbi kwiphondo iMpuma Koloni, nokuba abantu abangakhange bakwazi ukubhalisa kule mpela-veki bangakwazi na bona ukubhalisa kumaqonga obuchwepheshe ekomishoni? Emnxebeni uAyabonga Kekana wamkela usekela-manejala we-IEC ephondweni uMasindi Mosehana…

View Details

Ixesha elininzi iingxoxo ezigxile kwimfundo eMzantsi Afrika zigxila kakhulu ekubeni uluntu lufikelele kwimfundo ephakamileyo. Kodwa nangona kunjalo abanye abafundi abaphumelele emagqabini kwibanga leshumi baye badibane nemingeni kwiindawo abafunda kuzo, nalapho iziphumo ezihle kungesosixhobo sokuvuselela ukuzithemba. Abanye abafundi abase Yunivesithi bathi ubunzima abadibana nabo buquka ukuphila phantsi koxinezelelo, ukuzimela kwakunye nokungaqiniseki ukuba uzakufikelela njani empumelelweni. Noxa kunjalo, iziko iRuta Sechaba Foundation, lincedisana nabafundi ukuze bafikelele kwinqanaba lempumelelo. Eliziko kulo nyaka ligqiba iminyaka elishumi liqhuba namaphulo okunceda abafundi. Ukusabela banzi ngomsebenzi walo, nokujonga ukuba ngabafundi abanjani elithi lincedisane nabo, emnxebeni uAmanda Xhala uthethe noligosa eliphezulu elijongene nezicwangciso zonxibelelwano kweliziko nase Curro, uNatasha Mkhize....

View Details

Ebutsheni bale nyanga, i-arhente yezobuchwepheshe ebizwa i-Technology Innovation Agency, iTIA ngamafuphi, nephantsi kweSebe lezenzululwazi, ubuchwepheshe nokusungulwa kweemveliso ezintsha, ityikitye izivumelwano namaziko amane, ngeenzame zokuvulwa kwamathuba kumaphulo entsebenziswano, kwiinkqubo zophuhliso lwezakhono, nokusekwa kweziseko zobuchwepheshe, phakathi kwezinye izinto. Le arhente izibophelele ekwakheni uqoqosho olukhokelwa bubuchwepheshe obuza nohlumo, nokuveliswa kwezithuba zengqesho. Ikwaxhasa neemveliso zobuchwepheshe ezintsha, phakathi kwezinye izinto. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe oyi General Manager for Stakeholder Relations and Strategic Partnerships, kwi Technology innovation Agency, uThandi Moyo-Nquma...

View Details

Intlanganisela yemibutho yoluntu noshishino kumasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, ikhuphe isilumkiso esingqongqo ngoko ikubiza nje ngokufadala kohanjiso lweenkonzo kulo masipala. Le ntlanganisela iphawule iziseko zeendlela ezifadalalayo, ukungakhuseleki koluntu, ukuqhawu-qhawuka kwamanzi nombane, nokusilela kukamasipala ukuhlangabezana nale mingeni, nebeke ichaphaza kwinkangeleko yalo masipala umbhaxa. U-Amanda Xhala uncokole nisithethi se-Civil Society Coalition, uZukile Madikane...

View Details

Do we need more Technical High Schools to equip pupils with vocational training skills? Ayabonga Kekana poses this question to the Basic Education Department's Deputy Director-General for the Curriculum Policy, Support and Monitoring branch Dr. Barney Mthembu and Education Specialist, Nomandla Singeni...

View Details

Are the challenges and delays in the full implement of the Coding and Robotics curriculum in the Foundation Phase setting pupils up for failure? Ayabonga Kekana poses this question to the Basic Education Department's Deputy Director-General for the Curriculum Policy, Support and Monitoring branch Dr. Barney Mthembu and Education Specialist, Nomandla Singeni...

View Details

News Review host Ayabonga Kekana reviews the curriculum offered in the Early Childhood Development phase with the Basic Education Department's Deputy Director-General for the Curriculum Policy, Support and Monitoring branch Dr. Barney Mthembu and Education Specialist, Nomandla Singeni...

View Details

Inyanga ka-June eMzantsi Afrika iphawula umzabalazo wolutsha lwango-1976, kwaye kulo nyaka kuphawulwa iminyaka eyi-50 sukela ulutsha lwelo xesha lwaqhankqalazela ukuchasa ukumiliselwa komthetho wezemfundo iBantu Education Act ka-1953 ngurhulumente welo xesha. Namhlanje sithe masijonge kwi-curriculum yorhulumente wentando yesininzi. UAyabonga Kekana uye wancokola nophuma kwisebe lezemfundo esisiseko, nongusekela-mlawuli kwicandelo iCurriculum Policy, Support and Monitoring Branch, uGqirha Barney Mthembu; kunye nengcali kwimiba yezemfundo uNomandla Singeni...

View Details

Imbaleki yaseQonce eMpuma Koloni, uMangaliso Kani, ukwiphulo lokuxhobisa uluntu ngokhubazeko i-Autism. Oku uzakwenza ngokubayinxa-lenye yogqatso lomgama olikhulu namashumi amathandathu leeKhilomitha(160 km), nolubizwa ukuba yi-Washie 100 oluphakathi kwesixeko sakuGompo kunye neCawa. Kukho inkolelo yokuba alwanelanga ulwazi uluntu olunalo nge-autism ukuba lukhubazeko olunjani, luchaphazela bani, nokuba kuphiliswana njani nabantu abaphila ne-autism. U-Ayabonga Kekana uncokole naye uMangaliso Kani...

View Details

Ukuvalwa kwelizwi lowasetyhini, ukunyhashwa kwesidima sakhe, nokuba aphile phantsi kwesithunzi sempumelelo yomnye umntu. Ezi zizinto ezikhankanywa yincwadi ebhalwe nguZilungile Ganyaza, nesihloko sayo sithi "99.9% Truth." Ayabonga Kekana has a conversation with the author

View Details

Njengokuba uMzantsi Afrika uphawula inyanga yabantu abatsha, ulutsha lweli luyakhuthazwa ukuba ludlale indima njengabemi beli kwiinkqubo ze-democracy. Luyamenywa ukuba luthathe inxaxheba kumaphulo angqamene nonyulo, njengokuba unyulo ludlala indima enkulu ekuthabatheni izigqibo zelizwe. Le mpelaveki siya kuyo ibekelwe bucala ukubhalisela unyulo nokuyo kuqinisekisa ukuba umntu ulubhalisele olu nyulo luzayo, ukuze akwazi ukuba negalelo ekuguquleni isimo seli. Ukuze sincokole banzi ngendima yomntu omtsha kunyulo, namhlanje emnxebeni uAmanda Xhala uhleli usekela-manejala we-IEC kwiMpuma Koloni, u-Mr Masindi Mosehana...

View Details

Urhulumente wephondo iMpuma Koloni uphawule usuku lwabantu abatsha kwilali yaseMaxesibeni, kumasipala wesithili i Alfred Nzo. Lo ngummnandla oneqondo eliphezulu lentswela-ngqesho, ingakumbi kubantu abatsha. Eli phondo lelona litshatsheleyo kwintswela-ngqesho kweli lizwe, ukungaphuhliswa kwabantu abatsha, kwanolwaphulo-mthetho olubandakanya abantu abatsha. Inkulu-baphathiswa yephondo, u Oscar Mabuyane, yenze intetho ephambili kulo msitho, ngendima yolutsha kuhlumo loqoqosho lweli phondo. Ukuva ngeli nqaku, emnxebeni uAmanda Xhala wamkela intatheli yethu ebilapho, uFundiswa Mhlekude...

View Details

Umongameli uCyril Ramaphosa uthi nakubeni abantu abatsha bejongene nemingeni eliqela nje, kodwa kuninzi okusele kwenziwe ngurhulumente wedemocracy ukuguqula impilo yabo. Umongameli ebethetha ngethuba lesikhumbuzo seminyaka engamashumi amahlanu yokuphawula usuku lolutsha kuzwelonke kwibala lezemidlalo iFNB, ngaphandle kwaseSoweto eRhawutini. Ukuba sihlalutye akuthethileyo umongameli, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umhlalutyi wezopolitiko, uHlumelo Xaba...

View Details

NgoLwesibini, uMzantsi Afrika uzakube uphawula amashumi amahlanu eminyaka sukela oko kwathi kwabanjwa uqhankqalazo lwabafundi oluyimbali eSoweto, ngomhla weshumi elinesithandathu kuJune ngo-1976, nolwaluchasene nesicwangciso sorhulumente wengcinezelo sokufundisa zonke izifundo kwizikolo zabantu abamnyama ngolwimi lesiBhulu. Amapolisa athulula ngeembhumbhulu kubafundi ababeqhankqalaza, nto leyo eyabangela ukuba olu qhankqalazo lunwenwele nakwamanye amaphondo. Ukanti ulutsha luka-2026 lujamenele namingeni yimbi engqamene nemontlalo noqoqosho, equka intswela-ngqesho phakathi kwezinye izinto. Abasasazi bethu u-Ayabonga Kekana kunye noBabalwa Louw baye bancokola nesithethi kwisebe elijongene nemiba yolutsha uCassius Selala, kunye nophuma kwi-South African Youth Council, iSAYC, uThabo Tsheme....

View Details

Iziko iAllan Grey Orbis Foundation limemelela kubafundi bezikolo zamabanga aphakamileyo kwingingqi yamazwe akumazantsi e-Afrika ukuba bangenele ukhuphiswano olubizwa nge-Allan Gray Entrepreneurship Challenge. Olu khuphiswano luvuleleke kuzo zonke izikolo zamabanga aphezulu eMzantsi Afrika, kwaye kwezinye izinto ligxile ekufundiseni abantu abatsha ngotyalo-mali noshishino. U-Ayabonga Kekana uncokole nophuma kweli ziko uWande Madikane...

View Details

Inyanga yeSilimela eMzantsi Afrika yenye yeenyanga ezibaluleke kakhulu kwimbali yenkululeko yeli. Le nyanga ikwaziwa njengeyanga yolutsha nephawula isiganeko sango-1976 ngomhla weshumi elinesithandathu, apho ulutsha lweli lwaqhankqalaza luchasa inkqubo yokufundiswa ngolwimi lwesibhulu. Kulo nyaka, kuphawulwa iminyaka engamashumi amahlanu sukela ukwehla kwesi siganeko. Yilonto icandelo lorhulumento kwiziko-mfundo i-Wits eGauteng, lizakubamba indibano phantsi komxholo othi: 16 June 1976, Half A Century Later: Where Are The Youth? Kwaye kulindeleke ukuba umphathiswa wesebe lolutsha, amanina kunye nabo baphila nokhubazeko uSindiswa Chikunga, abeyinxalenye yale ndibano. Ukusabela banzi koku, emnxebeni uAmanda Xhala uhleli noGqirha Asanda Fotoyi, ophuma kule Yunivesithi ...

View Details

Ayabonga Kekana is in conversation with the researcher and retired sports editor, Molefi Mika who tells us how the "Bafana Bafana" nickname was coined in the early 90s. In this conversation, Mika starts by responding to the question of why the national team got the Four-by-Four nickname...

View Details

I-Uyinivesithi yaseFort Hare kwisixeko sakuGompo, eMpuma Koloni inikezela iinkonzo zasimahla zokunceda uluntu olunengxaki yokuthetha, iSpeech Therapy ngolwasemzini. Le klinikhi izakusebenza ngendlela ezimbini, ukunikezela iinkonzo eluntwini ngelithuba ikwanikezela ngoqeqesho kubafundi abenza izifundo ezijongene neengxaki zokungakwazi ukuthetha kakuhle, phakathi kwezinye izinto. Amanda Xhala is in converstion with the Clinical coordinator, Refiloe Masinge...

View Details

Siyaqhuba nakule veki ukuncokola nekomishoni yonyulo ezimeleyo i-IEC, nanjengoko iqhuba nokufundisa uluntu ngeenkqubo ezimayela novoto. Oku kuza nanjengoko kushiyeke iinyanga ezine phambi kokuba kubanjwe unyulo loomasipala ngoNovember. Namhlanje sizakuphendula umbuzo ongokubaluleka kokubhalisela unyulo. U-Amanda Xhala uncokole nosekela-manejala kwa-IEC eMpuma Koloni, uMasindi Mosehana...

View Details

Uqoqosho loMzantsi Afrika luthe nyi ngo 0.5% kwikota yokuqala ka2026, lusuka ku0.4% kwikota yokugqibela ka2025. Iinkcukacha zamva nje ezikhutshwe liziko leenkcukacha manani loMzantsi Afrika iStatsSA, zibonisa ukuba oku kuxhaswe kukumimitheka kwamacandelo ezolimo, elemicimbi yemali, elorhwebo, elothutho nelezimbiwa. Uhlumo lubekho kumacandelo alithoba kwalishumi aqwalaselwe nguStatsSA, ngaphandle kwelemveliso nto leyo ibenechaphaza elibi kuhlumo kweli xesha liqwalaselweyo. Emnxebeni uAmanda Xhala ubambe oyigcali kwimiba yezoqoqosho, uGqirha Asanda Fotoyi...

View Details

Ikomishoni ejongene namalungelo oluntu eMzantsi Afrika kwi-ofisi yayo eseMpuma Koloni, ibinenkqubo yokunyanzelisa amagosa aphezulu omasipala wesithili saseOR Tambo ukuba anike ubungqina ngokugunyaziswe yinkundla, naquka usodolophu nomanejala walo masipala. Oku kulandela inkxalabo eqhubayo malunga nokungafikeleli koluntu kumanzi acocekileyo kwesasithili jikelele. Ezinkqubo zihambiselana nomsebenzi walekomishoni wokuphakamisa, ukhusele amalungelo oluntu loMzantsi Afrika. To hear more about this on the line Amanda Xhala is now joined by Dr Eileen Carter, the HRC EC provincial manager....

View Details

Ikomiti ejongene nemicimbi yezekhaya epalamente iyamkele intetho yaphezolo kamongameli uCyril Ramaphosa, ngelithi izakuba sisiseko sokusabela kumba wokungena ngokungekho mthethweni kwabantu kweli. Usihlalo wale komiti, uMosa Chabane, uthi imhemhe kungokunje ilele kumaSebe karhulumente abandakanyekayo, ukuba amilisele lo myalelo ucacileyo nogqalileyo ubhengezwe ngumongameli. Ukusabela kulo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe usihlalo wale komiti epalamente, uMosa Chabane...

View Details

Ngethuba ethetha nesizwe izolo, uMongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ukuba urhulumente uqinisa iinzame zokubuyisela ucwangco kwinkqubo ejongene nokufika kwabantu kweli loMzantsi Afrika. UMongameli ubhengeze uthotho lweenkqubo zongenelelo ezijoliswe ekuqiniseni ulawulo lwemida, ukuqinisa unyanzeliso lomthetho kunye nokuphucula iinkqubo zeSebe lezeKhaya. Amanyathelo aquka ukusetyenziswa okuphuculweyo kweenkqubo zeBiometrics, iinkqubo zokugoduswa kwabantu ngokukhawuleza kunye namanyathelo ekufuneka ethathiwe ngakwabo baqeshe abemi bangaphandla abangenamaphepha asemthethweni. Ukuncokola ngezi nzame, emnxebeni uAmanda Xhala uhleli nophuma kwiSebe lezekhaya, uThulani Mavuso...

View Details

U-Ayabonga Kekana uncokole nomhlalutyi wezopolitiko uGqirha Nkosikhulule Nyembezi uyasincedisa ukuhlalutya intetho kamongameli uCyril Ramaphosa ngommba odl’umzi. Umba omayela nemithetho elawula ukuphuma nokungena kwabantu kweli nabasuka kwabanye amazwe. Intetho kaRamaphosa iza nanjengoko kuqhuba ukujongana ngezikhondo zamehlo phakathi kwabemi boMzantsi Afrika nabo basuka kwamanye amazwe. Abemi beli batyhola abanye abemi bamazwe angaphandle ngokubandakanyeka kulwaphulo-mthetho, ukuthatha imisebenzi yabo nokubalapha ngekungekho-mthethweni phakathi kwezinye izinto.

View Details

Ngamawaka abafundi kumaziko emfundo ephakamileyo abathi bayeke isikolo ngenxa yendlala. Kukho nophando oluveza ukuba baphakathi komyinge we11 per cent kunye no 38-point-eight per cent abafundi abathwaxwa yindlala kwii-Yunivesithi zeli. Oku kwenzeka nanjengoko abanye abafundi bengafumani nkxaso-mali nakumaziko engxowa-mali exhasa abafundi afana no-NSFAS. Yiloo nto ke umbutho wabafundi kwiziko-mfundo iNelson Mandela University apha eGqeberha, phantsi kombutho i-HUB 2, beqhuba iphulo lokukhawulelana nalo mngeni. U-Ayabonga Kekana uncokole nenkokheli yalo mbutho uBongani Momoti…

View Details

Iveki esiyiqukumbelayo ibiphawula ukhuseleko lwabantwana, iChild Protection Week. Phakathi kwezinye izinto ezithe zanikwa ingqwalasela kukuxhatshazwa kwamakhwenkwe ngokwesondo. Uphando olwenziwe nguGqirha Neziswa Titi nophuma kwiziko-mfundo i-University of Cape Town lubonisa ukuba kusenzima amakhwenkwe athethe ngokuphandle ngeziganeko zoxhatshazo xa zithe zabehlela kuba bengafuni ukubonwa njengabantu ababhetye-bhetye okanye bangabonakali njengamadoda. Olu phando lukwaphakamisa ukuba ukuvunyelwa kokukhuselwa kwamalungelo abantwana bonke nokuqinisekisa uphuhliso lwabo kwiindawo abakhulela kuzo. Intatheli yeli jelo u-Ayabonga Kekana uncokole nomphandi uGqirha Neziswa Titi nalapho eqale wambuza ngemvela phi yolu phando...

View Details

UMzantsi Afrika ubhiyozela iminyaka engamashumi amathathu kulo nyaka, sukela oko kwathi kwasekwa umgaqo-siseko weli. Umgaqo-siseko weli uqulathe amalungelo oluntu, nekufuneka ethotyelwe, ekhuselwe, kwaye anganyhashwa nangubani na. Namhlanje siza kuqwalasela uSection 11-12 kaChapter 2 womgaqo-siseko. Ezi section zimbini zithetha ngelungelo lokuphila, inkululeko nokhuseleko lomntu. Ukusicacisela banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli nengcali kwimiba yezomthetho, uAdv Dumisani Appollos...

View Details

Isebe lokuhlaliswa koluntu kwiMpuma Koloni lizise utshintsho kuhlobo lokuhlawula oonoKontraka abanesivumelwano soshishino norhulumente sokwakha izindlu. Olu tshintsho luza kubona ngoku oonoKhontraka behlawulwa xa bewugqibile umsebenzi wolwakhiwo lwezindlu, kunokuba bahlawulwe kwizigaba zomsebenzi. Isebe linenkolelo yokuba olu tshintsho luza kukhawulezisa inkqubo yokukhawulelana nomthwalo wezindlu urhulumente ekusafuneka azakhe ephondweni, nezibalelwa ku-38 thousand. Emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli nothethela iSebe apha ephondweni, uYanga Funani…

View Details

Uphando olwenziwe yi-Education Labour Relations Council, lubonisa ukuba abafundi abangaphezulu kwe 360-thousand kumaphondo asibhozo, abanazazisi. Oku kubonisa umngeni kwinkqubo yobhaliso eMzantsi Afrika. Lengxelo isiwe phambi kwekomiti yasepalamente nalapho lekomiti ivakalise ukuba kufuneka amasebe karhulumente ohlukileyo angenelele. Ukungabikho kwenani elichanekileyo labafundi ezikolweni, kubangela ukuchaphazeleka kwenkxaso yemali eyaneleyo ephuma kwisebe lemfundo esi siseko. Olu phando lwenziwe kwizikolo eziyi 21-thousand-174 nakubafundi abayi 11.7 million. Ayabonga Kekana is in discussion with attorney Mametlwe Sebei from the Lawyers for Human Rights...

View Details

Ikomishoni yonyulo ezimeleyo i-IEC, ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika nabaselungelweni lokuvota ukuba basebenzise iqonga labo lobuchwepheshe be-internet nelibizwa ukuba yi-Voter Portal, ukubhalisela unyulo loomasipala oluzakubanjwa ngenyanga ka-November. U-Ayabonga Kekana unconoke nosekela manejala wekomishoni i-IEC eMpuma Koloni uMasindi Mosegana…

View Details

Iimfazwe ezigqubayo kwiinkalo ezahlukileyo zehlabathi, ungquzulwano ngokwezopolitiko norhwebo, nokuxhoma kwamaxabiso eemveliso noko kusisidingo kuluntu, zezinye izinto ezibonwa njengemingeni echaphazela uhlumo loqoqosho eMzantsi Afrika. Ngesingesi ezi zinto zibizwa kokuba zii-Economic Shocks kwaye zinalo nefuthe kwiqondo lentengo yeemveliso, i-inflation. Nto leyo enokuba nefuthe kuhlobo abantu abahlawula ngayo amatyala, kwabakuthengayo neqondo lenzala kwimali-mboleko. Umntu oza kusicacisela ngoku, ngoyingcali kwimiba yezoqoqosho nophuma kwiziko i-Institute for Economic Justice, uGqirha Mzwanele Ntshwanti kolu dliwano-ndlebe noAyabonga Kekana…

View Details

Abenkonzo yemozulu iSouth African Weather Services, bakhuphe isilumkiso esikwisigaba sesibhozo semozulu embi kwezi ntsuku zimbini zilandelayo, kwimimandla ethile eMpuma Koloni. Ukusabela banzi kulo mba, uAyabonga Kekana ubambe emnxebeni isanuse semozulu esiphuma kwa-South African Weather Services, u-Ayabonga Tshungwana…

View Details

Olilungu lombutho iRise Mzansi ePalamente, uMakashule Gana, wonyulwe njengosihlalo wekomiti eza kuchophela inkqubo yokususwa kukamongameli, uCyril Ramaphosa. UGana, igama lakhe liye laxhaswa sisininzi samalungu ale komiti, nangamashumi amabini anethoba. Igama lakhe liphakanyiswe ngumbutho i-ANC kule komiti, ze lafumana inkxaso kwi-DA, ngethuba nemibutho efana ne-PA kwakunye ne-IFP nayo iye yamxhasa uGana ukuba abe ngusihlalo wale komiti. Elinye igama ebeliphakanyisiwe lelo lika-Gqirha Lehlohonolo Mahlatsi, wombutho i-United Africans Transformation, liphakanyiswa yi-EFF, kodwa ke akhange lifumane voti zaneleyo. On the line now Ayabonga Kekana is joined by the newly elected Impeachment Committee Chair, Makashule Gana, to discuss what to going forward…

View Details

Umkomishinala ophezulu kwi-ofisi yese-United Kingdom, nezinze apha eMzantsi Afrika u-Antony Phillipson, uqhuba utyelelo oluntsuku-ne apha kwiphondo iMpuma Koloni. Injongo yolu tyelelo, kukuqinisa ubudlelane obuphakathi kwala mazwe mabini, nokulandelela iinkqubo ela lizwe elaathi lazimilisela kumacandelo awohlukileyo, kwizigaba zorhulumento kunye noshishino. Ngokobudlelane borhwebo, uMzantsi Afrika ukwindawo yama-28 yamazwe aqhuba urhwebo ne-UK, ngethuba i-UK ikwindawo yesihlanu kumazwe amakhulu arhweba nawo uMzantsi Afrika. Ngethuba encokola noMkomishinala Phillipson, u-Ayabonga Kekana uqale wambuza ngokubaluleka kobu budlelane borhwebo phakathi kwala mazwe mabini…

View Details

Kukho izimemelelo zokuba kuchithwe ikomishoni yamalungelo oluntu yoMzantsi Afrika. Sele kukho ipetishoni enemityikityo engaphezulu kwe 20-thousand yokuba eliziko leChapter 9 lichithwe. Kubangwa ngelithi lekomishoni iyasilela ukwenza umsebenzi wayo wokukhusela abemi boMzantsi Afrika. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe oqale le petishoni uLwazi Gwijane...

View Details

Thousands of South Africans Living with Multiple Sclerosis Still Face Delays in Diagnosis, Support and Care. . Ngamawakawaka abantu abaphila nesi sifo eMzantsi Afrika, nabasajongene nolibaziseko ekufunyanisweni kwaso, ukufumana inkxaso nenkathalo. Esi sesinye sezifo ezinganyangekiyo (chronic), kodwa uninzi olunalwazi ngaso, kwaye sisifo esingaqondwa ncam kweli lizwe. Kungoko abezempilo, amatsha-ntliziyo kwanabo baphila nesi sifo bememelela ekubeni kwenziwe iphulo lokuxhobisa, ukufunyaniswa kwangethuba kwaso (early diagnosis) kwakunye neenkqubo zexesha elide zokunika inkxaso kwabo bachaphazelekayo. To equip ourselves about this chronic illness, on the line we are joined by Clinton Rambanapasi from Roche Medical Partner for Neuroscience

View Details

Kwinqaku lethu lophicotho-ncwadi kule mpelaveki, sijonge incwadi enesihloko esithi "Take the Gap", ebhalwe ngu Lonwabo Patrick Kulati. UKulati yingqonyela yombutho iGood Governance Africa, aphinde abe ngumsunguli okwayingqonyela ye Kulati Coaching & Consulting. Uyinzalelwane yaseGqeberha eMpuma Koloni. u Ayabonga Kekana wenze oludliwano ndlebe....

View Details

Bangaphezulu kwe-60-percent (close to14-million) abantu eMzantsi Afrika abaphila phantsi kwentlupheko. Uphando lweziko leenkcukacha-manani, iStats SA, luka-2025, nolungxile kwiinkcukacha ngamakhaya, noluqwalasela uphuhliso kweli lizwe, lubonisa ukuba umyinge wabantu abaye baxhamla kwizibonelelo zezentlalontle wenyuke ukusuka ku-13% ngo-2003, ukuya ku 39% ngo-2025. Ingaba oku kubonisa ukuba indlala ibangelwa kukungabikho kwemisebenzi? To help understand, on the line now Amanda Xhala is joined by Cassandra Potgieter from SA Harvest...

View Details

Ikomishoni ezimeleyo yezonyulo, i-IEC ngamafuphi, iphehlelele ngokusesikweni namhlanje iphulo eliphawula ukuqala kweenkqubo zokuxhobisa uluntu ngonyulo oluzayo loorhulumente basekhaya, noluza kubanjwa ngo November walo nyaka. Oku kulandela isibhengezo sikamongameli u Cyril Ramaphosa, nalapho aye wabhengeze umhla wesine kuNovember nje ngosuku ekuza kubanjwa ngalo unyulo loomasipala. Usuku lwangoLwesithathu ke lubekelwe bucala ukuqwalasela konke okudibene neenkqubo ezisingise kolu suku, lukwakhuthaza abemi beli abaselungelweni lokuvota ukuba babe yinxalenye yezi nkqubo. Ukuba sincokole banzi ngalo mba, emnxebeni kungokunje uAmanda Xhala ubambe ongusekela-manejala kwikomishoni yonyulo ezimeleyo kwiMpuma Koloni, u Mr Masindi Mosegana...

View Details

Ubalelwa kwimali engange 24 billion yeerandi umonakalo odalwe zimvula ezinamandla nezibangele izikhukula kwiifama ezikwimimandla eyohlukileyo yamaphondo iMpuma Koloni neNtshona Koloni. Apha ephondweni, ziifama ezikummandla iGamtoos Valley kufuphi nedolophu iJeffreys Bay eziye zachaphazeleka kakhulu. Ukanti eNtshona Koloni, iifama ezikummandla iLangkloof, ne-Breede River Valley, nazo azisindanga ekukhukulisweni zezi mvula zimandla. Iimveliso zeziqhamo, amadama, umhlaba wokulima neziseko ezingundoqo zokusebenza kwezi fama zonakele. Ukuncokola banzi ngefuthe loku u-Ayabonga Kekana uncokole noyi-Presidential Special Envoy on Agriculture and Land, uWandile Sihlobo, nothethe wenjenje ngefuthe lezikhukhula zakutshanje kwezolimo…

View Details

Umphathiswa weSebe lemfundo ephakamileyo, uButi Manamele, udakance ulwabiwo-mali lweSebe lakhe olukwi 149.2 Billion yeerandi. IiYunivesithi ziza kufumana imali engange R100.1 Billion, iiTVET Colleges ziza kufumana iR14.7 Billion, ngeli thuba iikholeji zoqoqosho nazo ziza kufumana imali engange R3.3 Billion. Lena yimali eza kuncedisana nophuhliso lwabafundi. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala uchophe nomlawuli-jikelele weli Sebe, uGqirha Nkosinathi Sishi...

View Details

Njengokuba kubhiyozelwa iAfrica Day, sithe makhe sincokole ngokubaluleka kolusuku nemiba echaphazela iAfrika. Phakathi kweminye imiba yimingcelele noqhankqalazo lwakutsha nje oluchasene nabemi bamazwe angaphandle abakweli ngokungekho mthethweni. Ukuba sincokole banzi ngalomba, emnxebeni sibambe ophuma kwi African Diaspora, ugqirha Vusumzi Sibanda....

View Details

Iqumrhu labezoshishino kwiphondo iKwaZulu-Natal lithi ushishino lunethemba lokuba urhulumente weloMzantsi Afrika uyithabathele ingqalelo inyewe yeemveliso neempahla zomgunyathi, kwakunye nabantu bokufika abakweli bengenazo iimpepha ezisemthethweni. Kwintlanganiso phakathi kwe qumrhu, umbutho iMarch and March, oosomashishini, imibutho yabasebenzi namapolisa, eli qumrhu lithe ukungena kwabantu kweli ngokungekho mthethweni, nentengiso yeempahla zomgunyathi, ziluthwaxa kakhulu uqoqosho lweli. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe intatheli yeli jelo, uZanele Buthelezi...

View Details

Kubaluleke kangakanani ukiuba amaziko emfundo ephakamileyo axhotyiswe ngobizo lwenkolo kaNtu? Lo ngumbuzo ubuphendulwa kwinkomfa ibibanjwe kwiziko-mfundo iNelson Mandela University eGqeberha, nibisingathwe ngumbutho iNational Association for Student Development Professionals. Le ndibano ibidibanise abathunywa abangapha kwekhulu nalapho beshukuxa imingeni ejamelana nabafundi abathi babenobizo lwenkolo yesintu. Ingxoxo ibiphambili kule ndibano ibekukushokoxeka kolwazi olwaneleyo nenkxaso ethi inikwe abafundi abakula maziko xa bekule meko. Ayabonga Kekana uncokola nonobhala weNational Association for Student Development Professionals uSibusiso Thwala….

View Details

Iqoqo lolawulo kwi-ANC lichithe isikhokelo salo mbutho kwiphondo iMpuma Koloni, emva kokuba ixesha labo lolawulo lifikelele esiphelweni apha ku-May. Bekulindeleke ukuba isikhokelo salo mbutho esitsha ephondweni sonyolwe kwinkomfa yango-March kuGompo, kodwa lo nkomfa yamiswa sisithintelo sethutyana senkundla, nalapho amalungu athile aya enkundleni efuna ukuba kumiswe le nkomfa, de kuqosheliswe imiba echaphazela amasebe anabathunywa ababeza kuzimasa le nkomfa. Eyokugqibela inkomfa yachopha ngo-May ka-2022. NgoLwesine weveki ephelileyo, unobhala-jikelele we-ANC uFikile Mbalula, ngokuthunywa yi-NEC yalo mbutho, uye wazo kubhengeza ngokusesikweni isikokhelo sethutyana salo mbutho esiza kulungiselela ukuba kubekho inkomfa eza konyula isikhokelo esitsha. Esi sikhokhelo sethutyana okanye iProvincial Task Team yamkelwe ngokohlukana ngamalungu alo mbutho. Masive uMbalula xa echaza esi sikhokelo sitsha (PLAY SOUND). Emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli neendwendwe zethu eziza kusincedisa ukuhlalutya esi sikhokelo, uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast kunye noGqirha Xolisile Ngumbela…

View Details

Imfazwe yobuzwe, ukungazinzi kobukhonkeli norhulumento, kuquka namaqela abavukeli kwilizwe iDemocratic Republic of Congo, kwenza kubenzima ukuba ela lizwe liqubisane ngokuyimpumelelo nengxaki yokunwenwa kwentsholongwane i-Ebola. Le ntsholongwane iluhlobo olutsha nolwahlukileyo, i-Bundibugyo, sele ibulele abantu abayi-131 kwela lizwe. Umbutho i-World Health Organization ubhengeze ezokuba esi sifo sisachaphazela ela lizwe okwangoku, hayi ihlabathi liphela. Oko kubhengezwa kubizwa ngokuba yi-Epidemic. U-Amanda Xhala uncokole nomphandi wemiba yembali nopolitiko kwizwekazi i-Afrika nophuma e-UNISA, uAdvocate Sipho Mantula…

View Details

I-ANC ibhengeze ukuba ivuliwe inkqubo yokuchongwa kwabagqatswa kwizikhundla zoosodolophu ukulungiselela unyulo loomasipala. Le nkqubo iqala koomasipala abambhaxa abasibhozo nabezithili abangamashumi amabini anesibini, needolophu. Ngokwentetho ebhaliweyo yalombutho, le nkqubo ivumela nabani na ongummi woMzantsi Afrika kuquka abangengomalungu amaqela ezopolitiko, ukuba bachonge abagqatswa okanye bazigqatsele unyulo bona buqu. U-Ayabonga Kekana uncokole noyi Senior Researcher e-Electoral Institute for Sustainable Democracy in Africa, uThembelani Mazibuko...

View Details

Kwenziwa utshintsho kwinkqubo yeziqinisekiso zemfundo noqeqesho eMzantsi Afrika. Ibhunga elijongene neziqinisekiso zemfundo eMzantsi Afrika, iSouth African Qualifications Authority, nesebe lemfundo ephakamileyo noqeqesho, bazakuphelisa izifundo ezingaphezulu kwewaka. Bathi bakwenza oku ngenxa yokutshintsha kwamaxesha. On the line now Amanda Xhala is joined by Chief Operating Officer for SAQA, Dr Makhapa Makhafola...

View Details

Inzalelwane yaseMdantsane ngaphandle kwesixeko sakuGompo, uSivuyile Ngcanga, ivelise ubuchwepheshe iZuza Navigation app, obuzakuncedisa ukufikelela kwiindawo ekunzima ukufikelela kuzo ngeGPS, kwiilokishi nasezilalini. Ngamanye amaxesha kubanzima ukufikelela kwezinye iindawo usebenzisa iGPS xa usezilalini okanye elokishini, ngenxa yokungabina magama ezitalato abhalisiweyo. Ukusabela ngale navigation app, uAmanda Xhala uncokole nongumvelisi wayo buqu, uSivuyile Ngcanga...

View Details

Namhlanje ku News Review siphonononga, sihlalutye ingxelo yeqela likaSection 89, ebeliphanda izityholo zezenzo ezigwenxa nokophula umgaqo-siseko kuka mongameli uCyril Ramaphosa, malunga nomba wokuqhekezwa kwefama yakhe iPhala Phala. Kutsha nje, inkundla yomgaqo-siseko igqibe kwelokuba le ngxelo mayibuyele epalamente, ze ipalamente iseke ikomiti eza kujongana nokususwa komongameli esikhundleni, ngenxa yokufumanisa ukungangqinelani nomgaqo-siseko kwenkqubo yokuchitha ingxelo ka Section 89 ngo2022. Umongameli uRamaphosa uye kamva wabhengeza ukuba uza kubhenela ezinkundleni zomthetho ngale nyewe, khon' ukuze kuphonongwe le ngxelo ka Section 89. Ukuncokola banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana wamkela oyingcali kwezomthetho, uAdvocate Jazz Vilakazi, siphinde samkele nogqirha Mkhuseli Vimba oyingcali kwimiba yopolitiko kuquka nomthetho…

View Details

UMzantsi Afrika ujamelene nengxaki emandla yokunqongophala kwezindlu. Kungesi sizathu ke apha ityendyana laseThekwini elinamashumi amathathu anesibini eminyaka ubudala, ligqibe kwelokuba lithathe uhambo olungumgama ozii-khilomitha eziyi 1600 lisuka eThekwini, lisingise eKapa, lihamba ngeenyawo. UWandile Mthiyane ongumzobi weeplani zezindlu, ubambe eli phulo ngelokuphawula nokufundisa uluntu ngale ngxaki yokunqongophala kweendawo zokuhlala, kweli loMzantsi Afrika. Ziintsapho ezikwizigidi kweli ezisalindele ukufumana iindawo zokuhlala ezinesidima, nezinokuzibiza ngokuba likhaya. Ukanti kungokunje uAyabonga Kekana uqhagamishelana noMthiyane ese Jeffrey's Bay...

View Details

Mphulaphuli unalo ulwazi ngento ekuthiwa yi-Confidence Gap okanye i-Imposter Syndrome? Ayisosifo! Kodwa yinto echaphazela uninzi lwabantu. Ukungazithembi kwizakhono namendu onawo. Ukubanoloyiko lokoyika ukufeda, ukuhlazeka nokuhlekwa xa unongaphumeleli koko ukwenzayo. Oku isenokuba semsebenzini, esikolweni nakwizicwangciso zakho ngobomi. Ingaba ibangelwa yintoni lento kwaye ingancedakala njani? Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe oyi Career Consultant kunye neLife Coach, uGqirha Sanele Gamede…

View Details

Kukho ingxelo yeEqual Education ephakamisa inkxalabo enkulu ngomgangatho wezikolo zaseMpuma Koloni. Ngokweenkcukacha zeSebe lezeMfundo yi25% yezikolo zeli phondo ezikwimeko embi kakhulu. Kwezinye abafundi banyanzeleka ukuba bafundele kumagumbi angakhuselekanga nadilikayo, kwaye ezinye ezikolo azinawo nombane. Ukanti emxebeni kungokunje uAmanda Xhala ubambe othethela isebe lezeMfundo kweli phondo uMalibongwe Mtima...

View Details

Kukho ingxelo yeEqual Education ephakamisa inkxalabo enkulu ngomgangatho wezikolo zaseMpuma Koloni. Ngokweenkcukacha zeSebe lezeMfundo yi25% yezikolo zeli phondo ezikwimeko embi kakhulu. Kwezinye abafundi banyanzeleka ukuba bafundele kumagumbi angakhuselekanga nadilikayo, kwaye ezinye ezikolo azinawo nombane. Le ngxelo ikwakhankanye izityholo zolawulo olugwenxa kunye nokuziphatha kakubi kwiSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, kuquka amabango okuba imali eyayenzelwe ukwakha nokuphucula izikolo yasetyenziswa gwenxa. Ukuva banzi ngale ngxelo, emxebeni u-Amanda Xhala ubambe iSenior Researcher kwa-Equal Education, uSam Beynon...

View Details

Umongameli uCyril Ramaphosa umgxothile uSisisi Tolashe njengomphathiswa wesebe lophuhliso loluntu. Umongameli uchonge umphathiswa ojongene nesebe lamanina, ulutsha nabantu abaphila nokukhubazeka kwiofisi kamongameli, uSindisiwe Chikunga, njengozakubambla kwelisebe. UTolashe uzibhaqe esezingxakini ngokulahlekisa ipalamente malunga nezithuthi ezingundaba mlonyeni awazifumana kwilizwe laseChina, emele iphiko lamanina kwi ANC. Kwakhona kunyaka ophelileyo, kwavela izityholo zobugwenxa kwinkqubo yokuqesha kwakunye nakweyokwandiswa kwexesha lezivumelwano zokusebenza kwisebe lakhe. Ukuba sihlalutye inyathelo lika mongameli, emnxebeni u-Amanda Xhala ubambe umhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Xolisile Ngumbela...

View Details

Le veki sikuyo iphawula ukuvundliswa koluntu ngokusetyenziswa ngomlinganiselo onguwo kwetyuwa, i-Salt Awareness Week. Ukusetyenziswa ngokugqithisileyo kwetyuwa kungabangela ubani abasemngciphekweni wokufumana izifo ezifana nokufa icala(stroke) noxinzelelo lwegazi iHypertension phakathi kwezinye izifo. Ngoko apha enkqubeni siyafuna ukuqonda ukuba ungakanani umlinganiselo ovumelekileyo wokusetyenziswa kwetyuwa? Emnxebeni uAmanda Xhala ubambe ingcali kwimiba yezempilo uGqirha Bevan Goqwana…

View Details

Iindlela neziseko ezingundoqo zaseMzantsi Afrika ziphantsi konxinzelelo, njengoko iimvula ezinkulu kunye nezikhukhula zithe zathwaxa iindawo ezininzi kweli kutsha nje, nento ethe yabhenca umgangatho weendlela, ibhulorho kunye nezakhiwo zeli. Nanjengoko ingxaki yokuguquguquka kwesimo sezulu iye isanda, nemibuzo iyanda ngokuba elilizwe likulungele kusini na ukumelana neemeko zemozulu ezimbi. Ingaba kukho ukunqongophala kwezakhono zobugcisa, okanye ingxaki yotyalo mali ngakwi ziseko ezingundoqo? Ukufumana ezinye iimpendulo, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe ophuma kwiziko mfundo iUCT, uGqirha Obiora Nnene...

View Details

Ingxelo yeziko leenkcukacha-manani, iStats SA ka-2022/2023, i-Income & Expenditure Survey, nekhutshwe kulo nyaka, ibonisa ukuba abantu abaphuma kumazwe angaphandle abakweli ngokusemthethweni baqikelelwa kwi 3.09 Million, nonintsi lwabo lusuka kumazantsi eAfrika ( SADC). Ngokwengxelo karhulumente uMzantsi Afrika ujamelene nomngeni okhulayo wokubuyisela abantu abakweli ngokungekho mthethweni bebubuyisela kumazwe abo. Phakathi kuka 2024/25/26, bangaphezulu kwe 100-thousand abantu abathe bagoduswa, nto leyo etyabule uMzantsi Afrika imali engange 70 Million yeerandi. Kusenjalo, kukwakho iingxelo zokuba baqikelelwa ngaphaya kwe 3-Million abakweli ngokungekho mthethweni. Ngenxa yoku, sibone kubanjwe imigushuzo yimibutho eyahlukileyo efana ne-March & March, isithi mabagoduswe abo bangenazimpepha zokuba kweli, nanjengoko ubukho babo ngobuninzi buchaphazela ingqesho, iinkonzo zempilo kwakunye nezemfundo. Ukuxoxa banzi ngoku, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ophuma kwikomishoni yamalungelo oluntu, umkomishinala uAseza Gungubele...

View Details

Umbutho i-African Transformation Movement, iATM, ngomye umbutho owabhenela kwinkundla yomgaqo-siseko ukucela umngeni kwisigqibo sePalamente sokusebenzisa isininzi sevoti ukukhaba ingxelo yegqiza lophando elikhethekileyo ka-Section 89, neyafumanisa ukuba bukho ubungqina obubambekayo bokuma umongameli uCyril Ramaphosa aphendule kwibholo lokubiwa kwemali eyabiwa kwifama yakhe iPhala-Phala eLimpopo ngo-2020. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe inkokheli yalo mbutho ePalamente, uVuyo Zungula...

View Details

UMzantsi Afrika uphawula inyanga yabasebenzi nekuphawulwa imingeni ejongene nabasebenzi kweli, nequka iqondo elixhomileyo lentswela-ngqesho, ukuqeshwa kwabantu okungeso sigxina, iimo ezimaxongo abasebenza phantsi kwabo, iindleko zokuphila ezixhome ngokumandla, nentlupheko phakathi kwezinye izinto. U-Ayabonga Kekana uye wathetha enkqubeni nengcali yezengqesho uNkosinathi Cotho, kwakunye nengcali kwimiba yezoqoqosho uGqirha Mzwanele Ntshwanti...

View Details

Kule veki, xa sijonga kuhlalutyo lwencwadi, sijonga incwadi ebhalwe nguPhiwe Dekisile, enesihloko esithi "Imela Igobel' Esandleni". Le ncwadi engumdlalo weqonga ibalisa ngomona, ukungcatshwa kwakunye nobunzima bokukhula. Ukanti ukuva banzi ngayo, emnxebeni sinaye oyibhalileyo, uPhiwe Dekisile...

View Details

EGqeberha, amakhulukhulu abasebenzi ebengungelene kwiholo iNangoza Jebe eNew Brighton, ephawula usuku labasebenzi. Nanjengoko kukhula ukungazinzi kwicandelo lokuvelisa iimoto, amalungu eemanyano zabasebenzi avakalisa inkxalabo ngemisebenzi elahlekayo, utyalomali olwehlayo kwakunye nokungabikho kwengqiniseko kwezoshishino eMpuma Koloni. UNtombozuko Balintulo usenzela le ngxelo...

View Details

Minyaka le, uMzantsi Afrika uye uqhube inkqubo yophononongo okanye uhlaziyo lomgaqo-siseko. Lo msebenzi wenziwa yikomiti ethwaliswe uxanduva yiPalamente ukuba iqhube iinkqubo zokuphulaphula kuluntu izinto abafuna ziqiniswe okanye zitshintshwe kumgaqo-siseko weli. Ezi nkqubo zikwanika ithuba abantu ukuba bafake iziphakamiso zoko zafuna kulungiswe kumgaqo-siseko weli. Kwiminyaka edlulileyo sibone iziphakamiso ezimemelela ukubuyiswa kwesigwebo sentambo, ukuba uluntu luvotele umongameli ngokwalo, bangavoteli imibutho, nokuhlenga-hlengiswa kwesolotya u-Section 25 olawula ulawulo lwezakhiwo nomhlaba. On the line we are now joined by Professor Paul Mudau from the School of Law, under the department of Public, Constitutional and International at UNISA…

View Details

Ukuxhatshazwa kwabo balindele ukubeleka kwakunye nabo sele bebelekile, nokubizwa ngokuba yi-obstetric violence ngolwasemzini, yinto ekungathethwa oko ngayo. Nangona kunjalo, ngokwee ngxelo, abasetyhini abaninzi kumaziko ezempilo oMzantsi Afrika bathi bazibonela ngokwabo oku kuxhatshazwa. Obu budlobongela buquka ukugwexwa, ukungahoywa, nokunyanzelwa kwiinkqubo zonyango ngaphandle kwemvume, phakathi kwezinye izinto. La mava aveza imibuzo malunga nesidima, amalungelo ezigulana kunye nomgangatho weenkonzo kwizibhedlele zeli. Ukuncokola banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe ophuma kwiziko elibonelela ngenkxaso kwabasetyhini abakhulelweyo, nabasando kubeleka, i-MumBelu, u-Andisiwe Sixenxe...

View Details

Inkampani ye-insurance kweli, i-Old Mutual Corporate, ithi iinkcukacha zayo ezintsha zibonisa ifuthe elihle lokongiwa kwemali yomhlala-phantsi susela oko kwathi kwamiliselwa inkqubo ye-Two-pot. Ithi iqondo lokongiwa kwemali yomhlalaphantsi ngoku limi kumyinge we 33%, kuba abemi boMzantsi Afrika ngoku bayayigcina imali yabo yomhlalaphantsi, khon' ukuze iqhubeke ikhula, endaweni yokuba bayikhuphe yonke xa betshintsha umsebenzi. Kuvakala ukuba uninzi lwabantu basayikhuphe kwakanye imali yabo ye-Two-Pot, lo gama iliqedlana nje elimane libuyelela. To hear more about this and what it means, on the line Amanda is joined by Chief Customer Officer at Old Mutual, Michelle Acton...

View Details

Ngokwengxelo yophando olwenziwe ngu Metropolitan ebambisene ne Bureau of Market Research, akumyinge ka seventy five percent amakhaya oMzantsi Afrika ahlawula oomasingcwabane. Oluphando lubonisa ukuba oku bakwenza kuba besithi yindlela yokonga imali ukulungiselela ixesha elizayo, nangona zikhona ezinye iindlela zokonga imali ezifana nee life cover okanye ii investment policies ezinembuyekezo ebonakala ukodlula leyo yoomasingcwabane. Namhlanje ke sinenjongo yokwazi umehluko koluhlobo lotyalo mali kunezinye ezikhoyo. Yilonto ke sithe masikrwece ongusoqoqosho ukusikhanyisela banzi ngoku, u Gqirha Mkhuseli Vimba.....

View Details

I Arhente yezibonelelo zikarhulumente u SASSA, ingenelele kumasipala i Raymond Mhlaba eMpuma Koloni nalapho ibambe abasebenzi abalishumi elinesihlanu bakwa 1Life Insurance kwilali yakwa Khulule, basiwa kwisikhululo samapolisa sase Debe Nek. Kutyholwa ngelithi ababasebenzi bebengena ngokungekho mthethweni bethengisa ii insurance kubantu abaxhamla isibonelelo sika SASSA, besenza ngathi basebenzela le arhente. Ukuva banzi ngoku, emnxebeni sinaye ongumlawuli kwa SASSA ephondweni u Bandile Maqethuka.....

View Details

Zibonakala zisanda iingxaki nokungaboni ngasonye kunxantathu okhokhelwa yi ANC, njengoko umbutho wamakomanisi , iSACP, uthathe isigqibo sokuzimela kunyulo oluzayo loorhulumente bamakhaya. i ANC inike iintsuku ezilishumi amalungu anobulungu obubini kulombutho nakwi SACP ukuba azichaze azakugayela inkxaso owuphi umbutho kolunyulo. Ebutsheni beveki i SACP ibibambe indibano noonondaba nalapho ivakalise ukungaxoli ngezityholo ezibekwa yi ANC ngakuyo. Ukuncokola banzi ngekamva le SACP nokuba siqwalasele ezi ngxaki, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umhlalutyi wezopolitiko uGqirha Xolisile Ngumbela, kunye nosekela-nobhala jikelele wokuqala weSACP uMadala Masuku...

View Details

Umbutho ojongene nokusebenza koomasipala kweli, iSouth African Local Government Association, iSALGA ngamafuphi, upapashe incwadi ethi "My Local Government." Injongo yale ncwadi kukufundisa abantwana ngokubaluleka korhulumento lukamasipala, ifuthe loqhanqalazo olukhatshwa bubundlobongela koomasipala, kwanokubaluleka konyulo kwesi sigaba sorhulumento. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umongameli we-SALGA, uBheki Sitofile, ukuncokola banzi ngale ncwadi…

View Details

Unqunyanyisiwe kumsebenzi wakhe umkomishinala wenkonzo yesipolisa kuzwelonke uGeneral Fanie Masemola. Esi sigqibo sivakaliswe ngumongameli weli uCyril Ramaphosa ngethuba ethetha noonondaba e-Union Buildings ePitoli namhlanje. UMasemola ekuqaleni kwale veki ebevele phambi kwenkundla kaMantyi ePitoli, nalapho aye wabekwa ityala lokungalandeli umthetho olawula ukusetyenziswa kwemali yeziko lokurhulumento, iPublic Finance Management Act. Oku kumayela nokunikezwa kwe-contract ye-tender yeMedicare24 ebonelela ngeenkonzo zempilo kwinkonzo yesipolisa. Kutyholwa ukuba oku kwenziwe kungalandelwanga miqathango iyiyo. Umongameli uchonge uGeneral Puleng Dimpane ngengomkomishinala obambeleyo. Ukuhlalutya banzi oku emnxebeni sibambe ongumhlalutyi wezomthetho u Zimisele Nxafani

View Details

Kwezoqoqosho sithe makhe siqwalasele ifuthe lokuxhoma kweendleko zokuphila kubemi beli, ingakumbi abangathathi ntweni nabo banemivuzo engaphantsi kwe R50 000 ngenyanga. Oku nanjengoko iCompetition Commission isand'ulukhupha ingxelo malunga namaxabiso okuphila athe gqolo ukonyuka, echaphazela kakubi abemi boMzantsi Afrika. Ukuba phezulu kweendleko zokuphila kubangela ukuba abantu bagaxeleke ematyaleni. Ukushukuxa lomba, emnxebeni sinosoqoqosho uBukani Mngoma...

View Details

Liyaxhalabisa inani labantu abosulelwe sisifo i malaria eGauteng. IXa kuthelekiswa nonyaka ophelileyo elixesha, bangamakhulu mane aneshumi elinesine abantu abosulelwe sesisifo kwabhubha abalishumi elinanye phakathi kwenyanga yoMqungu neyoKwindla kulonyaka.. Ukusabela banzi ngoku, emnxebeni sinaye ophuma kwisebe lezempilo eGauteng nongusekela mlawuli kwicandelo elijongene nohlolo lwezifo ezosulelayo, uMr Mzimasi Neti.....

View Details

Igwetywe iminyaka emihlanu entolongweni inkokheli ye-EFF uJulius Malema yinkundla kaMantyi kuGompo eMpuma Koloni ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Oku kulandela ukumfumanisa enetyala lokudubula umpu esidlangalaleni kumsitho wokubhiyozela iminyaka emihlanu umbutho wakhe wasekwa ngo-2018, kwibala lezemidlalo iSisa Dukashe eMdantsane. Elinye ityala afunyaniswe enalo lelo lokubanompu kuye ngokungekho-mthethweni. Ezinye ke izigwebo ziquka imidliwo ethi xa idityanisiwe ixabise imali ebabelwa kwi-sixty thousand rands. UMalema uye wafaka isicelo sesibheno ekufunyanisweni enetyala nakwiminyaka yesigwebo leyo. Oku kulibeka phi ikamva likaMalema njengosopolitiki? Umbutho wona? Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umhlalutyi wezopolitiko uGqirha Makhosandile Khwaza kunye nengcali kwimiba yomthetho uAdvocate Vusi Vilakazi...

View Details

Kuhlalutyo lwencwadi kule veki, sijonga incwadi esihloko sithi "Laqhawuka Ityathanga", nebhalwe ngu Sinoxolo Nxakama, oyinzalelwane yakuTsolo, eMpuma Koloni. Le ncwadi engumdlalo weqonga, ifundisa ngokunyamezela ubunzima bayo nayiphi na imingeni umntu agagana nayo ebomini. Ukusabela banzi ngokuqulathwe yile ncwadi, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umbhali wayo, uSinoxolo Nxakama...

View Details

Kumaphondo aliqela namhlanje kuza kubanjwa ugqatso bambi bethe chu umgama ongange 5km, kuphawulwa iphulo lokufundisa nge-Autism. Abafundi ababini, uNkazi noJoel, nabaphila neAutism, baphambili ekuququzeleni olu gqatso. Ezinye zeenjongo zokubamba olu suku, kukufundisa uluntu ngeAutism, ukunika inkxaso kwabanye abafundi abaphila neAutism, kwakunye nokwazi ngokuphangaleleyo ngeAutism. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe olitshantliziyo kwimiba yeAutism, nokwa ngumzali kaNkazi, uLuleka Radebe...

View Details

Umbutho iEFF uthi uza kuthatha amanyathelo omthetho ukucel' umngeni kumba wokufunyanwa kwenkokheli yalo mbutho, uJulius Malema, enetyala. Oku kusemva kokuba inkundla yenqila yaKuGompo City, kwiMpuma Koloni inike uMalema imvume yokuba abhene kwisigwebo sakhe seminyaka emihlanu eseluvalelweni, kwityala lakhe lokudubula umpu esidlangalaleni. Noko kunjalo, le nkundla isikhabile isicelo samagqwetha sokubhena ukubekwa kwakhe ityala. UMalema ugwetywe iminyaka emihlanu entolongweni ngokuba nompu ngokungekho mthethweni, neminyaka emibini entolongweni ngokuba neembumbulu ngokungekho mthethweni. La matyala aza kuqhuba ngexesha elinye. Sithe makhe sincokole nengcali kwimiba yezomthetho malunga nesi sigwebo, kwakunye nesibheno sika Malema. UAmanda Xhala uncokole nengcali yezomthetho uAdvocate Jazz Vilakazi...

View Details

ISebe lemfundo esisiseko liphakamise uhlengahlengiso kwi-curriculum yesifundo sembali (History), nalapho kucetywa ukuba kugxininiswe kwimbali yelizwekazi iAfrika, uMzantsi Afrika kwakunye nezakhono zokucinga ngokuphangaleleyo. Uluntu lulindeleke ukuba luvakalise izimvo zalo ngale curriculum kucetywa ukuba ifundiswe kwaGrade 4 ukuya kwaGrade 12. Le nkqubo yokuphononongwa nokuphuculwa kwale curriculum yaqala ngonyaka ka2019, nalapho konyulwa iqela elizakujongana nezi zifundo. Kunyaka ophelileyo kwinyanga yeNkanga, lomqulu wapasiswa ngamasebe namaqumrhu karhulumente abandakanyekayo ukuba usiwe eluntwini. Emnxebeni uAmanda Xhala ubambe othethela iSebe lemfundo esisiseko, uTerrence Khala...

View Details

Kuqikelelwa ukuba ngumyinge ka-85 ukuya ku95% wabophuli-mthetho abaye baphinde bophule umthetho kwakhona emva kokuba bekhululiwe entolongweni, nto leyo exhalabisa kakhulu. Ngoku umbuzo ngowokuba, ingaba amaziko eenkonzo zoluleko awoluleka ngokupheleleyo kusini na amabanjwa? Ezinye izimvo zezokuba ingxaki ikwiinkqubo zoluleko ezingonelanga. Ukushukuxa banzi lomba kwinkqubo yethu sithetha noyingcali kwimiba yolwaphulo-mthetho, ugqirha Thompo Tshivhase

View Details

Ikomishoni yeenkonzo zobulungisa, iJSC, indulule kwelokuba iphakamise usekela mongameli weejaji, ujaji Aubrey Ledwaba kwisikhundla sejaji eyongameleyo kwinkundla ephakamileyo ezinze eGauteng. ULedwaba nenguye yedwa umgqatswa kwesisikhundla, ubekudliwano-ndlebe kunye neJSC eSandton eRhawutini namhlanje. Esisiphakamiso sizakuthunyelwa kumongameli uCyril Ramaphosa nozakwenza isigqibo sokugqibela. Ukuhlalutya banzi oku emnxebeni sibambe umhlalutyi wezopolitiko ugqirha Makhosandile Khwaza

View Details

Umbutho iDA nongowesibini ukuba mkhulu kwelilizwe, wonyule iinkokheli ezintsha ezizakukhokhela kwibhunga lalombutho . Usodolophu waseKapa, uGeordin Hill-Lewis, uyinkokheli entsha yalo mbutho engena ezihlangwini zobeyinkokheli yalo mbutho, uJohn Steenhuisen. UHill-Lewis uzibophelele ekukhuliseni lo mbutho ube ngowona mkhulu kwelilizwe. u Hlumelo Xaba nongumhlalutyi wezopolitiko usenzele uhlalutyo ngoku

View Details

Uphando lwakutshanje lubonisa ukuba bangaphezulu kwe-60% abantwana besikolo abasebenzisa inkqubo yekhompyutha ebizwa iArtificial Intelligence, i-AI ngamafuphi, uninzi lwabo besebenzisa le AI kwimisebenzi yabo yesikolo, ukusuka kuphando ukuya ekusombululeni iingxaki zezibalo. Ingaba oku kuthetha ntoni ngesakhono sokucinga nzulu nakuphuhliso lwengqondo yabantwana? Ingaba i-AI iyanceda ekufundeni okanye iyawadodobalisa amandla okucinga ngokuzimeleyo? Ukusabela banzi, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba engqamene nezobuchwepheshe uChuma Memela, kunye noyigcali kwimiba yezemfundo uNomandla Singeni…

View Details

I- Eastern Cape Film Festival ivula iqonga lokuphulisa iitalente nezakhono kwicandelo lobugcisa, ingakumbi kumagcisa aphuma kwimimandla efana neelokishi kunye neelali, nokuba kunikezwe ithuba lokuba amagcisa ngokucula, abadlali beqonga, namaqhula, abalise amabali eendawo abasuka kuzo; bekwenza oko kwiindawo ezo baphuma kuzo. Eli liqonga livulelwa uluntu namagcisa aseKariega, eMpuma Koloni, namhlanje, kwaye alijolisanga kulonwabo nje, kodwa likwaxhobisa abaqulunqi bemidlalo yeqonga, namagcisa ngomsebenzi okweli candelo. Emnxebeni uAyabonga Kekana uncokola nomlawuli we-Eastern Cape Film Festival, uNceba Mqolomba…

View Details

Ubomi bomfundi kwiziko lemfundo ephakamileyo lunemingeni eliqela, ngaphandle kwezifundo zakhe. Uxinzelelo lwengqondo ngenxa yokufuna ukungena kubomi obuphilwa ngabalingane babo, iziyobisi, ukulwa nokungazazi ukuba ungubani, ulonwabo oluphazamisana nezifundo zomntu, zezinye zezinto ezibalulwa yincwadi esihloko sithi: The Dark Side of Campus Life, nebhalwe nguSipho Tshaka. Kule ncwadi, uTshaka udakanca le mingeni, neenyani zempilo ephilwa ngabafundi kula maziko. Le ncwadi ikwanazo neziphakamiso zokuba ubani angazikhwebula njani kwizinto ezinokumphazamisa kwimpumelelo yakhe. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umbhali wale ncwadi, uSipho Tshaka…

View Details

Umphathiswa wezobulungisa nophuhliso lomgaqo-siseko, uMmamoloko Kubayi, uwukhuphe ngokusesikweni umthetho-oyilwayo ojongene nokukhuselwa koodiza-mahlebo owaziwa njenge Protected Disclosure Bill. Lo mthetho ujoliswe ekuqiniseni ingalo yomthetho ukukhusela abo baye badize iinkcukacha ngolwaphulomthetho, nangokuziphatha okungafanelekanga okwenzeka kwicandelo labucala nakurhulumente. Lo mthetho uza emva kokuba ikomishoni yophando kaZondo iphawule iintanda kumthetho ojongene nokukhuselwa koodiza-mahlebo. Ukanti, ukuxoxa banzi ngokhuseleko loodiz' amahlebo ababhenca urhwaphilizo kwiindawo zempangelo, on the line now Amanda Xhala is joined by OUTA's Chief Executive Officer, Wayne Duvenage…

View Details

Abahlali bakuGompo batyhola amapolisa ngokukhusela abemi base Nigeria ababatyhola ngokuba bathengisa iziyobisi kulangingqi. Isakhiwo esaziwa ngokuba yi California nalapho kutyholwa ngokuba yindawo eyenza neshishina ngeziyobisi, yeyona ndawo lomngcelele ubusingise kuyo, kunyanzeliswa ukuba ivalwe. Oku kuza emva kwesehlo sokubekwa kwalowo kuthiwa yikumkani yama Igbo yase Nigeria kuledolophu nesifumene ugxeko olukhulu. U Abongile Jantjies uyalazi elibali

View Details

ISebe lezemisebenzi nengqesho lipapashe uhlengahlengiso kumthetho ojongene neemeko zokuphangela, iBasic Conditions of Employment Act ka-1997. Olu hlengahlengiso lwenzelwe ukukhusela abasebenzi abasebenza kuphela xa bedingwa ngabaqeshi, nababizwa ngokuba zii-independent contractors, kwezinye iindawo bebizwa ngokuba zi on-call contracts. Iimeko abasebenza phantsi kwazo aba basebenzi azintlanga amaxesha amaninzi, kwaye bazibhaqa bexhatshazwa ngabaqeshi. To hear more about this, on the line now Amanda Xhala is joined by Stephen Rathai from the Department of Labour and Employment...

View Details

Inkonzo yesipolisa eMpuma Koloni yonyule umkomishinala omtsha wamapolisa, uLt Gen Vuyisile Ncata, engena ezihlangwini zobe ngumkomishinala uLt Gen uNomthetheleli Mene. UNcata uthi uyayazi imingeni ejamelene neliphondo kwaye uzibophelele ekubekeni phambili ukhuseleko loluntu, aqubisane nolwaphulo mthetho. Ufika ngexesha iphondo lisajongene neqondo eliphezulu leentlobo ezahlukileyo zolwaphulo mthetho, nalapho sibone kutyalwa namajoni. Sithe makhe sincokole naye buqu ukuba sive ngomsebenzi athembisa ngokuwenza kweliphondo leMpuma Koloni. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umkomishinala omtsha wamapolisa kwiMpuma Koloni, uLt Gen Vuyisile Ncata....

View Details

Abaphathiswa abajongene nemiba yamazwe angaphandle nabaphuma kumazwe angamashumi amane aquka iBrithane, iJamani, Canada neIndia phakathi kwamanye, babambe indibano ezakuza namaqhinga okuzama ukuvula umzila iStrait of Hormuz. IStrait of Hormuz kulapho iinqanawe ezithutha amafutha aquka ipetula, idiesel kwakunye nerhasi zinqumla khona. Ngumyinge we-20 percent wehlabathi oxhamlayo kwi-Oli yase-Iran kuquka neMelika. Umlo phakathi kweMelika neIran, wenza kubenzima ukuba ihlabathi lifumane iOli. Kodwa umphathiswa wase-Iran ojongene nemicimbi yangaphandle uthi nabani na uvumekile ukuba afumane iOli kwelalizwe ngaphandle kwabo babahlaselayo. Yiveki yesihlanu kugquba imfazwe phakathi kweIran, iMelika kwakunye noSirayeli. UAmanda Xhala uncokola nengcali kwimiba yamazwe angaphandle, ugqirha Thelela Ngcethane-Vika.

View Details

Kuhlalutyo lwencwadi kule mpelaveki, sijonge incwadi enesihloko esithi "THE SEED", ebhalwe ngu Alulutho Majali. Le ncwadi ibalisa ngemingeni athe wagagana nayo umbhali ekukhuleni kwakhe, emva kokushiywa ngumamakhe eselula, kwakunye nempatho-mbi awayifumana kubantu ekwakufanele ukuba bayamkhusela. Emnxebeni kungokunje uAyabonga Kekana ubambe uMajali, ukuze asicacisela banzi ngale ncwadi...

View Details

Nje ngenxalenye yeenzame zokuphucula ukhuseleko ezindleleni, kwa nokucutha iingozi zendlela ngeli xesha lePasika, iSebe lezothutho kwiphondo iMpuma Koloni libambe uthotho lweenkqubo zovalo lwemigaqo esetyenziswa kakhulu ngabaqhubi kweli phondo. Ezi roadblocks ziyinxalenye yephulo iArrive Alive, nelijoliswe ekuqinisekiseni ukuba abasebenzisi bendlela bafika bekhuselekile kwiindawo abaya kuzo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni u-Amanda Xhala ubambe othethela iSebe lezothutho kwiphondo, u-Unathi Binqose...

View Details

Ukuyeka kwabantu imisebenzi, abantwana bayeke izikolo, abagulayo bayeke ukusela amayeza abo ngenxa yenkolo yabo nenkolelo yabo kuphinde kwaphantsi kwesithatha kwakhona. Oku kuza emva kweengxelo zokuba kukho abantu abangaphaya kwamashumi amahlanu abenze oku, bambi bade bashiya namaqabane abo ngeliyokuzibandakanya nebandla i-Ekhaya Labafundi bakaJehovah, nelizinze kuMntla weTheku, KwaZulu-Natal. Sithe masikrwece iKomishoni ethwaliswe uxanduva lokukhusela inkolo, inkcubeko, amasiko kunye neelwimi neyaziwa njenge-CRL Commission. UAmanda Xhala uncokola nosihlalo wale komishoni uThoko Mkhwanazi-Xaluva…

View Details

Umbutho omele abo bakwicandelo loshishino lwee-taxi iSANTACO, uthi uxhalabile kukwenyuka kwamaxabiso amafutha ezithuthi, nefuthe elinokubakho kwinkonzo yezothutho abanikezela ngayo kubakhweli beli. Imfazwe egqubayo kwi-Middle East ibangele ukwenyuka kwamaxabiso e-oli kwihlabathi, nto leyo ebangele ukwenyuswa kwamaxabiso amafutha ngokothusayo kweli. Zombini iintlobo ze-Petrol zenyuswe ngemali ebalelwa kwi-three rands six cents ilitha; ngeli lixa zombini iintlobo ze-diesel zenyuswe nge-seven-rands-37 cents ne-seven-rands-51 cents ilitha. UAmanda Xhala uncokole nothethela iSANTACO kuzwelonke, uRebecca Phala…

View Details

Sichithiwe isicelo sokususwa kukaJustice Sisi Khampepe njengejaji echophele ukuphandwa kwamatyala ekomishoni yenyani noxolelaniso. Esi sicelo sikhatywe yinkundla ephakamileyo yaseRhawutini. Ababesakuba ngoomongameli beli, uJacob Zuma noThabo Mbeki, bafaka esi sicelo ngelithi makasuswe, kwaye izigqibo ezisele zithathiwe zibekelwe bucala. Inkundla ifumanise ukuba basilele ukulandela iinkqubo ezizizo zomthetho, kungoko isicelo sabo sichithiwe. Sithe masikrwece iintsapho ezichaphazelekayo sive uluvo lwabo ngoku. UAyabonga Kekana uncokole nothethela usapho lakwaCalata, uLukhanyo Calata...

View Details

Ikomishoni ejongene nomsebenzi weenkonzo zikarhulumente, iPublic Service Commission ithe thaca ingxelo kwindlu yowiso-mthetho eMpuma Koloni emayela nomsebenzi wayo wophando ochaphazela isebe lezemfundo nelezempilo ephondweni. Masincokole ngeziphumo nezindululo zoluphando nomkhomishinala we-PSC ephondweni uVuyani Mapolisa...

View Details

Usodolophu womasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, uBabalwa Lobishe uvumile ukuba ukutyikitya kwakhe isivumelwano sokuqeshisa nge-transformer kwinkampani iCoega Steel, usityikitye ngaphandle kokulandela iinkqubo zomthetho, ezithi mayibelibhunga lo masipala elithatha isigqibo ngoku. Nangona uLobishe evumile ukuba akwenzileyo akukho mthethweni nje, kodwa usikhusele isigqibo sakhe. Masimve ngethuba ephendula kwimibuzo kasihlalo wekomiti ethwaliswe uxanduva lokujonga umsebenzi wesebe lorhulumento ngentsebenziswano ePalamente uGqirha Zweli Mkhize, oqale ngokutyikitywa kwesi sivumelwano nguLobishe…

View Details

Kutshanje, umphathiswa wezezimali kwiphondo iMpuma Koloni, uMlungisi Mvoko, uwise uhlahlo-lwabiwomali lwephondo, nolubonwa nje ngolusekelezelwe kwiimfuno zoluntu. Olu lwabiwo-mali, noluxabisa malunga ne R105 billion, lugxile kuphuhliso lweziseko, ukuveliswa kwezithuba zengqesho, nokuxhasa abantu abangathathi-ntweni, phakathi kwezinye izinto. Lukwagxile ekulawuleni inkcitho karhulumente ngokuthi uhlumo loqoqosho luhambelane nohanjiso lweenkonzo. Ukuxoxa banzi ngolu hlahlo-lwabiwomali, uAyabonga Kekana uncokola nomphathiswa uMlungisi Mvoko...

View Details

Nanjengoko kulindeleke ukuba umphathiswa wemicimbi yezemali awise uhlahlo lwabiwo-mali lwakhe lwalo nyaka, namhlanje sithe khe sithethe banzi ngokhuphiswano olubanjwa minyaka le, iNedbank and Old Mutual Budget Speech Competition. Emnxebeni, uAmanda Xhala ubambe omnye wabafundi abaye bathabatha inxaxheba kolu khuphiswano, uAphiwe Dabula...

View Details

Abafundi baseQokolweni Senior Secondary eMthatha, eMpuma Koloni, batyhola ootitshala ngokubaxhaphaza ngokwesondo, iintetha ezingqwabalala, kwanokucelwa ukuba baphulule ootitshala inyawo zabo. Ukanti ababafundi bakwatyhola ngelithi bahlawuliswa imali emasangweni esikolo xa befike emva kwexesha esikolweni, logama kukwakho nenkxalabo ngenkqubo yokutyisa abafundi, nalapho besithi abanye abafundi bashiyeka bengafumani kutya ngenxa yokuba ootitshala bayaziphakela. UAyabonga Kekana uncokole nelungu leSGB uPumza Fatsha...

View Details

I-ofisi kanondyebo iceba ukubamba iingxoxo ngokuvunyelwa kwabasebenzi ukuba bakwazi ukufikelela kwingxowa mali ongenakufikelela kuyo de uthathe umhlala phantsi ( retirement pot). Eli sebe lithi lemali iyakufunyanwa ngabo baphantsi koxinizelelo olumandla. Ngokwangoku, abasebenzi bayakwazi ukufumana kwenye yezimbiza zintathu ezikulengxowa yomhlala phantsi. Umbutho wabasebenzi iCOSATU, uyayixhasa lembono. Ngokwengxelo ye-arhente ye rhafu uka-SARS, bayi 5.6 million abantu abasele befake izicelo ukusukela kunyaka ka2024 ukuzakutsho ku2026. UAyabonga Kekana uncokola nothethela iCOSATU, uZanele Sabela.

View Details

Isebe lezempilo eMpuma Koloni liza kukhupha isitofu esitsha sokuthintela i-HIV nesibizwa nge Lenacapavir, kwiikliniki ezingama shumi amane anesithoba kweli phondo. Esisitofu siluhlobo lwe Pre-exposure prophylaxis(PrEP) olusebenza ixesha elide, sizakutofwa kwabini ngonyaka engaweni yokuthatha iipilisi. Bangapha kwamawaka asibhozo kweli phondo abantu abazakuxhamla kwisigaba sokuqala salenkqubo. Ayabonga Kekana uncokola noyiHIV prevention manager kweli sebe, uLiziwe Lunyawo...

View Details

Ku NewsReview kulempela veki u Ayabonga Kekana wenze udliwano ndlebe nosodolophu osandulukungena kumasipala i Alfed Nzo Municipality u Tsileng Sobuthongo...

View Details

Isithethi somphathiswa wenkonzo yesipolisa obekwe kwikhefu elikhethekileyo, nokwalilo nelungu lesigqeba solawulo kwi-ANC, uSenzo Mchunu, singqinile ukuba uMchunu ukulungele ukubuyela emsebenzini wakhe embuthweni. USithembiso Mshengu nosisithethi sikaMchunu uthi bazakubhalela unobhala-jikelele we-ANC bamazise ngesigqibo sakhe. UMchunu waye wabekwa kwikhefu elikhethekileyo kulandela isigqibo sakhe sokubhangisa iPolitical Killings Task Team ngo-December ka-2024, nangenxa yezityholo zobudlelane bakhe nabatyholwa ngokuba yinxalenye yemikhambathi yoonqevu. UMchunu waye wacela ukuthi gu nakwiinkqubo ze-ANC ukuze ahlambe igama lakhe. Waye wavela phambi kwekomiti yethutyana ePalamente ephanda ezi zityholo, nakwikomishoni kaMadlanga kunyaka odlulileyo. Apha enkqubeni siye sancokola nomhlalutyi wezopolitiko uGqirha Xolisile.

View Details

Iphondo iMpuma Koloni, ingakumbi ingingqi iNelson Mandela Bay Metro, ibonwa njengeyona ndawo enamanani aphezulu okubulawa kwabantu ngeenjongo zokufumana ibango kwi-insurance. Angapha kwamashumi amathandathu amatyala okubulawa kwabantu ngenxa yokufuna imali ye-insurance, aphandwayo eNelson Mandela Bay. Ngenxa yoku, umkhomishinala wenkonzo yesipolisa kuzwelonke, uGeneral Fannie Masemola, uyalele inkonzo yesipolisa ephondweni ukuba imilisele iqela lethutyana elizakuphanda ulwaphulo-mthetho olumayela noku. On the line now Ayabonga is joined by the national SAPS spokesperson, Brigadier Athenda Mathe…

View Details

Ukupapashwa kwemifanekiso okanye iifoto, kuquka ii-vidiyo zabafundi kumakhasi onxibelelwano ngootitshala kuphakamisa inkxalabo malunga nokhuseleko lwabantwana, kwanokuba bayifumene na imvume yokwenza oko kusini na (consent). Nangona abanye ootishala besithi injongo kukubonisa imisebenzi yezikolo kunye nempumelelo yabafundi, oku kuvusa imibuzo yokuba le ndlela ayiyophuli na imigaqo yezikolo okanye amalungelo abafundi. Lo mba ubangele ingxoxo-mpikiswano malunga nokuziphatha kootishala kweli xesha lokusetyenziswa kobuchwepheshe bonxibelelwano, kunye neziphumo ezinokubakho kootitshala abapapasha imifanekiso yabafundi ngaphandle kwemvume. Emnxebeni, uAyabonga Kekana ubambe isithethi sombutho wootishala iSADTU, uNomusa Cembi...

View Details

Amalungu osapho lwabantu abahlanu abaphulukene nobomi kwingozi emasikizi eyehle kuhola wendlela uN6 phakathi kweCumakala nedolophu yaKuGompo, kwiphondo iMpuma Koloni ngeCawa, athi kusenzima ukuzamkela ezi ndaba zibuhlungu kangaka. Abanye abantu abangamashumi amathandathu bonzakele ngokumasikizi, emva kukuba ibhasi nesithuthi esincinci zingquzulene kwasweleka bonke abantu abebekwe sisithuthi. Usapho lwabafi belulungiselela umngcwabo welinye ilungu losapho ngexa kusehla le ntlekele. UAbongile Jantjies uza nengxelo...

View Details

Izihlobo namaqabane alowo ungasekhoyo obengumseki wombutho i Congress of the People, u Mosiua Terror Lekota, zimkhumbule njengomququzeleli ophum'izandla ngethuba kubanjwe inkonzo yakhe yesikhumbulo kwibandla lamakatolika, i Regina Mundii, eSoweto namhlanje. uNtebo Mokobo ebelapho wasenzela lengxelo iza no Thandokazi Vusani

View Details

Ikomishoni yamalungelo oluntu eMpuma Koloni, izolo ikhwebe isebe lezempilo ephondweni kwintlanganiso ebifuna ingcaciso kuyo ngokufeda kwesebe kwiinkqubo zalo zokubonelela ngeenkonzo zempilo, kuluntu lwephondo. Oku kulandela ukufakwa kwezikhalazo luluntu lwephondo ngemingeni olujamelana nayo xa lundwendwele amaziko esebe abonelela ngeenkonzo zempilo. Masincokole nosihlalo wale komishoni ephondweni, uGqirha Eilen Carter…

View Details

Isibhedlele saseRhawutini iCharlotte Maxeke Academic, kunganyanzeleka sibhenele kwiinkundla zamatyala ngelokungenelela ekusindiswe ubomi benkwenkwana eneminyaka elishumi elinesihlanu ubudala, edinga ukutyandwa kodwa abazali bomntwana bayala ukuba athiwe igazi ngenxa yenkolo yabo. Le nkwenkwana yaseMpumalanga elwa nesifo sezintso nesibindi, icocwa igazi (dialysis) kwisibhedlele i-Charlotte Maxeke Academic. Emnxebeni, sinaye umphathiswa wezempilo ugqirha Aaron Motsoaledi..

View Details

Ubundlobongela kunye nokuxhatshazwa kwabafundi ezikolweni eMpuma Koloni kuphinde kwangu ndaba mlonyeni. Oku kulandela iziganeko zakutshanje ezixhalabisayo, nezibandakanya abafundi kwezinye zezikolo kweli phondo. KuGompo kuye sibone kumakhasi onxibelelwano ushicilelo lwe video ebonisa umfundi ebethwa ngabanye abafundi, nto leyo ethe yabangela umsindo kuluntu kunye nemibuzo malunga nokhuseleko ezikolweni. Kanti e Mthatha, amagosa ezemfundo anyanzeleke angenelele emva kwezikhalazo zokuxhatshazwa kwabafundi ezikolweni, ukubala iziganeko nje ezimbalwa. Oku kuphinde kwavusa iingxoxo malunga nendlela ekulawulwa ngayo ezikolweni, indima ekumele yenziwa ngabazali kunye noluntu ngokubanzi, ukuqinisekisa ukuba izikolo zihlala ziyindawo ekhuselekileyo yokufunda.Ayabonga Kekana uncokola noyiChief Director: Education Social Support Services kwiSebe lezemfundo kweli Phondo , uLulamani Zenzile. Kunye nothethela iSGB uLungisa Mahobe....

View Details

Uphando ngoshishino lweeteksi zaseMzantsi Afrika ( Minibus taxi industry) olwenziwe yi-university yase Fort Hare, eMpuma Koloni, lugxile kwindima yeli candelo. Olu phando lukhankanye ukuba eli shishini leeteksi lidlala indima ebalulekileyo kwinkqubo yezothutho kweli, neli bonelela malunga ne70% yabakhweli. Lukwa hlab'ikhwelo lokuba elishishini libhaliswe. Emnxebeni sinaye umphandi oyintloko ophuma kwi University of Fort Hare, uDr Siyabulela Fobosi.

View Details

Isebe lemisebenzi nezengqesho libongoza iinkampani zabakhi (construction) ukuba ziqale ngokuqesha abemi boMzantsi Afrika. Esisimemelelo siza emva kokuba elisebe lenze ugqogqo kwiinkampani ezimbini zokwakha nalapho lifumanise abemi bangaphandle abangamashumi amahlanu bengenazi mpepha zokuba kweli. Iinkampani zokwakha ayizizo zodwa ezijamelene nalengxaki yokuqeshwa kwabemi bangaphandle abangenazi mpepha. Ayabonga Kekana was in coversation with Deputy Director-General for Inspection and Enforcement Services, Aggy Moiloa.

View Details

Abasebenzi baseburhulumenteni nabangamalungu enkqubo ye-medical aid uGEMS abaxolanga sisigqibo sokunyuswa kwexabiso abalihlawulela ezi nkonzo ngomyinge ka-nine-point-eight percent ekhulwini. Iimanyano zabasebnzi angamalungu ka-GEMS kwiiveki eziphelileyo baye bangena ezitalatweni ngelivakalisa uluvo lokuchasa esi sigqibo. Yilonto sithe masimeme le medical aid scheme enkqubeni. Ayabonga Kekana uncokola noyi-Chief Operations Officer, kwa-GEMS uGqirha Vuyo Gqola…

View Details

Kubonakala ngokungathi uqhogwano lwakuba likhubalo imibutho yezopolitiko elusebenzisayo ukufuna impumelelo. Intlanganiso ebiphakathi kwe-EFF kunye ne-SACP ibonwa njengezele amaduna namathokazi yile mibutho. Injongo yayo ibikukushukuxa iindlela zentsebenziswano phakathi kwale mibutho nezineentsika zopolitiko eziyeleleneyo, nokuba ingasebenzisana njani kunyulo loomasipala oluzakubanjwa kulo nyaka. Nayo I-Action SA ifuna ukusebenzisana nemibutho emincici eneembono ezisondeleyo kwezayo. I-BOSA, iRise Mzansi kunye ne-GOOD PARTY nazo zingene kumtshato wokuzama ukwenyusa inkxaso yabo kolu nyulo luzayo.Ayabonga Kekana uncokola nmhlalutyi wezopolitiko uHlumelo Xaba...

View Details

Umbhodamo oqhambuke kwisikolo samabanga aphakamileyo iNdlovukazi kuKomani eMpuma Koloni, ubangele ukonzakala kwabafundi ababini ekuye kwanyanzekela ukuba babalekiselwe kwiziko lezempilo elikufuphi. Kukholeleka ukuba lo mlo wabafundi ngezikhali uphenjelelwa yimpixano yeelali aba bafundi abasuka kuzo iNdlovukazi, iLesseyton kunye kunye neZola. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe usihlalo webhodi elawula esa sikolo, u-Unathi Mlindazwe…

View Details

Ayaphokoka amazwi ovelwano emva kokusweleka kwenkokheli yombutho weCOPE, uMosiuoa Terror Lekota. uLekota uzalelwe kwidolophu yaseKroonstad eFreystata ngo1948. Ngo 1974 waye wabanjwa wavalelwa eRobben Island. Lo ka Lekota wayekhe wangusihlalo weANC. Ekuhambeni kwexesha wayinkulu baphathiswa yaseFreystata emva koko wangumphathiswa wesebe lezekhuselo ngethuba likamongameli uThabo Mbeki. Ngo-2008 waye waseka umbutho weCOPE eshiya iANC. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yezopolitiko, uGqirha Nkosikhulule Nyembezi, ukusabela ngomqela oshiywa nguloka Lekota...

View Details

Ikomishoni kazwelonke ejongene neemfuno zabathengi izakuzenzela olwayo uphando ngezixhobo ezisetyenziswa ngamanina xa esexexheni (Menstrual pads and Pantyliners). Bazakwenza oku emva kophando olwenziwe yiUniversity of Free State, nefumanise ukuba kukho umchiza ophazamisana nenkqubo yendalo yokuba sexesheni (Endocrine-disrupting chemicals). Eyonanto ibivezwa koluphando kukuphakamisa inkxalabo kubathengi nabasebenzisa ezimveliso.Ayabonga Kekana uncokola nothethela lekomishoni uPhetho Ntaba.

View Details

Kwiveki ephelileyo, iNkulu-baphathiswa yePhondo iMpuma-Koloni, uOscar Mabuyane, iwise intetho yobume bePhondo eBhisho. Kule ntetho uMabuyane ugxile kwimibandela eliqela, nequka oko kuphunyeziweyo kulawulo lwakhe, kwa nemingeni ejongene neli Phondo. Le ntetho iye yaqulatha imingeni ejongene nemo-ntlalo yoluNtu gabalala, efana nendlala, intswela-ngqesho , ulwaphulo-mthetho, nokuguga kweziseko ezingundoqo, phakathi kwezinye izinto. Ukuzama ukusityebisela banzi ngale Ntetho, emnxebeni sino Mphathiswa ojongene nezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko kwiPhondo iMpuma-Koloni, uSibulele Ngongo, nothunywe yi Nkulu-baphathiswa…

View Details

Umbutho ongenzi nzuzo kurhulumente nogxile kwimiba yophuhliso yeelwimi kumaziko ophuhliso lwabantwana abaselula eMzantsi Afrika, iFunda Wande, ubuyinxalenye yenkomfa ejongene nokusetyenziswa kolwimi lweenkobe kwizwekazi iAfrika, iAfrican Languages and literacies Conference, nebibanjelwe eACCRA, kwilizwe lase Ghana, kule veki. Lombutho kule nkomfa ubonakalise into enqabileyo ukuza nezisombululo endaweni yokuba kuxoxwe nje kuphela ngeengxaki ezithe mbende elicandelo lezemfundo. Ukanti ezinye iziphatha mandla ebezizimase lenkomfa ngamagosa aphuma kwicandelo lemfundo esisiseko kweli. Ukusabela banzi ngomsebenzi walo mbutho, emnxebeni uBaphilise Manduluka ubambe oligosa leenkqubo kwiFunda Wande, uSiwaphiwe Sibeko...

View Details

Icandelo lezolimo eMzantsi Afrika, iSouth African Agriculture, lizakubamba umsitho weembasa ozakuwonga amafama ngegalelo lawo kumsebenzi weemveliso zolimo kweli. ISouth African Agricultural Awards (SAAA), liqonga elibhiyozela wonke ubani onegalelo kwicandelo leemveliso zolimo, eziquka abaphandi nzulu, amafama noosomashishini, ukukhankanya nje abambalwa. ISAAA ithi lomsitho ayingomnyhadala nje kuphela, koko lithuba lokubalisa ngegalelo elenziwa ngabalimi. Ukusabela banzi ngezi mbasa, emnxebeni uBaphilise Manduluka ubambe umanejala kwiSouth African Agricultural Awards, uAyanda Mnguni...

View Details

Bube sesithatheni ubomi nomqela owashiywa ngongasekhoyo owayelitsha-ntliziyo elalinxamnye nengcinezelo, likwa ngumseki wombutho iPAC, uRobert Sobukhwe, kwisifundo sokumkhumbula ebesibanjwe kwiYunivesiti iNelson Mandela eGqeberha kwiMpuma Koloni. Esi sifundo, nebesibanjwe phantsi komxholo othi "Reading the Signs of Our Times: Enduring Legacy of Robert Sobukwe", besicubunga izinto awathi wazibhala, ubunkokheli bakhe nendlela yokuziphatha. Ingcali kwimiba yembali nomgaqo-nkqubo, uNjingalwazi Sipho Kondlo, iwise intetho ephambili kulo msitho. Lo msitho ufika ngexesha isizwe sivuselele ingqwalasela egxile kubomi bakhe, nalapho kutshanje idolophu iGraaff-Reinet kwiMpuma Koloni ithiywe ngokutsha ngegama likaSobukhwe, ngelokumnika imbeko. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguKim Daniels...

View Details

Inkulu baphathiswa yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane, ithi urhulumente weliphondo uzakwenza konke okusemandleni ukubuyisa imisebenzi eyi-32-thousand nelahleke kwikota yesine yonyaka ka2025, nethe yanegalelo ekonyukeni kweqondo lentswela ngqesho nelimi ku 42.5 percent sithetha nje. uMabuyane uthi bajonge ukufumana inkxaso kwicandelo labucala ngokubhekiselele kumba worhwebo kwakunye nakwimizi mveliso ebonakalise umdla ekuzeni neenguqu kwingxaki yokulahleka kwezithuba zengqesho. UMabuyane ebesenza intetho yobume bephondo kwindlu yowisomthetho eBhisho, kusasa namhlanje. UHlumisa Qabaka usenzela le ngxelo...

View Details

Usekela mongameli weANC, uPaul Mashatile, uthi ukuba kungavela ithuba lokuba azigqatsele ukukhokela lombutho, leyo yinto angayichasanga. UMashatile ebencokola nomhleli wezopolitiko eSABC uMzwandile Mbeje, bechaphazela imiba yokusiwa kweenkonzo eluntwini, oomasipala kwakunye nemiba yangaphakathi kwiANC. UVuyolwethu Mabeqa uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguZara Groenewald...

View Details

Ukuphucuka kuqokelelo lwengeniso kwenze ukuba urhulumente arhoxise ukwenyuka obekucwangcisiwe kwirhafu, nobekumashumi amabini eebillion zeerandi. Oku kuvele ngethuba umphathiswa wemicimbi yezemali, uEnoch Godongwana, ewisa uhlahlo-lwabiwomali lwalo nyaka epalamente ngenjikalanga yanamhlanje. Ingaba oku kuthetha ukuthini kumhlawuli werhafu weloMzantsi Afrika, kumakhaya nakumashishini ngokubanzi? Ukuhlalutya intetho kamphathiswa, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umhlalutyi wezoqoqosho, uGqirha Nkosikhulule Nyembezi...

View Details

Umfela-ndawonye wemibutho yabasebenzi, iCOSATU, uthi uxolile luhlahlo-lwabiwomali oluwiswe ngumphathiswa wemicimbi yezemali, uEnoch Godongwana, epalamente namhlanje. Nangona kunjalo, uthi eyona nto ongaxolanga yiyo kukungabikho mkhombandlela ucacileyo, ngokubhekiselele kumaqumrhu akwarhulumente, nasekuxhasweni kwee-arhente zonyanzeliso lomthetho, phakathi kwezinye izinto. Nanku umququzeleli we-COSATU epalamente, uMatthew Parks...

View Details

Isibhengezo sokuthunyelwa kwamajoni kumaphondo amathathu ukuncedisana namapolisa ukulwa ulwaphulo mthetho kwakunye namaqela oonqevu, kuze nezimvo ezahlukileyo. Ngelithuba abanye abahlali bebona oku njengethemba, abanye babuze ukuba ingaba oku kuzakwenzeka kusini na. Isebe lokhuselo nomkhosi lijamelene nengxaki yolwabiwo mali olungonelanga, kwakunye namajoni angonelanga ukuba angathunyelwa kwiindawo ezahlukileyo. Ngokwengxelo yeDefence Web, yi-27 percent yamajoni akwaziyo ukuthunyelwa kwimimandla eyahlukileyo. Ukuxoxa banzi lo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana uchophe nosekela-mphathiswa wezokhuselo, uGeneral Bantu Holomisa...

View Details

Owayesakuba yi Brigadier General yomkhosi wokhuselo weloMzantsi Afrika, iSADF, uthi inkqubo yokudibanisa umkhosi wokhuselo weli, imikhosi yamaphandle ayengoozimele geqe kwakunye nemikhosi eyayilwela inkululeko, yayiyinkqubo enzima kakhulu, kodwa yezisa ubumbano phakathi kwabo babeziintshaba edabini. UBrigadier General Abel Nelwamondo waseThohoyandou eLimpopo, ngomnye wabo babephambili ekuchithweni nasekuhlanganisweni kwale mikhosi, ze kwabunjwa umkhosi wokhuselo weloMzantsi Afrika omtsha ngonyaka ka-1994. UMzantsi Afrika ubhiyozela usuku olubizwa iArmed Forces Day namhlanje eThohoyandou. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguRudzani Tshivhase...

View Details

Imanyano yooTishala kweli iSADTU, imemelela ukuba iSouth African Council for Educators (SACE), irhoxise imali yobulungu yenyanga ekumele ihlawulwe ziititshala ezingasebenziyo. Le manyano ithi lomrhumo ubeka umthwalo onzima kubafundi abagqibe izifundo zabo kodwa bengafumani misebenzi. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni, uAyabonga Kekana ubambe ophuma kwi SADTU uXolani Dube...

View Details

Onqunyanyisiweyo njengosekela-mkomishinala wamapolisa uGeneral Shadrack Sibiya, uyaqhuba nokunika ubungqina kwikomishini yophando kaMadlanga ePitoli. USibiya utyholwa ngokuba nobudlelane nabatyholwa ngokubayinxalenye yomkhambathi woonqevu ongenelele kwinkonzo yesipolisa, u-Vusumuzi "CAT" Matlala kunye noKatiso "KT" Matlala. Izityholo ezivele phambi kwale komishoni zezokuba uMatlala kunye noMolefe banika uSibiya imali kuba befuna ukhuselo ekubanjweni kwimikhuba yabo yolwaphulo-mthetho. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli yeli jelo, uSibahle Motha…

View Details

Uphando olutsha olwenziwe liziko lemfundo ephakamileyo iUniversity of Free State, luveze inkxalabo enkulu engempilo ngokungqamene nezixhobo ezisetyenziswa ngamanina xa esexexheni (Menustual pads and Pantyliners), ezithengiswa eMzantsi Afrika. Iingcali zenzululwazi zifumanise ukuba i-pads kunye ne-pantyliners ezivavanyiweyo ziqulathe umchiza ophazamisana nenkqubo yendalo yokuba sexesheni (Endocrine-disrupting chemicals). Ngenxa yoku oluphando luphakamisa inkxalabo kubathengi nabasebenzisi bezimveliso ngokhuseleko lwazo, nempilo yabo. On the line now Ayabonga Kekana is joined by one of the Researchers at the UFS Chemistry Department, Prof Deon Visser...

View Details

Ngokweenkcukacha-manani ezikhutshwe liziko leenkcukacha-manani, iStats SA, iphondo iMpuma Koloni lelona phondo linelona qondo lixhomileyo le ntswela-ngqesho kweli, nelikumyinge ka 42.5%. Oku kudandalaziswe kwiinkcukacha-manani zekota yesine ka-2025 ezigxile kwezengqesho. Ngokwala manani, awona macandelo achaphazeleke kakhulu ngawezolimo, icandelo lezemali neleenkonzo zoluntu. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe othethela urhulumente wephondo, uKhuselwa Rantjie...

View Details

Usekela-mphathiswa weSebe lolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli, uDickson Masemola, uthi umthetho oyilwayo ongqamene noorhulumente benkazathi, iCoalition Bill ngolwasemzini, kufuneka uqukunjelwe ngokukhawuleza. UMasemola ugxininise ukubaluleka kokupasiswa kwalo mthetho uyilwayo kunyaka wokubanjwa konyulo, ukuze ube semthethweni khon' ukuze ube ngumkhombandlela koomasipala abalawulwa ngenkazathi. Lo mthetho uyilwayo ujoliswe ekwenzeni ukuba ulawulo ngenkazathi phakathi kwamaqela ezopolitiko luqamangele ngokomthetho, usazisa inani elifunekayo kwizihlalo zebhunga, kwaye unciphisa nenkqubo yesiphakamiso sokubonisa ukuphelelwa lithemba, phakathi kwezinye izinto. Lo mthetho uyilwayo ukwavumela usomlomo webhunga ukuba akwazi ukuqesha iqela elizimeleyo eliza kuqinisekisa ukunyaniseka kwesindululo sokukhutshwa kukasomlomo, umbhexeshi, usodolophu okanye isekela lika sodolophu kwi ofisi. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguZara Groenewald...

View Details

ISebe lezempilo kuzwelonke lithi ukukhutshwa kwesigonyo seenyanga ezintandathu, iLenacapavir, nesithintela intsholongwane ka gawulayo, kuzakwenziwa kumaphondo amathandathu phakathi kwenyanga kaTshazimpuzi ukuya kweyeSilimela kulo nyaka. Lamaphondo aquka uMntla Ntshona, iKwaZulu Natal, iGauteng, iMpumalanga, iMpuma Koloni kwakunye neNtshona Koloni. Kwintetho yakhe engobume besizwe, umongameli uCyril Ramaphosa ubhengeze ukuba urhulumente uzakubamba inkqubo yokuhanjiswa kwezigonyo zokuthintela iHIV. URamaphosa uthi le nkqubo iyinxalenye yeenzame zikarhulumente zokuthintela nokucutha le ntsholongwane. UAmanda Xhala uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguThabiso Moss...

View Details

Inkqubo yophando ngamatyala ekomishoni yenyaniso noxolelwaniso, iTRC, kumele iqwalasele owayesakuba yintloko yegunyabantu lezotshutshiso iNPA, uShamila Batohi, ngokusilela ukuthatha uxanduva lokutshutshisa kumatyala amayela nale komishoni. Oku kuvakaliswe ngowayesakuba ngumkomishinala walekomishoni uYasmin Sooka, kubungqina bakhe kwinkqubo yophando eqwalasela iinzame zokulibazisa uphando nokutshutshisa abo babandakanyekayo, neqhubayo eNewtown eRhawutini. Kusuku lwesihlanu lokuphulaphulwa kwezimvo zoluntu, uSooka ubenemibuzo ngendima yabo babesakuba ngoomongameli uThabo Mbeki noJacob Zuma, ngokuphathelene nokuqubisana nalamatyala wagxeka nokuba kungathathwanga manyathelo ngakwabo bebemele ukujongana notshutshiso. Ingxelo ka Busi Bopela siyenzelwa nguVuyolwethu Mabeqa...

View Details

Abazali besikolo samabanga aphantsi iNonkcampa eQonce, kulindeleke ukuba babambe uqhankqalazo namhlanje, bekhalaza ngokungaselwaso kwezikhalazo zabo liSebe lezemfundo kwiMpuma Koloni. Aba bazali bathi sele isisithuba esingangonyaka enye yeetitshala zesi sikolo ingasayi esikolweni, nto leyo ebeka imfundo yabantwana babo emngciphekweni. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe usihlalo webhodi elawula esi sikolo, uXolani Mei...

View Details

Bayalile ibheyile abatyholwa abathathu, abayanyaniswa nokubulawa komqhubi we e-hailing, kwinkundla kamantyi yasePitoli. Iingxelo zamapolisa ezingekagqibeleli zibonisa ukuba umtyholwa ubulewe yindoda nowasetyhini nabebebize esi sithuthi ngoLwesithathu weveki ephelileyo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga ubambe intatheli yeli jelo, uNonhlanhla Ntshingila...

View Details

Umbutho iDemocractic Alliance ubambe umgcelele namhlanje kuMasipala ombaxa iNelson Mandela bay, ngeenjongo zokumemelela ungenelelo ekulweni ubudlobongela nolwaphulo mthetho, eGqeberha eMpuma Koloni. Lo mgcelele ubanjwe ngaphandle kwesikhululo samapolisa sase Gelvendale. Abahlali kunye neenkokheli zoluntu kulindeleke ukuba babeyinxalenye yale ndibano. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli yeli jelo, uLubabalo Dada...

View Details

Ngokuhlwa nje kulindeleke umongameli wo-Mzantsi Afrika uCyril Ramaphosa enze intetho engobume belizwe, iState Of the Nation Address ePalamente eKapa. Phakathi kwezinto ekulindeleke azichaphazele kukuvezwa kwamathuba emisebenzi. Iqondo lentswela-ngqesho kweli limi kumyinge ka-31-point nine percent ekhulwini kwikota yesithathu kunyaka ka-2025. U Ayabonga Kekana ku 30 Munites Live ubambe udliwano ndlebe no Zanele Sabela othethela i COSATU

View Details

Abafundi besikolo iNdile Senior Primary kuNtabankulu eMpuma Koloni, bayekile ukuya eskolweni kule veki iphelileyo bekhalazela ukungabikho kwezithuthi zabafundi. Abazali bathi abantwana abakwiminyaka emihlanu ubudala bahamba iiyure ezimbini ngeenyawo, umgama okwiikhilomitha ezisixhenxe besiya esikolweni. Ukusabela ngoku, emnxebeni IuAyabonga Kekana ubambe othethela iSebe lezothutho kweli phondo, u-Unathi Binqose...

View Details

Imanyano yabasebenzi kwicandelo lemfundo i South African Childhood Development Teachers United, iye kwinkundla ephakamileyo yase Pitoli inyanzelisa ukuba kuqwalaselwe ukungalingani kwindlela yempatho kweetishala zika grade R kweli, nezinye zamanye amabanga. Lemanyano ibanga ngelithi iitishala zika grade R apha eMzantsi Afrika azifumani malungelo afanayo nalawo wezinye, zifumana imivuzo engaphantsi, azifumani namaqithiqithi athile athi afunyanwa zezinye iitishala. Umongameli walemanyano u Gqirha Bafana Langa uncokola nomsasazi wethu u Ayabonga Kekana ngoku.....

View Details

Ukombiwa kwemigodi ngumntu okanye liqela labantu eMzantsi Afrika, nababizwa amaxesha amaninzi ngokuba ziiZama Zama, akukho mthethweni, kuba kwenziwa ngabantu abangenazo iilayisenisi zokwenza lo msebenzi. Ukugrunjwa kwemigodi ngaba bantu kusoloko kusayanyaniswa nolwaphulomthetho, kuquka impilo yaba bombi-mgodi nokhuseleko lwabo, ifuthe loku kolusingqongileyo, ukusetyenziswa kwabantwana abaselula nodushe kolu shishino. Kuloko ikomishoni yamalungelo oluntu kweli, iSAHRC ngamafuphi, urhulumente kwanuye nabo bathabatha inxaxheba kulo mba, begqibe kwelokuba babambe uphando olugxile kumgqaqo-nkqubo ongqamene nokombiwa kwemigodi luluntu okanye amaqela abantu kweli, i-artisanal mining ngolwasemzini, ngelokuqinisekisa ukuba lwenziwa kulandelwa umthetho. Kule veki, le komishoni ibibambe umlenze wesibini wolu phando, nalapho ibikwafuna ukuqwalasela ukuba lingakanani na ifuthe loku kuluntu oluhlala kwiindawo ezinemigodi. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umkhomishinala ophuma kwikomishoni yamalungelo oluntu, uNomahlubi Khwinana...

View Details

Inkampani yakwaShoprite ivule ithuba lokuxhasa ngemali abafundi abazakwenza izifundo ezifana ne Retail Business Management, iAccounting phakathi kwezinye. Le bursary ihlawulela nezinye izidingo zabafundi kuquka indawo yokuhlala nokutya. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe okhokheleyo kwicandelo iEarly Careers and Talent Development kwaShoprite, uLungile Koti...

View Details

Ilungu lepalamente le DA u Diane Kohler Barnard, lilindeleke ukuba livele phambi kwekomiti yepalamente ephanda ungenelelo lwepolitiki namaqela oonqevu kwinkonzo yesipolisa. Oku kulandela izityholo ezenziwe ngumkomishinala wamapolisa ase KZN u General Nhlanhla Mkhwanazi, zokuba wadiza iinkcukacha ezifihlakeleyo zobuntlola. U Kohler Barnard uziphikile ezizityholo. Ukuvela kwakhe phambi kwalekomiti kungabangela intandabuzo ngakumalungu epalamente. Ayabonga Kekana uncokola nentatheli yeli jelo le ndaba u Abongwe Kobokana...

View Details

Inkampani yamagqwetha i-B Xulu & Partners Incorporated, ibhenele kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini ngelifuna ukuba le nkundla ibekele bucala isigqibo sikaMongameni Cyril Ramaphosa, sokuchonga u-Advocate Andy Mothibi njengentloko entsha yegunya-bantu lezotshutshiso, iNPA. UMothibi nobekhokela icandelo elikhethekileyo lophando iSIU, uchongwe ngumongameli kunyaka ophelileyo ukuba akhokele i-NPA, nanjengoko ixesha lika-Advocate Shamila Batohi kule ofisi lifikelele esiphelweni, emva kweminyaka elishumi exhuzula imikhala. UAyabonga Kekana emnxebeni uncokola nengcali yezomthetho, u-Advocate Asanda Bleki...

View Details

Isebe lezemisebenzi nengqesho likhuphe isimemelelo sokuba abantu bavakalise uluvo lwabo ngakwiinjongo zelisebe zokuba abasebenza kwicandelo lobugcisa bachazwe njengabasebenzi, endaweni yokuba babengabasebenzi abazimeleyo, i-Independent contractors ngolwasemzini. Ngokwezizicwangciso, amagcisa azakuxhamla nawo kwamanye amaqithi-qithi aye afunyanwe ngabanye abasebenzi kwamanye amacandelo. Ukuva banzi ngezizicwangciso, emnxebeni sibambe ongumlawuli wezonxibelelwano kwisebe u Thembinkosi Mkhaliphi

View Details

Umasipala wesithili i-Amathole eMpuma Koloni, ujamelene nomngeni wokunqongophala kwamanzi. Yilonto lo masipala ukhuphe isilumkiso kuluntu ukuba lusebenzise amanzi ngononophelo. Lo masipala obonenelela ngeenkonzo zamanzi nogutyulo koomasipala iGreat Kei, i-Amahlathi, iMbashe, iMnquma, iRaymond Mhlaba kunye-Ngqushwa, uthi oomasipala abane kwabathandathu banomngeni wokungabinamanzi oneleyo, nanjengoko umthamo wamanzi kumadama usehla. Ngo-2015 lo masipala wabhengezwa njengommandla owonganyelwe yimbalela. Ayabonga Kekana uncokola nothethela uMasipala uSisa Msiwa.

View Details

Acinyiwe kuluhlu lwamaziko emfundo ephakamileyo abucala, amaziko afana ne-City Varsity kwakunye ne-ICESA City Campus. Oku kusemva kokuba umphathiswa wesebe lemfundo ephakamileyo uButi Manamela wabhalela iDamelin, City Varsity kwakunye neICESA, efuna ingcaciso yokuba kutheni engenakuvalwa. Kuyavakala ukuba asilele ukufaka iinkcukacha ezifana nengxelo yesimo semali, iimpepha zerhafu, phakathi kwezinye iinkcukacha ebezidingeka. Ayabonga Kekana uncokole nomlawuli kwicala elijongene namaziko abucala kwisebele lemfundo ephakamileyo ugqirha Shaheeda Essack.

View Details

Intloko ye-Hawks KwaZulu-Natal uMajor-General Lesetja Senona, iyaqhuba nokunikeza ubungqina kwikomishoni kaMadlanga nephanda izityholo zorhwaphilizo, ungenelelo loomkhambathi woonqevu kunye nefuthe lezopolitiko kwinkqubo yokulwa ulwaphulo-mthetho nobulungisa kweli. Kubungqina bakhe izolo, uSenona unike ingcaciso ngobudlelane bakhe noVusumzi "Cat" Matlala, nangentlanganiso eyayiphakathi kukaMatlala kunye nomkomishinala wenkonzo yesipolisa KwaZulu-Natal, uGeneral Nhlanhla Mkhwanazi, ze wenza nezityholo zokuba uye wagrogriswa nguMkhwanazi. UAyabonga Kekana uncokola nentatheli yeli jelo elandela le komishoni, uSibahle Motha

View Details

The Constitutional Court declined to confirm an order of constitutional invalidity made by the High Court which declared Section 10(2) of the Recognition of Customary Marriages Act of 120 of 1998 unconstitutional. Ayabonga explored this section with legal experts, Advocate Asanda Bleki and Attorney Associate Vuyo Sobantu...

View Details

Ikomiti ejongene nezimbiwa epalamente ibambe utyelelo lokuhlola ifuthe lokombiwa ngokungekho mthethweni kwesanti, kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay. Oku kulandela izindululo ezaamkelwa yile komiti ngeyeNkanga kunyaka ophelileyo, nalapho yaphawula ukwanda kweziganeko zokombiwa ngokungekho mthethweni kwesanti kumaphondo iMpuma Koloni neKwaZulu-Natal. Ukuxoxa banzi ngalo mba, uAyabonga Kekana uncokole nosihlalo wekomiti yezimbiwa epalamente, uMikateko Mahlaule

View Details

Kukho ingqina elitsha namhlanje kwikomishoni kaMadlanga emva kokuba ibithathe ikhefu kwinyanga ephelileyo. Ingqina lokugqibela kulekomishoni kunyaka ephelileyo, yayingumphathiswa wamapolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu. Ngomhla wamashumi asixhenxe kwinyanga yoMnga, le komishoni yakhupha ingxelo yethutyana nanjengoko isigaba sokuqala sele sigqityiwe. Le komishoni yamiselwa ngumongameli uCyril Ramaphosa emva kokuba umkomishinala wamapolisa KwaZulu-Natal, uGeneral Nhlanhla Mkhwanazi, wabiza indibano noonondaba nalapho wenza izityholo ngolwaphulo mthetho olwenzeka ngaphakathi esipoliseni. Emnxebeni, uAyabonga Kekana ubambe intatheli elandela eli nqaku, uSibahle Motha...

View Details

Isebe lezemfundo eMpuma Koloni lingqinile ukuba ititshala yesithathu yesikolo samabanga aphantsi iNtabankulu, iswelekile. Oku kulandela isehlo sokudutyulwa kweetitshala ezimbini ngaphakathi kumasango esi sikolo izolo, waze umenzi wesisehlo wajongisa umpu kuye wazibulala. Kutyholwa ukuba umenzi woku, ebengusekela nqununu onqunyanyisiweyo. UAyabonga Kekana uncokole nentatheli yeSABC uFundiswa Mhlekude.

View Details

The Constitutional Court declined to confirm an order of constitutional invalidity made by the High Court which declared section 10(2) of the Recognition of Customary Marriages Act 120 of 1998 unconstitutional. Ayabonga Kekana speaks with legal expert Vuyo Sobantu.

View Details

Isebe lemicimbi yezekhaya libambe indibano yokufumana uluvo loluntu ekuqulunqweni kwephepha elihlahlela ukumiliselwa komgaqo-nkqubo olawula ukubhaliswa kobumi belizwe, ulawulo lwemithetho yabemi bamazwe angaphandle abakweli eMzantsi Afrika; kunye nokhuseleko lweembacu ezikweli, iDraft Revised White Paper on Citizenship, Immigration and Refugee Protection ngolwasemzini . . Eminye yemiba eli phepha elifuna ukuba ishukuxwe luluntu, kukubhaliswa kwabemi bamazwe angaphandle, ukunikwa ubumi bezwe kujongwe igalelo labo kuphuhliso loqoqosho, ingqesho kunye negalelo abanalo kwimo-ntlalo yeli. UAyabonga Kekana uncokole nothethela isebe lemicimbi yezekhaya uThulani Mavuso ecacisa ngeliphepha…

View Details

Uvela phambi kwekomiti yethutyana yasepalamente ephanda ngongenelelo lolwaphulomthetho, urhwaphilizo, nopolitiko kwinkonzo yezobulungisa, owayesakuba yintloko yonozikhalazo ngakumapolisa, i-IPID ngamafuphi, uRobert McBride. U-McBride ujamelene nezityholo eziliqela zokungaziphathi ngendlela, kwa nokusebenzisana nabantu abaquka umphandi wabucala, uPaul O'Sullivan, ukuba bangcolise igama lamagosa aphezulu athile esipoliseni, nafana nowayesakubambela nje ngomkhomishinala wamapolisa, uKhomotso Phahlane. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli yeli jelo epalamente, uMkhokheli Bandla...

View Details

Iyaqhuba indibano eliqonga lokunxibelelana kwamazwe, amashishini kunye nabatyali-mali ngeenjongo zokwakha ubudlelane boshishino, ukudalwa kwemisebenzi nophuhliso loqoqosho, iWorld Economic Forum eDavos eSwitzerland. UMzantsi Afrika lelinye lamazwe ayinxalenye yale ndibano kwaye lizakuzithengisa kakuhle nanjengoko liphumile kwi-Greylisting nebibonwa njengomngeni kutyalo-mali kweli. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yezoqoqosho, uNjingalwazi Bonke Dumisa…

View Details

The Buffalo City Metro in the Eastern Cape working with its law enforcement services and the South African Police Service have arrested about nine people linked to cable theft. As they conducted operations across the metro, they discovered an illegal scrapyard in Bisho fronting as a tavern. The municipality says the crime has a negative impact on service delivery. Ayabonga Kekana is in conversation with BCM's Safety and Law Head, Advocate Boniswa Mzimba...

View Details

Ngabantu abalishumi elinesihlanu eDebe Nek kwiMpuma Koloni abagwetywe isigwebo sobom ngamatyala amane okubulala, kwakunye neminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ngawokuthimba nodushe lwasesidlangalaleni. Ezi zigwebo ziza kuqhuba ngexesha elinye. Ngokomthetho, ukuthabathela umthetho ezandleni zakho, yinto engakhuthazwayo. Oku, abahlali kwakunye namaqonga opoliso asekuhlaleni, bathi ngamaxesha amaninzi bakwenza ngenxa yokuba belahlekelwe lithemba ngakwinkonzo yezobulungisa. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yezolwaphulomthetho, uGqirha Thompho Tshivhase.

View Details

Umphathiswa wentsebenziswano ngorhulumento uVelenkosini Hlabisa, ubhengeze imo yonxunguphalo kwazwelonke, emva kwezikhukhula ezintlithe amaphondo iLimpopo neMpumalanga. Ukuzakuthi ga ngoku, bangamashumi amathathu anesixhenxe abantu abathe basweleka kulamaphondo omabini, eMpumalanga bangamashumi amabini ngelithuba eLimpopo belishumi elinesixhenxe. Amakhaya adilikile, ibhulorho neendlela zikhukhulesikile kulamaphondo. UAyabonga Kekana uncokole noyintloko yeziko elijongene nolawulo lweentlekele kuzwelonke, ugqirha Bongani Sithole.

View Details

Inkqubo yemfundo ephakamileyo eMzantsi Afrika ijongene nengxaki yokuxinana kakhulu, ngenxa yezicelo ezingaphezulu kweendawo ezikhoyo. Amaziko emfundo ephakamileyo eli athi inani labantwana abaphumeleleyo nabanama nqaku oneleyo ukwamkwelwa eUniversity, lodlula umthamo okhoyo kwiUniversities nakwi TVET colleges. Isebe lemfundo ephakamileyo lithi lifumene izicelo ezingapha kwe 230 000 kulo nyaka. Amanda Xhala uncokola noyiCEO yeUniversities South Africa uGqirha Phethiwe Matutu...

View Details

Zivulwe ngokusesikweni izikolo namhlanje kumaphondo onke elizwe loMzantsi Afrika. ISebe lezemfundo kwiphondo iMpuma Koloni lithi likulungele ukuqhuba nonyaka wokufunda ka-2026. Nangona kunjalo, isekhona yona imingeni esathwaxa inkqubo yokufunda nokufundisa kwimimandla ethile, nequka ukugcwala ngokugqithisileyo kwamagumbi okufundela, ukungafumani ndawo zokufundela kwabafundi, kwakunye nongenelelo kwizikolo ezathwaxwa zizikhukhula zonyaka ophelileyo, phakathi kwezinye izinto. Ukuxoxa banzi ngalo mba, uAmanda Xhala ubambe emnxebeni othethela iSebe kwiphondo, uMalibongwe Mtima...

View Details

Abahlali kuMasipala ombaxa iBuffalo City basaqhubeka nokujongana nomngeni wokuqongophala kwamanzi, ukucima nokubuyiselwa kwawo rhoqo, kunye nenkxalabo enkulu ngomgangatho wamanzi aphuma kwiimpompo zamakhaya abo. Ezinye zendawo ebezethe zachaphazeleka ziquka iMonti, Mdantsane kunye neBhisho. Amanda Xhala uncokola noyintloko kwincandelo lwamanzi ngogutyulo kulo masipala uMkhuseli Nongogo (Hod for water and sanitation)

View Details

Ngonyaka ka-2021, ikomishoni ephanda, ilawule, ze ivavanye indlela amashishini awenza ngayo ushishino, iCompetition Commission, yapapasha imigaqonkqubo echaza ukuvunyelwa kwabazali ukuba bangathenga naphina iyunifomu yesikolo yabantwana babo, banganyanzeliswa zizikolo ukuba bathenge kwindawo enye kuphela. Oku kulandela izikhalazo, nalapho abazali babenyanzeleka ukuba bahlawule inkuntyula yemali ukuthenga iyunifomu ezikolweni okanye kwindawo leyo imiselwe sisikolo kuphela. Ukuxoxa banzi ngomgama osele uhanjwe yile komishoni ekuqinisekiseni ukuba oku kuyenzeka kusini na, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe oyi Senior Analyst kwiCompetition Commission, uSithabiso Buthelezi...

View Details

Balinde ngexhala noloyiko abafundi ebebebhala iimviwo zebanga leshumi kunyaka ophelileyo, njengoko bezakufumana iziphumo zabo ngomso. Ngokuhlwa namhlanje umphathiswa wesebe lezemfundo esisiseko uSiviwe Gwarube uzakubhengeza iziphumo zamaphondo nendlela isebe eliqhube ngayo kuzwelonke, kuwongwe nabafundi abaphumelele emagqabini. Sithe makhe sizame ukuthoba amaxhala nokoluleka abo basilindele ukuzibona kumaphepha-ndaba ngomso. On the line now our reporter, Amanda Xhala, is joined by SADAG Call Centre Manager, Tracy Feinstein...

View Details

I-ANC ibibambe umbhiyozo wokusekwa kwalo mbutho ngonyaka ka-1912, wokubugqiba iminyaka elikhulu elineshumi elinesine wasekwayo. Le mibhiyozo ibibanjelwe eRustenburg eMtla Ntshona, nalapho umongameli we-ANC uCyril Ramaphosa eye wavuma ukusilela kwalo mbutho kwinkqubo yonikezelo lweenkonzo nakulawulo koomasipala abaphantsi kobunkokheli beqela lakhe. Uye wabalula nendlela eli qela elijonge ukuzilungisa lizivuselele ngayo ukulungela unyulo loomasipala oluzakubanjwa kulo nyaka.. Kwintetho yakhe uRamaphosa ubalule imiba ephambili emithandathu nesizakuhlalutya yona apha enkqubeni namhlanje. Ayabonga Kekana uncokola nabahlalutyi bezopolitiko norhulumento, uDr Xolisile Ngumbela kunye noHlumelo Xaba...

View Details

Ikomishoni ejongene neemfuno zabathengi, iNational Consumer Commission, ibhengeze ukumiswa kokuthengiswa kwemveliso yobisi lweentsana iNestle NAN. Kwaye le komishoni ibongoza abathengi abasele bezithengile ezimveliso zobisi ukuba bazibuyisele kwiivenkile ebebezithenge kuzo. UAyabonga Kekana uthethe nophuma kule komishoni uPhetho Ntaba.

View Details

Iziko lengxowa-mali exhasa abafundi kumaziko emfundo ephakamileyo uNSFAS, libhengeze ukuqukumbela inkqubo yokwamkela izicelo zokuxhasa abafundi kunyaka ka-2026. Kwaye bonke abafundi abazakuxhamla kule ngxowa-mali kulo nyaka bangajonga ubume bezicelo zabo kwiqonga le-internet lika-NSFAS, besebenzisa iinkcukhaca zabo. Ayabonga Kekana uncokola nophuma kweliziko, uIshmael Mnisi..

View Details

Uzakuqala ukukhokela igunya bantu lezotshutshiso uAdvocate Andy Mothibi ngomhla wokuqala kweyoMdumba ( February). Umongameli uCyril Ramaphosa wonyule uAdvocate Mothibi njengentloko yegunya bantu lezotshutshiso, ntoleyo ebonwe njengesigqibo esothusayo. UAdv Mothibi ebengeyonxalenye yabagqatswa abathandathu abe behlelele udliwano ndlebe lwesi sikhundla. Ngokwangoku uMothibi yintloko yecandelo elikhethekileyo lophando. Ayabonga Kekana speaks with a senior lecturer in criminal law at the University of KwaZulu-Natal, Dr Suhayfa Bhamjee.

View Details

Isimo soxolo noxolelwaniso eMzantsi Afrika sisabonwa njengenkqubo esaqhubayo enobuzaza nesele ikwazile ukuzisa uxolo nokuhlalelana, kodwa isajamelene nemingeni yonkungalingani nezinye iingxaki ezingeka sonjululwa zexesha localucalulo. Namhlanje kwinkqubo yakho u NewsReview sithi makhe siqwalasele esisimo soxolelwaniso eMzantsi Afrika, nalapho sinenjongo yokuphonononga imiba eliqela ekuquka kuyo impumelelo nenkqubela esele yenziwe, imingeni, nendlela emiliselwe ngayo lenkqubo eMzantsi Afrika. u Ayabonga Kekana wenze udliwano ndlebe nomhlalutyi wezopolitiko u Sandile Swana....

View Details

Umbutho wamagqwetha i-Black Lawyers Association, uyasixhasa isimemelelo sika mphathiswa wesebe lezobulungisa uMmamoloko Kubayi, sokuba ibesisinyanzelo ukuba kuqhutywe uphicotho lwendlela yokuphila kwabatshutshisi (lifestyle audit ngelasemzinni). UKubayi unenkolelo yokuba olu phicotho luyakwenza indima eyiyo ekukhuseleni intembeko nesidima kumsebenzi wenkqubo yezobulungisa kweli. Ayabonga Kekana ubambe udliwanondlebe umongameli walombutho, uNkosana Francois Mvundlela…

View Details

Nanjengoko kuqala unyaka omtsha wezemfundo, amawaka abafundi abaxhaswa yi-NSFAS azifumana enamatyala angakwazi ukuwahlawula. Uninzi lwabo babane ngxaki zokubhalisa ngenxa yalamatyala, nto leyo eye inyanzelise abanye ukuba bayeke phakathi izifundo zabo. Nabo basele begqibile ngezifundo zabo bakhangela imisebenzi bayachaphazeleka, njengoko amaziko ebamba iziqinisekiso zemfundo zabo ngenxa yamatyala angahlawulwanga, oku kwenza kunzima ukuba bafumane imisebenzi. Ayabonga Kekana uncokola nophuma kumbutho wabafundi i-SAUS, uBuhle Mchunu...

View Details

Kulindeleke avele enkundleni eNew York eMelika namhlanje umongameli waseVenezuala, uNicolas Maduro, emva kokubanjwa ngumkhosi waseMelika. NgoLwesihlanu kuye kwahlaselwa ikomkhulu laseVenezuala nalapho abanjwe khona uMaduro nenkosikazi yakhe uCelia Flores. Bajamelene namatyala okushishina ngeziyobisi nezixhobo. Sele kulithuba ubudlelane beMelika neVenezuala bungebuhlanga. Ilizwe loMzantsi Afrika liye lamemelela ukubanjwa kwentlanganiso ekhawulezileyo yi-United Nations Security Council ngelithi ilizwe laseMelika linyhashe isibhambathiso samazwe ayinxalenye yeUnited Nations. UAyabonga Kekana uncokole nengcali yemiba yamazwe angaphandle ugqirha Mkhuseli Vimba.

View Details

Amanani anayukayo okukhulelwa kwabantwana eMzantsi Afrika aphinde amamelela ukuthathwa koxanduva ziindawo zoluntu ekukhalimeleni amadoda amadala aye alale nabantwana, nokuba uluntu lufundise abantwana ngemiphumela yokwabelana ngesondo kwiminyaka eselula. UAyabonga Kekana uncokole nengcali ngemo yentlalo, uNjingalwazi Jabulani Kheswa…

View Details

Kuvulwe idokhethi lophando phantsi komthetho iContravention of the National Liquor Act 59 yonyaka ka-2003, kulandela ushicilelo oluye lwathi ndii kumakhasi onxibelelwano nalapho lubonisa abantwana bethe qhiwu iibhotile zotywala, bambi bezisela. Aba bantwana kukholeleka ukuba baphakathi kweminyaka emithathandu nelishumi elinambini ubudala. Eyona nto edale isankxwe ngamandla kukuba ababantwana babonakala oku bekwenza phakathi kwabantu abadala nekungenzeka ukuba abanye ngabazali babo. Emva kwesi sankxwe umphathiswa wesebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni uBukiwe Fanta, uye wathumela oonontlalo-ntle kummandla waseNgqamakhwe apho kukholeleka ukuba oku kwenzeke khona. Kungoku nje uphando lwamapolisa luyaqhuba. Sithe apha enkqubeni masifumane ilizwi eliphuma kwibhodi elawula iindawo zoshishino ngotywala nekwayiyo ethi iwise imithetho ngokusebenza kwezi ndawo apha ephondweni, i-Eastern Cape Liquor Board, uGqirha Mgwebi Msiya…

View Details

Unyaka ka-2025 ibe ngunyana obe neziganeko ezisematheni nezitshis' ibunzi kupolitiko, imontlalo noqoqosho lwelizwe loMzantsi Afrika. Eli lizwe libone ukwehla kweqondo lenzala kwimali-mboleko izihlandlo eziliqela, ukukhutshwa kweli kuluhlu lwamazwe axhasa ngemali izenzo zobunqolobi, igreylisting ngolwasemzini. Singayilibala njani inkomfa yamajelo eendaba engundaba-mlonyeni yangomhla wesithandathu kuJune walo nyaka, yomkhomishinala wamapolisa kwiphondo iKwaZulu-Natal, uLt General Nhlanhla Mkhwanazi, nemiphumela yayo, nalapho wathi wenza izityholo zongenelelo loonqevu, oosopolitiki norhwaphilizo kwinkonzo yesipolisa nakwinkqubo yezobulungisa? Koloko ke sigqibe kwelokuba kwinkqubo-ndaba yakho namhlanje makhe sikukhumbuze ngamanye ala manqaku aye adala isankxwe kwisizwe siphela. Ukuxoxa banzi ngale miba neminye, sakuthi sithethe neentatheli zeli jelo ezahlukileyo, uZalene Merrington, uSibahle Motha, uAbongile Jantjies, uSisipho Ngcumbe, uMonwabisi Jimlongo wezemidlalo, ze kamva sibenaye nomhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Mkhuseli Vimba. Masiqale ngentatheli yeli jelo epalamente, nebilandela iintshukumo zekomiti yexeshana, neyathi yasekwa, ngeenjongo zokuphanda ngezi zityholo zikaMkhwanazi. On the line now we are joined by our reporter, Zalene Merrington...

View Details

Nanjengoko ulutsha ilolona luyinxenye enkulu yabavoti beloMzantsi Afrika, zisaqhuba zona iinkxalabo ngokwehla kwentatho-nxaxheba yalo kuvoto, nanjengoko kusiyiwa kunyulo loomasipala lonyaka ozayo. Imibutho yolutsha imi kwelokuba yenza ukuba imigaqo neenkqubo zayo ithethe ngqo neemfuno zabavoti. Noxa kunjalo, abahlalutyi balumkisa ngelithi ukungabikho konxibelelwano phakathi kokuthethwa ngoosopolitiki, kwakunye noko kuphilwa luluntu imihla ngemihla, kuko okudala ukuba abantu abatsha bangabi namdla wokuvota. UZara Groenewald usenzele le ngxelo...

View Details

Lo nyaka ubonakalise ukuba ngowona nyaka unzima kakhulu kunxantathu okhokelwa yi- ANC. Ubudlelane obuyimbali beminyaka bungaqhekeka, nalapho umbutho wamakomanisi, iSACP, ufunge ngokuthatha inxaxheba ngokuzimeleyo kunyulo lorhulumente basekhaya ngonyaka ka-2026, nakwezinye iinkqubo zonyulo ezilandelayo. Emva kweendibano ezininzi nogxa wawo kunxantathu, iANC, amakomanisi amile kwelokuba afuna ulawulo lombuso, emva kokusilela kwawo ukubonisa iANC ukuba afuna kwenziwe iinguqu kunxantathu. Intatheli yedesika yezoPolitiko eSABC, uNtlantla Kgatlhane, ujonga ukuba uqhube njani lo nyaka kunxathathu okhokelwa yi-ANC, kule ngxelo siyiphathelwe nguBabalwa Mtengenya..

View Details

Minyaka le, ukuqala kwexesha lolwaluko kwiMpuma Koloni kuvusa inkxalabo malunga nokusweleka kwabakhwetha ngeli xesha. Nangona eli siko libalulekile kwinkcubeko yoluntu, ukusweleka kwabantwana kuyaqhuba kuphakamisa imibuzo ngokuthotyelwa kwesiko, kube kwangaxeshanye kukhuselwa abantwana abathath' inxaxheba kweli siko. Ukuncokola ngokulinganisa phakathi (BALANCE) kokugcinwa kwenkcubeko, nelungelo lobomi, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ongumphandi, uYanga Funani...

View Details

Ubuchwepheshe obukwinqanaba eliphezulu nolwaziwa njenge-Artificial Intelligence ngolwasemzini busebenza ngokubalulekileyo ngokumandla kwiindawo zengqesho. Olu hlobo lobuchwepheshe lunegalelo elibaluleke kakhulu kwiinkampani ekuphuculeni umsebenzi wazo ubengcono, kwaye luza nenguqu kuhlobo lokwenza izinto. Nangona kunjalo, obu buchwepheshe bubonwa njengomngcipheko onokukhokhelela ekulahlekeni kwemisebenzi nokudodobalisa ukucinga nokusiphula-umthetho. UAyabonga Kekana uncokola nengcali kwezo buchwepheshe uSiphumelele Zondi..

View Details

Iqonga lonxibelelwano uWhatsApp sele lisetyenziswa kwiindawo zentsebenzo njengeqonga lonxibebelelwano, phakathi kwabasebenzi. Abaphathi baye basebenzise ii-WhatsApp Groups ukukhupha imiyalelo kubasebenzi. Ezi groups zikwasetyenziswa njengeqonga lokwenza izazizo zomsebenzi. Unxibelelwano ku-WhatsApp lubonwa njengolulula nolukhawulezileyo xa kuthelekiswa nezinye iindlela zonxibelelwano, ezifana neminxeba okanye ii-emails. Nangona kunjalo, ezinye iindawo zengqesho azinayo imigaqo-nkqubo elawula eli qonga neyinika ingqwalasela ngokusesikweni njengeqonga lonxibelelwano emsebenzini. Kuye kwenzeke ntoni xa umyalelo okhutshwe kweli qonga ungalandelwa? UAyabonga Kekana uncokola nengcali kwimiba yezengqesho uThato Mxo.

View Details

Uhola wendlela uN10, nosuka eNanaga kufutshane naseGqeberha, uyokutsho kumda odibanisa eli loMzantsi Afrika neNamibia, ube nothotho lweengozi zendlela ezibandakanya izigadla kuwo wonke lo nyaka. Ingozi yakutshanje yeyesigadla esigraye izithuthi eziliqela ngethuba izama ukugqitha esinye, ngozi leyo ekhokelele ekuswelekeni komntu omnye. Ziliqela iintshukumo ezibekelwe ukubeka esweni abaqhubi bezigadla. Noko kunjalo, la hola wendlela usaqhuba ubeka ubomi babantu beli emngciphekweni, nalapho kuye kwaphawulwa nabaqhubi abaqhuba bephantsi kweempembelelo zotywala. UNandipha Plaatjie uza nengxelo...

View Details

Abanye abazali baye bafake imifanekiso, noshicilelo lweevidiyo kunye neenkcukacha zabantwana babo kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook, Instagram kunye noTikTok. Bambi bathi oku bakwenza ukugcina iinkumbulo zokukhula kwabantwana babo, ngethuba abanye besithi baye basebenzise la maqonga ukuphuhlisa iitalente zabantwana babo. Nangona oku kubonwa njengokulungileyo kodwa ngokomthetho kungabe kunyhasha amalungelo omntwana, afana nokunikeza imvume ukuba imifanekiso yabo ifakwe kumakhasi onxibelelwano ngaphandle kwemvume yabo, ukupapashwa kobomi babo ngaphandle kwemvume yabo, nokubeka ubomi babo emngciphekweni. Amakhasi onxibelelwano asetyenziswa kakhulu ngoonqevu ukuxhwila abantwana ngeenjongo zoshishino nokubaxhaphaza ngokwesondo. Masincokole ngamalungelo abantwana kule meko. UAyabonga Kekana uncokole negqwetha lamalungelo oluntu, uZukiswa Mqakanya

View Details

Isebe elijongene namashishini asakhulayo lizakubamba iinkqubo zokuthetha-thethana eMthatha, malunga nengxowa yenkxaso mali ebizwa Inyamazane, neyinkqubo ephantsi kwe Small Enterprise Development & Finance Agency (SEDFA). Le nkqubo imiselwe ukuxhasa amashishini aphantsi kwamagqala omkhosi. Ezi zingxoxo zokuqala zokuzama ukuvuselela lengxowa ukuze kuncedakale lamagqala omkhosi. UAyabonga Kekani uncokola nophuma kwi-SEDFA noyi-Chief Investment Officer, uRichard Manzini.

View Details

Iphiko lolutsha kwiANC lithi lilindele ukuba ibeyimpumelelo inkomfa yamashumi amabini anesixhenxe kazwelonke, nengazukuphikiswa. Eliphiko lolutsha libhengeze abagqatswa balo abathandathu abachongiweyo. Le nkomfa izakubanjelwa kwiziko le mfundo iUniversity of Limpopo, kwi Mpuma yasePolokwane. Inkokheli yabantu abatsha, uCollen Malatji, kulindeleke ukuba aphinde onyulwe njengomongameli, kwakunye noTsakani Shivity ophakanyiswe njengonobhala jikelele. UMalatji uthethe nabeendaba ngokulungela kwabo ukusingatha le nkomfa. Umongameli weANC, uCyril Ramaphosa, ulindeleke ukuba yena athethe nabathunywa. Ngabathunywa abangamawaka amabini anamakhulu amathandathu (2600) abalindeleke bathathe inxaxheba kule nkomfa. Masive nanku uAmanda Xhala, kwingxelo esiyilungiselelwe ngu-Avhapfanu Munyai...

View Details

Kwiveki esiphuma kuyo, umbutho we-ANC ububambe intlanganiso yebhunga likazwelonke lalo mbutho, iNGC ngamafuphi. Le ntlanganiso, nebanjwa phakathi kweenkomfa, iqwalasele imiba eliqela, nequka ukuzigocagoca kwalo mbutho, kulandela ukubethwa kwawo kunyulo lukazwelonke lonyaka ophelileyo, ukuhlengahlengiswa komgaqo-nkqubo walo mbutho, kuquka nomgaqo-siseko wawo. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ilungu leqoqo lolawulo kwi-ANC, uMzwandile Masina. Ukanti apha estudio sinomhlalutyi wezopolitiko, uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast...

View Details

Ukuya kwamakhwenkwe esuthwini lisiko elibaluleke kakhulu kwaXhosa. Iba yimincili kwiintsapho nezihlobo, kuguywe, kubhiyozwe kubemnandi. Noxa kunjalo, kwamanye amakhaya iba yintlungu kuba engazi ukuba aza kudibanisa ntoni nantoni ukuze unyana wekhaya elo aye entabeni abuye, ze amkelwe ngemibhiyozo. Kungeso sizathu ke umbutho iSakhisizwe School of Tradition, Culture, Leadership, and Excellence, neyiyinkqubo ephantsi kwe-Eastern Cape Men's Movement, igqibe kwelokuba ingenelele, ze incedise ngokuthi icele amalizo kwabo banakho ukuphosa nokuba yintonina, khon' ukuze amakhwenkwe alishumi elinesithandathu, nangabakhwetha sithethanje, afumane uncedo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni siqhagamishelana nosihlalo walo mbutho, uJongi Hoza...

View Details

Kuhlalutyo lwencwadi, namhlanje sihlalutya incwadi esihloko sithi: The Beauty and Battle of a Single Mom, nebhalwe ngu Wendy Figlan. Le ncwadi iphehlelelwe kwiveki ephelileyo eKhayelitsha, eKapa kwiNtshona Koloni. Nje ngomama okhulisa umntwana eyedwa, uFiglan kule ncwadi ubalisa ngokuphola kwamanxeba asemphefumlweni, ukuthanda ngokungazenzisiyo nokuzixolela, ze uphinde ube namaphupha kwakho. Ukuva banzi ngengxam yale ncwadi, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umbhali wayo, uWendy Figlan...

View Details

Ingena kusuku lwesibini namhlanje inkomfa yePAC, nalapho kulindeleke ukuba yenyule iinkokheli ezintsha zala mbutho. Ukanti namhlanje kulindeleke ukuba umongameli wala mbutho, uMzwanele Nyhontso, awise ingxelo kamongameli egxile kumbutho. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe unondyebo walo mbutho kuzwelonke, uJaki Seroke...

View Details

Iziko leenkcukacha-manani, iStats SA, izolo likhuphe ingxelo ngeqondo lendlala eMzantsi Afrika. Le ngxelo ijonga utshintsho kwiqondo lentlupheko phakathi kweminyaka u2006 no-2023, inika ingqwalasela kumaphondo ohlukileyo, kunye nangokwehluka kweentlanga kweli. To discuss more of this, on the line Ayabonga Kekana is joined by the Acting Deputy Director-General responsible for Population and Social Statistics at Stats SA, Mr. Solly Molayi...

View Details

I-Arhente yesibonelelo sendodla, uSASSA, uphawule imiyalezo ethe ndii kumakhasi onxibelelwano ngeenkcukacha ezingachanekanga nezilahlekisayo malunga nenkqubo yokwenziwa kwesiqinisekiso sokuphila kwabaxhamli, nenziwa yile arhente ukuqinisekisa abaxhamli bayo. Iinkcukacha ezikumakhasi onxibelelwano zithi njengokuba iqhuba le nkqubo, ziza kunqunyanyiswa izibonelelo. Kodwa ukuba sicaciselwe ngale nkqubo, emnxebeni uAmanlda Xhala ubambe umanejala ophezulu kwicandelo lonxibelelwano kwaSASSA eMpuma Koloni, uTabisa Nondwayi...

View Details

Onke amalungu eANC aselungelweni kufanele ukuba avotele umongameli walo mbutho, ngokunxamnye nangaphambili, apho ibiba ngabathunywa abangamawaka amane kwiinkomfa zonyulo kuphela abenza njalo. Oku kwakwenzeka kuphela ukuba inkomfa kazwelonke ye-ANC iyakwamkela oku, kuquka nezindululo ezigxile kwimigaqo-nkqubo yalo mbutho, kwa nohlengahlengiso kumgaqo-siseko wombutho. Oku kuvele kwintlanganiso yesihlanu yebhunga leANC kuzwelonke, iNGC. Le ntlanganiso, nequkunjelwayo namhlanje, iza kubona utshintsho kwimigaqo-nkqubo elishumi elinesibini equlathwe kumgaqo-siseko we-ANC, kwakunye neminye eliqela endululwayo kumgaqo-siseko welizwe loMzantsi Afrika. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguNtebo Mokobo...

View Details

Sizise iinguqu kupolitiko isigqibo sepalamente sokuseka ikomiti entsha eza kuqwalasela imiba ye-ofisi kamongameli. Oku kuphawula isiqalo ekubeni amalungu epalamente abe neqela elisekelwe ukuthabathisa uxanduva umongameli nosekela-mongameli, ngomsebenzi wabo. I-ofisi kamongameli buqu ilamkele eli nyathelo, nalapho usekela-mongameli uPaul Mashatile athi yena noMongameli uCyril Ramaphosa bakulungele ukuhlolwa komsebenzi wabo, ze baphendule nayiphina imibuzo esuka kumalungu epalamente, nebonwa nje ngesemdleni woluntu. Imibutho yezopolitiko eyahlukileyo iyalixhasa eli nyathelo lokusekwa kwale komiti, ngelithi linyathelo ebekufanele ukuba kudala lathatyathwa, ngokubhekiselele ekomelezeni intatho-xanduva kwi-ofisi kamongameli. UMkhokeli Bandla uza nengxelo...

View Details

Iqale ngolonwabu ikomiti yethutyana yasepalamente, nesekelwe ukuphanda ngenkxalabo ngokhuseleko lwesizwe, kodwa ithe apho iqale khona yatyelela nkqu kwintolongo enokhuseleko oluluqilima ePitoli. Le komiti yasekwa yipalamente ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyeKhala, emva kwenkomfa yamajelo eendaba eyayibanjwe ngumkhomishinala wamapolisa kwiphondo iKwaZulu-Natal, uLt General Nhlanhla Mkhwanazi, kwangaloo nyanga. UMkhwanazi wenza izityholo zongenelelo lolwaphulomthetho, urhwaphilizo nopolitiko kwinkqubo yezobulungisa, zityholo ezo ezibandakanya amanye amagosa aphezulu kwinkonzo yesipolisa, kuquka nomphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu osele ebekwe kwikhefu elikhethekileyo sithethanje. UZalene Merrington uqwalasela ezinye zezinto eziye zaphambili kule komiti, kule ngxelo siyiphathelwe nguZukiswa Tshume...

View Details

Sibone amaphulo aliqela alumkisa ngokubanjwa kwemijuxuzo eyaziwa ngePens Down, kwiindawo ezahlukileyo kweli. Isebe lemfundo, imibutho engafumani nkxaso kurhulumente, noluntu ngokubanzi, bamenyelela ulonwabo olungenatywala nanjengoko abafundi begqibile ukubhala. ENelson Mandela Bay, bekubanjwe umsitho wePens Down nalapho bekukho izinto zokuzinwabisa kungekho tywala ngenzame zokuphelisa lomkhuba. Uyakusikhumbula isehlo saseEnyobeni nalapho kwasweleka abantwana abayi 21 ngonyaka ka2022. Namhlanje, sithe masixoxe ngomba wokusetyenziswa kotywala, ingaba busetyenzisa ngelixesha kuphela okanye sinengxaki yabantwana abasela utywala. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ugqirha ojongene noxinizelelo lwengqondo nomphedumlo uNjingalwazi Jabulani Kheswa, kwakunye nomsunguli wephulo elibizwa i #ungazibulali matric campaign, uGqirha Sanele Gamede...

View Details

Usekela mphathiswa wesebe lolawulo ngobambiswano nemicimbi yemveli, uPrince Zolile Burns-Ncamashe, ugxininise isidingo sentsebenziswano yehlabathi ukuqinisekisa ukuba amazwe anako ukumelana neentlekele ezinkulu zendalo. Uvakalise oku ngethuba esenza intetho ngosuku lokugqibela lendibano yelizwekazi i Afrika libambisene ne Europe, ebishukuxa amaqhinga okusabela kwiintlekele zendalo( iAfrica-Europe-Middle East Earthquake Response Exercise) eGqeberha kwiphondo iMpuma Koloni. Le ndibano ihlanganise amagosa ajongene nentlekele, amaqela ohlangulo, kunye nemibutho yesisa ephuma kwihlabathi, ukuhlola nokuqinisa uMzantsi Afrika ukuze ubenokulungela ukuqubisana neentlekele ezinkulu zendalo. Masive ngokubanzi kuSisipho Ngcumbe...

View Details

Kubonakala ngathi ibeyi mpumelelo kulonyaka iBlack friday, nalapho umzuzu ngamnye kuthengwe amatyeli angapha kwamakhulu asithoba (900) ngosuku lweBlack Friday, ze kwathengwa amatyeli angamakhulu asixhenxe (700) ngomzuzu kwiCyber Monday. Ngokokutsho kwecandelo elijongene neentlawulo iPayInc, oku kubonakalisa ukusetyenziswa kakhulu kwemali ngelixesha. Inkampani ye insurance iVouch.co.za, ithi iintlawulo zenyanga yeNkanga zonyuke nge 15% xa kuthelekiswa nabanye oonyaka. Masive kwingxelo ka Nothando Magudulela...

View Details

Isebe lorhulumento ngentsebenziswano, lichonge iqela labantu abalishumi abazakujongana nendlela yokuziphatha kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni ukuqinisa ulawulo, ukulungisa iinkqubo ezisilelayo lincedise nokuvuselela uhanjiso lweenkonzo. Olungenelelo luza njengokuba unondyebo weli egrogrise ngokubamba isixa-mali esingange 546 million randi eyabelwe lomasipala, ngaphandle kokuba lo masipala uthatha amanyathelo ngemali engaphezulu kwe 30billion randi kwinkcitho engafanelekanga esele kudala isenzeka. UNandipha Plaatjie usenzele le ngxelo...

View Details

Isebe lezothutho eMpuma Koloni lisebenzisana nelezempilo, lisungula iphulo lexesha leziyunguma lika fika uphila kuKomani. Amagosa ezendlela azakunikezwa izithuthi ezintsha ezingamashumi amathathu anesithandathu, ngelinge lokuqinisekisa ukuba ayabonakala ukuqinisekisa ukhuseleko ezindleleni. Kwisithuba nje saleveki idlulileyo, sele bebahlanu abantu ababhubhe ezindleleni, kwabanjwa abangamashumi asixhenxe ngokuqhuba phantsi kweempembelelo zotywala. Ukuncokola banzi ngeliphulo, Ayabonga Kekana uncokola nothethela isebe lezothutho apha ephondweni u Unathi Binqose......

View Details

ISebe lamagqala omkhosi libambe inkqubo kwisizwe siphela sokukhangela abo bangamagqala omkhosi, nabangasawafumaniyo amaqithiqithi ebekufanele ukuba baxhamla kuwo. Le nkqubo ikwaqulathe ukucocwa koluhlu lwabo, kususwe abo baxhamla ngobuqhetseba kwiSebe. Iqela elityunjwe ngumongameli elichongelwe ukubumba olu luhlu lwamagqala omkhosi, ukuqinisekisa ukuba kukho abantu abafanele ukuba kulo ngokwenene, ukucoca olu luhlu kwa nokomeleza umsebenzi wamagosa eli qela, sithethanje likuMntla Koloni isithuba esingangeeveki ezimbini ngelokukhangela amajoni angaqukwanga kolu luhlu. UZukiswa Tshume uza nengxelo kaKarabo Siyoko...

View Details

Kubanjwe oonogada ababini baka Katiso KT Molefe nongumtyholwa kwityala lobulala. Oku kwenzeke kwinkundla kamantyi yaseAlexandra eRhawutini. UMolefe kwakunye nesithathu atyholwa naso, bavele okwethutyana enkundleni phambi kokuba ityala labo lithunyelwe kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini. UMolefe utyholwa ngokuba ngungqongqondo wokuqesha iinkabi zibulale abantu ekunye natyholwa nabo. Lamatyala aquka ukubulawa kwenjineli uArmand Swart, uOupa Sefoka nowaziwa ngoDJ Sumbody, uHector Buthelezi nowaziwa ngoDJ Vintos kwakunye nosomashishini, uDon Tindleni. UVuyolwethu Mabeqa ukwenzele le ngxelo kaSashin Naidoo...

View Details

Usihlalo we ANC eMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uzibhebhethile iingxelo zokuba ufuna ithuba lesithathu njengosihlalo wephondo nokuba sithetha nje wenza iinzame zokuba kwisikhundla esiphezulu salo mbutho kuzwelonke, xa kubanjwe unyulo lukazwelonke ngo2027. Uthi uyakuzicinga ezimbono xa kufike ixesha. UMabuyane ebethetha nejelo leSABC ngethuba lentlanganiso yebhunga lalombutho ephondweni, ngaphambi kwentlanganiso yesihlanu yebhunga kuzwelonke, nezakubanjwa ngoMvulo eBoksburg. UHlumisa Qabaka usenzele le ngxelo

View Details

Ibhunga lamadoda oMzantsi Afrika liqalisa iphulo elizakunceda abantu abangootata abangaphangeliyo, ukwenza isimo sibengcono kwelixesha leziyunguma. Eliphulo libizwa "Support a Man in Need- Restore a Family, Rebuild a Nation". Elibhunga limemelela oosomashishini, amaziko ohlukileyo nabantu abanokukwazi ukuxhasa ukuba bafake isandla ekuncedeni ootata ngelixesha. Lilindeleke ukuba lifikelele kuwo onke amaphondo woMzantsi Afrika eliphulo. Ayabonga Kekana uncokola nomongameli we Mens Council of South Africa, u Fikile Dyantyi......

View Details

Isebe lezempilo eMpuma Koloni lithi ukufuduka kwabantu besuka kwezinye izixeko besiya kwezinye, kusengumngeni ekuqinisekiseni ukuba abantu abanentsholongwane kagawulayo bafumana amachiza abo ngalolonke ixesha kweli phondo. Eliphondo liphawule usuku oluqwalasela ugawulayo kwihlabathi jikelele, kwaZakhele eGqeberha. Ngokokwengxelo esuka kwelisebe, ngabantu abasondele kwikhulu lamawaka namashumi amane anesibhozo abaphila nale ntsholongwane nabazaziyo, kodwa bengawasebenzisi amachiza okuyithomalalisa. Isebe lithi liphehlelele amaphulo amabini azakugxila ekubeni kungenwe umzi nomzi ukuze kufikelelwe ebantwini abangatyi mayeza. UNtombozuko Balintulo usenzele le ngxelo...

View Details

Umhla wesithathu kweyeNkanga, ukuyakuthi ga kowesithathu kweyoMnga, qho ngonyaka, uMzantsi Afrika uphawula inyanga ebekelwe bucala ukunika ingqwalasela, nokubhiyozela amalungelo abantu abanokhubazeko, i-Disability Rights Awareness Month ngolwasemzini. Ukhubazeko lwenzeka esazalwa umntwana, kodwa ngamanye amaxesha umntu ulufumana ngexa esakhula, okanye ekukhuleni kwakhe. Le nyanga ke inika ithuba kuthi sonke ukuba sisuse imiqobo ebangela ukuba abantu abanokhubazeko bangawangcamli ngokupheleleyo amalungelo abo, kuquka nokuphucula ubomi babo, ngokuthi kuthatyathwe amanyathelo angawo. Urhulumente unoxanduva lokuqinisekisa umakulinganwe nokuxhotyiswa kwaye wonke umntu onokhubazeko. Kungenziwa njani ke ngoku ukuqinisekisa ukuba umntu onokhubazeko uphila ubomi bakhe ngokupheleleyo, axhamle kumathuba ngokufanayo nogxa wakeh ongenakhubazeko? Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe usekela-sihlalo wombutho iDisabled Youth South Africa uNana Skenjana, kwakunye netshantliziyo elililizwi labantu abanokhubazeko uThembelihle Ngcai...

View Details

Umbutho ongekho phantsi korhulumente, iCodeNgwana, uzakube uphehlelela iveki ebizwa iFuture Innovators Coding Week, eGqeberha kwiMpuma Koloni, nalapho kwakube kuqeqeshwa abafundi nootitshala abaphuma kwizikolo ezintandathu zesi sixeko, kwizifundo ze Coding. Olu qeqesho lwakubanjelwa kwisikolo samabanga aphakamileyo iSoqhayisa eMotherwell, ngomhla wokuqala ukuya kowesihlanu kweyoMnga. Ukuva banzi ngale nkqubo, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe ingqonyela ye CodeNgwana, uNoluvuyo Gqadu...

View Details

Ubhiyozela ishumi leminyaka waswekwayo umnyhadala wemiboniso-bhanya-bhanya weMpuma Koloni, iECFF ngamafuphi. Le mibhiyozo iza kuphawulwa kumyhadala oza kubanjwa ngomhla wokuqala uyokuma kowesithandathu kwinyanga ezayo, phantsi komxholo othi "It all starts with a dream - wake up and make it real". Lo mnyhadala uza kubonisa izakhono, nomsebenzi womboniso-bhabhanya oveliswe kweli phondo leMpuma Koloni. Ukusabela banzi, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umseki, nokwangumlawuli walo myhadala, uNceba Mqolomba...

View Details

Uphando olwenziwe yi-Judges Matter, lubonakalisa ukuba ubomi bamagosa enkonzo yobulungisa naquka oomantyi busesichengeni, ngaphakathi nangaphandle kweenkundla. Bangaphezulu kwe-20 percent oomantyi abathi bayagrogriswa okanye bonzakaliswe, kanye okanye kabini ngonyaka. Ngelithuba i10 percent ichaza izehlo eziliqela zokugrogriswa. Sibonile oomantyi abaliqela bebambe imigushuzo kumaphondo ohlukileyo bevakalisa izikhalazo zabo. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe othethela iJudges Matter, uMbekezeli Benjamin...

View Details

Liyaqala namhlanje iphulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu elijoliswe ekuchaseni ukuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana. UMzantsi Afrika ujamelene namaqondo axhomileyo okubulawa nokudlwengulwa kwamanina nabantwana. Kuloko kwiveki ephelileyo iphulo elibizwa iWomen for Change liye labamba uqhankqalazo, lamisa yonke into, ngelimemelela ukuchazwa kwalo mba nje ngentlekele yesizwe. Ekugqibeleni, umongameli uCyril Ramaphosa uye wayichaza njengentlekele yesizwe ingxaki yempatho mbi esekelezelwe kwisini nokubulawa kwamanina. Ayabonga Kekana speaks with the Advocacy and Operations Coordinator at Women For Change, Merlize Jogiat

View Details

UMongameli uCyril Ramaphosa uluchazwe nje ngentlekele yesizwe udushe olusekelezelwe kwisini, nokubulawa kwamanina kweli lizwe, igender-based violence and femicide ngolwasemzini. Oku kulandela isigqibo esithatyathwe liziko elijongene nolawulo lweentlekele kwisizwe, iNDMC ngamafuphi, emva kokuqwalaselwa ngokutsha kweengxelo nezindululo ebeziphuma kumabakala awuhlukileyo ombuso nakwimibutho yoluntu, nabaye bamemelela ukuba le ngxaki ibhengezwe nje ngentlekele yesizwe. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe noyintloko yeziko elijongene nolawulo lweentlekele kwisizwe, uGqirha Elias Sithole..

View Details

Iza kuqala ngokusesikweni ngomso intlanganiso yamazwe alishumi elinesithoba aphantsi kweqonga lokuqinisa urhwebo nobudlelane phakathi kwala mazwe. UMzantsi Afrika, noyinxalenye ye-G20, nguwo okwisikhundla sokongamela le ntlanganiso, nto leyo eyenza ukuba le ndibano ibanjelwe kweli. Nangona kunjalo, iMelika, nayo eyinxalenye ye-G20, ithi ayizokuyizimasa le ndibano, ntonje iza kuthumela umthunywa ozakwakha umkhano kokwenzekayo. Oku kubangelwa kukujongana ngezikhondo zamehlo okukhoyo phakathi kwala mazwe mabini. Ingaba kuza kuyichaphazela kusini na le ndibano oku? Singalindela ntoni kule ntlanganiso? Emnxebeni uAyabonga Kekaba ubambe ingcali nomhlalutyi wemiba yezopolitiko yamazwe ngamazwe, uGqirha Mkhuseli Vimba…

View Details

ISebe lemfundo esisiseko eMpuma Koloni linezicwangciso zokuqesha isigxina ootitshala baka Grade R. Bangaphezulu kwamakhulu asibhozo ephondweni ootitshala abaphantsi kwengqesho yethutyana (contract), kwaye iSebe lithi kulindeleke isigqibo sokuqeshwa kwabo sithathwe ingekapheli eyeNkanga (November). Sekulithuba aba titshala bekhala ngokungaqeshwa isigxina. Emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli nothethela iSebe lemfundo ephondweni, uMalibongwe Mtima...

View Details

Ngamawaka amanina kwilizwe loMzantsi Afrika liphela ekulindeleke ukuba abe yinxalenye yephulo lokumisa ngxi yonke into, ngelibonisa ukuchasa impatho mbi esekelezelwe kwisini kweli, igender-based violence ngolwasemzini. Umbutho ongekho phantsi korhulumente obizwa iWomen for Change, ukhethe olu suku nanjengoko ihlabathi lizakube lijonge amehlo kuMzantsi Afrika, nosindleke ingqungquthela yeenkokheli zamazwe eG20, neqala ngomso de kube ngeCawa. Lo mbutho ufuna umba wokuxhatshazwa ngokwesini uchazwe nje ngentlekele yesizwe. Lemigushuzo ibanjwe kumaphondo onke eli. Ukujonga okwenzeka eGqeberha, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli yeli jelo elapho, uSisipho Ngcumbe...

View Details

Igqiza eliphuma kwibhunga lamaphondo kwisizwe, iNCOP ngamafuphi, kwiphondo iMpuma Koloni, namhlanje lityelele amaxhoba ezikhukhula ezehla ngeyeSilimela eMthatha. Oku zinzame zokuya kuzivela nokuzibonela iindawo ahlaliswa kuzo la maxhoba. Ngabantu abangaphaya kwekhulu, kuquka abantwana, abathi basweleka kwezi zikhukhula, nalapho ezinye iintsapho zingekade ziwafumane amalungu eentsapho zawo. Olu tyelelo luyinxalenye yeveki yeNCOP, nalapho eli bhunga lihlola imimandla eliqela yephondo, kuquka namaphulo angqamane nohanjiso lweenkonzo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe okhokele igqiza eliphuma kwiNCOP kwiphondo, uNkosi Mwelo Nonkonyana...

View Details

Lusuku lwesithathu namhlanje usomashishini waseMntla Ntshona uBrown Mogotsi enika ubungqina kwikomishini yophando kaMadlanga, ePitoli. Uninzi lwamangqina lumtyholile uMokgotsi ngezenzo ezigwenxa eziquka ukuba nonxulumano nomphathiswa wenkonzo yesipolisa osekhefini uSenzo Mchunu, nokuba noqhogwano nendoda etyholwa kwizenzo zolwaphulo mthetho, uVusimuzi " Cat" Matlala. Masive esele kuvelile ekuxinweni kwakhe ngemibuzo ligqwetha elikhokela ubungqina kule komishoni. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli yeli jelo uSibahle Motha…

View Details

Urhulumente wephondo iMpuma Koloni utyholwa ngokusilela ukuhlawula abo basaqeqeshelwa umsebenzi, nabangayaphaya kwamawaka amathathu. NgoMvulo, ababasebenzi bebebambe uqhankqalazo phambi kwe ofisi yenkulu-baphathiswa yephondo, uOscar Mabuyane, benyanzelisa ukuhlawulwa. Oku kuza emva kweeveki le ofisi ithathele ezandleni zayo inkqubo yokuqeqeshela izakhono kwinkampani iChippa Trading Academy. Le nkqubo, nexabisa amakhulu amane anamashumi amathandathu anesithandathu ezigidi zeerandi, R466m, ixhaswa ngemali yeNational Skills Funds, kusetyenziswa i-ofisi yenkulu-baphathiswa yephondo. Emnxebeni sinaye omnye wabasebenzi, uBuhle Bemvelo Ndyenga. Ukanti kamva, othethela i-ofisi yenkulu-baphathiswa yephondo, uKhusela Rantjie, uzakuthi aphendule kulo mba...

View Details

Uphando olwenziwe yi Gauteng City-Region Observatory, lubonisa ukuba iindleko zezothutho kubahlali abomkela imivuzo ephantsi kwisixeko saseRhawutini, zifikelela kumaqondo axhomisa amehlo. Ngokoluphando, abantu abahlala kude kuneendawo abaphangela kuzo basebenzisa umyinge wamashumi amahlanu ekhulwini (50%) wemivuzo yabo kwezothutho, itransport ngolwasemzini. Ingaba kumaphondo abuninzi balo ziilali, afana neMpuma Koloni, imo injani, kwaye iyintoni enokwenziwa ukothula umthwalo kubahlali abathwaxwa ziindleko zokuphila ezixhomileyo? Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sinengcali kwimiba yezothutho, uLungile Mabece

View Details

Ebutsheni balo nyaka, usekela-mphathiswa weSebe lolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli, uGqirha Dickson Masemola, waye wabamba utyelelo kwiphondo iMpuma Koloni, phantsi kwephulo likarhulumente elibizwa i-"Every municipality must work", mxholo lowo ojoliswe ekuphuculeni urhulumento koomasipala, uhanjiso lweenkonzo, intatho-nxaxheba, nasekuqinisekiseni ukuba oomasipala basebenza ngendlela, phakathi kwezinye izinto. Ngethuba sithetha neSebe, othethela ela Sebe kwiphondo, uPheelo Oliphant, watsho ukuba iSebe liza kuthumela amagosa koomasipala beli phondo, ngelokuqinisekisa ukuba oku kuyenzeka. Kuloko ke namhlanje usekela-mphathiswa ekumasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay, ngelokwazisa la magosa, kuquka nongenelelo lwabo ekomelezeni uhanjiso lweenkonzo kulo masipala. Emnxebeni kungoku uAyabonga Kekana ubambe lokaOliphant...

View Details

Usomashishini osematheni mvanje uBrown Mokgotsi, unika ubungqina kwikomishoni kaMadlanga ePitoli. Uninzi lwamangqina lumtyholile uMokgotsi ngezenzo ezigwenxa eziquka ukuba nonxulumano nomphathiswa wenkonzo yesipolisa uSenzo Mchunu, nokuba noqhogwano nendoda etyholwa kwizenzo zolwaphulo mthetho uVusimuzi " Cat" Matlala. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli yeli jelo elandela le komishoni, uSibahle Motha...

View Details

Ukusuka kumhla wesithathu ku-November ukuya kumhla wesithathu ku-December, uMzantsi Afrika uphawula inyanga yokufundisa nokuxhobisa ngamalungelo abo baphila nokhubazeko, Disability Rights Awareness Month. Kule nyanga kunikwa ingqwalasela ekuphakanyisweni nasekukhuselweni kwamalungelo abo baphila nokhubazeko, nokuba kufunwe izisombululo kwimingeni abajongene nayo ekuhlaleni, emisebenzini, kwinkolo, kwinkqubo yovoto, nakwimfundo. Namhlanje umxholo wengxoxo yethu ugxile ekubeni: Iyakuthatha ntoni ukuba abo baphila nokhubazeko babonwe njengabantu abanako, hayi abantu abathintelekileyo? UAyabonga Kekana uncokole netsha-ntliziyo lamalungelo abo baphila nokhubazeko, uThembelihle Ngcai…

View Details

NgeyoMnga kunyaka ka-2014, owayesakuba ngumphathiswa wezemfundo, uAngie Motshekga, wapasisa umgaqo-nkqubo ogxile ekuhloleni, ekuphawuleni, ekuvavanyeni nasekuxhaseni abafundi bonke beloMzantsi Afrika. Iinjongo zoku ikukuqinisekisa ukuba bonke abantwana abakwiminyaka yokuhamba isikolo, nabahlangabezana nemingeni ekubeni bakwazi ukufunda, kuquka abo baphila nokhubazeko, bakwazi ukufikelela kwimfundo ebandakanyayo, esemgangathweni, esimahla, nelinganayo kumabanga abasaqalayo ukuya kumabanga aphakamileyo. Lo mgaqo-nkqubo ukwajoliswe ekuqinisekiseni umakulinganwe kumanyathelo okuphawula, okuvavanya nawokunikezela ngeenkqubo kubo bonke abafundi abadinga inkxaso eyongezelelweyo, ngeenzame zokuphuhlisa intatho-nxaxheba yabo, kwa nokuqukwa kwabo esikolweni, nalapha ootitshala nabazali ingabo ekufanele bephale phambili kwezi nkqubo zokuxhaswa kwabafundi. Ayabonga Kekana uncokola noyi-Inclusive Education Deputy Chief Education Specialist kwiSebe lezemfundo kwiMpuma Koloni, uMafuza Mtshengu…

View Details

Abenkonzo yothutho i e-hailing eGqeberha bazibandakanye kwimigushuzo nebangele ukuba zingabikho iinkonzo abazinikezelayo namhlanje. Ezinye zezinto abazikhalazelayo, lukhuseleko, imivuzo engonelanga kwakunye neengxaki abajamelene nazo kwiinkampani abazisebenzelayo. Kwezi nyanga zigqithileyo iSebe lezothutho lifake kumqulu karhulumente umthetho-sihlomelo obizwa iNational Land Transport Amendment Act, nobhalisa ngokusesikweni iinkonzo ze e-hailing ezifana noBolt noUber, njengenxalenye yenkonzo yezothutho eMzantsi Afrika. Emnxebeni, uAmanda Xhala ubambe unobhala-jikelele we-Eastern Cape E-Hailing Association, uMfundiso Gama...

View Details

Liyaqhuba ityala lokubulawa konozinti weqela lesizwe iBafana Bafana, uSenzo Meyiwa, kwinkundla ephakamileyo esePitoli. Ngaphambili, uJaji Ratha Mokgoatlheng uye wayalela ukuba umtyholwa wesihlanu kweli tyala, uFisokuhle Ntuli, athunyelwe kwiziko lezonyango, khon' ukuze afumane unyango, kulandela ukufika kwakhe emva kwexesha enkundleni kusasa izolo, enxibe iimpahla zamabanjwa, hayi ezakhe, etyhola ngelithi ubethwe ngamadindala kwiziko loluleko iKgosi Mapuru. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe intatheli yeli jelo elapho, uPearl Magubane...

View Details

Umbutho iHeavenly Culture, World Peace, Restoration of Light, iHWPL ngamafutshane, kulindeleke ubambe ingqungquthela ngale mpelaveki, nenjongo yayo ikukubamba iingxoxo nabanye abathath'inxaxheba, malunga neendlela zokuqubisana nodushe olungqamene nokusetyenziswa kwemipu, impatho-mbi esekelezelwe kwisini kwakunye nokusetyenziswa ngokugqithisileyo kweziyobisi, logama bekwakhuthaza ubunye noxolo kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay. Le ngqungquthela ibanjwa phantsi komxholo othi "Renewing the Friendly City through Peace: Uniting together to End Gun Violence, GBV and Drug Abuse." Ukuba sive banzi ngale ngqungquthela, uAmanda Xhala apha estudio uhleli nomanejala weHWPL eMpuma Koloni, uSandise Magida...

View Details

Amanda Xhala spoke with Gift of the Givers volunteer, Sarah Oosthuizen, on the 153 Palestinians who travelled to South Africa as refugees.

View Details

ISebe lezemfundo kwiphondo iMpuma Koloni, belibambe indibano entsuku-mbini ebizwa i-Inclusive Education Indaba, kumasipala ombhaxa iBuffalo City. Le ndibano ibigxile kwiinguqu kwicandelo lezemfundo, ngelokuqinisekisa umakulinganwe, nokufikeleleka kwemfundo esemgangathweni kubo bonke abafundi, ingambi abo baneemfuno ezikhethekileyo zezemfundo. UAyabonga Kekana speaks with Head of Therapeutic Support Services at the Department, Mr Rodney Sekgobela...

View Details

UMphathiswa wezothutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha, ulukhalimele uhlaselo kwibhasi ehamba imigama emide, nolushiye kubhubhe umkhweli konzakala abanye ababini. Le bhasi yakwaMakalala Trans, ibisuka eMthatha isiya eKapa, ngethuba ihlaselwa kwindlela uR61 phakathi kweCofimvaba neNgcobo, emva kwemini izolo. Umqhubi wesibini uphakathi kwabonzakeleyo. Ukuva banzi ngesisehlo, emnxebeni sinaye othethela isebe lezothutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose......

View Details

Abanye abazali babafundi besikolo samabanga aphakamileyo iSoqhayisa esiseMotherwell eGqeberha, batyhola esi sikolo ngokubambezela abantwana babo abathi abaqhubi kakuhle kuba kusithiwa bazakuchaphazela iqondo lempumelelo yesikolo. Esi sikolo saziwa ngokuqhuba kakuhle ingakumbi kwiziphumo zematriki. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli elandela eli nqaku, uAnda Nqonji...

View Details

Kungekudala uMzantsi Afrika uzakuzivelisela isigonyo sechiza lokuthintela isifo sotyatyazo, iCholera. Oku kubhengezwe lisebe lezempilo kuzwelonke ngokusebenzisana nesebe lobunzulu-lwazi, ubuchwepheshe kunye nokuqulunqwa kwamavela-tanci. Nangona iCholera ingesosifo esigqugqisayo nje kweli, kodwa zibakho iziganeko eziye zothuse zokuqhambuka kwaso; maxa wambi sisube nemiphefumlo. Emnxebeni kungokunje uAyabonga Kekana is joined by the Spokesperson for the National Department of Health, Foster Mohale…

View Details

Iziko lemfundo ephakamileyo i Walter Sisulu University nendlu yobukhosi iNyandeni Great Place, zisungule ngokubambisana iphulo elibizwa ,Sibuyisela Umdlanga Komkhulu ("Returning the Spear to the Great Place"). Eliphulo lijolise ekunciphiseni ukubhubha okungandingekiyo kubantwana abangamakhwenkwe ngexesha lolwaluko. Lamaziko anethemba lokufezekisa oku kunyaka u 2027. Injongo yalenkqubo kukubandakanya izifundo kumakhwenkwana aphakathi kweminyaka elishumi elinambini ukuya kwelishumi elinesibhozo ubudala, nezizakugxila kulwazi ngokusindisa ubomi kunye nezifundo zempilo kwisiko lolwaluko. Emnxebeni sithe masikrwece u Proffessor Mbuyiselo Douglas ophuma kweliziko mfundo ukuncokola banzi ngoku....

View Details

UMzantsi Afrika ujamelene nomngeni wabafundi bakwaGrade 4 abangakwazi ukufunda ngengqiqo, nabaqikelelwa ku-81 percent. Oku kwavela kuphando olwalukhutshwe ngonyaka ka2021. UMzantsi Afrika ukwindawo yamashumi amahlanu anesixhenxe kwihlabathi, xa kuthethwa ngalo mba. Namhlanje, iSebe lemfundo esi siseko lisungula uphando olwaziwa nge-Funda Uphumelele National Survey, nolucacisa ngokuphangaleleyo ngengxaki yokufunda, nokufunda ngokuqonda, phakathi kwabafundi bakwaGrade 1 noGrade 3. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ongumlawuli ojongene neenkqubo zokufunda kwiSebe, uGqirha Nompumelelo Nyathi Mahohlwane...

View Details

Ikomishoni yamalungelo oluntu eMpuma Koloni izolo ibikhwebe isebe lophuhliso lwasemaphandleni kunye ne-ofisi kaNondyebo, ukuba bavele phambi kwabo ngelokumamela inkqubela yezicwangciso zabo bengurhulumente, ukuba baqubisane nomngeni wokungondleki kwabantwana ephondweni. Ikomishoni inenkolelo yokuba nangona nje yayikhuphe ingxelo ebonisa ubuzaza balo mngeni ngo-2023, neyayineziphakamiso okanye izindululo ezinokumiliselwa ngurhulumente, kusekho ukurhuqwa kweenyawo okubonakalayo ukuba kuqutyiswane noku. Iingxelo zibonisa ukuba bangapha kwamashumi amathandathu abantwana abaye basweleka ephondweni kwiinyanga ezintandathu zokuqala zalo nyaka, ngenxa yezifo ezayanyaniswa nokungondleki. Ayabonga Kekana uncokola nophuma kwikomishoni eMpuma Koloni, uZukiswa Mqakanya…

View Details

Unqunyanyisiwe njengosekela-mongameli nenkokheli ye MK Party epalamente, uGqirha John Hlophe. Oku kulandela isigqibo sakhe sokufaka uDes Van Rooyen kwisikhundla sikaCollen Makhubele sokuba ngumbhexeshi wala mbutho, epalamente ngempelaveki. Kwingxelo ekhutshwe ngulo mbutho, uHlophe usithathe esi sigqibo engafakananga milomo neenkokeli zalo mbutho. Ayabonga Kekana umbambe udliwanondlebe nomhlalutyi wezopolitiko, uSandile Swana...

View Details

Ngokwengxelo yekomishoni kamakulinganwe ngokwesini ( CGE), kuvele ukusilela kwizinto eziliqela kumaziko eThuthuzela eMpuma Koloni, kuquka ulawulo olugwenxa nokungabikho kwezixhobo zokusebenza. Amaziko eThuthuzela asekwe ukunceda nokuxhasa amaxhoba ajongene nempatho mbi esekelezelwe kwisini kunye nokuxhatshazwa ngokwesondo. Ukuva banzi ngale ngxelo, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe othethela le komishoni, uTsietsi Shuping...

View Details

Ingaphezulu kwamakhulu amahlanu imibutho yezopolitiko ebhaliswe kwikomishoni ezimeleyo yonyulo, ngaphambi konyulo oluzakubanjwa phakathi kwenyanga yeNkanga ( November) 2026, neyoMqungu ( January) 2027. Oku kuvakaliswe yiIEC ngethuba ibinikezela ingxelo ngomgama abasele bewuhambile ukulungiselela unyulo. Ingaba iyadingeka imibutho emininzi? Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yonyulo, uGqirha Nkosikhulule Nyembezi...

View Details

Ingxelo ekhutshwe yi-Reuters Institute, ibonisa ukuba abantu basebenzisa kwaye bathemba iqonga lonxibelelwano u-Facebook ukufumana iingxelo zeendaba kunye nolwazi abaludingayo. Ngumyinge ka-50 percent wabantu abathi bathemba u-Facebook, ngethuba umyinge ka-16 percent wona usithi uthemba iqonga elibizwa ngo-X nowayengu-Twitter. Enye into le ngxelo eyivezileyo kukuba abantu bathemba kakhulu iziqu ezinefuthe kula maqonga nezibizwa ukuba zi-Influencers okanye Content Creators, ngaphezulu kwamaziko avelisa iindaba akulamaqonga onxibelelwano. Ingaba oku kwenziwa yintoni kwaye kunefuthe elinjani kulwazi umntu alufumanayo kula maqonga? UAyabonga Kekana uncokole nengcali kwimiba yezobuchwepheshe, kuquka namaqonga onxibelelwano uSiphumelele Zondi…

View Details

Ukuxhaswa koomama ngemali ngexesha besakhulelwe kungaphucula impilo nokondleka kukamama nosana olungekazalwa, kwehlise uxinizelelo abanalo umama ozithweleyo, kwehlise iimpawu zokudandatheka ngokwasengqondweni, ixhala nokuzalwa kwabantwana abangondlekanga. Olu luluvo lwemibutho engekho phantsi kukarhulumente, nememelela ukuxhaswa ngemali koomama abazithweleyo, iMaternal Support Grant okanye iMSG ngamafuphi. Le yimali umama okhulelweyo ayakuthi ayifumane kwezi nyanga zilithoba esakhulelwe, ukumnceda akhawulelane nezidingo ezingundoqo ngeli xesha esakhulelwe. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe itshantliziyo, umseki wombutho ongekho phantsi korhulumente obizwa Oomama Bemvelo nokwayi Embrace Mamandla Fellow, uNomfundo Mkhaba...

View Details

ISebe lezempilo kwiphondo iMpuma Koloni, linesicwangciso sokuguqula isibhedlele esijongene nesifo sephepha, iEmpilweni eGqeberha, ibe sisibhedlele sesithili. Oku kukukhawulelana nenkxalabo esele inethuba ivakaliswa luluntu yokuphuphuma ngokugqithisileyo kweekliniki nezibhedlele. Indlu yowiso-mthetho yephondo, ithethane noluntu ukuqubisana nemingeni yokungafikeleli kunyango olusemgangathweni kumaziko empilo karhulumente kwingingqi iNelson Mandela Bay. Intatheli yeli jelo, uSisipho Ngcumbe, isenzele le ngxelo...

View Details

Urhulumente wephondo i Mpuma Koloni kunye neenkokheli zemveli, usungule iphulo elizakuqeqesha iingcibi namakhankatha abantwana abasesuthwini. Isebe lentsebenziswano kulawulo lukarhulumente lithi oluqeqesho luzakuquka nongenelelo lwezempilo kwelisiko lolwaluko. Oku kwenziwa nangoko elisiko lijamelene nemingeni efana nokungakhathalelwa kwabantwana, impatho mbi, ukunxanwa nokubethwa kwabantwana phakathi kweminye, neye maxa wambi ikhokelele ekubhubheni kwabakhwetha. Oluqeqesho luzakugxila kwiindlela zokugcina abantwana besempilweni ngalo lonke ixesha besehlathini. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sinaye othethela isebe u Phello Olifant

View Details

Ziyakhula izimemelelo zokuba zipheliswe izikhundla zoosekela baphathiswa emva kokuvela ukuba kuphele unyaka oosekela baphathiswa bamapolisa ababini bengakhange banikwe msebenzi, uzakuba luxanduva lwabo. Ebutsheni baleveki usekela mphathiswa wamapolisa, uCassel Mathale, uxelele ikomiti yethutyana yasepalamente ukuba umphathiswa wamapolisa okwikhefu elikhethekileyo, uSenzo Mchunu, akakhange abanike msebenzi inguye nogxa wakhe uPolly Boshielo. Amanye amaqela ezopolitiki, amatshantliziyo nabahlalutyi, bathi izikhundla zoosekela baphathiswa kukudala nje imisebenzi ukulungiselela amaqabane nento eyinkcitho yemali yabarhafi. Bamemelela ukuba kuqeshwe abaphathiswa namagosa awenza umsebenzi. Masive kwingxelo esikulungiselele yona ka Ntebo Mokobo...

View Details

Zibeliqela iindaba ezibengundaba-mlonyeni kwezopolitiko kule veki siyiqukumbelayo, nesingakhange sikwazi ukuba sijonge kuzo. Owayesakubangumongameli weli uJacob Zuma uyalelwe yinkundla ukuba ahlawule imali engapha kwe-28 million rands yeendleko zomthetho nawazihlawulelwa ngumbuso kwityala ajamelene nalo elibandakanya intengo yezixhobo. Umbutho i-Afrika Mayibuye wona ugxothe usekela mongameli wawo uNolubabalo Mcinga. Umbutho i-Umkhonto weSizwe wona wazise uTony Yengeni njengomongameli wawo wesibini omtsha. UAyabonga Kekana ubenodliwano ndlebe nomhlalutyi wezopolitiko uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast

View Details

UMzantsi Afrika kungekudala uzakubanechiza elisisitofu sokuthintela ulosuleleko lwentsholongwane i-HIV. Oku kulandela ukubhaliswa nokupasiswa kwesi sitofu iLenacapavir ngokusesikweni, ngukhala olawula usetyenziso lwamachiza kweli, iSouth African Health Products Regulatory Authority. Esi sitofu ixesha elide besisetyenziswa eMelika kuphela, kwaye sixabisa imali eninzi kakhulu ukuba ilizwe lingasithenga. Eli linge libonwa njengelibaluleke kakhulu ukulwa ulosuleleko lwentsholongwane i-HIV. u Ayabonga Kekana wenze udliwano ndlebe no Foster Mohale wesebe lezempilo ngoku...

View Details

INTRO: Inkundla kaMantyi eMonti eMpuma Koloni, imalele ibail usekela-nqununu, uVuyokazi Gana, otyholwa ngokurhwebesha amantombazana aselula ewathembisa ngamathuba emisebenzi, kanti uzakuwafaka kushishino lokuthengisa ngomzimba. UGana kutyholwa ngokuba konke oku ebekwenza kumzi wakhe eQuigney, eMonti. Inkundla igwebe ngelithi ukuba anganikwa ibheyile lonto ingabeka emngciphekweni ubomi babantu abanokuba ngamangqina, njengoko ewazi. Masive kwingxelo ka Sidima Mfeku...

View Details

Owayesakuba ngumphathiswa wamapolisa uBheki Cele uthi unembono ethi ukuqeshwa kuka Riah Phiyega njengomkomishinala wamapolisa ngo2012 yayililinge langabom lokuthibaza inkonzo yesipolisa. UCele unika ubungqina kwikomiti yethutyana yepalamente, esekelwe ukuqwalasela izityholo zongenenelelo loonqevu, urhwaphilizo, nopolitiko kwinkqubo yezobulungisa. Ezizityholo zenziwe ngumkomishinala wamapolisa eKZN, uLt General Nhlanhla Mkhwanazi kweyeKhala kulonyaka. UCele wayengumphathiswa wamapolisa phakathi konyaka u2018 no2024. Ibilisuku lakhe lesibini izolo evele phambi kwekomiti yethutyana. Masive kwingxelo ka Zalene Merrington esiyenzelwe nguAmanda Xhala

View Details

Ilizwe loMzantsi Afrika lilinde ngabomvu isigqibo se Financial Action Task Force, iFATF ngamafuphi, ngokubhekiselele ekukhutshweni kweli lizwe kuluhlu lwamazwe ekusemngciphekweni ukwenza nawo ushishino. Olu luluhlu lwamazwe angenankqubo zomeleleyo zokuthintela ukugudiswa kwemali eze ngondlela-mnyama, kuquka nokuxhaswa kwezenzo zobunqolobi. UMzantsi Afrika wafakwa kolu luhlu ngeyoMdumba ngonyaka ka-2023. Ingaba singalindela iziphumo ezinjani kwi-FATF ngokubhekiselele kule nyewe? Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yezoqoqosho, uNjingalwazi Bonke Dumisa...

View Details

Namhlanje lusuku lwesine enikezela ubugqina phambi kwekomiti yethutyana yasepalamente, umphathiswa wamapolisa obekwe kwikhefu elikhethekileyo, u Senzo Mchunu. Le komiti iphanda izityholo zongenelelo lwezopolitiko, urhwaphilizo, nolwaphulomthetho kwinkqubo yobulungisa yeli. Izolo u Mchunu uphendule umbuzo welungu lepalamente le DA, u Glynnis Breytenbach, wokuba buza kutshintshwa njani ubuqhophlolo nolawulo olugwenxa kwinkonzo yesipolisa, ingakumbi kwicandelo le Crime Intelligence. Le komiti ikwabukhabile ubungqina besandi soshicelelo lwe cellphone obuze ngenjongo yokuvakalisa izigrogriso ezenziwe nguMkhwanazi ngaku Mchunu. Ukuncokola banzi ngoku, on the line we are joined by our reporter, Zalene Merrington...

View Details

Ikomishoni ejongene namabango omhlaba eMpuma Koloni, izakubamba amaphulo okuqinisa ubudlelane noluntu. Oku kuza emva kwenkxalabo ephakanyiswe luluntu ngokucotha kwenkqubo yokuhlawulwa koluntu olufake amabango omhlaba. Kunyaka mali ka 2024/2025, iphondo leMpuma Koloni belizibekele ukuhlawula amabango angaphezulu kwamakhulu amathathu. UAmanda Xhala uncokole nomkomishinala ojongene namabango omhlaba eMpuma Koloni, uNomfundo Ntloko

View Details

Ingqina elichazwa ngo "Witness A" liyakuqhuba nokunika ubungqina kwikomishini yophando kaMadlanga ePitoli. Lo mcuphi onikwe uxanduva lokuphanda imikhambathi yolwaphulo-mthetho ungenise ingxelo eyothusayo izolo, neziquka unxulumano phakathi kwamagosa aphezulu kwinkonzo yesipolisa, nabantu abathile abatyholwa ngokuba ngongqondo-ngqondo kwizenzo zolwaphulo-mthetho. Kubungqina bakhe, uWitness A uveze ukuba umpu owasetyenziswa ukubulawa kweNjineli yase-Vereeniging u-Armand Swart ngo-April ka 2024, unxulunyaniswa nothotho lwezinye iziganeko zolwaphulo mthetho eziquka ukubulawa kukaOupa Sefoka owayesaziwa ngoDJ Sumbody kunye noDJ Vintos. Ayabonga Kekana uncokola noSibahle Motha…

View Details

INTRO: I-DA imemelele ekubeni kupheliswe umgaqo-nkqubo weBlack Economic Empowerment, iBEE ngamafuphi, isithi iyibulele imisebenzi, wakhuthaza urhwaphilizo kwaye wakwaxhamlisa nabantu abanonxulumano nabezopolitiko. Ngethuba lendibano noonondaba kundlunkulu wawo eBruma, kwimpuma yeRhawuti, lo mbutho uchaze iinkcukacha ngomthetho wawo oyilwayo nothi uquka wonke ubani, iEconomic Inclusion for All Bill. Uphakamisa ukuba kubekho imigqaliselo ebekwayo ukuphelisa ngezigaba ikomishoni yeBEE kwisithuba seenyanga ezilishumi elinesibini, kwaye umemelela ekubeni kususwe zonke izinto ezibandakanya iBEE, kuyo yonke imithetho yelilizwe jikelele. Ingxelo ka Busi Bopela siyenzelwa nguAmanda Xhala

View Details

Umphathiswa wolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli uVelenkosini Hlabisa, ephelekwe ngusekela wakhe uPrince Zolile Burns-Ncamashe, batyelele ikomkhulu lamaMpondomise kuQumbu namhlanje. Olu tyelelo lulandela isicelo esenziwa nguKumkani uZwelozuko Matiwane wamaMpondomise, nalapho wacela kwiSebe ukuba makhe kubanjwe iingxoxo ngokuvuselelwa ngokutsha kwamabhunga emveli, kuquka neminye imiba yorhulumento. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli yeli jelo elapho, uNomzwanele Mngoma...

View Details

Kuye kubekho ukubhideka phakathi kokuvumelana ukwabelana ngesondo kwisibini esithandanayo, nokudlwengula ngokwasemthethweni. Ukuvumelana phakathi kwabo babelana ngesondo yeyona nto ibonwa njengengundoqo. Iminyaka yabo babelana ngesondo nayo yinto ebaluleke kakhulu, nanjengoko umgaqo-siseko weli uchaza. Iminyaka elishumi elinesithandathu ubudala ngokomthetho, ichazwa njengeminyaka eselungelweni ukuba ubani angakwazi ukunika imvume ekwabelaneni ngesondo. Nangona kunjalo, oku akuthi ubani akanakubanjelwa ukudlwengula xa athe walala nomntwana okuloo minyaka, nokuba kungabekanti yena uvumile. Xa ingabantwana abangaphantsi kwale minyaka iselungelweni, kuye kwenzeke ntoni? Ingaba umntu uyakwazi ukudlwengula iqabane lakhe aqhele ukwabelana nalo ngesondo? Ingaba ukuvumelana okanye ukwala isondo kufuneka kubengamazwi okanye ingaziintshukumo zalowo ungenamdla ngelo xesha? Ukuphendula le mibuzo neminye, uAyabonga Kekana uncokola nengcali yezomthetho, uAdvocate Dumisani Apollos...

View Details

Umphathiswa wezemfundo kwiMpuma Koloni, uFundile Gade, ukwisikolo samabanga aphakamileyo iHumansdorp, nalapho azakuthi adandalazise ukulungela kweli phondo ukubamba iimviwo zokuphela konyaka eziqalisa ukubhalwa kwiveki ezayo. Ebutsheni bale veki, ibhunga eliqwalasela umgangatho weemviwo neziphumo zebanga leMatriki, elibizwa Umalusi, likunqwalele ukuchotshelwa kweemviwo. Ingaba iphondo leMpuma Koloni likulungele kangakanani ukuchotshelwa kweemviwo zokuphela konyaka? Ukusabele banzi ngoku, emnxebeni kungokunje sinaye umlawuli oyintloko ojongene neemviwo kwiSebe lezemfundo kwiphondo, Mzimhle Mabona...

View Details

Uvela enkundleni namhlanje utitshala ominyaka ingamashumi amahlanu anesibini ubudala, notyholwa ngokushishina ngamanina aselula eMonti eMpuma Koloni. Ngokwengxelo ye-Hawks ephondweni eli nina libanjwe izolo emva kophando lwabo bebeluqhuba, nalapho kutyholwa ukuba umrhanelwa lo ebeqokelela amantombazanana kwimimandla efana nakuQumbu, eMthatha naseNgqeleni ze zisiwe eMonti nalapho bezinyanzeliswa ukuba babelane ngesondo nabantu abohlukileyo ze bahlawulwe. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe othethela iiHawks, uNdiphiwe Mhlakuvana....

View Details

Usihlalo wekomishoni kaMadlanga, uJaji Mbuyiselo Madlanga, ugwebe ngelithi amajelo eendaba noluntu abazokuvumeleka kwiintshukumo zanamhlanje zale komishoni. Uthi izizathu zoku kukuba umba ekuza kuthethwa ngawo namhlanje usekelezelwe kuphando oluqhubayo. Le komishoni iphanda ngezityholo zolwaphulomthetho, urhwaphilizo nongenelelo lwezopolitiko nolwaphulomthetho kwinkqubo yezobulungisa yeli lizwe. Ukuva banzi ngalo mba, uAyabonga Kekana emnxebeni unentatheli yeli jelo elapho, uSibahle Motha...

View Details

Uvele phambi kwekomiti yethutyana yepalamente ephanda izityholo zomngcipheko wokhuseleko lwesizwe,obekwe kwikhefu lethutyana ongumphathiswa wamapolisa kuzwelonke, u Senzo Mchunu. Oku kulandela izityholo zomkomishinala wamapolisa e KZN u Nhlanhla Mkhwanazi zokuba amagosa aphezulu esipoliseni kuquka uMchunu, abandakanyeka kwizenzo zobuqhophololo nongenelelo lopolitiko kwinkqubo yobulungisa. U Mchunu ulindeleke ukuba avele iintsuku ezintathu phambi kwalekomiti. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli elandela eli nqaku u Abongwe Kobokana.....

View Details

Ibhodi eqinisekisa ukuba semgangathweni kweemviwo neziphumo zebanga leMatriki, Umalusi, ithi baqinise amanyathelo okhuseleko kulungiselelwa iimviwo zaMatriki eziqalayo ngoLwesibini weveki ezayo. Umalusi uthi sele kuqalile ukushicelelwa nokugcinwa ngendlela ekhuselekileyo kwamaphepha eemviwo, kwaye balandela iinkqubo ezizizo zokuqinisekisa ukunyaniseka nomngangatho onguwo weemviwo. Bangaphaya kwesigidi abafundi ababhalisele ukuchophela iimviwo zabo zeNational Senior Certificate, kuquka nezinye iintlobo zeemviwo zokuphela konyaka. U-Phanuel Shuma uza nengxelo.

View Details

Inkulubaphathiswa yephondo iMpuma Koloni u Oscar Mabuyane, kulindeleke ukuba ibambe intlanganiso nabaqhubi bezithuthi ezithutha abantwana ezikolweni zeliphondo. NgoMvulo waleveki baliqela abafundi abasebenzisa ezizithuthi abazibone bengayanga ezikolweni ngenxa yokunqunyanyiswa kwalenkqubo. Ezinye zezizathu zokunqunyanyiswa kwalenkqubo kukungahlawulwa kwabanye abaqhubi. Ababaqhubi batyhola ngokuba okukungahlawulwa kususela kunyaka u 2023 no 2024. Ukusabela ngalendibano, emnxebeni sinaye othethela urhulumente wephondo u Khuselwa Rantjie.....

View Details

Kusweleke umfundi ze konzakala omnye, ngexa kuqhekezwa kwindawo ehlala abafundi beYunivesiti iNelson Mandela eGqeberha, nengaphandle kweli ziko-mfundo. Ngokokutsho kwale Yunivesiti, lo mfundi wonzakeleyo kungokunje ufumana unyango. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sinesithethi sale Yunivesiti, uZandile Ngwendu...

View Details

Lusuku lwesibini iqhuba inkqubo ekhangela unobangela wokusweleka kwesine esaziwa njengeCradock Four, kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha, eMpuma Koloni. Le nkqubo ikhangela ukuba ukhona na ubani omakathwaliswe uxanduva ngokusweleka kwamatshantliziyo ayechasene nenkqubo yengcinezelo, uFort Calata, uMatthew Goniwe, uSicelo Mhlauli kunye noSparrow Mkhonto, aziwa njengeCradock Four. Esi sine saxhwilwa ze sabulawa ngamapolisa orhulumente wexesha lengcinezelo, kude kufuphi naseGqeberha ngonyaka ka-1985. Emnxebeni sinayo intatheli yeli jelo elandela eli nqaku, uNtombozuko Balintulo…

View Details

Kufikelelwe kwisigqibo phakathi kwabo bakhokele ubungqina kwikomishoni kaMadlanga namaziko ezosasazo i Daily Maverick no News 24, ngesicelo sokuba ingqina linikeze ubungqina ekhusini. Oku kuza emva kokuba lamaziko osasazo ephikise isicelo sabo bakhokele ubungqina sokuba ingqina linikeze ubungqina ekhusini. Lekomishoni ibikhe yathatha ikhefu isithuba seeveki ezimbini emva kokuba oyintloko yezobuntlola u Dumisani Khumalo, eye wagula. Usihlalo walekomishoni osele esidla umhlala phantsi u jaji Mbuyiseli Madlanga uwise isigwebo koku, kwaye intatheli yethu u Sibahle Motha ikhona emnxebeni ukusinika ingxelo ethe vetshe.....

View Details

Lusuku lwesibini enikeza ngobungqina phambi kwekomiti yethutyana yepalamente ephanda izityholo zomngcipheko wokhuseleko lwesizwe, usekela mkomishinala wamapolisa onqunyanyisiweyo u Lt Gen Shadrack Sibiya. Izolo sive esithi wayetsalelwa umnxeba ngusomashishini osematheni u Brown Mogotsi wade wahlangana naye ukonwabela isidlo sakusasa. u Sibiya lingqina lesithathu phambi kwalekomishoni emiselwe ukuphanda izityholo zongenelelo loonqevu, nobuqhophololo kwinkonzo yezobulungisa yeli, ezenziwe ngumkomishinala wamapolisa e KZN u Lt Gen Nhlanhla Mkhwanazi. u Sibiya utyholwa ngokubandakanyeka kwimbalelwano eyayiphuma kulowo ungumphathiswa wenkonzo yesipolisa obekwe kwikhefu elikhethekileyo u Senzo Mchunu, eyalela ukuchithwa kweqela elaliphanda ukubulawa koosopolitiki. Ukuva inkqubo yanamhlanje, on the line we are joined by our reporter, Zalene Merrington, who is following these proceedings...

View Details

INTRO: Usekela mkomishinala onqunyanyisiweyo wamapolisa kuzwelonke, uLt General Shadrack Sibiya, uthi wafumana iminxeba esuka kusomashishini osematheni, uBrown Mogotsi, ze badibana kwintlanganiso yesidlo sakusasa. Ulingqina lesithathu ukuvela phambi kwekomiti yethutyana epalamente, nesekelwe ukuphanda izityholo zongenelelo lolwaphulo mthetho, urhwaphilizo nopolitiko kwinkqubo yezobulungisa, nezenziwa ngumkomishinala wamapolisa KwaZulu Natal, uNhlanhla Mkhwanazi. Masive kwingxelo ka Zalene Merrington...

View Details

Ngonyaka ka 2015/2016, ikomishoni ejongene neenkolo neelwimi i Cultural, Religious, and Linguistic Rights Commission, yenza uphando ngokwenza inzuzo okanye ushishino ngenkolo kwakunye nokuxhatshazwa kwenkolo abantu abakholelwa kuyo. Oluphando lwaveza izehlo ezahlukileyo eziquka ezo zokusetyenziswa kwezibulali zinambuzane ebantwini kusithiwa bayancedwa. Kwaye kwavela nezityholo zokuxhatshazwa ngokwesondo kwamantombazanana amancinci zinkokeli zakwalizwi. Okwafunyaniswa koluphando kwathiwa thaca phambi kwekomiti yasePalamente ejongene nolawulo ngentsebenziswano kwakunye nemicimbi yezemveli. Kwaye kwamiselwa ikomiti kaSection 22, nezakujonga indlela iinkonzo ezizakusebenza ngayo phakathi kwezinye izinto. Ezinye iinkonzo azihambisani noko kuzakwenziwa yilekomiti imiselweyo kaSection 22. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwi-South African Church Defenders njengomququzeleli eNtshona Koloni, uApostle Siniko Nxesi. Sizakuba naye nosekela sihlalo wale komiti yeCRL uPrince George Mahlangu.

View Details

Kulindeleke ukuba umphathiswa wolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli kwiphondo iMpuma Koloni, iCOGTA ngamafuphi, uZolile Williams, athumele amagosa karhulumente ukuya kunceda umasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay kwinkcitho engafanelekanga yalo masipala exhomileyo, nebalelwa kumashumi amabini anesibini ee-billion zeerandi (R22-billion). UWilliam's uthi inkcitho engafanelekanga yeli phondo, nebalelwa kumashumi amathathu ee-billion zeerandi, iphuma kulo masipala umbhaxa kwakunye nowe Buffalo City. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe othethela iSebe, uPheello Oliphant...

View Details

Ulindeleke ukuba avele phambi kwekomiti yethutyana yepalamente ephanda izityholo zomngcipheko wokhuseleko lwesizwe, umkomishinala wamapolisa kuzwelonke, uGeneral Fannie Masemola. Ngethuba evele phambi kwalekomiti, uLt General Nhlanhla Mkhwanazi, kwezintsuku zidlulileyo, uvakalise ukuba ipalamente kufuneka yenze uphando ngomphandinzulu u Paul O'Sullivan. Kuninzi nokunye okusele kuvelile kulekomiti. Ukuva banzi ngenkqubo yanamhlanje, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli yeli jelo elapho, uAbongwe Kobokana...

View Details

Uqhankqalazo lwabafundi beziko lemfundo ephakamileyo i-Fort Hare eDikeni , eMpuma Koloni, lukhokelele ekuvalweni kwekhampasi nasekugxothweni kwabafundi. Abafundi bayalelwe ukuba baphume kumasongo eli ziko namhlanje, esisigqibo siza emva kokutshishwa kwezakhiwo ezibalulekileyo zale khampasi. Ukuva banzi ngalo mba, uAyabonga Kekana emnxebeni ubambe intatheli yeli jelo, uLubabalo Dada...

View Details

Ikomiti ejongene neenkonzo zoluleko epalamente ibambe utyelelo kwiphondo iMpuma Koloni, ngelokuhlola imo kumaziko oluleko eli phondo, kuquka nokulandelela imiba eyathi yaphakanyiswa kutyelelo lwangaphambili, phakathi kwezinye izinto. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe usihlalo wekomiti yeenkonzo zoluleko epalamente, uMs Kgomotso Ramolobeng....

View Details

Umfelandawonye wemibutho yabasebenzi, iCOSATU, namhlanje ukhokhele imingcelele kumaphondo awohlukileyo ukubhiyozela usuku lwamazwe ngamazwe olugxile kwimisebenzi engcono, i-International Decent work day ngolwasemzini. EMpuma Koloni, lo mbutho ubambe umngcelele eBhisho. Ukanti eGauteng, iCOSATU ibambe umngcelele ngaphandle kwesibhedlele iTembisa. Le migushuzo yanamhlanje ibaluleke kakhulu kulo nyaka, nanjengoko lo mbutho uzakube ubhiyozela iminyaka engamashumi amane wasekwayo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli nothethela lo mbutho kuzwelonke, uZanele Sabela

View Details

Ikomiti yethutyana yepalamente ephanda umngcipheko wokhuseleko lwesizwe sele iqalilie ukuphanda izityholo ezeenziwa ngumkomishinala wamapolisa wephondo iKwaZulu-Natal, u Lieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi. UMkhwanazi wavakalisa izityholo zobungozi kukhuseleko belizwe, ekuquka kuzo ubuqhopholololo, ungenelelo kwimiba yopolitiko, kunye nongenelelo loonqevu kwinkqubo yobulungisa yeli, ngethuba
ebambe inkomfa yamajelo eendaba ngomhla wokuqala kwinyanga yeKhala. Ukuba sive banzi ngokwenzeka kule komishoni namhlanje, on the line Ayabonga Kekana is joined by our reporter, Zalene Merrington.....

View Details

Imibutho iBuild One South Africa, iGood Party kunye neRise Mzansi, zithathe isigqibo sokudibana baseke umbutho omtsha wezopolitiko obizwa i-Unite for Change. Lo mbutho uzakungenela unyulo loomasipala kunyaka ozayo. Iinkokheli zale mibutho uGqirha Mmusi Maimane, uPatricia De Lille kunye noSongezo Zibi, ziye zenza esi sibengezo izolo eRhawutini. U-Ayabonga Kekana ubambe emnxebeni enye yezi nkokheli, uDr Mmusi Maimane…

View Details

Ekupheleni kwenyanga esiphuma kuyo, kuye kweerhwelele iindaba ezingentle nalapho ootitshala kwiphondo iMpuma Koloni betyholwa ngokwabelana ngesondo nabantwana besikolo. Ngokoshicilelo lwe-vidiyo obeluthe ndii kumakhasi onxibelelwano, lo mkhwa awuqali ukwenzeka, sele kuyiminyaka, bade abanye abantwana bakhulelwe, bambi bade bayalelwe ngootitshala ukuba bakhuphe ezi zisu. Bakhona ootitshala abade banqunyanyiswa liSebe ephondweni, kulandela ezi zityholo. Ingaba yintoni ebangela ukuba utitshala xa ebona umfundi phambi kwakhe, engaboni umntwana wakhe ekufuneka emkhusele, koko abone umntu anokulala naye okanye anokuthandana naye? Ingaba sisohlwayo esinjani esifanelwe ngumntu onjalo, omosha ikamva lomntwana, ophantsi kokhathalelo lwakhe? Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umphathiswa weSebe lezemfundo kwiphondo, uFundile Gade, kwakunye nonobhala wemanyano yootitshala, iSADTU, kwiphondo, uMalibongwe Ntame...

View Details

ISebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko kwiphondo leMpuma Koloni, liza kubamba umboniso weencwadi, i-Book Fair ngolwasemzini, kumasipala ombhaxa i-Buffalo City. Lo msitho, noqale izolo, uza kuqhuba de kube ngumhla wesihlanu kule imiyo. Lo msitho udibanisa ababhali abohlukileyo, ukwa liqonga lokubamba iingxoxo ngemiba eyohlukileyo, kuquka kuyo umgama osele uhanjiwe ngurhulumente wenkqubo yesininzi kule nkalo, kwakunye nemiba yezentlalo. Ukusabela banzi, emnxebeni sibambe umphathiswa weli Sebe, uSibulele Ngongo...

View Details

Inkundla yomgaqo-siseko igwebe ngelithi abazali bobabini banelungelo lokwaba ikhefu lobuzali emva kokuba beye banosana olutsha. Eli khefu nelaziwa ngokuba yi parental leave, ngaphambili belivumela oomama ukuba baxhamle iinyanga ezine kulo xa begqiba kubeleka; ze ootata bona baxhamle iintsuku ezilishumi kuphela. Isigwebo senkundla ngoku sithi abazali bobabini mabohlulelane ngeli khefu phantsi komthetho i-Basic Conditions of Employment Act. Masifumane uhlalutyo ngesi sigwebo kwingcali yezomthetho uAdvocate Dumisani Appolis…

View Details

Umbutho we-ANC uzibhekelisile kuBrown Mogotsi, ekutyholwa ukuba ungumntu osondele kumphathiswa wamapolisa, uSenzo Mchunu, osele ebekwe kwikhefu elikhethekileyo. Unobhala jikelele walo mbutho, uFikile Mbalula, uthethe nabeendaba ngeziphumo zekomiti ejongene nemisebenzi yemihla ngemihla ye-ANC, kundlunkulu wombutho iLuthuli House. Uthi kukho abantu abangacacanga abasebenzisa igama le-ANC nabathunywa balo mbutho kwimisebenzi yabo yokophula umthetho. Ngethuba leenkqubo zekomishoni kaMadlanga, oyintloko yobuntlola bolwaphulo-mthetho, uDumisani Khumalo, udize incoko eyayiphakathi kuka Vusi "Cat" Matlala kunye noBrown Mogotsi, ngendlela uMogotsi awafaka ngayo uxinezelelo kuMatlala ukuba axhase ngemali imisitho ye-ANC. Kwingxelo ka Sibahle Motha, masive ngokunabileyo kuMkhokheli Bandla...

View Details

IGlobal Sumud Flottila, neyintlanganisela yamatshantliziyo aphuma kumazwe ngamazwe akholelwa kwisidima somntu namandla eentshukumo ezingasebenzisi zigalo, ithi uthotho lweenqanawa zayo zithintelwe yimikhosi kaSirayeli ukuba zihambe kwiilwandle zamazwe ehlabathi. La matshantliziyo, nekukho phakathi kwawo uNkosi Mandla Mandela, aquka oogqirha, abefundisi, amagqwetha nemibutho yesisa, phakathi kwabanye abantu. Ezi nqanawa zisingise eGaza, ngelinge lokuya kunikezela ngoncedo olungundoqo kwiimfuno zoluntu lwela lizwe. Oku kwenzeka ngexesha kusaqhuba ukujongana ngezikhondo zamehlo phakathi koSirayeli nePalestina. Ukuhlalutya banzi lo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe intatheli yeSABC ejongene nemiba yamazwe ngamazwe, uSophie Mokoena...

View Details

Inkokheli yeEFF, uJulius Malema, ifunge ngelokubhena kwisigqibo senkundla kaMantyi eMonti sokumfumanisa enetyala. UMalema ufunyaniswe enetyala lokuba nompu neembumbulu ngokungekho mthethweni, nokudubula esidlangalaleni ngethuba lemibhiyozo yeEFF yokugqiba iminyaka emihlanu, kwibala lezemidlalo iSisa Dukashe eMdantsane ngo2018. Owayesakuba ngunogada wakhe nabetyholwa naye, uAdriaan Snyman, ufunyaniswe engenatyala yena yile nkundla. UMalema uthi iyamothusa into yokuba uSnyman yena angabinatyala, kodwa inguye ekutyholwa ukuba wamnika umpu. Masive kuLubabalo Dada

View Details

Lusothukile uluntu loMzantsi Afrika kukusweleka konozakuzaku weli kwilizwe laseFrance, uNathi Mthethwa. Ngaphambi kwesi sikhundla, uMthethwa wayesakuba ngumphathiswa wamapolisa, ze kamva waba ngoweSebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko. Ngokweengxelo ezikhutshwe liSebe lobudlelane namazwe ehlabathi, iDIRCO ngamafuphi, umzimba kaMthethwa ufunyenwe ngaphandle kwehotele iHyatt Regency Hotel ekwiNtshona yesixeko iParis. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ukrwece othethela iDIRCO, uChrispin Phiri...

View Details

Ifunyenwe inetyala inkokheli yeEFF uJulius Malema, kwinkundla kaMantyi yaseMonti, eMpuma Koloni, ngelixa atyholwa naye uAdrian Snyman efunyaniswe engenatyala. uMalema ubejongene netyala lokudubula kwi rally eyayibanjelwe kwibala lezemidlalo laseMdantsane iSisa Dukashe ngonyaka ka-2018. Lo wayesakuba ngunogada wakhe, uSnyman, ubejongene nezityholo zokuba nompu kunye neembumbulu ngokungekho mthethweni. Ukuva banzi ngeli tyala, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe intatheli yeli jelo elapho, uLubabalo Dada...

View Details

Ivulwe ngokusesikweni inkqubo yokufaka isicelo sokuxhaswa yingxowamali exhasa izifundo zabafundi abakumaziko emfundo ephakamileyo, iNSFAS, kulungiselelwa unyaka ka-2026. Apha kwinkqubo-ndaba yakho sikhe sathetha neNSFAS ngendlela abaqhuba ngayo ekuxhaseni abafundi ngemali, nemingeni abaye bahlangabezana nayo ekunikezeleni ngale mali kulo nyaka. Ukuxoxa banzi ngalo mba, kuquka indlela yokufaka izicelo nokuhlawulelwa kweendawo ezihlalisa abafundi, phakathi kwezinye izinto, emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli nothethela iNSFAS, u Ishmael Mnisi....

View Details

Inkundla yomgaqo-siseko iphulaphule ityala eliyimbali, nelingahle libe nefuthe kwindlela amatyala angqamene nokwabelana ngesondo atshutshiswa ngayo, kweli loMzantsi Afrika. Imibutho elwa impatho-gadalala ngokwesini, ichwechwele le nkundla ngelokuva ukuba yona iyangqinelana nyhani na nesigwebo senkundla ephakamileyo yoMntla-Gauteng, nalapho la nkundla yagweba ngelithi amasolotya athile kumthetho obizwa iSexual Offenses Act awahambelani nomgaqo-siseko weli, nanjengoko ewabeka emngciphekweni amaxhoba odlwengulo. Oku kungqamene nendlela ubani aye abonakalise ngayo ukuba uyavuma okanye akavumi kusini na ukwabelana ngesondo. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yezomthetho, uAdv Dumisani Apollos...

View Details

Nanjengoko namhlanje uMzantsi Afrika ubhiyozela inyanga yamafa, iphondo iMpuma Koloni likwabhiyozela ubomi bombhali owaziwayo weencwadi zesiXhosa, uSamuel Edward Krune (SEK) Mqhayi, nobezakube ebhiyozela ikhulu elinamashumi amahlanu eminyaka (150 years) ukuba ebesaphila. Urhulumente wephondo, neYunivesiti iWalter Sisulu, babambe umsitho wokukhumbula le mbongi yosiba, umbhali neqhayiya lenkcubeko yakwaNtu namhlanje, kwicandelo lale Yunivesiti eliseNtabozuku, ngaphandle kwaseQonce. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sibambe othethela urhulumente wephondo iMpuma Koloni, uKhuselwa Rantjie...

View Details

Lusuku lwesibini namhlanje enikeza ubungqina umkomishinala wamapolisa kuzwelonke, uGeneral Fannie Masemola, kwikhomishoni ephanda ngongenelelo lwezopolitiko noonqevu, kuquka norhwaphilizo, kwinkqubo nomsebenzi wenkonzo yesipolisa, nakwicandelo lezobulungisa. Kubungqina bakhe izolo, uMasemola ucangcathe kwisigqibo sokuchithwa kweqela elikhethekileyo lamapolisa eliphanda ngolwaphulo-mthetho lokubulawa kwabantu, nokuphenjelelwa lupolitiko. UAyabonga Kekana uncokola nentatheli elandela eli nqaku, uSibahle Motha...

View Details

ISebe lezemfundo kwiMpuma Koloni linqumamise ootitshala abasixhenxe kwisikolo samabanga aphakamileyo, iSt John's College, eMthatha, ngeenzame zokuqinisekisa ukuba uphando luhamba ngaphandle kwamagingxigingxi. Oku kulandela izityholo ngakwabatitshala, nekutyolwa ukuba babelana ngesondo nabafundi, kwaye abanye abafundi bade bakhulelwa kwesi sikolo, bekhuleliswa ngaba titshala. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe othethela iSebe kwiphondo, uMalibongwe Mtima...

View Details

I-Democratic Alliance kule mpela-veki sisuka kuyo ibhengeze uHelen Zille nje ngomgqatswa wayo kwisikhundla sikaSodolophu womasipala ombaxa wesixeko seRhawuti, kunyulo loomasipala kunyaka ozayo. UZille ubonwa njengomgqatswa onamava aphangaleleyo orhulumento kwesi sigaba sorhulumento, nanjengoko waye ngusodolophu kumasipala ombaxa wesixeko saseKapa. Ukanti wayeyiyo neNkulu-baphathiswa kwiphondo iNtshona Koloni. Ingaba yintoni le yenza i-DA ibone uZille nje ngoyena mgqatswa onokunika lo mbutho impumelelo kunyulo lonyaka ozayo? UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nomhlalutyi wezopolitiko uHlumelo Xaba…

View Details

Umkomishinala wamapolisa kuzwelonke, uGeneral Fannie Masemola, lingqina elitsha kwikomishoni kaMadlanga namhlanje. Oku kuza emva kokuba u-Lt General Mkhwanazi ukuqukumbele ukunikezela ngobungqina bakhe ngoLwesihlanu phambi kwale komishoni. UMkhwanazi kubungqina bakhe uye wakhankanya amagama aliqela, naquka uMasemola, kwakunye noBrown Mogotsi ekuthiwa wazana nomphathiswa wamapolisa onqunyanyisiweyo, uSenzo Mchunu. Le komishoni imiselwe ukuphanda izityholo zolwaphulomthetho, ungenelelo lwabezopolitiko kwakunye norhwaphilizo kwinkqubo yezomthetho yeli. UAyabonga Kekana uncokola nentatheli elandela eli nqaku, uSibahle Motha...

View Details

The ANC gathered more than four thousand of its councillors at the FNB stadium to discuss challenges affecting governance, management and service delivery in all municipalities led by the party. In the meeting the party leadership presented an action plan with six pillars aimed at addressing these challenges. In the discussion with the party's spokesperson, Mahlengi Bhengu-Motsiri, she acknowledges that her party and its representatives need to improve on service delivery. She also made it clear that there is nothing that the ANC can learn from the DA controlled municipalities. Dr Xolisile Ngumbela, a political analyst was also part of the discussion facilitated by the show's host, Ayabonga Kekana...

View Details

Umbutho wabasebenzi bakwamasipala, iSAMWU, ubunike umasipala waseBuffalo City iiyure ezingamashumi amane anesibhozo ukuba uphendule kwizikhalazo zabasebenzi. NgoLwesithathu, amalungu aphantsi kwalombutho ebebambe uqhankqalazo ekhalazela imiba eliqela. Omnye umba abawukhalazelayo usukela ngexesha le-Covid 19. Olu qhankqalazo luchaphazele ukusiwa kweenkonzo eluntwini. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nonobhala weSAMWU ephondweni, uAsamkele Ntaka.

View Details

Abaqhubi bezithuthi ezibizwa nge e-hailing banikwe iintsuku ezilikhulu elinamashumi asibhozo (180 days) ukuba bathobele imiqathango emitsha elawula le nkonzo. Le miqathango nephantsi komthetho wezothutho ngeendlela, iNational Land Transport Act, iyithatha inkqubo ye E-hailing nje ngothutho lukawonke-wonke olusemthethweni kweli. Oku kuthetha ukuba bonke abaqhubi kufuneka bebhalisele iilayisenisi zokusebenza kumaphondo olithoba eli lizwe, nezizakuthi zivuselelwe qho emva kweminyaka emihlanu. Ukuhlalutya banzi lo mba, emnxebeni sinengcali kumthetho ongqamene nezothutho, uLungile Mabece...

View Details

Abaqhubi bezithuthi ezibizwa nge e-hailing banikwe iintsuku ezilikhulu elinamashumi asibhozo (180 days) ukuba bathobele imiqathango emitsha elawula le nkonzo. Le miqathango nephantsi komthetho wezothutho ngeendlela, iNational Land Transport Act, iyithatha inkqubo ye E-hailing nje ngothutho lukawonke-wonke olusemthethweni kweli. Oku kuthetha ukuba bonke abaqhubi kufuneka bebhalisele iilayisenisi zokusebenza kumaphondo olithoba eli lizwe, nezizakuthi zivuselelwe qho emva kweminyaka emihlanu. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sibambe unobhala wombutho i-Eastern Cape E-Hailers Association, uMfundiso Gana...

View Details

IMpuma Koloni ichazwe njengelinye lamaphondo aneziganeko eziphezulu zokuxhatshazwa, ukubethwa, ukungcungcuthekiswa, nokubulawa koluntu ngamapolisa; xa kuthelekiswa namanye amaphondo. Oku kuvezwe ngukhala ophanda indlela yokuziphatha kwamapolisa i-IPID, ngethuba ivele phambi kwekomiti eyakhe umkhanya kumsebenzi wenkonzo yesipolisa ePalamente. Obambele njengomlawuli we-IPID, uHlengani Bila, uveze ukuba kumatyala angapha kwewaka abandakanya amapolisa, nasezinkundleni kungoku nje; ayi-257 ngalawo abandakanya amapolisa aseMpuma Koloni. UBila waleke ngelithi kulo nyaka-mali ka-2025/26, sele bephande izikhalazo nezityholo zolwaphulo-mthetho ngakumapolisa ezingapha kwewaka, kwaye izityholo eziyi-138 zisuka kweli phondo. Oku kubeka phantsi kwesithatha kwakhona indlela amapolisa athi aphendule okanye aqubisane ngayo noluntu xa esabela ikhwelo kulwaphulo-mthetho. UAyabonga Kekana uncokole nengcali kwinkqubo yesipolisa, uZimisele Nxafane.

View Details

Umongameli weANC uCyril Ramaphosa, udakance kooceba balombutho isicwangciso sokuphucula ukusiwa kweenkonzo eluntwini. Ezinye zezinto eziphakanyiswe ngumongameli kukuba oomasipala abaphantsi kombutho weDA baqhuba ngcono kunabo baphantsi kombutho weANC. I-ANC kunyulo olugqithileyo ayikhange iqhube kakuhle isithi ukusilela kokusiwa kweenkonzo eluntwini ngunobangela wokungaqhubi kakuhle kwayo kunyulo. Lendibano ibibanjwe kwibala lemidlalo iFNB, ngaphandle kwaseSoweto kwiphondo laseGauteng. Emnxebeni sinayo ingcali yezopolitiko, uHlumelo Xaba...

View Details

Walter Sisulu University and the Nyandeni Great Place have introduced a schoolboy syllabus aimed at equipping boys aged 12 to 18 with life-saving knowledge before entering initiation schools. Teachers are receiving specialised training to incorporate circumcision health education into Life Orientation, making schools central in preparing young men for a safe passage into manhood. Ayabonga Kekana speaks with WSU's Professor Mbuyiselo Douglas...

View Details

Kwiveki esiphuma kuyo, inkulu-baphathiswa yephondo iMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ibivele phambi kwekomishoni yamalungelo oluntu, ngelokuphendula ngengxaki eyandayo yokungondleki kwabantwana kweli phondo. Le komishoni indlulule ngelithi ukungondleki kwabantwana makubhengezwe nje ngentlekele. Ikwandulule ngelithi urhulumente makandise imali yesondlo sabantwana, ngeenzame zokukhawulelana nale ngxaki. Ingaba kubalulekile kusini na ukuba ukungondleki kwabantwana kubhengezwe nje ngentlekele kweli phondo? Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sinothethela iSebe lophuhliso lwezentlalontle kwiphondo, uMzukisi Solani...

View Details

Inkundla yomgaqo siseko yoMzantsi Afrika igwebe ngelithi amadoda angasebenzisa iifani zamakhosikazi abo. Le nkundla ingqinile ukuba isolotya lomthetho uSection 26(1)(a) ukuya (c) ojongene nokubhaliswa kokuzalwa nokufa kuquka nomtshato, alihambelani nomgaqo siseko weli. Sithe masimeme ingcali kwimiba yenkcubeko namasiko, uGqirha Nokuzola Mndende, sincokole ngokuba oku kunganefuthe elinjani kwinkcubeko yesiNtu, UKUBA umyeni angakhetha ukuthatha ifani yomfazi wakhe…

View Details

Imanyano yabasebenzi kwinkonzo yesipolisa eMpuma Koloni, iPOPCRU, ixhalabile ngomgangatho nokhuseleko lwezikhululo zamapolisa ephondweni. Kutsha nje, le manyano ivale isikhululo samapolisa saseMakhanda, ibanga ngokuba imo yaso ibeka phantsi komngcipheko amalungu ayo; kwaye imeko esikuso asilungelanga ukuba kungasetyenzelwa kuso. UAyabonga Kekana uncokola nonobhala we-POPCRU apha ephondweni, uXolani Prusente…

View Details

Inkundla yomgaqo siseko yoMzantsi Afrika igwebe ngelithi amadoda angasebenzisa iifani zamakhosikazi abo. Le nkundla ingqinile ukuba isolotya lomthetho uSection 26(1)(a) ukuya (c) ojongene nokubhaliswa kokuzalwa nokufa kuquka nomtshato, alihambelani nomgaqo siseko weli. UAyabonga Kekana uncokola nentatheli yaseSABC elandela elinqaku, uSibahle Motha.

View Details

Iindlela, iziseko zobonelelo lwamanzi, uhanjiso lweenkonzo, yimiba esesithatheni nanjengoko uMzantsi Afrika ulungiselela ukusindleka ingqungquthela yamazwe eG20 kweyeNkanga (November) kulo nyaka. NgeyoMnga kunyaka ophelileyo, eli lizwe labekwa njengelongamele iG20, kwaye kungokunje lilungiselela ukwamkela abathunywa abaphuma kumazwe angamashumi amabini aphambili kwezoqoqosho kwihlabathi. Nanjengoko kusele kuphela isithuba esingaphaya kweenyanga ezimbini ngaphambi kokuchopha kwale ngqungquthela, umbuzo ngowokuba ezi ziseko zilungiswayo zakuba nozinzo kusini na, xa sele udlulile lo msitho untsuku-mbini. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguZara Groenewald...

View Details

Ngokophando lwakutsha nje, ulutsha oluphakathi kweminyaka elishumi elinesihlanu (15) namashumi amabini anesine (24) ubudala, ngabona banamanani aphezulu olwasuleleko yintsholongwane kagawulayo ngeveki. Oku kuvele kwinkomfa yeshumi elinesibini ejongene nemiba yeHIV/AIDS i-South African National Aids Council, nebanjelwe eKempton Park kwiphondo laseGauteng. Ngethuba evula lenkomfa usekela mongameli, uPaul Mashatile, uqinisekise abemi boMzantsi Afrika ukuba urhulumente wenza konke okusemandleni ukuvala umsantsa owashiywa kukurhoxiswa kwenkxaso mali iPEPFA yiMelika. Emnxebeni sinaye ophuma kwi-SANAC, uNelson Dlamini...

View Details

Ngumyinge wamashumi amane anesibini ekhulwini (42%) kuphela wabantwana abakwiinkqubo zoqeqesho lwabantwana abaselula kweli loMzantsi Afrika, abakwaziyo ukwenza imisebenzi elungele ukwenziwa ngabantwana abakwiminyaka yabo, ngeli lixa abaninzi bengakwazi. Oku kuvele kuphando olwenziwe ngumbutho ophanda ngabantwana abaselula, obizwa iDataDrive2030, nanjengoko ihlabathi liphawula usuku lwamazwe ngamazwe olugxile kwisakhono sokukwazi ukufunda nokubhala, i-International Literacy Day ngolwasemzini. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguRefilwe Mekoa...

View Details

Isebe lezorhwebo nokhuphiswano, lifuna uluntu luhlomle kumthetho-sihlomelo wokulawulwa kwamatyala abathengi, iNational Credit Act of 2005. Lo mthetho-sihlomelo injongo yawo phakathi kwezinye izinto, kukuqinisa ukhuseleko lwenkcukacha zabathengi, ukuqinisekisa ukuba kubolekwa imali abo baselungelweni lokwazi ukuhlawula, nokuba ababolekisi ngemali bakwazi ukufumana iinkcukacha zetyala zabo bafuna ukuboleka imali nakumaziko emfundo ephakamileyo. Esi siphakamiso siye safumana ukugxekwa ngabathile, ngelithi kuzakuba nefuthe elibi gqitha kwabo banamatyala kumaziko emfundo ephakamileyo. Uluntu lunikwe kude kubeyi-12 ka-September ukuze lufake uluvo lwalo kulo mthetho-sihlomelo. UAyabonga Kekana uncokola nophuma kumbutho omele abafundi kumaziko emfundo ephakamileyo, iSAUS, uBuhle Mchunu.

View Details

Iphondo iMpuma Koloni lijamelene nengxaki emandla yokukhulelwa kwabantwana abaselula. Ngokwengxelo yakutshanje ekhutshwe liSebe lezempilo kwiphondo, ngabantwana abalikhulu elineshumi elinesixhenxe (117) nabaphakathi kweshumi kunye neshumi elinesine ubudala, abaye babeleka abantwana kwizibhedlele zikarhulumente kweli phondo. Ngonyaka ka-2019, owayesakuba ngumphathiswa wemfundo esisiseko, uAngie Motshekga, wabhengeza iingxelo ezothusayo ezazisuka kwiSebe lezempilo, nelalisithi bakwikhulu elinamashumi amabini amawaka abantwana abaselula abaye babeleka kula nyaka, bephakathi kweminyaka elishumi kunye nelishumi elinethoba ubudala. Iphondo iMpuma Koloni laliphakathi kwamaphondo athi akhankanywa ngumphathiswa nje ngachatshazelwa yile ngxaki. Ukuxoxa banzi ngalo mba, sinomlawuli wombutho ojongene namalungelo abantwana, uPetros Majola, kwakunye nomphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa

View Details

Iingxelo zibonisa ukuba liyothusa inani lamantombazana aselula aphakathi kweminyaka elishumi (10) neshumi elinesine (14) ubudala, naye akhulelwe kwimimandla eyahlukileyo yephondo leMpuma Koloni. Ngokwengxelo ephuma kwisebe lezempilo ephondweni, phakathi kwenyanga kaTshazimpuzi neyeKhala kulonyaka, bangaphezulu kwekhulu abantwana abaphakathi kweminyaka elishumi neshumi elinesine ubudala abathe babelekela kwizibhedlele zikarhulumnente. I-OR Tambo, iNelson Mandela Bay kwakunye neBuffalo City, zezona ndawo zinamanani aphezulu. Urhulumente wephondo ubongoza uluntu ukuba luze ngaphambili luchaze iziganeko zokukhulelwa kwabantwana abaselula. UAyabonga Kekana ubenodliwano ndlebe nesithethi sesebe lezophuhliso loluntu ephondweni, uMphumzi Zuzile.

View Details

Iyaqhuba ingqungquthela yeentloko kwicandelo lezobulungisa, neyinxalenye yokutshayelela indibano ye-G20 ezakubanjwa kwiinyanga ezimbini ezizayo. Le ndibano, nebanjelwe eSandton eRhawutini, idibanise iintloko kweli candelo, ezisuka kumazwe ohlukileyo, kuquka iBrazil, iSaudi Arabia kunye noMzantsi Afrika. Phakathi kwezinye izinto le ndibano ezishukuxayo, kukusetyenziswa kobuchwepheshe bee-Artificial Intelligence ukuncedisa kumsebenzi weenkundla. Kuyakuba lulutho olunjani oku?UAyabonga Kekana uncokole nophuma kwiJudges Matterno-Mbekezeli Benjamin.

View Details

INTRO: Ukhuphiswano olukhoyo kwicandelo lokuthengiswa kwezithuthi eMzantsi Afrika, lubonwa njengento entle ekubeni abathengi bathenge izithuthi abazithandayo nebafikelelayo kuzo. Nangona kunjalo, olu khuphiswano lubonwa njengesigrogriso kwimisebenzi ekwicandelo lokuvelisa izithuthi, nanjengoko ezinye iinkampani zivala ngenxa yokungakwazi ukumelana nolu khuphiswano. Izithuthi eziveliswe ziinkampani zaseChina zibonakala zitsala umdla kubaqhubi beli, kwaye bambi bathi ziyafikeleleka.UAyabonga Kekana uncokola nengcali kwimiba yezoqoqosho uNjingalwazi Bonke Dumisa

View Details

Isikhokelo se-ANC kuzwelonke siluthathele kulo uxanduva lokuhluza, ze sichonge abagqatswa balo mbutho abazakuba ngooSodolophu xa kungenelwa unyulo loomasipala kunyaka ozayo. Ngaphambili, ibisisikhokelo sephondo neseenqila kulo mbutho ezithwaliswe olu xanduva, ze isikhokelo sikazwelonke sona sijongane nabagqatswa abakoomasipala abambaxa. Bangapha kwamakhulu amabini anamashumi amahlanu abagqatswa ekulindeleke ukuba kukhethwe kubo awona malungu alungele ukumela lo mbutho njengaba zigqatsela ukuba nguSodolophu; koomasipala abayi-257. Masincokole ngesigqibo sokuba olu xanduva lusiwe kwisikhokelo esiphezulu salo mbutho.UAyabonga Kekana uncokole nomhlalutyi wezopolitiko, uHlumelo Xaba…

View Details

INTRO: Ziya zisanda iziganeko zobundlobongela kwizikolo zeloMzantsi Afrika, nto leyo exhalabisa kakhulu. Kutshanje, eMgungundlovu, kwiphondo iKwaZulu-Natal, kuye kwahlatywa umfundi oneshumi elinesixhenxe leminyaka ubudala, owenza ibanga uGrade 10. Ukanti eDikeni kwiMpuma Koloni, kuhlatywe umfundi, nekuthiwa uphangwe ngomnye obemphanga imali ne cellphone yakhe. Ezi zezinye kuthotho lweziganeko zodushe olwehla kwizikolo zeli lizwe. Ukuxoxa banzi ngonobangela wezi ziganeko, kwanokuba zingapheliswa njani na, emnxebeni masamkele umongameli webhodi elawula izikolo, iSGB, uMatakanye Matakanye. Sinaye nolilungu leqoqo elilawula umbutho wabafundi iCOSAS, u-Oku Mphongoma...

View Details

Inkundla ephakamileyo yaseMthatha echophe ngokukhethekileyo kwinkundla kamantyi eLusikisiki kwiphondo leMpuma Koloni, ive izizathu ezabangela ukubulawa kukasopolitiki we-ANC Kwa-Bhaca, uMncedisi Gijana. UGijana wabulawa ngaphambi kokudutyulwa kwabantu abalishumi elinesibhozo kwilali yaseNgobozana, eLusikisiki kunyaka ophelileyo. Umbuso ugqibe kwelokuba uwadibanise lamatyala mabini. Ukuva ngendlela elityala elihambe ngayo kule veki enkundleni kwanokulindelekileyo ukubheka phambili, emnxebeni masamkele intatheli yethu elilandelayo, uNomzwanele Mngoma...

View Details

Ngolwesibini waleveki, ikomishoni ka Madlanga eyamiselwa ukuphanda izityholo zobuqhophololo, ungenelelo lopolitiko kunye nolwaphulo mthetho kwii arhente zonyanzeliso mthetho zoMzantsi Afrika, iye yanqunyanyiswa. Lekomishoni yamiselwa ngumongameli u Cyril Ramaphosa, emva kwezityholo ezazibekwe ngakumphathiswa wenkonzo yesipolisa u Senzo Mchunu, zokungenelela kuphando lwamapolisa kumatyala olwaphulo mthetho. Lekomishoni nebekumele ukuba iqala ngomhla wokuqala kweyoMsintsi ayizokuba saqala ngenxa yezizathu zolibaziseko ekufumaneni isakhiwo esifanelekileyo, ngokutsho kwesebe lezobulungisa nophuhliso lomgaqo siseko. Amanda Xhala uncokola nomhalutyi wezopolitiko unjingalwazi Ntsikelelo Breakfast..

View Details

Njengokuba iANC kummandla iDr WB Rubusana eMonti kwiMpuma Koloni ilungiselela inkomfa yayo yonyulo, neyiyeyesihlanu, amanye amasebe awonelisekanga yindlela iinkqubo ezihamba ngayo. Abanye batyhole i-ofisi kanobhala jikelele, uFikile Mbalula, ngokuba nezinto ezisemdleni wakhe xa kuqhuba le nkomfa kwimpelaveki ezayo eMonti. Inkqubo yeentsuku ezimbini zokubhalisa ngaphambi kwenkomfa sele iqhubela phambili. Kule nkomfa, umququzeleli weqela elithwaliswe uxanduva kula ngingqi, iRTT, uPrincess Faku uzakube equbisana nenkokheli yephiko lolutsha kweli phondo, uVuyo Jali, kwisikhundla sikasihlalo. USidima Mfeku usenzele le ngxelo...

View Details

Abenkonzo yerhafu yoMzantsi Afrika (SARS), bamemelela ukuba balungise imicimbi yabo yerhafu bonke abo bazibiza okanye baziwa njengoOsaziwayo kumaqonga onxibelelwano (influencers), nanjengoko u SARS ephengulula ingeniso eyenziwa ngobuchwepheshe be online, nethi ingachazwa kule nkonzo. U SARS ukwiphulo lokuqokelela imali engange R513 billion kwirhafu engahlawulwanga, kwaye uzimisele ukufika kumda owamiselwa ngumphathiswa wezimali wokuqokelela ngapha kweebhiliyoni eziliwaka namakhulu asibhozo eerandi, kunyaka mali u 2024/25. Uninzi lwezi influencers azinalwazi lokuba kumele zihlawule irhafu ngomsebenzi eziwenza online, kwaye zikhangeleka zisadinga ukufundiswa. Ayabonga Kekana uncokola noyigcali kwezoqoqosho ugqirha Asanda Fotoyi.

View Details

I-Afrika enye nemanyeneyo, engenamida, enomongameli omnye, umkhosi wokhuselo omnye, enePalamente enye, ixabiso lemali yorhwebo elinye. Lo ngumbono wenkokheli ye-EFF uJulius Malema, neliphupha leenkonkheli zase-Afrika ezazikho ngaphambili kuquka kuzo owayengumongameli wase-Liyba uMuammar Gaddafi; nowayenombono we-United States of Africa. Omnye umbono oyelele kulo, ngowalowo wayengumongameli weli, uThabo Mbeki nowaziwa njenge-African Renaissance. Lo wona umbono ungowokuhlaziywa kopolitiko nobunkokheli be-Afrika, nonjongo yayo ikukulwa indlala nokungalingani, ukuphuhlisa uqoqosho lwelizwekazi i-Afrika, ngokuqinisa urhwebo phakathi kwamazwe, nokuphelisa iimfazwe phakathi kwezinye izinto. UMalema esi simemelo sombono wakhe usenze kwintetho ebeyothula kwinkomfa ye-Nigerian Bar Association; nebibanjelwe kwilizwe laseNigeria kule mpela-veki sisuka kuyo. Ayabonga Kekana uncokola nomhlalutyi wezopolitiko uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast…

View Details

Usabetha ngaphantsi komyinge azisikele wona urhulumente, wokuqesha abantu abaphila nokhubazeko, nongumyinge wesibini ekhulwini, xa kuthelekiswa noshishino lwabucala. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe usekela-sihlalo wombutho iDisabled People South Africa, uNana Skenjana, kwakunye nomanejala wombutho wabasebenzi bakwarhulumente kwiphondo iMpuma Koloni, iPSA, uMadoda Maxakana. Ukanti sikhe sathetha nongumlawuli kwicandelo lophuhliso lweenkqubo zabantu abaphila nokhubazeko kwiSebe leenkonzo zakwarhulumente kweli, uPule Morake

View Details

Iphehlelelwe ngokusesikweni incwadi enika ingqwalasela nethemba kumadoda namakhwenkwe ajamelene neenzima zobomi. Wambi aphulukana nobudoda bawo ngenxa yesiko lolwaluko, ngeli lixa amanye enyamezele impatho-gadalala ayifumana kumalungu osapho nakwizihlobo zosapho. Kuhlalutyo loncwadi kule veki, sihlalutya incwadi esihloko sithi: "Dignity in The Darkness", nebhalwe nguBishop Mbulelo Dyasi. Kule ncwadi, uDyasi ubalisa ngaye, neenzima akhulele phantsi kwazo, nalapho abazali bakhe baye bohlukana eselula. Ukuhlalutya banzi le ncwadi, emnxebeni sinaye uBishop Dyasi...

View Details

Uxhelekile umakhulu oneminyaka engamashumi asixhenxe ubudala waseMdantsane eMpuma Koloni, emva kokubulawa ngokungenalusini komzukulwana wakhe oneminyaka elishumi elinesihlanu ubudala u-Lolwam 'Tumi' Ranisi, kubusuku bangomvulo. U Tumi obefunda ibanga lika Grade 9 ufunyenwe kufutshane netyotyombe losapho ehlatywe izihlandlo ezisixhenxe wasweleka, emva kokufumana umnxeba ngobu busuku. Kungoku nje umakhulu uFuneka Ranisi nohleli ebhedini engakwazi kuhamba, ushiyeke nomnye umzukulwana oneminyaka emihlanu ubudala. Ukanti izolo umphathiswa wesebe lentlalo yoluntu eMpuma Koloni uBukiwe Fanta ubetyelele olu sapho. Ukuva banzi ngolu tyelelo nemeko yentlalo yosapho, emnxebeni ngoku sinaye othethela eli sebe u Mphumzi Zuzile...

View Details

Kwizikroxo ezisondele kumawaka amabini (1 730) kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, zisondele kumakhulu amathathu (293) kuphela ezibhaliswe ngokusemthethweni. Oku kwenzeka nangona umda owabekwayo wokuba zonke iSpaza Shops kweli zibe zibhalisiwe uphele kwiinyanga ezintathu ezidlulileyo. Ikhwelo lokubhalisa izikroxo leza emva kokubhubha kwabantwana abangapha kwamashumi amabini kwimimandla eyohlukileyo eMzantsi Afrika, kwizityholo zokuba batya iimveliso zokutya abazithenga kwizikroxo; nekukholeleka ukuba zazinetyhefu. Ayabonga Kekana uncokole nolilungu lekomiti kaSodolophu kwicandelo elijongene nobonelelo lwenkonzo zempilo, uTshonono Buyeye…

View Details

Usekela mphathiswa wesebe lezenzululwazi nobuchwepheshe u Nomalungelo Gina, usungula ngokusesikweni i robot yokuqala eMzantsi Afrika eluhlobo lwe AI eyenziwe ngusomashishini osemtsha olinina laKwaZulu Natal. Le robot izakufundisa zonke izifundo kubafundi ukuqala ku grade R uyakutsho kwimfundo ephakamileyo, isebenzisa zolishumi elinanye iilwimi zoMzantsi Afrika. Ayabonga Kekana uncokola nongumseki wale robot uMiss Thando Gumede......

View Details

I-ANC ithi amalungu amabini ekomiti yesigqeba solawulo seli qela uGqirha Malusi Gigaba kunye noSenzo Mchunu, azakuvela phambi kwekomiti yoluleko, baphendule ngeentetha abazenze esidlangalaleni. Oku kuza emva kokuba uGigaba ebange ngelithi i-ANC iyabhampula kwaye yoyisakele ukufezekisa izinto ezithile. UMchunu yena ulumkise ngelithi eli qela lisecicini lokutshabalala. Isithethi se ANC kuzwelonke uMahlengi- Bhengu-Motsiri, sithi eliqela liyayigxeka indlela esiziphethe ngayo esi sibini. Ukanti, kwelinye icala, inkokheli ye-EFF uJulius Malema ithi abemi bamazwe angaphandle mabafune imisebenzi kumazwe abo okuzalwa. UMalema ezintetha uzenze ngethuba ethetha kwi-rally yalo mbutho eSeshego, ePolokwane. Bambi bakubona oku njengokujika kwe-EFF kumgaqo-nkqubo wabo wokulawulwa kwemida nokuqubisana nomngeni wabemi bamazwe angaphandle abalapha kweli. Emnxebeni sinaye umhlalutyi wezopolitiko uGqirha Makhosandile Kwaza, ukusincedisa kuhlalutyo koku…

View Details

Iqukunjelwe izolo ingqungquthela kazwelonke entsuku-mbini, nebibanjelwe kwiDyunivesiti yeloMzantsi Afrika, iUNISA ePitoli. Le nkomfa, nebihlanganisa urhulumente, imibutho yezopolitiko, imibutho yoluntu, abasebenzi, amanina, ulutsha, iinkokheli zakwaLizwi nezemveli, abezoshishino, noluntu ngokubanzi, ihlakulela indlela ingxoxo-mpikiswano yesizwe. Ukuxoxa banzi ngemiba ekuye kwaxhentswa phantsi kwayo, nezindululo eziye zathatyathwa, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ilungu lekomiti eququzelela le ndibano, uMazibuko Jara...

View Details

INTRO: Njengenxalenye yokubhiyozela amashumi amabini eminyaka yasekwayo i-South African Literary Awards, iSALA ngamafuphi, kwa nokubhiyozela inyanga yamanina, eli ziko libeka esithatheni amanina aselula angababhali, nomsebenzi wawo unegalelo elikhulu kuncwadi lwelizwe loMzantsi Afrika nenkcubeko ngokubanzi. UAmanda Xhala ukrwece omnye wala manina, uAnelisa Thengimfene. UThengimfene ngumhlohli wolwimi isiXhosa kwiziko lemfundo ephakamileyo labucala iSANTS. Ukwangumbhali weencwadi zesiXhosa ezintathu, enye yazo iyingqokelela yemibongo, esihloko sithi: Amajingiqhiw' entlalo....

View Details

Kuhlalutyo loncwadi kule veki, sihlalutya incwadi esihloko sithi: Blacksheep of Everywhere, nebhalwe nguNolubabalo Mbebe. Uluntu loMzantsi Afrika lujamelene nemingeni eliqela, nequka udushe lwasemakhaya, ukuxhatshazwa ngokwesini, intlupheko, nentswelangqesho, phakathi kwezinye izinto. Le yincwadi ezisa inkuthazo nethemba kubantu abajamelene nezi ngxaki zobomi, ikwagqithisa umyalezo othi "akulahlwa mbeleko ngakufelwa". Emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umbhali wale ncwadi, uNolubabalo Mbebe...

View Details

Uphando olwenziwe liziko lophando iMapungubwe Institute for Strategic Reflection, lubonisa ukuba emva konyulo luka-2029, i-ANC ingashiyeka nolawulo lwamaphondo amabini kuphela. Olu phando lubonisa ukuba i-ANC ingashiyeka ilawula amaphondo iLimpopo kunye neMpuma Kokoni, iphulukana nolawulo kumaphondo aliqela nelawula kuyo ngoku ngobambiswano. Kunyulo lonyaka odlulileyo lo mbutho waphulukana nolawulo lwesininzi kumaphondo iMpumalanga, i-Gauteng, iNorthern Cape, nalapho kuye kwanyanzeleka ukuba isebenzisane neminye imibutho ukuba ihlale kulawulo. Ayabonga Kekana uncokola nomhlalutyi wezopolitiko uHlumelo Xaba…

View Details

Umfela-ndawonye wemanyano yabasebenzi i-SAFTU, unesiphakamiso sokuba uMzantsi Afrika ubambe ingqungquthela ngokukhawuleza, ezakuqubisana nomngeni wentswela-ngqesho kweli. Esi siphakamiso siza kanye emva kwengxelo yeenkcukacha-manani zekota yesibini kulo nyaka, nezibonisa ukuba umyinge wabantu abangaphangeliyo umi ku-33-point-two percent ekhulwini. Emnxebeni sibambe unobhala jikelele we SAFTU u Zwelinzima Vavi...

View Details

u Mzantsi Afrika kulindeleke ukuba usindleke indibano yesizwe etshayelela iingxoxo zesizwe kulempela veki siya kuyo, kwi campus yase Unisa ePitoli. Lendibano iphawula ukuqala kwekqubo yengxoxo yesizwe neyaabhengezwa ngumongameli uCyril Ramaphosa ngokusesikweni ngethuba esenza intetho yobume besizwe. Ezingxoxo sele zijamelene nemingeni emva kokurhoxa kwamaziko abeyinxalenye yayo aquka i Thabo Mbeki Foundation, i Steve Biko Foundation ukubalula embalwa. Kodwa kwinkqubo yethu namhlanje sincokole banzi ngalendibano iphehlelela iingxoxo, emnxebeni sinaye omnye wabaququzeleli balendibano yesizwe u Mazibuko Jara

View Details

Umphathiswa wesebe lezorhwebo uParks Tau, kunye nomphathiswa wesebe lezolimo uJohn Steenhuisen, ngale ntsasa bebebambe indibano noonondaba ukunika ingxelo ngenkqubela urhulumente ayenzayo ukusabela kwisigqibo sokunyuswa kwerhafu yentengo yeemveliso uMzantsi Afrika azithengisela ilizwe laseMelika. Irhafu yentengo yomyinge wamashumi amathathu iqalise ukumiliselwa ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Ukuncokola ngefuthe le rhafu ezakubanalo kwicandelo lezolimo,Ayabonga uncokola nentathetheli yeli jelo uNothando Magudulela...

View Details

IJaji eyongameleyo uMandisa Maya, yazise ukumiliselwa komgaqo-nkqubo ochasene noxhatshazo oluphenjelelwa sisincwaso, iSexual harassment, kwicandelo lezobulungisa. Oku kuza kanye emva kwenkqubo yophando ngezityholo zesincwaso ezityatyekwa iJaji eyongameleyo kwiinkundla zaseMpuma Koloni, uJP Selby Mbenenge. UMaya uthi lo mgaqo nkqubo uzakuthintela ukusetyenziswa kwamandla nobunganga kwizikhundla kweli candelo. Waleke ngelithi, lo mgaqo-nkqubo uzakusiphula neengcambu umkhwa woxhatshazo lwesincwaso. Ayabonga Kekana uncokola nongumphandi kwi-Judges Matter, uMbekezeli Benjamin…

View Details

ISebe lezemfundo kwiphondo iMpuma Koloni, ngokubambisana neziko iAxium Education, bebesindleke ingqungquthela yesibini ebanjwa minyaka le ebizwa i-Eastern Cape Rural Education Partnershipos Conference. Le nkomfa, nentsuku-mbini, ubigxile ekuphuculweni nasekomelezweni kwemfundo yemimandla yasemaphandleni, kwa nokuhlangabezana nemingeni ejamelene nayo imfundo yasemaphandleni, equka ukungabikho kwemithombo eyaneleyo edingekayo, ootitshala abawufundeleyo umsebenzi, neziseko ezingundoqo ezingonelanga. Ukanti umxholo ebikuchotshwe phantsi kwawo uthi: "Education Partnerships to strengthen parthways for rural youth". ISebe lilubona ulutsha nje ngabona banegalelo elimandla. Ukuxoxa banzi ngalo mba, uAyabonga Kekana ubambe emnxebeni oyi-Executive Associate kwi-Axium Education, uPearl Biko...

View Details

Icandelo lezifundo ngezenzululwazi nezaselwandle kwiDyunivesiti iNelson Mandela, eGqeberha, belisindleke umsitho we-Coding wezikolo zomasipala ombaxa iNelson Mandela Bay izolo. Phakathi kwezikolo ebezithabatha inxaxheba kulo msitho, bekukho nemibutho engekho phantsi korhulumente efundisa abantwana izifundo ze-Coding neRobotics. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sinomququzeleli ophuma kumbutho wesisa iBona Ubuntu, nofundisa ezi zifundo kubantwana abangaboniyo, kwanabo bangaboni kakuhle, uEmihle Gwaza...

View Details

Isebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni ngokukhokelwa ngumphathiswa weli sebe ephondweni uBukiwe Fanta, izolo belisingathe indibano nalapho ebenika ingxelo ngokumiliselwa kwezindululo zekomishoni yezizwe ezimanyeneyo eqwalasela ubume bentlalo yamanina kwihlabathi, i-UN Commission on the Status of Women. Le komishoni igxile ekuqinisekiseni ukumiliselwa kukamakulinganwe ngokwesini kwihlabathi, uphuhliso lwamanina namantombazanana kwihlabathi jikelele, ukulwa indlala nobundlobongela obusekelwe kwisini, nokubulawa kwamanina. UFanta unikeze ingxelo ngokumiliselwa kwezi zindululo ejonge kwiphondo. Le ndibano ibibanjelwe eMonti, kwaye ngoku emnxebeni sinaye umlawuli kwicandelo lophuhliso lwamanina kwisebe lophuhliso loluntu ephondweni uNobubele Volsack…

View Details

INTRO: Nanjengoko sele lusemnyango nje usuku lokumiliselwa kwerhafu kwiimveliso ezisuka kweli zisiya eMelika, urhulumente unethemba lokuba eli lizwe liza kufikelela kwisivumelwano sorhwebelwano kungekudala noogxa balo eMelika. Umphathiswa kwi-ofisi kamongameli, uKhumbudzo Ntshavheni, uvakalise ezi mbono ngethuba echazela amajelo eendaba ngeziphumo zentlanganiso ye-cabinet. UNtshavheni uthi umongameli uCyril Ramaphosa uzibophelele ekufikeleleni kwisivumelwano neMelika ngokukhawuleza, ngeenzame zokuthintela ukulahleka kwezithuba zengqesho ngenxa yalo mrhumo werhafu. Uthi unxibelelwano neMelika lusavulelekile, nalapho uRamaphosa nogxa wakhe eMelika uDonald Trump, bebekhe bancokola ngomnxeba ngentsasa yayizolo. UZukiswa Tshume usenzele le ngxelo...

View Details

Urhulumente kazwelonke wenze ungenelelo ukuhlangula umasipala ombaxa osezingxakini, i Buffalo City. Urhulumente uthumumele igqiza leengcali ezizakusa uzinzo kulomasipala, phantsi kongenelelo olukhethekileyo lomgaqo siseko. Ngokwesolotya lika section 154 lomgaqo siseko nowenzelwe ukuqinisa ulawulo loomasipala, isebe lentsebenziswano kulawulo lukarhulumente libhengeze ukuba lizakuthumela igqiza leengcali kulomasipala ukujongana neengxaki ezinzulu zolawulo. Kodwa ukuva banzi ngoku, emnxebeni sinaye othethela u Cogta apha ephondweni, u Phello Olifant....

View Details

Unobhala jikelele we-ANC uFikile Mbalula, uthi umbutho wakhe awuzokumelana neentanda zeyantlukwano ezikhoyo phakathi embuthweni, namalungu angakwazi ukuziphatha nangakwazi ukuthobela imiyalelo yombutho. I-ANC izakubamba intlanganiso ye-National General Council ngoDecember walo nyaka, emva kweminyaka elishumi le ntlanganiso yagqibela ukuhlala. Lo mbutho uthi uzimisele ekulungiseni ubudlelane obuqhekekileyo phakathi kwawo ne-SACP. Konke oku kuyinxalenye yezindululo eziphuma kwintlanganiso yeqoqo eliphezulu lolawulo kwi-ANC, nebibanjelwe eGermiston kule mpela-veki siphuma kuyo. Ayabonga Kekana uncokola nomhlalutyi wezopolitiko uGqirha Xolisile Ngumbela…

View Details

Urhulumente kazwelonke wenze ungenelelo ukuhlangula umasipala ombaxa osezingxakini, i Buffalo City. Urhulumente uthumumele igqiza leengcali ezizakusa uzinzo kulomasipala, phantsi kongenelelo olukhethekileyo lomgaqo siseko. Ngokwesolotya lika section 154 lomgaqo siseko nowenzelwe ukuqinisa ulawulo loomasipala, isebe lentsebenziswano kulawulo lukarhulumente libhengeze ukuba lizakuthumela igqiza leengcali kulomasipala ukujongana neengxaki ezinzulu zolawulo. Ayabonga Kekana uncokola nothethela u-Cogta apha ephondweni, uPhello Olifant....

View Details

Ilungu lesigqeba solawulo esijongene nesebe lezemfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, lithi inkqubo yezemfundo yeliphondo idinga ukoyanyaniswa nezidingo zemo-ntlalo yeliphondo. UGade ebethetha ngethuba kubanjwe inkomfa yentsebenziswano nezikolo zasemaphandleni eMonti. Le nkomfa intsuku mbini, ijolise ekwakheni ngokutsha inkqubo yemfundo esi siseko, ukuze abafundi bafumane izakhona abazakuzisebenzisa ukuzinzisa ubomi babo ukuze babe negalelo ekuveliseni izithuba zengqesho, xa begqibile ukufunda. ULubabalo Dada usenzela lengxelo.

View Details

Intlekele yezikhukhula eyachaphazela imimandla eyohlukileyo eMpuma Koloni kuquka naseMthatha, isaqhubeka ubalinxeba elinzulu kwabo bathi bachaphazeleka. Kukho neengxelo zokuba kukho intwazana ethathe ubomi bayo ngenxa yokungakwazi ukumelana nentlungu yokubhujelwa ngunina nomnakwayo kwezizikhukhula. Bangapha kwekhulu abantu abathe basweleka, ngexesha iintsapho ezinintsi ziphulukene namakhaya kulandela ezizikhukhula, kwaye urhulumente uyaqhubeka ukuncedisana nezintsapho noba kufunyanwe umhlaba apho kungakhiwa khona. Ukuva banzi ngenxaso neenkonzo ezisanikezelwa kwezintsapho, sinaye emnxebeni uKhuselwa Rantjie osisithethi sephondo iMpuma Koloni....

View Details

Ukwanda kweevenkile zeempahla ekuthengwa kuzo kusetyenziswa i-internet, ezifana noTemu kwakunye noShein, kuyilahleko enkulu kuqoqosho lwalapha ekhaya. Ingxelo yophando eyenziwe yingxowamali ebizwa iLocalisation Support Fund, ludandalazisa ukuba iivenkile zaseChina ezisebenzisa i-internet zenze inzuzo eqikelelwa kwi R7.3 billion yeerandi kwintengisi yazo kubathengi beloMzantsi Afrika. Ezi venkile zitsala umdla wabathengi ngamaxabiso azo aphantsi kakhulu, naquka iintlawulo zokuthumelela umthengi izinto ezo azithengileyo, nto leyo eyenza ukuba kubelula ukuthenga kuzo. Nakubeni la maxabiso ebaxhamlisa nje abathengi, oku kuguquka kwendlela yokuthenga kunegalelo elimandla ekulahlekeni kwezithuba zengqesho kweli loMzantsi Afrika. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguNosipho Radebe...

View Details

I-ANC ithi nangona ingena kufaka mpumlo kwisindululo sombutho wamakomanisi iSACP sokuzigqatsa ngokuzimeleyo kunyulo, kodwa ayihambisani nesi sigqibo. Umongameli we-ANC uCyril Ramaphosa uthi esi sigqibo sizakuba neziphumo ezibi kubudlelane bale mibutho, nakwinguqu kwipolitiki. URamaphosa ukuthethe oku ngethuba kuqukunjelwa intlanganiso yeentsuku ezine yekomiti yesigqeba solawulo se-ANC ebibanjelwe eGermiston Civic Centre kwiMpuma yesixeko saseRhawutini. Kunyaka ophelileyo, iSACP yaabhengeza ukuba izakungenela ngokuzimeleyo unyulo loomasipala. Ayabonga Kekana uncokola nomhlalutyi wezopolitiko uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast…

View Details

Kulindeleke ukuba isebe lemfundo eMpuma Koloni lityelele isikolo samabanga aphezulu i David Mama eMdantsane . Olu tyelelo luza emva kokuba kuthe ndi kumakhasi onxibelelwano ividiyo ebonisa umfundi oyintombazana ebethwa exhatshazwa ngabafundi abangamakhwenkwe. Isebe lizakwenza uphando ngesisehlo luthathe namanyathelo afanelekileyo ngakula makhwenkwe. Kwinkqubo ndaba yethu sincokole no DDG wesebe lemfundo apha ephondweni u Thembani Mtyinda

View Details

Inkqubo yezempilo yaseburhulumenteni eMzantsi Afrika ijongene nombhodamo onobuzaza ngenxa yokushokoxeka okamandla kwabasebenzi nanjengoko bekumawaka amathandathu oogqirha nabongikazi abathi bashiye kumaziko oluntu ngonyaka. Oku kuvele kwiinkcukacha zepalamente kwiveki ephelileyo nalapho zidiza imeko eye isiba maxongo yokushiya kwabasebenzi abanezakhono nokubangelwa ziimeko zokusebenza, ukushokoxeka kwabasebenzi namanani aphantsi okuthunyelwa koogqirha nabongikazi kwimimandla esemaphandleni ngenxa yokungabikho kwenkuthazo yembuyekezo. Lo gama le ngxaki iwathwaxa onke amaphondo eli, iMpuma Koloni ibetheka ngokumandla ngenxa yemingeni enjengokurhwebesha nokugcina abasebenzi bezempilo. Nanjengoko abasebenzi abanezakhono bekhetha ukuya kuxelenga kumanye amazwe okanye belishiya ngokupheleleyo eli candelo, iingcali zilumkisa ngelithi iya isiba maxongo inkonzo yempilo yoluntu kweli lizwe. Ukusincedisa ukuxovula ezi ngxaki kwakunye nezisombululo emnxebeni ngoku sinaye oyintloko yecandelo le Human Resources kwisebe lezempilo kuzwelonke ugqirha Luvuyo Bayeni...

View Details

Ipalamente ingqinile ukuba ikomiti yethutyana esekelwe ukuphanda izityholo ezenziwe ngumkomishnala wamapolisa kwiphondo laKwaZulu-Natal uLieutenance General Nhlanhla Mkwanazi, mayela namaqela emigulukudu nobuqhophololo kwinkonzo yesipolisa, izakuqala ukusebenza kwiveki ezayo. U-Mkhwanazi udyobhe amagosa aphezulu esipoliseni kuquka umphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu ngokuphazamisana nokhuseleko lwesizwe ngokusebenzisana namaqela emigulukudu. Emva kwezi zityholo iPalamente igqibe kwelokuba iseke ikomiti yethutyana ezakuphanda ezi zityholo kwiintsuku ezingamashumi alithoba. U-Mchunu unikwe ikhefu elikhethekileyo. Ingxelo iza no Abongwe Kobokana...

View Details

Abaxolanga linyathelo lokufudusa edolophini ziye kudederhu lweevenkile zabucala ii ofisi zesebe lemicimbi yezekhaya abahlali base Mpuma Koloni. Oku kuza emva kokuba elisebe liqalise isicwangciso sokufuduswa kwenye i ofisi yelisebe eFleet Street eMonti, isisiwa kudederhu lwevenkile eHemingways Mall. Kukwakho nezicwangciso zokufudusa ezi ofisi eNorth End e Gqeberha zisiwe e Baywest Mall. Ukusabela malunga nezizicwangciso, emnxebeni sibambe usekela mlawuli obambeleyo kwelisebe uThulani Mavuso

View Details

: Ibhunga lamaphondo lipasise umthetho oyilwayo ongokwabiwa kwemali eya kumasebe namanye amaziko karhulumente, kwakunye nomthetho sihlomelo oyilwayo wokuhlangula uEskom. Isigqibo esithathwe lelibhunga sihambisana nesendlu yowisomthetho nethe yapasisa kutsha nje lemithetho iyilwayo. Lo mthetho uyilwayo uzakugunyazisa inkcitho kwingxowa mali yengeniso eya kwizabelo mali ezinikwa amasebe karhulumente, namaziko karhulumente. Bonke abathunywa abakhethekileyo abaphuma kumaphondo awohlukileyo, bavotele ukuphunyezwa koku ngaphandle kwabathunywa beqela i EFF neMKP. UAbongwe Kobokana usenzela lengxelo.

View Details

Yimali engange 50-Billion yeerandi esele ichithiwe kumabango omhlaba, ukusukela ngonyaka ka1994. Imali eyabelwe isebe elijongene neenguqu kwimihlaba nophuhliso lwamaphandle, ingaphezulu kwe six-billion yeerandi, nalapho i3.5 billion ijonge ukuhlawula amabango omhlaba. Nangona sele kuhlawulwe amabango angaphezulu kwe 80-thousand, basekhona abasakhalayo. Namhlanje umphathiswa kwelisebe uMzwanele Nyhontso, uzakuthetha nabahlali baseCumakala ngokulibaziseka kwenkqubo yembuyekezo. Amanda Xhala uncokola nomphathiswa uMzwanele Nyhontso...

View Details

Umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay uphehlelele inkqubo egxile ekuzeni nesiqabu kumakhaya noosomashishini balo masipala, nebizwa iRevenue Enhancement Relief Dispensation programme. Le nkqubo ikwa lilinge lokufunqula ingeniso kulo masipala, ngelokuqinisekisa ukuba uqhuba usebenza ngendlela. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sinelungu lekomiti kasodolophu elijongene nolwabiwomali, uKhanya Ngqisha...

View Details

UAyabonga Kekana uncokola nothethela isebe lezorhulumento ngobambiswano ephondweni leMpuma Koloni, uPheelo Oliphant ngegqiza labahlali abaxhalabileyo base Ngcobo eMpuma Koloni, nesele linentsuku lihleli ngaphandle kweUnion Buildings ePitoli. Aba bahlali banyanzelisa ungenelelo olukhawulezileyo ngento abayibiza ukuba yingxaki eyandeleyo kumasipala iDr AB Xuma.

View Details

Igqiza labahlali abaxhalabileyo base Ngcobo eMpuma Koloni, sele linentsuku lihleli ngaphandle kweUnion Buildings ePitoli. Aba bahlali banyanzelisa ungenelelo olukhawulezileyo ngento abayibiza ukuba yingxaki eyandeleyo kumasipala iDr AB Xuma. Bathi ababahlali iphondo lisilele ukubanceda kwizikhalzo zabo nanjengoko bethethile nabasemagunyeni amaxesha amaninzi. UAyabonga Kekana uncokola nothethela abahlali baseNgcobo, uEsethu Mtsamtsa.

View Details

Ipalamente yamkele ukumiselwa kwekomiti yethutyana ezakuphanda izityholo ezenziwe ngumkomishinala wenkonzo yesipolisa KwaZulu-Natal, uNhlanhla Mkhwanazi. Ebutsheni bale nyanga, uMkhwanazi uye wakhweba indibano noonondaba, nalapho enze izityholo zongenelelo lwezopolitiko kwiinkqubo zokusebenza phakathi kwinkonzo yesipolisa, kunye nokuchithwa kweqela elikhethekileyo eliphanda ulwaphulo-mthetho oluphenjelelwa lifuthe lezopolitiko, phakathi kwezinye izinto athe waziphakamisa. Emnxebeni sinaye usihlalo wesibini wekomiti ejongene nokusebenza kweSebe lezobulungisa ePalamente, uXola Nqola...

View Details

Umthetho wokuphonononga intsebenziswano phakathi kweMelika noMzantsi Afrika, upasisiwe yikomiti ejongene nemicimbi yamanye amazwe kwindlu yowiso mthetho, nekwisigaba sokuqala sorhulumento kwelalizwe nebizwa nge House of Representatives. Lomthetho uzakuya kwisigaba esilandelayo nesiyi House of Senate. Ezinye zezinto ezizakujongwa ngulomthetho, ngamagosa aseburhulumenteni kwakunye neenkokheli zombutho weANC, ezifanele ukukwaywa. Umbutho iAfriForum usamkele isigqibo esithe saphakanyiswa yiMelika. Ayabonga Kekana uncokola nengcali yemiba yamazwe angaphandle, ugqirhalwazi uNkosikhulule Nyembezi.

View Details

Isebe lemfundo eMpuma Koloni liphanda izityholo eziphazamisayo ngakwiNqununu yesikolo samabanga aphantsi iMasakhane, eSeven Fountains ngaseMakhanda. Kutyholwa ngokuba le Nqununu ibisebenzisa kwi-ofisi yayo ibhakethi ukuzithuma ngasese, ze iyalele abafundi ukuba bayokulahla elo lindle likwelibhakethi. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nesithethi sesebe lezemfundo ephondweni, uVuyiseka Mboxela.

View Details

I komishoni yezabathengi iNational Consumer Commission, ikhuphe isaziso sokuba zibuyiselwe zonke iimoto zohlobo lwe Volkswagen Polo Sedan ezingamakhulu amabini namashumi amahlanu anesithathu. Le nkampani ithi isizathu sokubuyiselwa kwezi moto ziziphene ezifunyenwe kwii Seat Belt ezikwicala labakhweli. Ukusabela banzi ngesi saziso, emnxebeni sinaye othethela ikomishoni yezabathengi kuzwelonke, u Pheto Ntaba.

View Details

Inkundla ephakamileyo yaseGqeberha kwiMpuma Koloni, isikhabile isicelo sebhunga lezotshutshiso kwisizwe, iNPA, nalapho iNPA ibifuna ukuba le nkundla icacise ngesigwebo sayo kwityala abejamelene nalo uTimothy Omotoso. I-NPA kungokunje iza kubhena kwisigwebo sale nkundla kwinkundla yezibheno. Lenkundla yamfumanisa engenatyala uOmotoso nababini abetyholwa nabo, uLusanda Sulani noZukiswa Sitho. Nangona kunjalo, ngaphambi kokuba yenze njalo, i-NPA iza kuthumela imibuzo yezomthetho kuJaji Irma Schoeman owawisa esisigwebo sika Omotoso. U-Omotoso nabo ebetyholwa nabo babejamelene nothotho lwamatyala, naquka ukunaniselana ngemali, ukuthutyeleziswa kwabantu nokudlwengula, ze baphuma betshaya ngenyanga kaTshazimpuzi kulonyaka. UNandipha Plaatjie uza nengxelo...

View Details

Kwamkelwe yimibutho yezopolitiko eyohlukileyo ukususwa kukaMphathiswa wesebe lemfundo ephakamileyo noqeqesho, uGqirha uNobuhle Nkabane. Emva kwemini izolo, i-ofisi kamongameli uCyril Ramaphosa ivakalise ukuchongwa kwalowo ebengusekelwa mphathiswa kweli sebe uButi Manamela njengomphathiswa omtsha, ngethuba uGqirha Nomusa Ncube-Dube ebhengezwe njengosekela-mphathiswa omtsha kweli sebe. UNkabane ubesematheni kwezinyanga zidlulileyo ngokunganyaniseki kwakhe ePalamente ngenkqubo yokuchongwa koosihlalo bamaqumrhu eebhodi ezohlukileyo ze-SETA, neziphantsi kweli sebe. UAyabonga Kekana uncokole nomhlalutyi uGqirha Mkhuseli Vimba.

View Details

Umphathiswa weenguqu kwezomhlaba, uMzwanele Nyhontso neKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo, bachonge umhlaba apho kuzakwakhiwa, kuhlaliswe khona isigxina iintsapho ezichaphazeleke kwizikhukhula zaseMthatha eMpuma Koloni. UNyhontso utyelele iKumkani kwibhotwe layo iNkululekweni, ukuyakuxoxa ngokunikela ngomhlaba kwezintsapho. Kwisithuba senyanga, iimvula ezine ngamandla nezikhukhula zintlithe imimandla yaseSlovo Park naseDecoligny, nalapho ngaphaya kwekhulu labantu eliye lasweleka. UFundiswa Mhlekude usenzele le ngxelo...

View Details

Kukho iingxelo zokuba inkokheli yombutho uMkhonto we-Sizwe Party, uJacob Zuma, utyelele ilizwe laseMorocco. Kukho uluvo lokuba oko kwenziwe nguZuma akuhambisani nesigqibo esathathwayo sokuxhasa ilizwe iWestern Sahara. Kukho ukungaboni ngasonye phakathi kweMorocco neWestern Sahara, nalapho kubangwa khona umhlaba. UMzantsi Afrika wathatha isigqibo sokuxhasa ilizwe iWestern Sahara ukuze bafumane ukukhululeka. Ukusihlalutyela banzi uAyabonga Kekana uncokole nomhlalutyi wezopolitiko ugqirhalwazi uXolisile Ngumbela.

View Details

UNdileka Mandela nongumzukulwa wowayesakuba ngumongameli weli, uNelson Mandela, uthi uMadiba ebengazokonwaba yimeko eli lizwe elikuyo. Uthi izinga eliphezulu lorhwaphilizo kwakunye nokungasiwa kweenkonzo eluntwini, azihambisani noko wayekulwela. Ebethetha nabendaba zeSABC eNxukhwebe eMpuma Koloni, nalapho urhulumente wephondo ebephawula usuku lukaMadiba. UAbongile Jantjies usenzela lengxelo.

View Details

Amabanjwa amahlanu achazwa njenga nobungozi asuka kwiintolongo zaseMelika, athunyelwe kwintolongo yelizwe lase Swatini. Lamabanjwa ajamelene namatyala ohlukileyo aquka ukubulala nokudlwengula abantwana. Amazwe abo okuzalwa yi-Vietnam, Jamaica, Yemen, Cuba kwakunye naseLaos. Urhulumente waseMelika uthe oorhulumente balamazwe lamabanjwa asuka kuwo, bayala ukuwamkela. UAyabonga Kekana uncokole nomhleli weendaba kwiphepha ndaba iSwaziland News, uZweli Martin Dlamini

View Details

Iindaba zeSABC zifinca iminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu zinika uluntu iindaba kweli lizwe. Ezinye zeentatheli noonondaba abasebenzele elijelo loluntu, bathi iindaba zeSABC zalixhonkxa ikamva labo, ngenxa yeqonga abalinikwayo kuloo minyaka. Kwinkqubo-ndaba yakho ekhethekileyo namhlanje sincokole nobambele nje ngomlawuli weendaba kwijelo iSABC, uDeidre Uren, ababesakuba ngabahleli beendaba kunomathotholo uZolisa Sigabi noFikile Lubisi, iintatheli uJudy Ngoloyi no Mzwandile Ngcivana kwakunye nowayesakuba yiTechnical Producer uCharles Hart...

View Details

Umphathiswa kwisebe elilawula i-ofisi nemisebenzi kamongameli, uKhumbudzo Ntshavheni, uthi ubuntlola beli lizwe bufumanise ukuba bezikho iintshukumo zokubhukuqa umbuso. UNtshavheni oku ukuvakalise ngethuba ethetha noonondaba izolo nalapho enikeza ingxelo ngesicwangciso sikarhulumente sokhuselo nokhuseleko lwelizwe, nesaphunyezwa yikhabhinethi kunyaka odlulileyo. Kwelinye icala, kukho izimemelelo zokuba makalahle kwisikhundla sakhe umongameli uCyril Ramaphosa. Oku kuvakaliswe liziko i-Walter and Albertina Sisulu Foundation. Wona umbutho iMK Party ubhenela kwinkundla yomgaqo-siseko icela umngeni kwisigqibo sikamongameli sokusebenzisa isolotya lomgaqo-siseko uSection 98, nalapho achonge uNjingalwazi uFiroz Cachalia njengebambela mphathiswa kwisebe lenkonzo yesipolisa.Ayabonga Kekana uncokola nomhlalutyi wezopolitiko uHlumelo Xaba…

View Details

Umbutho i-Build One South Afrika, iBOSA, uthe thaca umthetho oyilwayo epalamente, nonjongo yawo ikukuyilwa ngokutsha komthetho kamakulinganwe ngokwengqesho, i-Employment Equity Act. Phakathi kwezinye izihlomelo, lo mthetho ujolise ekuqinisekiseni ukuba kukho umakulinganwe ekuhlawulweni komvuzo kubasebenzi abenza umsebenzi ofanayo, nokuba umqeshi anganyanzelisi isiqinisekiso sentlawulo somqeshwa (pay slip) kwindawo ebesebenza kuyo, xa eza kuqeshwa kwindawo entsha yengqesho. Ayabonga Kekana unchokola nophuma kulombutho uHenry Masuku.

View Details

Ingxelo ekhutshwe kutshanje, negxile kumba wokuhlawulwa emva kwexesha kwabanikezeli ngeenkonzo ngamaSebe ka rhulumente, ibonisa umbono ombi wokungathotyelwa komgaqonkqubo obizwa iTreasury Regulation 8.2.3 ophantsi kwesolotya 38 (1) yomthetho ongqamene nokulawulwa kwemali karhulumente ka-1999. Iphondo iMpuma Koloni lelinye lamaphondo acatshulwe kule ngxelo nje ngawona enza kakubi kakhulu ekuhlawuleni abanikezeli ngeenkonzo. Yimali engaphaya kwe R4,5 yee-billion zeerandi ebekufanele ukuba eli phondo liyihlawule aba banikezeli ngeenkonzo, kwisithuba eside sadlula nakwiintsuku ezingamashumi amathathu. UAyabonga Kekana uncokole nophuma kwiofisi kangondyebo ephondweni uPhumelele Godongwana...

View Details

Umongameli u Cyril Ramaphosa ulindeleke ukuba athethe nesizwe ngokuhlwa nje ngemiba echaphazela ukhuseleko lwesizwe. Oku kusemva kokuba umkomishnala wamapolisa kwiphondo laKwaZulu Natal uNhlanhla Mkwanazi enze izityholo ezinobuzaza ngakumphathiswa wamapolisa namanye amagosa aphezulu esipoliseni xeshikweni ebekhwebe inkomfa namajelo eendaba kwiveki ephelileyo. Kule ndibano uMkhwanazi wenze amabango obuqhophololo nongenelelo lwabezopolitiko kwinkonzo yamapolisa equka umphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu. Umongameli nobekwilizwe lase Brazil ezimase ingqungquthela yamazwe akumbutho i BRICS ngethuba lale nkomfa, uphendule ngelithi uzakuwunika ingqwalasela la mabango. Kwinkqubo ndaba yethu yanamhlanje sithe masikrwece umhlalutyi wezopolitiko ugqirha Makhosandile Kwaza ozakusihlalutyela banzi ngokuthethwa zezi zityholo sitsho sikhangele nomasikulindele kwintetho kamongameli ngokuhlwa nje...

View Details

Abahlali baseTonga eMpumalanga bathi ukwakhiwa kwesikolo iDD Mabuza Comprehensive School kummandla waseNkomazi, kwiminyaka engaphaya kwamashumi amabini eyadlulayo, kwazisa inguqu kwezemfundo kula mmandla uphela. Abahlali baseTonga eMpumalanga bamothulela umnqwazi ongasekhoyo, nowayengusekela-mongameli weli lizwe, uDavid Mabuza, ngokuseka esi sikolo, nesisiso kuphela isikolo samabanga aphakamileyo esijongene nezifundo zemisebenzi yezandla kula mmandla. UMabuza ukwaqhwatyelwe izandla ngegalelo lakhe ekuncedeni kuphuhliso lwecandelo lezemfundo kwela phondo, ingakumbi kwimimandla eyayihlelelekile ngaphambili. UMthobisi Mkhaliphi uza nengxelo ethe vetshe...

View Details

Ilizwe laseLesotho limilisele imo yentlekele ngokubhekiselele kwintswela-ngqesho ngakubantu abatsha kwela lizwe. INkulu-mbuso yela lizwe iye yamilisela oku kulandela iintshukumo ebezizakwenziwa ngabantu abatsha benyanzelisa urhulumente ukuba adale amathuba emisebenzi kwela lizwe. Ngoku uRhulumente waseLesotho uyalele onke amasebe ukuba athathe umyinge wesibini ekhulwini wohlahlo-mali, kumiliselwe iinkqubo ezizakudala amathuba emisebenzi kulutsha. Iqondo lentswela-ngqesho ngakulutsha limi ku-38% kwela lizwe. Ingaba ikhona into ulutsha loMzantsi Afrika elinokuyifunda kolulutsha malunga noku? Owona mbuzo ikwangulo wokuba, urhulumente woMzantsi Afrika angafunda ntoni kurhulumente waseLesotho? Ayabonga Kekana uncokola nomhlalutyi wezopolitiko uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast…

View Details

Isebe lezemidlalo libambisene nelemfundo eMpuma Koloni, lizakuthumela abadlali abalikhulu linamashumi mathathu anesithathu abaphuma kwizikolo zeliphondo, kwitumente yasebusika ye National School Sport Championship ezakubanjelwa KwaZulu Natal. Letumente izakuqala ngomso uyakutsho ngomhla weshumi elinesihlanu kulenyanga. Eliqela likhethwe ngethuba kubanjwe imidlalo yasebusika eMonti kulenyanga iphelileyo. Kulemidlalo kuquka ibhola yombhoxo, ibhola ekhatywayo nebhola yomnyazi, phakathi kweminye. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sinaye othethela isebe lezemidlalo ephondweni u Andile Nduna.....

View Details

Uyiqukumbele phezolo inkqubo yokuhlola amabhoma, nokubamba iindibano namaqonga olwaluko kwiphondo iMpuma Koloni, usekela-mphathiswa wolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli, uPrince Zolile Burns-Ncamashe. Utyelelo lukaNcamashe kweli phondo lulandela ukusweleka kwabakhwetha abane, kweli xesha lolwaluko laseBusika, kumasipala ombhaxa iBuffalo City, nakwisithili iOR Tambo. Namhlanje, usekela-mphathiswa kulindeleke ukuba atyelele ikomkhulu laseNyandeni, ngelokuxoxa nabo bathabatha inxaxheba kumcimbi wolwaluko. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe usekela-mphathiswa weSebe lolawulo ngentsebenziswano nemcimbi yemveli, uPrince Zolile Burns-Ncamashe...

View Details

Isebe lokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni, liphehlelele inkqubo yemfundo yexeshana, nenikezelwa koomasipala, iinkokheli zemveli kunye namanye amagosa. Elisebe lithi le nkqubo izakuvula amathuba amatsha ophuhliso lwezindlu, nokuqinisekisa ukuba uluntu lwakhelwa izindlu ezisemgangathweni. Ikwa zakwenza indima ebalulekileyo yokuba elicandelo lokuhlaliswa koluntu libenabasebenzi abalifundeleyo elicandelo, ukuze kuphuculwe inkqubo yokwenziwa kwezicwangciso, futhi libenegalelo ekuphuculeni izixeko namaphandle kweliphondo jikelele. UNtombozuko Balintulo usilungiselele ngxelo...

View Details

Ibhanka enguvimba iqhuba iingxoxo ne-ofisi kaNondyebo ngamathuba okwehliswa komda (target) obekiweyo weqondo elilawula ukonyuka nokwehla kwamaxabiso entengo, i-Inflation. Okwangoku lo mda uphakathi komyinge wesithathu ukuya kwisithandathu ekhulwini (3 to 6 percent). Ezi gxoxo zifuna lo mda (target) ume kumyinge wesithathu ekhulwini. Inkolelo yeyokuba oku kunganika umthengi amandla entengo, kwehlise iqondo le mali-mboleko, elinokuba nefuthe elihle kuphuhliso loqoqosho. UAyabonga Kekana uncokola noyingcali kwimiba yezoqoqosho uNjingalwazi Bonke Dumisa…

View Details

Isebe lemfundo esi siseko livumile ukuba ootitshala abangaphezulu kwe 21 percent nabafundisa uGrade R kweli, abanazo izakhono ezidingekayo ukuhlohla abafundi. Oku kuqatshelwe ngethuba bekusenziwa utyelelo kumaphondo ohlukileyo njengenxalenye yomthetho omtsha wezemfundo, iBELA. Ngokwesebe, iphondo laKwaZulu-Natal lelona linenani eliphezulu lootitshala bakwaGrade R abangenazakhono, lilandelwa liphondo laseNtshona Koloni. UAyabonga Kekana uncokola nothethela isebe lemfundo esi siseko, uElijah Mhlanga.

View Details

Inkonzo yerhafu eMzantsi Afrika, uSARS, ivule ngokusesikweni ixesha lokufakwa kwamaxwebhu erhafu lalonyaka. Abahlawuli berhafu kulindeleke ukuba baqalise ukufumana imiyalezo yokuvavanywa ukuqala izolo, ukuya ngomhla wamashumi amabini kwakulenyanga. Ngelixesha, oonqevu bavame ukusebenzisa elithuba ukwenza ubuqhophololo. Amanda Xhala ubambe udliwanondlebe nophuma kwaSARS, uSiphithi Sibeko...

View Details

usuku lwesibini namhlanje iqhuba inkomfa yehlabathi egxile kulwakhiwo lweziseko ezingundoqo, izakhiwo nokusetyenziswa kobuchwepheshe kwicandelo lokwakha, i-International Conference on Sustainable Construction in the Built Environment. Le nkomfa intsuku-ntathu idibanisa icandelo lezophando kwiziko-mfundo iWalter Sisulu University, urhulumente kazwelonke nowephondo kunye nabanye abathathi-nxaxheba abakwicandelo lokwakha. Injongo yale nkomfa nebanjelwe eMonti eMpuma Koloni, kukushukuxa iindlela zokuza namavela-tanci, kulwakhiwo nophuhliso lweziseko ezingundoqo kusetyenziswa ubuchwepheshe bale mihla, kukwajongwe nolondolozo lokusingqongileyo. Ayabonga Kekana speaks with Professor Didibhuku Thwala from the Faculty of Engineering, Built Environment, and Information Technology at Walter Sisulu University.

View Details

Umkomishinala wamapolisa KwaZulu Natal u Lt general Nhlanhla Mkhwanazi, uthi amaqela oonqevu olwaphulo-mthetho olucwangcisiweyo angene aphelela kwinkqubo yobulungisa kweli lizwe. UMkhwanazi wenze amabango othusayo kwindibano namajelo eendaba ebibanjelwe eThekwini izolo. Uthi ipolisa elikwisikhundla esiphezulu nomnye ummi weli lizwe otyholwa ngokusebenza nalamaqela oonqevu, batyholwa ngokusebenzisana noMphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu. UMkhwanazi uthi uMchunu unike umyalelo wokuba lichithwe igqiza eliphanda izenzo zokubulawa kwabantu ngokungqamene nepolitiki emva kokubanjwa kwamalungu eli qela kunyaka ophelileyo. Amalungu eli gqiza KwaZulu-Natal ancedise amapolisa ase-Gauteng ekubeni abambe abantu. On the line Ayabonga Kekana is joined by the Police Practice expert, Dr Hendrick Locher...

View Details

Emva konyulo lukazwelonke nolwamaphondo kunyaka odlulileyo, zange kubekho mbutho uphumelela unyulo ngesininzi. Nto leyo eyanyanzelisa ukuba kusekwe urhulumente wentsebenziswano ngokwemibutho eyohlukileyo esePalamente. Kwimibutho elishumi elinesibhozo ekwindlu yowiso-mthetho, ilishumi eyathi yadibana ukuseka “urhulumente wobumbano” okanye i-Government of National Unity. Lo rhulumente wasekwa nge-14 ku-June wonyaka odlulileyo. Emva kokubunjwa kwalo rhulumente, eyona nto iphambili le mibutho eyazibophelela kuyo, kukudalwa kwemisebenzi, uhlumo loqoqosho, nokulwa indlala. Kwisithuba sonyaka sithe masijonge ukuba lo rhulumente usebenza njani? Ingaba usacangcatha kwizinto obuzibophelele kuzo? Masiphendule le mibuzo neminye nanjengoko emnxebeni sinabo abahlalutya imiba yezopolitiko norhulumento. Sinayo ingcali yezorhulumento, uGqirha uZwelinzima Ndevu kunye nomhlalutyi wezopolitiko uHlumelo Xaba…

View Details

Abantu ababesondelene basebenza nowayesakuba ngusekela mongameli ongasekhoyo u David Mabuza, bavakalise amazwi ovelwano ngokubhubha kuka Mabuza. u Mabuza usweleke ngoLwesine kwisibhedlele sase Gauteng emva kwengulo emfutshane, eneminyaka engamashumi mathandathu anesine ubudala. u Michael Mdluli no Palesa Sotomela, batyelele indawo yase Phola apho u Mabuza waakhulela khona basenzela lengxelo siyiphathelwa ngu Thandokazi Vusani.....

View Details

Lamkele eyona nqanawa yakha yankulu kunazo zonke ezakhe zagaleleka kweli zibuko, izibuko laseNgqurha, eGqeberha, kwiMpuma Koloni. Le nqanawa ibude buziimitha ezingamakhulu amane, iMSC Nicolo Mistro, incediswe zizikhitshane ezine ukuyitsalela kweli zibuko, ntshukumo ezo ezithathe iiyure ezingaphaya kwezintathu. Le nkqubo ibonwa nje ngelona nyathelo likhulu, nelibeka iphondo iMpuma Koloni njengogxa ophambili kurhwebo lwamazwe ehlabathi. USisipho Ngcumbe uza nengxelo....

View Details

Kukho iinkxalabo ngomdla oboniswe ngabo bafake izicelo zomsebenzi, nabangaphezulu kwe185 000, kwizithuba ezikhoyo kwinkonzo yesipolisa eziyi-5 500 kuphela. Oku kubonisa ukuphelelwa lithemba koninzi lolutsha lweli olungaphangeleyo. Le ibinkqubo yokuqala yeNkonzo yesipolisa (SAPS) yokufaka izicelo zomsebenzi kusetyenziswa i-internet, iElectronic recruitment system ngolwasemzini, nefumene ngaphezulu kwe 67 000 yezicelo kwiiyure nje ezingamashumi amabini anesine ivulile le nkqubo. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nothethela imanyano yamapolisa, iPOPCRU, kuzwelonke uRichard Mamabolo...

View Details

Iziganeko zolwaphulo-mthetho ezohlukileyo ezibone abaninzi babophulimthetho bedlwengula, babulale, ze batshise amaxhoba, zivuselele ingxoxo ngokuphononongwa kwendlela abacinga ngayo oonqevu, neyenza ukuba bafikelele kwesi sigqibo sobundlobongela. Ingaba sisigulo okanye liqhinga lokulahla umkhondo kwimikhuba yabo? Oku kulandela isiganeko sakutsha nje, sokufunyanwa komzimba otshisiweyo wentombi eneminyaka elishumi elinesibini ubudala yaseMotherwell, eGqeberha, uLithaliyanda Ntoni. Ukanti kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, kwilokishi yakwaNobuhle, eKariega, kwafunyanwa imizimba yamantombazana amabini kwihlathana, ebulelwe futhi etshisiwe. Esinye isiganeko esothusayo, sesika-Uyinene Mrwetyana ngo-2019, nowadlwengulwa, wabulalwa, ze watshiswa umzimba wakhe eKapa. Ukanti ngo-2019, uKarabo Mokoena naye wabulalwa liqabane lakhe, ze lawuntumeka ngomlilo umzimba wakhe. UAyabonga Kekana uncokole nengcali kwimiba yolwaphulo-mthetho, uGqirha Thompho Tshivhase…

View Details

Ikomishoni yamalungelo oluntu kweli, iSAHRC ngamafuphi, ilumkise ngelithi ukuba kuyaqhutywa kusalelwa abantu abaphuma kumazwe angaphandle kweli ukufikelela kwiinkonzo zezempilo, izigulo ezifana nesifo sephepha nentsholongwane kagawulayo ziseza kuqhuba zibangela ixhala kweli lizwe. Oku kulandela iingxelo zokuba amanye amaziko ezempilo kweli ayala ukunyanga abantu bokufika nabanye babo abakweli ngokungekho mthethweni. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sinomkhomishinala ophula kwikomishoni yamalungelo oluntu, uAseza Gungubele...

View Details

Ilungu lesigqeba esiphezulu kwisebe lorhulumento ngobambiswano, iCogta, uZolile Williams uqinisekise amaxhoba ezikhukhula zaseMthatha ukuba urhulumente uzakufudusa iintsapho ezingasenamakhaya kumhlaba omtsha ochongiweyo, ze kuvuselelwe namakhaya onakaliseke kancinci. Longeziwe nexesha lokuhlala kwabo bangenamakhaya kwindawo yokuhla eyi B&B ngeentsuku ezilishumi elinesihlanu. UWilliams utyelele eMthatha ukuyakuqwasela inkqubela kwiinzame zabo zongenelelo emva kwezikhukhula eziye zashiya umonakalo nezisube imiphefumlo yabantu abalikhulu elinambini kweliphondo. UNkululeko Nyembezi usenzele le ngxelo...

View Details

Ngokwengxelo yakutshanje ekhutshwe liziko iWaterCan, ngumyinge wamashumi amane anesithathu ekhulwini (43%) weesampuli zamanzi avavanywe kwizikolo zeloMzantsi Afrika afumaniseke engakhuselekanga ukuba asetyenziswe okanye aselwe ngabantu, nto leyo ebeka impilo yabafundi nootitshala esichengeni. UAyabonga Kekana uncokole nongumququzeli wezoqoqesho kwi-WaterCan, uNomsa Daele.

View Details

I-Democratic Alliance kule mpela veki ibhengeze ukuba ayizokuthatha nxaxheba kwingxoxo yesizwe ebhengezwe ngumongameli uCyril Ramaphosa. I-DA ityhole uRamaphosa ngokukhusela abaphathiswa be-ANC abankone lurhwaphilizo, kwikhabhinethi yakhe, ndaweni yokubagxotha, suka wagxotha ilungu le-DA kwikhabhinethi yakhe, ngokundwendwela iMelika lingafumenanga sigunyaziso sikamongameli. Masifumane uhlalutyo kwingcali yemiba yezorhulumento nezopolitiko, uSandile Swana…

View Details

Lunikwe de kube ngomso uluntu ukuba luphefumle ngokuphononongwa koxwebhu olungumgaqo ogxile kwigalelo loorhulumente basekhaya kwi-democracy yeli lizwe wango-1998, obizwa iWhite Paper on Local Government ngolwasemzini. Olu xwebhu lujoliswe ekuhlangabezeni imingeni abajamelene nayo oomasipala beli lizwe, phakathi kwezinye izinto. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana uxoxa nomongameli wombutho woomasipala kweli, iSALGA ngamafuphi, uBheki Stofile...

View Details

Iphondo iMpuma Koloni libone iziganeko eziliqela zokubulawa kwabantu kwezi nyanga zidlulileyo. Ukubulawa ngokumasikizi kweentwazana eziselula ezimbini kwilokishi yaKwaNobuhle eKariega kothuse isizwe siphela. Imizimba yala mantombazanana etshileyo ifunyenwe kwihlathana elingephi, nalapho omnye bekunzima nokufaneseka ngendlela otshe ngayo. Urhulumente wephondo uvakalise inkxalabo ngezi ziganeko, ememelela ukuba ii-arhente zokunyanzeliswa komthetho zisebenze imini nobusuku, zilwe ulwaphulomthetho. UFundiswa Mhlekude usenzele le ngxelo...

View Details

Urhulumente wephondo iMpuma Koloni uqikelela imali ebalelwa ngapha kwe-five billion yeerandi ezakudingeka ukulungiswa umonakalo odwalwe zizikhukula kwimimandla eyohlukeneyo ephondweni kwiiveki ezimbini eziphelileyo. Ummandla ochaphazeleke kakhulu kwezi zikhukula, ngumasipala i-OR Tambo, nequka idolophu uMthatha. Masive ukuba le mali izakuya phi ilungise ntoni. Emnxebeni sinaso isitehethi sikarhulumente wephondo, uKhuselwa Rantjie…

View Details

Njengokuba namhlanje siphawula unyaka wesithathu susela ukuba kwabhubha abantwana kwindawo yentselo yase Scenery Park eMonti ebizwa Enyobeni, sithe makhe sibeke isithatha ekuseleni utywala kwabantwana abangaphantsi kweminyaka ekwilungelo lokusela utywala. Kukhe kwakho iingxoxo mpikiswano ngokuba ngubani onelungelo lokuthintela okanye ukudlala indima ekuqinisekiseni ukuba abantwana bayathintelwa ekuseleni okanye ekuzibandakanyeni kwiindibano ezinotywala neziyobisi. Bangamashumi mabini ananye abantwana ababhubha Enyobeni, kwaye kuleveki sikuyo ibhodi elawula ukusetyenziswa kotywala eMpuma Kolini izakubamba ingqungquthela echashene nokuselwa kotywala ngabantwana. Yilento ke sithe masikrwece othethela lebhodi ugqirha Mgwebi Msiya......

View Details

Umhla wamashumi amabini anesihlanu kweyeSilimela lusuku olubizwa iInternational Day of Seafarers, nalapho kuye kunikwe ingqwalasela negalelo abanalo abo basebenza elwandle kuqoqosho lwehlabathi nakuluntu ngokubanzi. EMzantsi Afrika, amazibulo, imizila yokuloba, neenqanawa zokuloba, ziqhuba zisebenza ngenxa yabasebenzi baselwandle ababalelwa kwishumi lamawaka. Kuninzi lwaba basebenzi, ukhuseleko emsebenzini ludlulela ngaphaya kokunxiba izambatho zokuzikhusela, ukuya kwilungelo lokusebenza ngokukhululekileyo, ungajamelananga noxhatshazo ngokwasemsebenzini. Kumsitho obusindlekwe liziko iSouth African International Maritime Institute eGqeberha, amazwi aphuma kurhulumente nakwicandelo lezaselwandle, amemelele ukukhathalelwa kwempilo yabasebenzi baselwandle, phantsi komxholo othi, "Harassment-Free Ship". UNtombozuko Balintulo ebelapho, waza wasiqulunqela le ngxelo...

View Details

Izolo umphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu nomphathiswa wemfundo esisiseko uSiviwe Gwarube batyikitye isibhambathiso seminyaka emihlanu sokumiliselwa kwemigaqo yokhuseleko ezikolweni nesaziwa njenge "School Safety Protocol". Iinjongo zale migaqo kukuqubisana neziganeko zodushe nolwaphulo mthetho kuquka neengxelo zakutsha nje zeenkcukacha manani zokubulawa kwabantu abathandathu, neziganeko zodlwengulo ezingamashumi asibhozo ngaphakathi kwamasango ezikolo zoMzantsi Afrika. Ukanti umphathiswa wamapolisa ubalule izikolo ezikumaphondo aKwaZulu/Natal, eMpuma Koloni, eGauteng nase Ntshona Koloni njengezona ezineqondo eliphezulu lolwaphulo mthetho. Ukuva banzi ngokuqulethwe kwesi sibhambathiso, emnxebeni sinaso isithethi sesebe lemfundo esisiseko uElijah Mhlanga...

View Details

Lisaqhuba iphulo lohlangulo nokucoca kwingingqi yaseMthatha emva kwezikhukhula ezisube ubomi babantu abalikhulu.SiseseMthatha njalo ngokuhlwa kwaphezolo kudutyulwe kwabulawa abantu abathandathu ngamapolisa kuhola wendlela u R61 phakathi koMthatha ne Ngcobo. Kuvakala iingxelo zokuba ngethuba amapolisa emisa isithuthi abarhanelwa baye behlika bavuthulula iimbumbulu kumapolisa nathe aziphindezela. Ukuba sincokole banzi ngoku emnxebeni sinayo intatheli yethu eseMthatha u Nomzwanele Mngoma....

View Details

Umphathiswa wezemisebenzi nengqesho uNomakhosazana Meth ukhokhela isebe lakhe ukuya kunikezela isiqabu kumaxhoba ezikhukhula kwindawo yase Mthatha. Eli sebe lizakuphinda lise neenkonzo kumaxhoba ezinjengokubhalisela iUIF abo bafuna imisebenzi kwinkqubo yezengqesho yeli. Ukusabela banzi ngolu tyalelo emnxebeni ngoku sinaye u...

View Details

Sele eqalile amakhwenkwe ukuya esuthwini kwimimandla eyahlukileyo yephondo iMpuma Koloni. Unyaka nonyaka, abo bakhokelayo kwisiko lolwaluko balungisa kangangoko, ngelokuqinisekisa ukuba eli siko lihamba ngendlela kwaye amakhwenkwe aya ephila esikweni, abuye esaphila. Noko kunjalo, nangona zikhona ezi nzame, amakhwenkwe asaqhuba ephulukana nobomi okanye nobudoda bawo ngenxa yokuba enomnqweno wokuba ngamadoda. Kwinkqubo-ndaba yakho namhlanje sithe makhe sishukuxe lo mba, khe sijonge nokungenziwa ukulondoloza ubomi bamakhwenkwe eli lizwe, nalikamva leli. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uYolanda Kambile ubambe usihlalo wekomiti eququzelela ulwaluko kwiphondo iMpuma Koloni, uNkosi Gwazinamba Matanzima. Ukanti kamva sizakubanaye nomlawuli wombutho ojongene nokuqinisekisa ukuziphatha kwamakhwenkwe namadoda, iPhila Ndoda, uBishop Zolile Dayimani....

View Details

Kubanjwe amadoda asibhozo naphakathi kweminyaka elishumi elinesithandathu, namashumi amabini anesixhenxe ubudala, KwaNobuhle eKariega, natyholwa ngokubulala amantombazana amabini. Ukubulawa ngokungenalusini kwala mantombaza kubangele uloyiko nomothuko kubahlali. Imizimba, oka-Ibanathi Peter, nokaSinothando Malinga, ifunyenwe kufutshane nehlathi. Kutyholwa ukuba badlwengulwe, ze batshiswa. Omnye kule mizimba utshe kwanzima ukufaniseka. Abahlali bathi ulwaphulo-mthetho kule ndawo luxhaphakile, kwaye bamemelela ubulungisa nokhuseleko emapoliseni. UAnda Nqonji usenzele le ngxelo...

View Details

Amapolisa aseMpuma Koloni aphanda ityala lokubulala kulandela ukudutyulwa kwegosa eliphezulu kwiziko lemfundo ephakamileyo iWalter Sisulu, ngaphandle kwekhampasi yeliziko iNelson Mandela Drive eMthatha izolo. Eli gosa kutyholwa ukuba lidutyulwe labulawa ngaphakathi kwisithuthi esimileyo ngaphandle kwale khampasi.Ukuva banzi, emnxebeni sinaye othethela amapolisa kweliphondo, uBrigadier Nobuntu Gantana.

View Details

UFloyd Shivambu uthi uzakukhokela inkqubo yokubonisana noluntu ukukhangela ukuba sikhona kusini na isidingo sokuseka umbutho omtsha wezopolitiko. Okokuqala, lo obefudula engunobhala jikelele woMkhonto Wesizwe uthethe phandle malunga nezizathu zokugxothwa kwakhe, esithi kubangelwe yingxelo yobuntlola yobuxoki eyayisithi uceba ukubhukuqa inkokheli yalo mbutho, uJacob Zuma. Nakubeni nje etyhole ezinye iinkokheli ngorhwaphilizo, uyincome kakhulu inkokheli yalo mbutho, esithi ufunde lukhulu kuZuma kwiinyanga ezintandathu ngaphezulu kunyeminyaka elishumi awayichitha kwi-EFF. UShivambu ebethetha nabendaba ngekamva lakhe eRhawutini namhlanje. Ukuhlalutya banzi lo mba, uVuyolwethu Mabeqa emnxebeni ubambe umhlalutyi wezopolitiko, uHlumelo Xaba...

View Details

Namhlanje lusuku olubekelwe bucala lokuzilela amaxhoba ezikhukhula eMpuma Koloni, nezihlasele kwiveki ephelileyo. Le nkqubo ibanjelwe eKing Sabatha Dalindyebo TVET College eMthatha. Ukuba sive ngezamva nje nesingakulindela kule nkqubo, emnxebeni sibambe intatheli yethu eseMthatha, uLerato Fekisi...

View Details

I ofisi kamongameli ichaze usuku lwanamhlanje njengosuku lokuzila kulandela izikhukhula ezithwaxe iMpuma Koloni zasuba ubomi babantu abangapha kwamashumi asithoba, zashiya amawaka engenamakhaya. Ukuzakuthi ga ngoku basekhona abantu abangekafumaneki kwaye inkqubo yohlangulo nokukhangela isaqhuba. Inkonzo yesikhumbuzo sabo bangasekhoyo iyaqhuba sithetha nje eMthatha, yilento sithe masimeme othethela urhulumente wephondo u Khuselwa Rantjie......

View Details

I- arhente yezibonelelo zikarhulumente ifumanise ubuqhophololo obuthe tshitshilili kwii-ofisi zeli ziko zeli phondo eziseMpuma Koloni, kwiinkqubo zeentlawulo. Obu buqhetseba buquka ukuduka kwamaxwebhu, abantwana abangekhoyo ababhaliswe ngomgunyathi, nabantu bomgunyathi abamkela indodla, kwaye butyabula ngaphaya kwezigidi ezine zeeRandi. UAmanda Xhala uncokole emnxebeni nomphathi ophezulu wenqila kwa SASSA eMpuma Koloni, uBandile Maqethuka

View Details

UMongameli wase Melika uDonald Trump, ubambe intlanganiso nebhunga lokhuseleko kwelalizwe ukushukuxa ungenelelo lweMelika kumlo ophakathi kwamazwe, i-Israel kunye ne-Iran. Lusuku kwesithandathu namhlanje kukho impixano ekhatshwa ziintolo zebhombu phakathi kwala mazwe mabini. I-Israel ihlasele amaziko eNuclear, isikhululo sikamabona-kude, ze kwabulawa neeNkumanda zomkhosi kunye neeNzulu-lwazi zase-Iran. Nelizwe lase-Iran nalo liziphindezele ngelithi liyazikhusela. Yintoni unobangela walo mlo? Ingaba kungafuneka sibenendima esiyidlalayo ukuza noxolo nezisombululo phakathi kwala mazwe singu Mzantsi Africa? Masiphendule le mibuzo neminye, ngokuncediswa ngumhlalutyi uNjingalwazi uNtsikelelo Breakfast…

View Details

Lenyuke layakuma kumashumi alithoba inani labantu ababikwe njengababhubhileyo kulandela izikhukhula ezichaphazele imimandla eyohlukileyo eMpuma Koloni, kwiveki ephelileyo. Imimandla echaphazeleke ngamandla zezi zikhukhula ngumasipala i-O R Tambo, iMbashe kunye noMnquma. Ezi mvula zishiye iintsapho ezibalelwa ngapha kwewaka zingenamakhaya, kuquka nempahla. Masive ngongenelelo uRhulumente wephondo alwenzayo ukunceda uluntu, nokuphendula kwizityholo ezikhoyo ngokuhlaliswa kwabantu; kunye nezokugrogriswa kwababoneleli ngenkonzo ezingundoqo kwabo bachaphazelekileyo. Emnxebeni sinaye othethela uRhulumente wephondo uKhuselwa Rantjie…

View Details

Lenyuke layakuma kumashumi alithoba inani labantu ababikwe njengababhubhileyo kulandela izikhukhula ezibechaphazele imimandla eyohlukileyo eMpuma Koloni kwiveki ephelileyo. Kusenjalo, kukho izityholo zokukhutshwa kwabo bachaphazeleke kwizikhukhula kummandla waseMthatha eMpuma Koloni kwiindawo ebebefihle kubo iintloko. Kukwakho nezinye izityholo zokugrogriswa kwemibutho yesisa ebonelela ngeenkonzo ezingundoqo kwabo bazidingayo eMthatha. Intatheli yeli jelo uNkululeko Nyembezi usemnxebeni ukusixelela banzi ngoku…

View Details

Namhlanje uMzantsi Afrika uqaphela usuku lolutsha lwamashumi amane anethoba kuzwelonke. Olu suku luphawula isikhumbuzo sovukelo lwabafundi base Soweto ngomhla weshumu elinesithandathu kwinyanga yeSilimela ngo 1976, ngethuba abantu abatsha babamba uqhankqalazo oluchasene nomthetho wezemfundo yengcinezelo i-Bantu Education Act, owanyanzelisa ulwimi lwe Afrikaans njengolumalusetyenziswe ukufundisa ezifundweni kwakunye nokucinezela abantu abamnyama jikelele. Usekela mongameli welizwe u Paul Mashatile ulindeleke ukuba kungekudala awise intetho ephambili kulo msitho uqhutyelwa kwibala lezemidlalo i Reg Farm, ePotchefstroom kwiphondo loMntla Ntshona. Intatheli yethu u Sibahle Motha ukweli bala lezemidlalo....

View Details

Amapolisa EMpuma Koloni aqhuba nophando ngobuzaza bolwaphulo-mthetho lokushishina ngabantu. Oku ksemva kokubanjwa kwamadoda amabini eMatatiele ngoMgqibelo mayela netyala lokushishina ngabantu. Amapolisa ahletyelwe ngendoda ebihamba nabantwana abalishumi. Emnxebeni sinaye othethela othethela inkonzo yesipolisa ephondweni, uBrigadier Nobuntu Gantana…

View Details

Ngomso, ilizwe loMzantsi Afrika lizakube liphawula amashumi amane anethoba eminyaka sukela oko ulutsha lwango-1976 lwathi lwabamba uqhankqalazo olwalunxamnye nokufundiswa ngolwimi isiBhulu kwizikolo zeli. Ukanti ulutsha lwale minyaka lona lujamelene nangxaki zimbi, neziquka intswela-ngqesho nentlupheko, phakathi kwezinye izinto. Olu suku kulo nyaka luphawulwa phantsi komxholo othi: Skills for the Changing World – Empowering Youth for Meaningful Economic Participation. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe ophuma kwiziko iAhmed Kathrada Foundation, uSinenhlanhla Buthelezi, kwakunye nomlawuli kwiziko iWe are the People uLondi Mntambo...

View Details

IPalamente ibibambe ipalamente yolutsho izolo, eGood Hope Chamber eKapa. Le seshoni nebikwinqanaba eliphezulu, ibanjwe kwiintsuku nje ezimbini ngaphambi kosuku lwabantu abatsha, nalapho ibidibanise ulutsha olungamalungu epalamente, abawisi-mthetho bamaphondo nabamele ulutsha, ngelokubumba isicwangciso sokuphuhlisa ulutsha loMzantsi Afrika. Esi sicwangciso sizakuthiwa thaca kwigqungquthela yamazwe e-G20 ezakubanjwa kweli loMzantsi Afrika kulo nyaka. Ezinye zezithethi ebeziphambili kule ndibano, ibilitshantliziyo labantu abatsha abakhubazekileyo, uThembelihle Ngcai...

View Details

Ikomishoni yabathengi kazwelonke ichaze ukuba zilikhulu linamashumi mane ananye izithuthi zohlobo lwe VW Polo nezisibhozo eziyi Taigo emazibuyiselwe kubavelisi apha eMzantsi Afrika. Oku kubangelwa ngumonakalo obonwe kwi airbag yesitulo sangaphambili somkhweli. Lomonakalo unganobungozi kakhulu ukuba isithuthi singagaxeleka engozini, obunokusuba nobomi bomkhweli. Ukuva banzi ngoku, emnxebeni sinaye ongumanejala wezonxibelelwano kulekomishoni u Phetho Ntaba......

View Details

Umongameli uCyril Ramaphosa utyelele iintsapho ezithwaxwe ziimpuphuma eMthatha eMpuma Koloni, namhlanje. Oku kusemva kokuba abantu abangamashumi asixhenxe anesibhozo bephulukene nobomi babo ngethuba lezizikhukhula, abangamashumi amabini ananye kubo sele ifanisiwe imizimba yabo njengokuba inkqubo yokufanisa isaqhuba. Ukuva ngotyelelo luka mongameli, emnxebeni sinayo intatheli ye SABC uNomzwanele Mngoma...

View Details

Bangamashumi amathandathu anesixhenxe abantu abathe baphulukana nobomi babo kwizikhukhula ezintlithe ummandla iOR Tambo, eMthatha eMpuma Koloni. Oku kubhengezwe ngumphathiswa wesebe lentsebenziswano ngolawulo uVelenkosini Hlabisa, notyelele lammandla uyakujonga umonakalo. Zisaqhuba iinzame zokukhangela abanye abantu ekungabe bakhukhulisekile. Ngalenjikalanga, igqiza likarhulumente belibambe indibano noonondaba. Emnxebeni sinayo intatheli yelijelo uAbongile Jantjies.

View Details

Inyanga yeSilimela ibekelwe bucala ukuqwalasela isimo sengqondo samadoda ngokubanzi minyaka le. Namhlanje kwinkqubo yethu sinenjongo yokukhe sishukuxe imiba ejongene nesimo sengqondo samadoda neendlela ezikhoyo ukukhawulelana nalengxaki. Umbuzo ngowokuba ingaba isimo sengqondo sikatata sinegalelo elingakanani ekubumbeni amakhaya? Yilento ke sithe emnxebeni masikrwece ophuma kwiziko elijongene nokubumba amakhaya,i Ndibize Foundation, uPst Thando Ngwekazi.....

View Details

Isigaba sokuqala sophando oluvulwe ngokutsha ngokubhubha kwamatshantliziyo amane aziwa njenge Cradock four, siqukunjelwe kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha, eMpuma Koloni. Olu phando luvulwe ngokutsha ukuqwalasela iziganeko zokubulawa kwalamatshantliziyo awayechasene nengcinezelo ngonyaka ka 1985, naquka uMatthew Goniwe, Fort Calata, Sparrow Mkhonto, kunye noSicelo Mhlauli, nekutyholwa ukuba babulawa ngamapolisa orhulumente wengcinezelo. Olu phando lukwanika ithuba amalungu eentsapho zalamatshantliziyo ukuba zinike ubungqina okokuqala. Uphando lukwabandakanya ukutyelela kwiindawo ezithile eNxuba, eyayisakuba yiCradock, naseGqeberha apho imizimba yesisine yafunyanwa khona. USisipho Ngcumbe usilungiselele le ngxelo...

View Details

Umongameli uCyril Ramaphosa izolo ubhengeze ukubanjwa kweengxoxo zesizwe ezizakubanjwa ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yeThupha, neenjongo zazo ikukumanya abemi boMzantsi Afrika ukuze kuqutyiswane nemingeni ejongene neli lizwe, ze kuhlahlwe indlela yeminyaka engamashumi amathathu yekamva leli lizwe. Uthi ezi ngxoxo zizakubanjwa kube kanye kodwa kunjalo zizakuqhutywa izigaba ngezigaba kuqalisa ngeemboniswano zasekuhlaleni, iingxoxo zamacandelo ohlukileyo ze zikhokhelele kwiindibano zamaphondo nezika zwelonke. Phakathi kwemiba ekuzakuqutyiswana nayo kwezi ngxoxo, kukungalingani ngokwentlalo, intswela-ngqesho, intlupheko, ezolawulo, impatho-mbi yamanina, ubuhlanga neminye. Ukungena nzulu ngokuqulethwe zezi ngxoxo, sithe masikrwece intloko yeziko elichasene nobuhlanga norhulumento lwentando yesininzi, kwiDyunivesithi i Nelson Mandela eGqeberha, uNjingalwazi Bheki Mngomezulu...

View Details

Kufunyenwe eminye imizimba emithathu yabantwana besikolo namhlanje, kwabo bebekhangelwa emva kokukhukhuliseka nomlambo ngelixa benqumla ibhulorho ngesithuthi izolo, kwindawo yase Decoligny kwingingqi yaseMthatha. Balishumi elinanye abantu ebebechazwe njengabalahlekileyo izolo, kwaye baliqela abahlangulwe emva kokuvaleleka likhephu kwingingqi yase Alfred Nzo, kulandela isimo sezulu ebesimaxongo. Ukusabela banzi ngoku, emnxebeni sinayo intatheli yethu elandela elinqaku u Fundiswa Mhlekude......

View Details

Iingxelo zithi kusweleke abantu abasixhenxe kwizikhukhula ezithe zahlasela ummandla wase OR Tambo eMpuma Koloni. Oku kubangele abahlali base Decoligny eMthatha basale bengenamakhaya. Ngentsasa yanamhlanje, aboncedo lokuqala bebemanxada-nxada bezama ukuhlangula abo bavalelekileyo. Kusenjalo, lusaqhuba uphando lokukhangela ibhasi ebinabafundi abalishumi elinesithoba nekhukhuliswe ngumsinga. Emnxebeni uVuyolwethu Mabeqa ubambe intatheli elandela eli nqaku, uFundiswa Mhlekude...

View Details

Imozulu embi ichaphazele kakubi iihambo ezindleleni nalapho kubekho iindlela ezivalwayo neengozi, ngenxa yezikhukhula nekhephu. Kusweleke abantu abahlanu kwenye ingozi yetaxi kuhola wendlela uN2 kufuphi nase Chintsa eMonti. Ukuva banzi ngomonakalo odalwe yile mozulu ezindleleni, emnxebeni sibambe isithethi sesebe lezothutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose...

View Details

Iqela i African Transformation Movement libhengeze ukuchongwa kuka Njingalwazi Caeser Nongqunga njengomongameli walo omtsha. uNongqunga ungena ezihlangwini zika Vuyo Zungula nothe wakhokhela eli qela njengomongameli susela ukusekwa kwalo ngo 2018. Ikomiti yesigqeba esiphezulu yeqela ithi igqibe kwelokuba uNongqunga uzakukhokhela ukwakha nokukhulisa iqela lo gama uZungula yena ezakugxila kumsebenzi wokukhokhela iqela ePalamente. Ukuva banzi ngesi sigqibo emnxebeni ngoku sinaye umhlalutyi wepolitiko uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast...

View Details

Kwilinge lokuzama ukuzisa ucwangco kwiziko lemfundo ephakamileyo i Walter Sisulu eMthatha, umbutho i Academic and Professional Staff Association (APSA), ubambe intlanganiso nabakulawulo kweliziko lemfundo. Lombutho ukwameme neenkokheli zokuhlala noluntu kwiindawo ezingqonge le univesithi, ukuba zingenelele kwelikhwelo lokuzisa uzinzo kweliziko lemfundo ephakamileyo. U Amanda Xhala ubambe udliwano ndlelbe nothethela i APSA U Masomelele Nongandlela ngoku.....

View Details

UMzantsi Afrika ujamelene nengxaki yokwanda kweqondo lokulahleka kwabantwana. Umbutho iMissing Children South Afrika uthi ngokwecandelo elijongene nabantu abalahlekileyo kweli, abantwana kweli lizwa balahleka qho ngeeyure ezintlanu. Likwathi kubantwana abalahlekileyo, ngumyinge we-77% othe wafumaneka, ngeli lixa i23% ingekafumaneki, bambi bethutyeleziswe kwamanye amazwe, abantu beswelekile. Ukuxoxa banzi ngale ngxaki, kwa nokukhangela izisombululo, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umququzeleli wombutho iMissing Children South Africa, uBianca van Aswegen. Ukanti kamva, sizakubanayo ingqonyela yombutho iSave the Children South Africa, uGugu Xaba, kwakunye nengcali kwimiba yolwaphulomthetho, uGqirha Thompho Tshivhase...

View Details

Ukuphawula iminyaka elikhulu yokuzalwa kongasekhoyo owayeligqala lomzabalazo, uRobert Mangaliso Sobukwe, kubanjwe umyhadala wemiboniso bhanya-bhanya eRhafu kwiMpuma Koloni, nequkunjelwa namhlanje. Lo myhadala, nobizwa ukuba yi 'Visionaries of Freedom' uqale ngomhla wesihlanu kule imiyo, kwaye injongo yayo kukufundisa uluntu ngeli gqala lomzabalazo wokulwela inkululeko, uSobukwe, nokuzisa ubugcisa kulo mandla. Ukusabela banzi, emnxebeni uVuyolwethu Mabeqa ubambe igosa lonxibelelwano lalo mnyhadala, uSinethemba Gayiza...

View Details

Uqoqosho loMzantsi Afrika luthwaxwa yimingeni eliqela, nequka intswelangqesho, intlupheko nokungalingani, nto leyo ibachaphazelayo abo sele bethweswe izidanga nabafuna imisebenzi, ukuze babenakho ukuthatha inxaxheba kwezoqoqosho. Ukanti i-arhente yezobuchwephesha, i-Technological Innovation Agency, yenza unako-nako ukuzama ukuqubisana nale mingeni. Ngale nkquboz, abafundi abasele bephumelele izifundo zabo banikwa inkxaso-mali ukuze baqhube uphando kwiinkalo ngeenkalo, nto leyo ingatshintsha izinto kuqoqosho lwephondo iMpuma Koloni. Ukuva banzi ngalo mba, uVuyolwethu Mabeqa ubambe emnxebeni oyi Programme Manager kwiTechnology Stations Programme kule arhente, uNanga Mjila...

View Details

Abasebenzi benkampani yamavili eKariega u Good year, bavakakalise umothuko nenkxalabo ziindaba zokuba lenkampani izakumisela u section 189A, wenkqubo yohlengahlengiso lweenkqubo zokusebenza zalenkampani. Oku kuzakushiya abasebenzi abangapha kwamakhulu asithoba bengenamisebenzi. Oku kubhengezwe kwintlanganiso ebibanjwe kulenkampani ngabakulawulo. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sinaye ophuma kwimanyano yabasebenzi i Numsa apha ephondweni, u Mphumzi Maqungo.....

View Details

INTRO: Isebe elijongene nolawulo kwiinkonzo zikarhulumente, likhuthaze abantu abatsha abano Grade 12 bafake izicelo kwizikhundla ezikwarhulumente, nokuba abanamava omsebenzi. Eli sebe belivele phambi kwekomiti yasepalamente ukuxoxa ngesimo sengqesho ngakulutsha. Le yinxalenye yokuphelisa intswela ngqesho bekwaxhobisa ulutsha. U Vuyolwethu Mabeqa ukuphathela ingxelo kaZalene Merrington.

View Details

Uphando olusandulukwenziwa yinkampani ezimeleyo i TPN, lufumanise ukuba eMzantsi Afrika bangapha komyinge ka 2.9 percent abasebenzi ezikolweni abafunyaniswe benamatyala aquka ubundlobongela, nokuxhaphaza ngesondo, phakathi kwenyanga YeKwindla kunyaka ophelileyo uyakutsho kweyoMdumba kulonyaka. Kwinkqubo ndaba yethu namhlanje u Ayabonga Kekana uncokole nengqonyela ye NAPTOSA apha eMpuma Koloni u Loyiso Mbinda

View Details

Kwiveki ephelileyo umphathiswa wesebe lentsebenziswano kulawulo lukarhulumente, ubhengeze ngokusesikweni ukuvulwa kwexesha lolwaluko lasebusika lwalonyaka. Iphulo lalonyaka lilandela unyaka obenzima ka 2024 nalapho kubhubhe abantwana abaselula abangamashumi asithoba anesine, abalishumi elinanye banyanzeleka ukuba banqunyulwe ubulungu babo ngenxa yokungakhuseleki kwesiko lolwaluko kwilizwe. U Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nosekela sihlalo wendlu yeenkosi eMpuma Koloni u Nkosi Gwazinamba Matanzima....

View Details

Ujaji Phillip Loubser uxelele inkundla ephakamileyo yaseFreystata e Bloemfontein ukuba igunyabantu lezotshutshiso kwisizwe, iNPA, bekufanele lazile ukuba ngumphathiswa weSebe lophuhliso lomgaqosiseko nobulungisa kuphela onamagunya okwenza isicelo kurhulumente waseMelika, somyalelo wokudidinjelwa kuka Cholota kweli. Echophele ityala eliqandusele kwelinye ityala, uJaji Loubser uthi akhange kulandelwe imigaqo efanalekileyo ngethuba kusingethwe lo mba. Uthi isigwebo esiyalelayo senkundla yezibheno, kwisithuba seenyanga ezimbini ngaphambi kokuba iNPA icele ukudidinjelwa kuka Cholota kweli, bekufanele ukuba sibe ngumkhombandlela ngenyathelo emalithatyathwe yi NPA. UKamohelo Tsotetsi usenzela le ngxelo...

View Details

Ziqalile iintshukumo zomthetho kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha kwiMpuma Koloni, nalapho kuvulwe ngokutsha uphando ngokusweleka kwesine saseCradock, kwiminyaka ephantse ibe ngamashumi amane aswelekayo la matshantliziyo ayechasene nocalucalulo ngokobuhlanga kweli, ebulawa ngamapolisa orhulumente wengcinezelo. Iintsapho, ekaMathew Goniwe, ekaFort Calata, ekaSicelo Mhlawuli nekaSparrow Mkhonto, zithi zisakhangela inyaniso nentatho-xanduva ngokusweleka kwabo. USisipho Ngcumbe uza nengxelo...

View Details

Ingxelo yomkhuseli woluntu iligxeke kabukhali isebe lezempilo eMpuma Koloni, ngokusilela kwalo ukunikezela izixhobo ezaneleyo nabasebenzi kwisibhedlele i Dora Nginza eGqeberha, nto leyo ithe yashiya eli ziko nabasebenzi kwiimeko ezinganyamezelekileyo. Kule ngxelo umkhuseli woluntu uKholeka Gcaleka, ubalule phakathi kwezinye izinto ukushokoxeka kwabasebenzi nezixhobo zonyango, ukhuseleko olushokoxekileyo kwakunye negumbi elingamelaniyo nomthwalo wamanina azokubeleka, ntoleyo enyanzelisa amanina akhulelweyo ukuba alale phantsi. Ukusabela banzi ngeempendulo ezinikwa lisebe kwezi meko zalathwa yile ngxelo, emnxebeni sinaso isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo...

View Details

Ibhanka yeposi ilumkisa abaxhamli bemali yesibonelelo sendodla karhulumente, ngabantu abazenza ngokungathi ngabasebenzi be Postbank abahamba bengena kumakhaya abaxhamli besisibonelelo, ngelinge lokubaphanga imali yabo. Kutyholwa ngelithi ababantu bangena kumakhaya balukuhle abaxhamli ukuba babanike amakhadi abo endodla neenkcukacha zokukhupha imali kulamakhadi ( bank pin), besenza ngokungathi kukho into efuna ukulungiswa kumakhadi abo, beboyikisa nangokuba abazokuyifumana imali yabo ukuba oku akwenzekanga. Ukusabela banzi ngoku, sithetha noThami Cele ophuma kwi Posbank...

View Details

Sele ingunyaka ngoku susela uMzantsi Afrika wabamba unyulo lukazwelonke ngomhla wamashumi amabini anethoba kwinyanga ka Canzibe ngo 2024. Olu nyulo lwadala imbali nalapho iqela elikhulu kweli i African National Congress yaphulukana nesininzi sayo epalamente okokuqala susela ukubanjwa konyulo lokuqala lwentando yesininzi ngo 1994. Ukanti unyulo lwanyakenye lwaqandusela ekubunjweni korhulumente lobumbano lwasezizwe nalapho amaqela ohlukileyo ngezimvo zopolitiko nangemigaqo nkqubo ahlanganisana ndawonye esakha lorhulumente usezintanjeni sithetha nje. Kunjalo, akho namanye amaqela afumana iivoti ezivisayo, nangazange azibandakanye kulo rhulumente. Ukusincedisa ukuhlalutya unyaka emva konyulo, impumelelo kwakunye nemingeni yorhulumente wobumbano ngokuphathelele kwezopolitiko, uqoqosho nentlalo, emnxebeni ngoku sinabo abahlalutyi bezopolitiko uHlumelo Xaba kwakunye no Dr Makhosandile Kwaza...

View Details

Umhlobo kaPhilangenkosi Makhanya ongumrhanelwa ophambili kwityala lokubulalwa kuka Olorato Mongale uchaze ngeziganeko nokwenzeke ngeyure zokugqibela zikaMakhnaya phambi kokuba abulawe kudubulwano namapolisa ngentseni yangoLwesihlanu (30 May). Indoda eqeshe indawo yokuhlala eManzimtoti kumazantsi eTheku apho uMakhanya adutyulwe khona, uthethe neziko lendaba iSABC. Uthi wathandaza noMakhanya kwimizuzwana embalwa phambi kokuba amapolisa angene kwindlu yakhe. UFanele Mhlongo uqulunqe le ngxelo...

View Details

Isiganeko sokubulawa kukaOlorato Mongale ngabantu ekuchazwa ukuba bebengaphandle ngebheyile ngamatyala afana neli, sivuse ingxoxo-mpikiswano ngomba webheyile. Ngokwengxelo yamapolisa, uPhilangenkosi Makhanya, nongumtyholwa ophambili kwityala lokubulawa kukaOlorato, ebekhululwe nge-Bail ngo-Tshazimpuzi walo nyaka, kwityala lokuxhwila nokuphanga. Izimvo zoluntu ziyabethana. Bambi bathi oku kubonisa ukuba bhetye-bheye kwenkqubo yezobulungisa kweli. Ibheyile lilungelo elikhoyo kumgaqo-siseko weli, nelixhamlwa nangowuphi na umtyholwa othe wabanjwa. UAyabonga Kekana uncokola nengcali kwimiba yezomthetho, uAdvocate Dumisani Appolos…

View Details

Umphathiswa wezothutho nokhuseleko loluntu eMpuma Koloni u Xolile Nqatha namhlanje utyelele ilokishi yase Valencia eAddo eMpuma Koloni nalapho bekuqhambuke udushe olusube ubomi babantu abane. Olu dushe luqalise emva kokubhubha komhlali walapha kutyholwa ukuba ubulewe ngabemi bangaphandle, ze abahlali baziphindezela nto leyo ikhokhelele ekubhubheni kwabemi bangaphandle abathathu. Ukuzakuthi ga ngoku azibanga yimpumelelo iintlanganiso ebezithe zabizwa phakathi komaspala noluntu nanjengoko abahlali bebengafuni ukuba abemi bangaphandle babuyele kwilokishi yabo. Ukuva banzi ngolu tyelelo, sinaye ngoku emnxebeni umphathiswa wokhuselelo loluntu nezothutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha...

View Details

Ngethuba ewisa intetho engolwabiwo-mali kwiveki ephelileyo, umphathiswa wemicimbi yemali, uEnoch Godongwana, ubhengeze ukuxhaswa kothungelelwano lweziseko ezingundoqo ngemali ekwi-trillion yeerandi kule minyaka mithathu izayo. Oku kwakukhokelela ekuqaleni kwamaphulo amakhulu olwakhiwo, nto leyo eyakunceda ekukhuliseni uqoqosho lweli, ze kuvelise nezithuba zengqesho. Noxa kunjalo, ingxaki yobusela nokonakaliswa kweziseko ezingundoqo yingxaki eli lizwe elijamelene nayo. Ingaba le ngxaki yobusela nokonakaliswa kweziseko inegalelo elingakanani kwiqondo lentswelangqesho elijamelene nayo eli lizwe, kwa nasekuqhubeni kwamaphulo amakhulu olwakhiwo kweli? Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe usekela-mphathiswa weSebe lemisebenzi yoluntu neziseko ezingundoqo, uSihle Zikalala...

View Details

UMpicothi-zincwadi jikelele, uTsakani Maluleke, uvakalise inkxalabo ngokungaphucuki kweziphumo zopicotho kooMasipala kweli. NgokukaMaluleke, ngooMasipala abangamashumi amane ananye (41) kwabo bayi-257 abafumene upichotho olungenachaphaza. UMpicothi ukuveze oku kwingxelo ebeyinikeza ePalamente izolo. On the line now Ayabonga Kekana is joined by the Head of Portfolio in the Eastern Cape from the AG's office, Vanuja Maharaj…

View Details

Isibhedlele iSt Elizabeth eLusikisiki ,eMpuma Koloni besibambe inkonzo yesikhumbuzo yabasebenzi bezempilo abadutyulwa babhubha eLusikisiki. Umphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa bekulindeleke ukuba azibandakanye nabasebenzi bezempilo kule inkonzo yesikhumbuzo. UThandokazi Duntsula oneminyaka eyi39 ubudala wadutyulwa kunye nomyeni wakhe uMzingisi Duntsula ekhayeni labo. Ukuva banzi emnxbeni sinayo intatheli yeli ziko uNomzwanele Mngoma...

View Details

Ingxelo yakhutsha nje ekhutshwe liziko lenkcukacha-manani uStats SA ibonisa ukuba bayi-25-point four million abantu kweli abaxhomekeke kwisibonelelo sikarhulumente. Oku kubonisa ukuba inani labantu abaxhamla kwizibonelelo zikarhulumente lenyukile ukusuka ku-12-point eight percent ngo-2003 ukuya ku-40-point one percent ngo-2024. Iqondo lentswela-ngqesho eMzantsi Afrika limi ku-32-point nine percent kwikota yokuqala ka-2025. Ingaba oku kubonisa ntoni ngeenzame zokulwa ukungalingani nendlala kweli? Oku kuthetha ukuthini ngemigaqo-nkqubo ejolise ekupheliseni indlala nokungalingani kweli? Ukuphendula le mibuzo neminye, uAyabonga Kekana uncokole nomhlalutyi wemigaqo-nkqubo uLelona Mxesibe nalapho siqale ngokumbuza ukuba ingaba ezi nkcukacha-manani zithetha ukuba abemi beli baxhomekeke kuRhulumente?

View Details

Abahlali baseValencia eAddo eMpuma Koloni basothukile ngokubulawa komnye wabo, nekutyholwa ukuba ubulewe ngummi welinye ilizwe. Izenzo zokuziphindezela zikhokhelele ekuswelekeni kwabemi bangaphandle abathathu. Iintlanganiso phakathi komasipala kunye noluntu azikhange zibe yimpumelelo kuba abahlali besithi abafuni abemi bamanye amazwe babuyele kwilali yabo. ULerato Fekisi usenzele le ngxelo....

View Details

Umbutho iPublic Interest South Africa, ubhalele usihlalo wekomiti yemicimbi yonxibelelwano ePalamente, uKhusela Sangoni, ucela ukunikwa ithuba lokungenisa ngokusemthethweni ingxelo ePalamente. Le ngxelo ijoliswe ekukhabeni isiphakamiso sakutsha nje, esenziwe nguMphathiswa weSebe lonxibelelwano nobuchwepheshe bale mihla, uSolly Malatsi, sokuba inkampani kaElon Musk, iStarlink, ingathobeli imiqathango yephulo lokunikwa kwabaNtsundu amathuba oshishino ababewavinjiwe ngaphambili, i-B-BEE, kwicandelo lebuchwepheshe bonxibelelwano nolwazi, i-ICT. Namhlanje, uMalatsi uvela phambi kwale Komiti ukunika ingcagciso kwesi sigqibo. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nengcali yezorhulumento, uSandile Swana.

View Details

Abantu bokufika kweli kummandla waseAddo kwiMpuma Koloni, bathi baxelelwe ngabahlali ukuba bangabuyeli kwilokishi iValencia kuba akukhuselekanga ukwenza oko. Oku kulandela udushe lwangempelaveki phakathi koluntu lwala mmandla nabantu abaphuma ngaphandle kweli, nolushiye abantu abane beswelekile, ze abalishumi bangeniswa esibhedlele. UAyabonga Kekana uncokole nentatheli yeSABC uLerato Fekisi...

View Details

IPalamente imememe uMphathiswa wesebe lezonxibelelwano nobuchwepheshe uSolly Malatsi kunye nesebe alikhokeleyo ukuba bavele phambi kwayo. Oku kulandela umyalelo osuka kuMalatsi ukuba kumiliselwe iinguqu ezintsha kwimigaqo nqkubo yokuxakathiswa kwabantu abantsundu ngentlutha (BEE Policies) kwicandelo le-CT. Oku kungahlahl'indlela yokuba iinkampani ezifana neyesinhanha u-Elon Musk i-Starlink ityale imali kweli lizwe ngaphandle kokuhambelana nomqathango wobunini bomyinge wama-30 ekhulwini. Kulindeleke ukuba ihlale ngoLwesibini kwiveki ezyo le ntlanganiso. Yintoni i-Starlink? Siyayidinga? Izakubaluncendo olunjani kuthi? Le yimibuzo esifuna ukuyiphendula kwaye, emnxebeni sinayo ingcali kwimiba yophuchwepheshe uSiphumelele Zondi.

View Details

Idale iintetha nezimvo ezahlukileyo indibano phakathi koMzantsi Afrika ne Melika xeshikweni igqiza leli likhokhelwa ngumongameli uCyril Ramaphosa etyelele iMelika ekhokhelwa ngumongameli wela lizwe u Donald Trump. Injongo yolu tyelelo ibukukuvuselela ubudlelane obuthande ukuba muncu phakathi kwala mazwe.

Ingaba olu tyelelo lube yimpumelelo kusini? Emnxebeni simeme uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast ozinze kwidyunivesithi i Nelson Mandela eGqeberha, kwelinye icala sinaye uGqirha Xolisile Ngumbela ophuma kwidyunivesithi yase Freyistata...

View Details

Ziyabethana izimvo ngesibhengezo sikaRhulumente sokwenyusa irhafu kumafutha ezithuthi. Kulindeleke ukuba lo funqu uqalise kwinyanga ezayo emva kokuba ikhe ayonyuwa isithuba seminyaka emithathu. Umphathiswa wesebe lemali, u-Enoch Godongwana, ngoLwesithathu uthe thaca uhlahlo-lwabiwo lonyaka-mali ka-2025/26 ePalamente eKapa. Emnxebeni uAyabonga ubambe ingcali kwimiba yezoqoqosho, uNjingalwazi Bonke Dumisa...

View Details

Ngale mva kwemini, ilungu lesigqeba solawulo kwisebe lezempilo eMpuma Koloni, lithethe nabeendaba ukunika eza mva nje kumba wokulahleka kweemveku ezimbini neziye zaphinda zafumaneka, kwisibhedlele iDora Nginza eGqeberha. Isebe limisele inkqubo yophando ngokumalunga nesiganeko sokubiwa kwababantwana. Kodwa ukuba sive ngokuthethwe ngumphathiswa, emnxebeni ikhona intatheli ekwasesibhedlele, uSisipho Ngcumbe...

View Details

Isiganeko sokuxhwilwa kweentsana ezimbini kwisibhedlele iDora Nginza eGqeberha, siphinde savuselela inkxalabo ngokhuseleko kumaziko ezempilo kwiphondo iMpuma Koloni. Izolo, kuye kwabanjwa amanina amabini natyholwa ngokuxhwila abantwana abangamakhwenkwe eDora Nginza. UAyabonga Kekana uncokole nesithethi sesebe lezempilo uSizwe Kuphelo.

View Details

Umongameli Cyril Ramaphosa uxelele umongameli waseMelika uDonald Trump ngethuba lendibano noonondaba eWhite House, ukuba akuhlaselwa kubulawe abantu abamhlophe ngobuninzi eMzantsi Afrika. Ezinkokheli zithethe noonondaba ngaphambili kokubamba iingxoxo zabucala eWhite House. Abathunywa boMzantsi Afrika baquka abaphathiswa, oosomashishi, iimanyano zabasebenzi nabadlali begalufa abaziwayo. Umongameli Ramaphosa uthi ulwaphulomthetho eMzantsi Afrika luchaphazela zonke iintlanga. Oku kuza nanjengoko kuthe tshitshilili ulwazi olungeyonyani ngoMzantsi Afrika eMelika, lokuba kubulawa amafama amhlophe kweli lizwe. Injongo yale ndibano ibikukomezela ubudlelane obungebuhlanga phakathi kwala mazwe mabini, kuvuselelwe nentsebenziswano. Umongameli weli uyichaze le ndibano njengeyimpumelelo kulandela indibano esekhusini noTrump. Uye waqinisekisa ukuba iMelika izakuthabatha inxaxheba kwingqungquthela yeG20 ezakubanjelwa eMzantsi Afrika, ngenyanga yeNkanga. Ukushukuxa le ndibano, emnxebeni masamkele iingcali zethu kwimiba yopolitiko, ugqirha Mkhuseli Vimba...

View Details

Unondyebo woMzantsi Afrika kuhlahlo lwabiwo mali lwakhe ugxininise into yokuba irhafu yentengo izakuhlala kumyinge ka 15% nto leyo ekhokhelele ekubeni kurhoxiswe imigqaliselo ebizakukhusela amakhaya angenzi ngeniso ingakanani, ngakwisigqibo sokonyuswa kwe VAT. Umphathiswa wezimali, uEnoch Godongwana, uthe bakwazile ukuphumeza le budget ngokuthi bacuthe kulwabiwo olongezelelekileyo nathe wagxininisa ukuba oku ayikokucutha ibudget. Phakathi kwezinye izinto, uphakamise ukonyusa irhafu etywaleni nakwiimveliso zecuba, nakwirhafu yamafutha. UMzantsi Afrika usajongene neengxaki zemali nalapho esachitha imali ngaphezulu kokuba esenza ingeniso. Ukuba sihlalutye uhlalo lwabiwo mali lwelityeli, emnxebeni sinaye usoqoqosho, uXhanti Payi...

View Details

Zothukile iintsapho kunye nabazali kukulahleka kwabantwana ababini abasandula kuzalwa ngokuhlwa kwa ngoLwesibini kule veki, kwisibhedlele iDora Nginza , eGqeberha eMpuma Koloni. UAyabonga Kekana uncokole nelungu lolunye usapho, uNamhla Stofile kwakunye nesithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni, uSizwe Kuphelo.

View Details

Ngenjikalanga yanamhlanje umongameli uCyril Ramaphosa uzakudibana nomongameli waseMelika uDonald Trump, kwindibano ekudala ilindelwe. Umphathiswa wesebe lobudlelane namazwe angaphandle uRonald Lamola, nokhokhela igqiza labaphathiswa elipheleke uRamaphosa, ungqinile ukuba bakulungele ukuba yinxalenye yale ntlanganiso, nezakuvuselela ubudlelane phakathi kwala mazwe. Kukho iingxelo ezithi phakathi kwabantu abapheleke umongameli ngusomashishi waseMzantsi Afrika uJohann Rupert, kwakunye nentshatsheli yomdlalo wegalufa uErnie Els. Emnxebeni, uAyabonga Kekana ubambe usoqoqosho ojongene norhwebo lwamazwe ngamazwe nophuma kwidyunivesity iUNISA, uMzwanele Ntshwanti...

View Details

Kukho isiphakamiso sokuvalwa kwezinye ii-Universities okanye ziguqulwe zibe ziiKholeji ezizakunikeza uqeqesho lwezakhono oluzakunceda ulutsha ukuba lufumane imisebenzi xa lugqibile ukufunda; kunokuba baxhonxwe ngezifundo nezakhono ezingadingwayo luqoqosho lweli. Zibalelwa kumashumi amabini anesithandathu ii-University ezikhoyo eMzantsi Afrika. Ayabonga Kekana speaks with Efficient Group Economist Dawie Roodt

View Details

Abenkonzo yemozulu eMzantsi Afrika bakhuphe isilumkiso sika level 2 wemozulu engentlanga eMpuma Koloni, ukususela ezinzulwini zobusuku bangomso. Imisinga yomoya obandayo kulindeleke idlule kweli phondo, isuka kwelaseNtshona Koloni. Yimimandla eliqela ezakuthi ichaphazeleke kweli phondo, kuquka nomasipala ombaxa iNelson Mandela Bay. To hear more about the weather warnings, on the line we are now joined by Weather Forecaster from the SA Weather Service, Kevin Ingram...

View Details

Baqabele kumawaka angamashumi asibhozo abasebenzi abalahlekelwe yimisebenzi kwiinyanga ezintathu zokuqala zonyaka ka 2025, kwiphondo leMpuma Koloni. Oku kuthetha ukuba ngoku iqondo lentswela-ngqesho kwiphondo lifikelele kumyinge wamashumi amathathu anethoba ekhulwini (39%), ukusuka kumyinge we 36-point-6 Percent kwiinyanga ezintathu zokugqibela zonyaka ophelileyo. La ngamanani akhutshwe liziko leenkcukacha manani i Stats SA kule veki siyishiyayo. Iphondo leMpuma Koloni ngoku lelesibini kumaphondo eli ngokwamaqondo aphezulu entswela ngqesho, ubukhulu becala ilulutsha olungaphangeliyo. Ukanti urhulumente weMpuma Koloni uvakalise ukuzimisela ukuyiguqula le meko. Ukusincedisa ukufumana izisombululo kule ngxaki, emnxebeni ngoku sinaye othethela urhulumente weMpuma Koloni uKhuselwa Rantjie kwakunye nengcali kwezoqoqoso uGqirha Asanda Fotoyi...

View Details

Usapho lweenkondekazi ezimbini ezizalwa kunye, nezidutyulwe zabulawa ngethuba zilele kwikhaya lazo elikwi lali yase Upper Ncera ngaphandle kwase Dikeni eMpuma Koloni, lumemelela kwii arhente zonyanzeliso mthetho ukuba zikhawulezise uphando lwazo ukuze kohlwaywe abo banesandla ekubhubheni kwesisibini. Unobangela woluhlaselo nolwenzeke ngobusuku bangoMvulo awukaziwa, kwaye akukho mntu ubanjiweyo ngokwa ngoku. ULubabalo Dada usenzele le ngxelo...

View Details

Umphathiswa wesebe lemfundo ephakamileyo noqeqesho uGqirha Nobuhle Nkabane, usirhoxisile isigqibo sokuchongwa koosihlalo beebhodi zee-arhente eziphantsi kweli sebe, i-Sector Education and Training Authority, iSETA. Esi sigqibo silandela isankxwe nezityholo ezikhoyo zokuba kubekho ifuthe lezopolitiko ekuchongweni kwabagqatswa kwezi zikhundla. Abanye babantu abathe bachongwa kwezi bhodi, ziinkokheli ze-ANC KwaZulu-Natal, kunye nonyana womphathiswa wesebe lezimbiwa, uGwede Mantashe. Imibutho i-EFF ne-DA zicele umngeni kolu chongo. Emnxebeni sinayo ingcali kwimiba yorhulumento, uGqirha Levy Ndou nophuma kwiziko-mfundo iTshwane University of Technology

View Details

I-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika, iSASSA ngamafuphi, ithi ixhalabile ziingxelo ezibubuxoki nezilahlekisayo ngale arhente, neenkonzo zayo, nezisasazwa phantse yonke imihla. I-SASSA ithi kufuneka ithi gqolo ilungisa ulwazi olungachanekanga olusasazwa ngabantu abangenabuso, abanjongo zabo ikukulahlekisa, ukubangela uloyiko, nokudala ithemba elingeyonyani kubaxhamli beenkonzo zale arhente noluntu ngokubanzi. Ukanti ezakutshanje iindaba ezingeyonyani, zezokuba abantu baza kwamkela izibonelelo zabo zezentlalontle kabini kwinyanga ezayo. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sinaye ophuma kule Arhente, uPaseka Letsatsi...

View Details

Umphathiswa kwi-ofisi kamongameli, uKhumbudzo Ntshavheni, uthi urhulumente weloMzantsi Afrika ulindele intlonipho ekwiqondo eliphezulu kumongameli waseMelika, uDonald Trump. Umongameli uCyril Ramaphosa uzakube etyelele ilizwe laseMelika kwiveki ezayo. Iingxelo ezibubuxoki zokoxuthwa komhlaba, nezingangqinisiswanga zokubulawa kwesininzi sabamhlophe kweli lizwe, kwa nokufuduka kwabantetho isisiBhulu abakumashumi amane anethoba kweli lizwe befudukela eMelika, kulindeleke ukuba ibe yimiba ephambili kwiingxoxo xa zihlangana ezi nkokheli zimbini. Amagama abathunywa abaza kupheleka umongameli uRamaphosa ukuya eMelika, aza kwaziswa ekuhambeni kwexesha. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguSibahle Motha...

View Details

Kulahleke imisebenzi engapha kwamashumi asibhozo amawaka eMpuma Koloni kwiKota yokuqala ka-2025. Oku kuvezwe liziko leenkcukacha-manani, uStats SA, nalapho liveze ukuba iqondo lentswela-ngqesho kwiKota yokuqala eMzantsi Afrika, lenyuke layakuma ku-39.3%. Abantu abatsha eMzantsi Afrika, kuquka nalapha ephondweni, ngabona baninzi abangaphangeliyo. UAyabonga Kekana uncokole nothethela uRhulumente wephondo leMpuma Koloni uKhuselwa Rantjie

View Details

Amawaka amagcisa, abasebenzi bezenkcubeko, nabashishina kwelicandelo, babambe uqhankqalazo namhlanje ebekulindeleke ukuba luqale kwi Union buildings lusingise kwii ofisi zesebe lezobugcisa nenkcubeko, nalapho iinkokheli zalomngcelele bezizakunikeza uxwebhu lwezikhalazo kwi ofisi kamongameli nomphathiswa. Oku kulandela ukungaxoli nokuxhalaba kwalamagcisa yinto abathi kukufeda kulawulo kwelicandelo, ukunganakwa kwemithetho ethile nokungathathwa xanduva kwabo bamele ukwenza njalo. Kodwa ukuva banzi ngoku, emnxebeni sinaye ongumququzeleli walomngcelele u Zama Mlindeni Ntshona.....

View Details

Kwindibano noonondaba, umongameli waseMelika uDonald Trump, uthe kwiveki ezayo bazakuhlangana neenkokheli zelizwe loMzantsi Afrika. Izolo, bagaleleke eMelika abemi boMzantsi Afrika abamhlophe abantetho isisibhulu, nabathe bafaka izicelo zokuba ziimbacu kwelalizwe kuba besithi baya calucalulwa. Urhulumente woMzantsi Afrika uyigxekile lenkqubo, kwaye uyichaza njengenyathelo eliphenjelelwa zezopolitiko. Kulindeleke kwezinyanga zizayo elinye iqela liye kwela lizwe. Emnxebeni, uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yamazwe angaphandle, uGqirha Mkhuseli Vimba...

View Details

Igunyabantu lezotshutshiso kwisizwe, i-NPA, lithi lizakubhena ngakwisigwebo seNkundla ePhakamileyo yase-Gqeberha eye yamfumanisa engenatyala uMfundisi uTimothy Omotoso, nabanye abarhanelwa ababini. Kwinyanga ephelileyo, u-Omotoso nabarhanelwa ababini bahlanjwe kuwo nke amatyala abebetyatyekwa wona aquka ukudlwengula, ukushishina ngabantu nokuzenzela imali ngondlela mnyama. Oku kuza emva kokuba uJaji Erma Schoeman ethe kwisigwebo sakhe umbuso woyisakele ukungenisa ubungqina obuluqilima ngakubatyholwa. Ukanti umlawuli wezotshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, uthe esi sigqibo sithathwe emva kokuba igqiza lamagqwetha e-NPA liye lasiphonononga esi sigwebo, ngaphambi kokuba bafikelele kwesi sigqibo. Emnxebeni, uAmanda Xhala ubambe ingcali yezoMthetho, uAdvocate Dumisani Apollis, oza kusincedisa kuhlalutyo oluthe vetshe kulo mba...

View Details

EMzantsi Afrika iPolisa elinye lithwaliswe uxanduva lokujongana nabahlali abangapha kwamaKhulu amane. Oku akuhambelani nommiselo we-United Nations othi iPolisa elinye malijongane nabahlali abangamaKhulu amabini anamashumi amabini. Iingcali zikubona oku njengomngeni obangela amaPolisa angakwazi ukwenza umsebenzi wawo ngokupheleleyo ngenxa yoxinzelelo. Asondele ku-two-hundred thousand amaPolisa aqeshiweyo kweli. Kungalungiswa njani oku?UAyabonga Kekana uncokole nengcali yeNkonzo yesiPolisa, nephuma kwi-Yunivesithi iWalter Sisulu, uZimisele Nxafani…

View Details

Kwiveki esiyishiyayo umphathiswa wezemfundo eMpuma Koloni uFundile Gade ubekhwebe indibano noonondaba kwiziko i Mandla Makuphula eMonti, nalapho ebenikezela ingxelo ngomqela osele wenziwe lisebe lakhe kwiKota yokuqala kunyaka-mfundo ka 2025. Kule ndibano uGade unikezele iinkcukacha mayela nendlela abaqhube ngayo abafundi beMatric ephondweni, kwiKota yokuqala yalo nyaka ze wadandalazisa namaphulo oyamene nezemfundo azakuthi aqhutywe apha enyakeni nazakuncedisana nabafundi ukuze kuphuculwe iziphumo zokuphela konyaka. Ukungenza nzulu kwimiba athe wayondlala umphathiswa koonondaba neminye, emnxebeni ngoku sinaye umphathsiwa wemfundo eMpuma Koloni uFundile Gade...

View Details

Iziko elibizwa i-Institute for Water Research kwiDyunivesiti iRhodes, livelise isicwangciso esiyimpumelelo sokusebenzisa amaqula amanzi angaphantsi komhlaba, ukukhawulelana nomba wokushokoxeka kwamanzi kwela ziko-mfundo. Ulwakhiwo lwamaqula amatsha aluzukuphucula kuphela ubonelelo lwamanzi kule Dyunivesiti, koko luzakucutha nokuxhomekeka kwayo kumanzi kamasipala. UNandipha Plaatjie usenzele le ngxelo...

View Details

Usekela mongameli u Paul Mashatile nomphathiswa wesebe leenguqu kwezomhlaba u Mzwanele Nyhontso, banikezele ngeziqinisekiso zobunini mhlaba kwiindawo ezimbini zokuhlala ku Tsolo eMpuma Koloni. Oku njenge nxalenye yokuphawula iminyaka engamashumi amathathu susela ukumiselwa komthetho ongqamene nokubuyiselwa kwamalungelo obunini mhlaba. Ezindawo zimbini zoohluthwa lomhlaba kwiminyaka engamashumi asithoba eyadlulayo, ngexesha localucalulo. u Nozwanele Mngoma unengxelo....

View Details

Ibhodi yabaxhasi bezonyango, i-Healthcare Funders, isamkele isigwebo esiwiswe yinkundla ephakamileyo yaseMntla Gauteng, ngomba womthetho we-insurance yonyango kazweloke, iNHI. Esi sigwebo sinyanzelisa umongameli uCyril Ramaphosa ukuba acacise ngelokuba ufikelele njani kwisigqibo sokutyikitya lo mthetho. Oku, umongameli kufuneka ekwenze zingekapheli iintsuku ezilishumi. U-Ayabonga Kekana emnxebeni ubambe ongumlawuli kwi Board of Helathcare Funders, uGqirha Katlego Mothudi...

View Details

I-DA ithi iza kubhena ngakwisigwebo senkundla ephakamileyo yaseGauteng, nalapho le nkundla isikhabile isicelo salo mbutho sokuba umgaqo-nkqubo we-ANC ongqamene nokuqeshwa kwamaqabane kwizikhundla eziphezulu kurhulumente, uchazwe nje ngongahambelaniyo nomgaqo-siseko weli lizwe. Isicelo se-DA sikhatywe neendleko yila nkundla. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umhlalutyi uGqirha Nkosikhulule Nyembezi...

View Details

: Luvakalise umothuko usapho lomfundi weziko lemfundo ephakamileyo, iWSU, oneminyaka engamashumi amabini anesine ubudala, odutyulwe wabulawa ngexesha loqhankqalazo lwabafundi eMthatha eMpuma Koloni, ziindaba ezivele enkundleni zokuba unyana wabo, uSisonke Mbolekwa, wadutyulwa ngasemva. Oku kuvele ngethuba exinwa ngemibuzo umrhanelwa oneminyaka engamashumi amahlanu anesine ubudala, ngokuba kwenzeka ntoni kanye kanye ngexesha lesehlo. Umbuso uthi iziphumo emva koqhaqho lomzimba zibonakalisa ukuba lo mfundi waadutyulwa ngasemva. Umfi lo, uSisonke Mbolekwa nabanye abafundi ababini, baadutyulwa ngelixa kuqhankqalazwa. UFundiswa Mhlekude usenzele lengxelo...

View Details

Imanyano yabasebenzi-mgodini iNational Union of Mineworkers, ithi izakuthatha amanyathelo omthetho ngakubaphathi beNkampani yoMgodi eyomba iGolide iKopanong, ngezityholo zokuba abasebenzi abangamaBhinqa banyanzeliswa ukuba bahambe ze, ukuze kukhangelwe iGolide ekungabe kanti baphuma nayo phantsi koMgodi. Eyothusayo kwezi zityholo, kukuba oonogada kuthiwa baye banyanzelise nokukhangela le Golide kumalungu angasese amaNina. Ukuncokola banzi ngalo mba, uAyabonga Kekana ubambe isithethi se NUM, u Livhuwani Mammburu...

View Details

Luzakuthathisa kwakhona ngomso kwinkundla kamantyi yase Mthatha uviwo lwesicelo se-bail somrhanelwa oneminyaka engamashumi amahlanu anesine ubudala, ekutyholwa ukuba udubule wabulala umfundi wedyunivesithi i Walter Sisulu eMthatha, kwinyanga ephelileyo. Umtyholwa lo ujongene namatyala amahlanu aquka ukubulala, ukuzama ukubulala, nokufunyanwa nompu ongekho mthethweni neembumbulu. Utyholwa ngokudubula abafundi ngethuba loqhankqalazo kula dyunivesithi. Ingxelo iza no Fundiswa Mhlekude...

View Details

Namhlanje i-DA ibhenela kwiNkundla ephakamileyo ePitoli nalapho icela umngeni kumthetho wezengqesho, i-Employment Equity Amendment Act. Lo mbutho uxoxa ngelithi, lo mthetho unxulumene nebala kwezengqesho ungavalela abemi boMzantsi Afrika abaninzi kumathuba emisebenzi, kwaye uzakuchaphazela nakakubi uqoqosho lweli. Lo mthetho, nohlonyelwe kulowo wangaphambili wawumiselwe ngo-1998; umemelela umakulinganwe kwiindawo zengqesho ngokweSini, ngokoHlanga, ngokweNkolo, nangokwemivuzo, phakathi kwezinye izinto. UMzantsi Afrika unomngeni wokungabikho kokulingana kwimivuzo ehlawulwa abasebenzi abakwisikhundla esinye. UAmanda Xhala uncokole banzi nengcali kwimiba yoRhulumento nezeNgqesho, uGqirha Zwelinzima Ndevu…

View Details

Zirhoxisiwe izityholo ngakumama wase Mpuma Koloni otyholwa ngokubulala indoda eneminyaka engamashumi mathandathu anesihlanu ubudala, etyholwa ngokudlwengula intombi yakhe ephila nokhubazeko. Lomama oneminyaka engamashumi mane anesine ubudala, uvele kwinkundla kamantyi yaseCacadu efudula iyi Lady Frere. Esisehlo senzeke kulonyaka uphelileyo eCacadu. Umama lo waye wabanjwa waphuma ngebheyile yamakhulu amahlanu eerandi. u Nomzwanele Mngoma uyabalisa.....

View Details

Ulindeleke avele enkundleni umama otyholwa ngokubulala indoda ayityhola ngokuba yayidlwengula intombi yakhe ekhubazekileyo. Umtyholwa uzakuvela kwinkundla kamantyi yaseLady Frere. Kukwalindeleke ukuba inkulubaphathiswa yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane kwakunye nomphathiswa wesebe lemicimbi yophuhliso loluntu uBukiwe Fanta, bayokuxhasa elinina. UAyabanonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nentatheli yethu uNomzwanele Mngoma.

View Details

Nanjengoko siqhuba nokuphawula inyanga yabasebenzi, namhlanje sijonga kwiimanyano zabasebenzi. Ngumyinge wamashumi amabini anesibini ekhulwini wabasebenzi abaphantsi kweemanyano zabasebenzi, kwaye uninzi lwamalungu ezi manyano ngamadoda. Ezi nkcukhaca-manani zingaphendula umbuzo wokuba abasebenzi abaninzi abanathemba kwiimanyano zabasebenzi kusini na. Ingaba kunjalo ngenene? Ukuphendula lo mbuzo neminye, uAyabonga Kekana uncokola nesithethi somfela-ndawonye weemanyano zabasebenzi iCOSATU, uZanele Sabela

View Details

Kule veki, uluntu loMzantsi Afrika belubhiyozela usuku lwabasebenzi, iWorker's Day ngolwasemzini. Oku kukunika ingqwalasela nembeko kubasebenzi. Lukwaphawula igalelo labasebenzi nemibutho yabasebenzi ekulweni inkqubo yengcinezelo kwa nokuqinisekisa ukuba abasebenzi abacalucalulwa kwiindawo zengqesho. Nangona kunjalo, iimbono ziyabethabethana ngokubhekiselele kolu suku. Bambi bathi besacinezelekile abasebenzi kwiindawo zeengqesho, olu suku abaluboni intsingiselo yabo, ngeli lixa abanye bencoma ngokusele kwenziwe ukunika ingqwalasela kubasebenzi. Kwinkqubo-ndaba yakho namhlanje, uAyabonga Kekana uhleli nothethela umfelandawonye wemibutho yabasebenzi iCOSATU uZanele Sabela, kwakunye nonobhala-jikelele weSAFTU, uZwelinzima Vavi....

View Details

Abasemagunyeni kumasipala ombaxa waseBuffalo City, abezenkolo nabezopolitiko,namhlanje,bazakutyelela usapho lwabantu abathathu abatshiswa basweleka kwityotyombe labo eMdantsane, eMpuma Koloni.Umrhanelwa ulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi eMdantsane ukuya kufaka isicelo sebheyile ngokusesisikweni ngoMvulo. Emnxebeni sinayo intatheli yethu elandela eli nkqaku uAbongile Jantjies....

View Details

Umongameli we ANC uCyril Ramaphosa uzakunikezela intetho ephambili yenkxaso kwimibhiyozo yosuku lwabasebenzi ebanjelwe eMiddelburg kwiphondo laseMpumalanga. Uzakwabelana iqonga neenkokheli zamahlakani kanxantathu -umongameli womfelandawonye wemibutho yabasebenzi iCOSATU uZingiswa Losi, nnobhala jikelele we SACP uSolly Mapaila. To hear more on what is currently happening on the line we have our reporter Sibahle Motha...

View Details

IArente ejongene nezibonelelo zikarhuluntu iSASSA, ithi kuzakubakho ukulibaziseka kwentlawulo kubaxhamli abathile. Oku zinzame zokuqinisekisa iinkcukacha zabo. Eli liphulo lokuqinisekisa ukuba ingaba kukhona okutshintshileyo kwisimo semali, indawo abahlalo kuzo, ukuze ezinkcukacha zaziwe kwa-SASSA. UAmanda Xhala ubambe udliwano ndlebe nomanejala wakwaSASSA eMpuma Koloni uBandile Maqethuka.

View Details

AmaPolisa athi isithuthi somsebenzi wesiNe weNkonzo yesipolisa omzimba wakhe ubhaqwe kumlambo iHennops eCenturion izolo, kungenzeka ukuba besisuka kwenye indawo sisiya kuphelela kulo mlambo nje. Uphando ngokunyamalala kwamapolisa amathathu azi Constable kwiveki ephelileyo kukhokhelele ekubhaqweni kwemiye imizimba emibini. Umzimba wesihlanu womntu wasetyhini ongaziwayo ubhaqwe sele usonakala. To discuss this further, on the line we're now joined by the South African Police Service spokersperon, Brigadier Athlenda Mathe…

View Details

USekela Mphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (COGTA), uGqirha Namane Dickson Masemola, ephelekwa nguMphathiswa weSebe lentsebenziswano ngorhulumento nemicimbi yezeMveli eMpuma Koloni, uZolile Williams, bazakutyelelo lokubeka iliso kumasipala ombaxa iBuffalo City, eMpuma Koloni namhlanje. Olu tyelelo luqhutywa phantsi komxholo othi " Every Municipality Must Work" kwaye luyinxalenye yeenkqubo eziqhubayo zokuphawula imisebenzi ephambili ekufuneka yenziwe koomasipala bezithili kwakunye nabambaxa. Ukuva banzi, emnxebeni sinaye othethela eli sebe ephondweni uPheello Olifant...

View Details

Inkundla ephakamileyo eNtshona Koloni igwebe ngelithi iyasinqumamisa isibhengezo senyang'ephelileyo sokunyuswa kweRhafu yentengo. Oku kuthetha ukuba ayizukunyuka i-VAT ngomhla wokuqala kuka-May. Inkundla ephakamileyo ikwagwebe ngelithi isibekela bucala isigqibo sePalamente sokwamkela ingxelo yeKomiti yeNdlu yowiso-Mthetho emayela neziphakamiso zezicwangcwiso ngohlahlo-mali nengeniso. USomlomo wale ndlu uyebhalela amalungu ale ndlu ngokuba, uMphathiswa u-Enoch Godongwana uzakuphinda athi thaca uhlalo-lwabiwo olutsha. Masincokole noyingcali kwibima yezoqoqosho uNjingalwazi Bonke Dumisa…

View Details

Kwiveki esiphuma kuyo, umphathiswa wemicimbi yezemali, uEnoch Godongwana, ubhengeze iindaba zokurhoxiswa kwesigqibo sokwenyusa irhafu yentengo, iVAT, nebekulindeleke ukuba similiselwa ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo. Lo mba wokwenyuswa kwe-VAT uye wadala iintetha, kwaye wawushukumisa kakhulu urhulumente wobumbano, iGNU, bambi bawubona nje ngongahle uphasalake ngenxa yokungaboni ngasonye kwamalungu eGNU ngalo mba. Ingaba ukurhoxiswa kokwenyuswa kweVAT kuthetha ukuthini, kwaye ingubani onokuzingomb' isifuba nje ngoze nolu loyiso? Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli nomhlalutyi wezopolitiko nokwayingcali yemiba yorhulumente, uGqirha Nkosikhulule Nyembezi...

View Details

ISebe lezobugcisa nenkcubeko kwiphondo iMpuma Koloni limemelele ababhali beli phondo ukuba bafake iincwadi zabo abafuna ukuzipapasha kulo nyakamali ka 2025/2026. Ezi ncwadi zingabhalwa nangoluphi na ulwimi kwezi zilandelo, isiXhosa, isiNgesi neSesotho. ISebe liza kuqwalasela, ze lipapashe ezi ncwadi. Ukusabela banzi, emnxebeni uVuyolwethu Mabeqa ubambe umphathiswa weSebe lezobugcisa nenkcubeko kwiphondo iMpuma Koloni, uSibulele Ngongo...

View Details

INTRO: Umfelandawonye weemanyano zabasebenzi iCosatu uzakube ubambe uqhqnkqalazo ngaphandle kwamasango wejelo losasazo i SABC e Limpopo namhlanje. Oku kulandela iingxelo zeenkqubo zengqesho ezigwenxa eSABC. Lo mgushuzo utshayelela iintshukumo zikazwelonke ezizakubanjwa ngulo mfelandawonye onke amaphondo isingise kwii ofisi ze SABC. ICosatu ixhaswa yi ANCYL kunye neminye imibutho yokuhlala kwelaphondo. UAyabonga Kekana uncokole nothethela i Cosatu kuzwelonke u Zanele Sabela....

View Details

Izakuhlala ikumyinge we-15 pesenti iRhafu yentengo i-VAT. Kulindeleke ukuba uMphathiswa wemicimbi yemali u-Enoch Godongwana amisele uhlenga-hlengiso kwimithetho eyilwayo engolwabiwo-mali ephakamise ukuba ligcinwe lingaguqukanga iqondo le VAT. u Ayabonga Kekana wenze udliwano ndlebe nengcali yezoqoqosho norhulumento u gqirha Asanda Fotoyi......

View Details

Bangapha kwamashumi amathathu ootishala kuquka iinqununu ezintlanu noosekela nqununu ababini ababandakanyeka kumatyala wokuxhaphaza ngesondo kulonyaka uphelileyo nje eMpuma Koloni. U Ayabonga Kekana wenze udliwano ndlebe nothethela isebe lemfundo ephondweni u Vuyiseka Mboxela ngoku.....

View Details

Limiselwe umhla wesibini kwi nyanga kaCanzibe (May) ityala lomanejala wendawo yokuhlala abafundi ( res manager) kwi ziko lemfundo ephakamileyo iWalter Sisulu. Lomtyholwa uneminyaka engamashumi amahlanu anesinen uzakufaka isicelo sebheyile. Ebevela okukuqala namhlanje kwinkundla kamantyi yase Mthatha. Lomtyholwa ujongene netyala lokubulala, ukuzama ukubulala kunye nokufunyanwa enompu ongekho mthethweni. Nkululeko Nyembezi usenzele le ngxelo...

View Details

Iziphumo zophando lwakutshanje ezikhutshwe yiDyunivesiti iStellenbosch, nezisihloko sithi: Teacher Preferences and Job Satisfaction Report, zibonisa ukuba bakumyinge wamashumi amahlanu ekhulwini ootitshala abanqwenela ukulishiya eli khondo lemfundo kule minyaka ilishumi izayo. Ootitshala ekuthethwe nabo kolu phando bathi izizathu zabo azingqamenanga nabafundi, koko ngumsebenzi omninzi ekufuneka bewenzile, kuquka nento eninzi ekufuneka beyibhalile, nabathi ayinanto yakwenza neemfuno zabo zokufundisa. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe othethela umbutho wootitshala, iSADTU, uNomusa Cembi. Sikwanaye nosihlalo webhodi elawula izikolo, uMatakanye Matakanye, kwakunye nengcali kwimiba yezemfundo, uGqirha Thembinkosi Thwalo...

View Details

Kuhlalutyo lwencwadi namhlanje sihlalutya incwadi esihloko sithi: Beyond Prison Bars. Le ncwadi, nebhalwe nguMncedisi Mdingi, ibalisa qibali eligxile kubomi balo mbhali. Libali lokuqhekeza nokuphanga, nelikhokelele ekubanjweni, nakwisigwebo samashumi amane anesibini eminyaka entolongweni. Ukuhlalutya banzi le ncwadi, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umbhali wayo, uMncedisi Mdingi...

View Details

Amanina angabantu abatsha nabatyhola umfundisi oyinzalelwane yaseNigeria, uTimothy Omotoso ngokudlwengula, bathi bafumana uphazamiseko ebomini babo susela ukudiza kwabo ezizenzo. Oku kulandela ukufunyaniswa kwakhe engenatyala kuwonke onke amatyala akhe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, naquka awokudlwengula nokuthengisa ngabantu. Nangona nje bejongene nezigrogriso nemibuzo emininzi luluntu, lamanina awajiki kumabango awo. Masive kwingxelo ka Pearl Magubane...

View Details

Umongameli uCyril Ramaphosa ukhankanye ululawulo oluhesheheshe norhwaphilizo koomasipala, njengezona zinto ziqhwalelisa ukuphuhla koqoqosho eMpuma Koloni. Umongameli ebethetha kusuku lwesibini lotyelelo lwakhe eGqeberha. URamaphosa uphawule into yokuba nangona urhulumente etyal'imali kweliphondo, kwaye lityebile ngokwemithombo yendalo, lisaqhuba nokuba nezinga eliphezulu le ntlupheko nentswela-ngqesho. USisipho Ngcumbe uza nengxelo...

View Details

IGunyabantu lezoTshutshiso eMpuma Koloni, ngahle lilirhoxise ityala lokubulala kowasetyhini oneminyaka engamashumi amane anesine ubudala, otyholwa ngokubulala umtyholwa owadlwengula intombi yakhe ekhubazekileyo,ukuba kufumaniseka ukuba oku ukwenze njenge nzame zokukhusela umntwana wakhe. u Amanda Xhala ubambe udliwano ndlebe nomphathiswa wesebe lophuhliso loluntu uBukiwe Fanta ngoku....

View Details

online-audio-converter.com

View Details

Kudutyulwe kwabulawa umntu ongaziwayo ze konzakala abafundi ababini beziko-mfundo iWalter Sisulu University, eMpuma Koloni. Oku kuza emva koqhankqalazo oluqhambuke ngentseni yanamhlanje kwiKhampasi yale Yunivesithi iNelson Mandela Drive, eMthatha. Othethela eli ziko uYonela Tukwayo, uthi inkqubo yokufaniswa komfi iyaqhuba, nanjengoko kungeko siqinisekiso sokuba ibingumfundi wabo. Kusenjalo, uMongameli webhunga elikhokhele abafundi uThemba Zikali, uthi olu qhankqalazo luza emva kokuba le Yunivesithi ifedile ukuphendula kwizikhalazo zabo. Intatheli yeli jelo uNomzwanele Mngoma, iza nengxelo epheleleyo…

View Details

Amanina ayinxalenye yoshishino kwezokhenketho, amemelela ungenelelo olukhawulezileyo kwinto abayibiza ukuhlawuliswa imali ngenkani kwicandelo lezokhenketho. Batyhola ngelithi, amagosa karhulumente anyanzelisa intlawulo ( kickbacks) kwi-BNB abalaliswa kuzo, kwaye babagrogrise ngokuphelisa ushishino ukuba abavumi ukwenza oko bakufunayo. USidima Mfeku usenzela lengxelo.

View Details

Ukomelezwa kobuntlola kulwaphulomthetho, ukuphuculwa kobuchwepheshe, kwa nokuxhotyiswa kwabecuphi ngezakhono, zezinye zezindululo zengqungquthela yesipolisa entsuku-ntathu, nebibanjwe kwiveki esiphuma kuyo kummandla i-Ekurhuleni, kwiphondo iGauteng. Le nkomfa ibibanjwe ngeenjongo zokuza neenkqubo ezizakuthi zincede ukulwa izenzo zolwaphulomthetho eziguquguqukayo, kwa nokomelezwa kweenkqubo zokulwa ulwaphulomthetho. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umongameli wemanyano yamapolisa, iPOPCRU, kwakunye nengcali kwimiba yolwaphulomthetho, uGqirha Thompho Tshivhase...

View Details

Usekela mongameli, uPaul Mashatile, uthi uza kubekwa phambili umba wokwenziwa kophando ngokubulawa kuka Chris Hani. UMashatile ukutsho oku kumsitho wokuphawula iminyaka engamashumi amathathu anesibini ( 32) wabulawayo uChris Hani, nobubanjwe apha evekini kwilali iSabalele e Cofimvaba, kwiphondo iMpuma Koloni. Oku kulandela ingxelo yegunyabantu lezotshutshiso, iNPA, yokuba kuza kwenziwa uphando ngoNkosi Albert Luthuli noGriffiths Mxenge. UNomzwanele Mngoma usenzele le ngxelo...

View Details

Umbutho wamanina akwezothutho eMpuma Koloni kulindeleke ubambe umngcelele osingise kwi-ofisi yenkulubaphathiswa eBhisho eMpuma Koloni. Oku kumalunga nemingeni ethile ejongene noshishino lweeteksi kunye noluntu ngokubanzi. Olu qhankqalazo lujolise ekubongozeni iNkulubaphathiswa ukuba ingenelele njengethemba lokugqibela lokusombulula lemingeni. Emnxebeni sibambe intloko yalo mbutho uDr Nokuthula Mbebe( CEO) ...

View Details

Umphathiswa wezempilo ugqirha Aaron Motsoaledi, uthi zizithuba zemgqesho eziyi one thousand two hundred ezizakuvulelwa oogqirha abadinga ingqesho. UMotsoaledi ebetheha bucala ngaphandle kwentlanganiso yebhunga lezempilo kuzwelonke, eCenturion ePitoli namhlanje. Ebethetha noonondaba enika ingxelo ngemo yamaziko ezempilo kwelilizwe. Ugqirha Motsoaledi uthi ngenxa yokungabikho ncam kwemali, bakwazi kuphela ukwabela inani elithile. ULerato Makola uza nengxelo...

View Details

Usekela mkomishinala kuzwelonke kwicandelo labacuphi uShadrack Sibiya, uthi ixesha elide, igunya bantu lezotshutshiso kwakunye nabecuphi emapoliseni, bebekhombana ngeminwe nento ebibangela ukungaphunyelelwa kwamatyala. Ebethetha kusuku lwesibini lengqungquthela yamapolisa neqhubayo Ekurhuleni, kwiphondo laseGauteng. Le ngqungquthela entsuku ntathu, ijonge ukuza neendlela zokulwa ulwaphulo mthetho nanjengoko ulwaphulo mthetho lutshintsha-tshintsha. UVuyolwethu Mabeqa usenzela ingxelo kaSashin Naidoo.

View Details

Urhulumente wephondo i Mpuma Koloni ubekele bucala imali engange two billion randi ukujongana nemiba yendlala kubantwana, ukungondleki kunye nokuqinisekisa ukuba bafumana ukutya. Lemingeni ichaphazela amawaka amakhaya angathathi ntweni kweliphondo, noninzi lwawo lunabantwana abahlala bodwa. Ngelixa enikeza intetho yakhe yomgaqo nkqubo kwindlu yowiso mthetho, umphathiswa wesebe lemfundo u Fundile Gade, uthe belisebe babekele bucala imali engange 1.8 bhiliyoni randi kulenkqubo, ngelixa amanye amasebe afana nelezolimo kunye nelemicimbi yezekhaya, nawo ezibophelele ekubekeleni bucala imali kwaku lenkqubo. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sinaye umphathiswa wesebe lemfundo apha ephondweni u Fundile Gade

View Details

Owasetyhini ominyaka ingamashumi amathathu anesixhenxe ubudala eMpuma Koloni, uphila ubomi beNtshontsho, kude kwanyazeleka ukuba azimele emva kokuhlaselwa ngocelemba yindoda ancuma nayo. Ixhoba lityhola ngokuba oku kwenzeke emva kokuba exele iqabane kwiziko leeNkonzo zoluleko, nanjengoko le ndoda ingaphandle kwentolongo ngengqawule. Ngokwengxelo enikezwa ngulo wasetyhini, le ndoda iye yazokuthathwa ngamaDindala; kwaye kurhanelwa ukuba iye yaqhwesha, nalapho iye yabuya yazokuhlasela eli bhinqa. UNomzwanele Mngoma uza nebali elipheleleyo…

View Details

Amakhasi onxibelelwano aye anconywe ngokudiza izenzo zolwaphulo mthetho ezenzeka ekuhlaleni, kwaye abenefuthe elikhulu ekufakeni uxinzelelo kwabasemagunyeni ukuba bathathe amanyathelo ngakwezizenzo. Nangona kunjalo, aye aphinde agxekwe ngokubanefuthe ekusasazeni iinkcukacha ezingachanekanga neziye zimanyelwe kakhulu luluntu kunoko kuthethwa ngabasemagunyeni. Esinye seziganeko amakhasi onxibelelwano athe adlala indima encomekayo ukusipapasha ukuze kuthathwe amanyathelo, lityala lomntwana oneminyaka esixhenxe ubudala ekutyholwa ukuba wadlwengulwa ngethuba esesikolweni eMatatiele. Kodwa kubekho neenkcukacha ezingachanekanga kwakulo mba mnye, de kube akuthenjwa namagosa achophele lo mba xa enika iinkcukacha ngenkqubela yelityala. To hear more on the good and bad influence social media can have in such cases, on the line we are joined by the head of communication at Media Monitor Africa, Thandi Smith...

View Details

Inkonzo yesipolisa iphendule kwiingxelo ezithe ndii kumakhasi onxibelelwano, malunga netyala eliqhubayo lomntwana waseMatatiele ekutyholwa ukuba wadlwengulwa kunyaka ophelileyo. Iingxelo kumakhasi onxibelelwano zibanga ngelithi umphatshiwa wamapolisa uSenzo Mchunu, akakhange abenanyani ngokumalunga nokuthathwa kwe DNA yenqununu yesikolo esifunda lentwazana, nekutyholwa ukuba yanukunezwa kuso. Isipolisa sithi azinabunyani ezingxelo. Ukuva banzi ngalo mba, uAmanda Xhala ku TruNews @18h00 nesithethi samapolisa uAthlenda Mathe...

View Details

Osandul' ukwenyulwa nje ngosihlalo webhunga leekumkanikazi zoMzantsi Afrika, ukumkanikazi Madosini Tina Ndamase, uzimisele ukusebenzisa eli bhunga ukuphuhlisa amanina, ingakumbi emaphandleni. Ukumkanikazi Ndamase unyulwe ngaphandle kophikiswano ngenyanga yokwindla. Injongo yelibhunga kukuphuhlisa amanina ngokwezoqoqosho, ezentlalo nokuphuhlisa izakhono zabasetyhini. Ukusabela banzi ngezicwangciso zakhe, emnxebeni uAmanda ubambe usihlalo webhunga leekumkanikazi zoMzantsi Afrika uKumkanikazi Tina Madosini Ndamase...

View Details

Kwilizwe loMzantsi Afrika, inkqubo yokuzisa ubulungisa kulwaphulomthetho, nejoliswe ekutshutshiseni abophulimthetho, ingakumbi kumatyala angqamene nokuxhatshazwa ngezesondo, ingahle ijamelane nemingeni, nengakhokelela ekukhululweni kwabophulimthetho, nto leyo eshiya umbuzo ngokusebenza ngendlela kwale nkqubo. Kutshanje, ijaji kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha imfumanise engenatyala uMfundisi uTimothy Omotosho nesibini abetyholwa naso, kumatyala okuthengisa nabantu, nokudlwengula, phakathi kwamanye. Ijaji icaphule ukusilela kwicala labatshutshisi ngesigwebo sayo. Ingaba isilela phi inkqubo yezobulungisa ekwenzeni umsebenzi wayo ngokupheleleyo, ze abo banetyala sibabone bephendula ngamatyala abo? Ngaphambi kokuba siwuphendule lo mbuzo, neminye, makhe sikukhumbuze mphulaphuli ngeli tyala lika-Omotoso ukuba lisukela phina, de kuben kanti lifikelela esiphelweni. Apha estudio uAyabonga Kekana uhleli nentatheli yeli jelo ebilandela eli bali, uLerato Fekisi. Ukanti kamva sakubanayo nengcali kwimiba yezomthetho, uGqirha Mkhuseli Vimba...

View Details

URhulumente woMzantsi Afrika uthi uzakuqhuba nokuthethana noRhulumente waseMelika. Namhlanje uMphathiswa wesebe lobudlelane namazwe ngamazwe uRonald Lamola, nomphathiswa wezorhwebo uParks Tau, bazakudakanca indlela uMzantsi Afrika ozakuthetha ngayo noRhulumente kaDonald Trump. UTrump umilisele imirhumo yerhafu ngamashumi amathathu eePesenti ngakuMzantsi Afrika. Kuza kusichaphazela oku? Emnxebeni sinaye oyingcali kwimiba yezoqoqosho, uNjingalwazi Bonke Dumisa…

View Details

IGunyabantu lezotshutshiso eMpuma Koloni, iNPA, lithi uMfundisi Timothy Omotoso uzakubuyiselwa kwilizwe lakhe lokuzalwa eNigeria, emva kokuba efunyenwe engenatyala kwinkundla ephakamileyo eGqeberha. U-Omotoso, nesibini ebetyholwa naso uLusanda Sulani no Zukiswa Sitho, bafunyenwe bengenatyala kuwo onke amatyala ebebejongene nawo, aquka ukudlwengula nokushishina ngabantu. Emnxebeni sinayo intatheli yeli jelo uLerato Fekisi…

View Details

Ngethuba ewisa isigwebo kwityala ngakuMfundisi uTimothy Omotoso natyholwa nabo kwityala lokudlwengula, ukuthimba nokugudisa imali efunyenwe ngondlelamnyama, ujaji Irma Schoeman uthe umbuso awukwazanga ukufumanisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba uOmotoso unetyala, nto leyo ekhokelele ekukhululweni kwakhe. Ukuhlalutya lo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe ingcali kwimiba yezomthetho, uMpumelelo Bond Nyoka...

View Details

Emva kweminyaka esibhozo kuxoxwa elityala, inkundla ephakamileyo yaseGqeberha namhlanje imfumanise engenatyala kuzo zonke izityholo umfundisi Timothy Omotoso, kunye nababini atyholwa nabo. UOmotoso kunye noLusanda Sulani noZukiswa Sitho, babejongene namatyala angamashumi amathathu anesibini aquka ukudlwengula, ukuxhaphaza ngokwesondo, kunye nokurhweba ngabantu,ukuva ukuba ikundla iqhube njani, emnxebeni sinayo intatheli yeli jelo uLerato Fekisi...

View Details

Imibutho yoluntu nemibutho yezopolitiko kumasipala ombaxa iBuffalo City eMpuma Koloni, bamemelela ukuba kukhuselwe iisampuli zeDNA zabo ekungenzeka ukuba ngabarhanelwa kwityala lokudlwengulwa komntwana waseMatatiele, oneminyaka engamashumi asixhenxe ubudala, nekutyholwa ukuba udlwengulwe kweyeDwarha kunyaka ophelileyo. Kunikezelwe ngoluhlu lwezinyanzeliso kusodolophu weBuffalo City, uPrincess Faku, kwiholo yesixeko saseMonti. Oluqhankqalazo luyinxalenye yeminye imingcelele ebanjwe kwelilizwe jikelele, ngelokuxhasa usapho lwalentombazanana namanye amaxhoba odlwengulo. USidima Mfeku usenzele le ngxelo...

View Details

IKomiti ejongene nemicimbi yezemali epalamente kulindeleke ukuba ibambe intlanganiso eyenzelwe ukupasisa ingxelo yayo ngesiphakamiso sohlahlo lwabiwo-mali, sokwenyuswa kwerhafu yentengo (VAT). Lekomiti ibikhe yabamba iingxoxo noluntu ngomba webhajethi, nalapho ababandakanyekayo baye bayiphikisa. Kusenjalo, umbutho i-DA ulumkise iANC ngelithi uzakuzikhupha wona kurhulumente wobumbano ukuba iANC ipasisa uhlahlo lwabiwo mali, ngoncedo lwemibutho engekho kwi GNU. U Ayabonga Kekana kwinkqubo yethu u 30 Minutes Live ibambe udliwano ndlebe nongumbhexeshi we ANc epalamente uMdumiseni Ntuli....

View Details

Lushiyeke lungenanto zokukhwela ngale ntsasa uluntu lwaseKariega, kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, kwiMpuma Koloni, kulandela uqhankqalazo lwabaqhubi beetaxi. Aba baqhubi banyanzelisa ukwakhiwa ngokutsha kwebhulorho iMatanzima, neyadilizwa zizikhukhula zonyaka ophelileyo. Kunangoku, aba notaxi bathi umasipala akakayilungisi le bhulorho, nto leyo eyenza kubenzima ukusebenza kubo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe igosa lezonxibelelwano kumbutho iUitenhage District Taxi Association, uLubabalo Vesele...

View Details

Kwiveki ephelileyo umphathiswa wesebe lezimali eMpuma Koloni uMlungisi Mvoko, uwise intetho yakhe yohlahlo lwabiwo mali lephondo nalapho edandalazise khona izicwangciso zephondo ngokuphathelele kwimicimbi yezimali zonyaka mali ka 2025/2026. Kwezi zicwangciso umphathiswa ubalule okuphambili ukusetyenziswa kwemali nokwabiwa kwemithombo yezimali ngobulumko, nanjengoko la ingamaxesha anzima ngokumayela nezoqoqosho. Eminye imiba athe wayiqaqambisa kwintetho yakhe, kukufunqulwa kwenkxaso mali enikezelwa kumasebe esitsho elumkisa ngokuba ayikho enye imali ezakunikwa amasebe, waze waphinda wabongoza amasebe ukuba asebenzise imali ayabelweyo. Awona masebe athe axhamla ngokwangezelekileyo, lelezemfundo, elezempilo, nto leyo izakuncedisa ukukhawulelana nezidingo zoluntu lwephondo. Ukufumana ingcaciso ngale miba neminye, emnxebeni ngoku sinaye umphathiswa wezimali ephondweni uMlungisi Mvoko...

View Details

IPost bank iyicacisile into yokuba inyanga yokugqibela ukuba abaxhamli bendodla batshintshe amakhadi abo ambala wegolide bafumane amnyama akwa Post bank, nguCanzibe hayi uTshazimpuzi. Oku kulandela intetho kamphathiswa kwi ofisi ka mongameli, uKhumbudzo Ntshavheni, ngethuba ethetha emva kwendibano yeCabinet, nalapho athe ixesha lokugqibela landiselwe umhla wamashumi amathathu kuTshazimpuzi. Ingqonyela kwa Postbank, uNikki Mbengashe, ebethetha nonondaba ePitoli. Masive nantsi ingxelo ka Phumzile Mlangeni...

View Details

Isebe lezemfundo eMpuma Koloni lichaze ukuba lizakurhoxisa ukubhaliswa kwesikolo iBergville College eAlfred Nzo,kuluhlu lwezikolo ezibhalisiweyo. Oku kulandela ukuvulwa kwetyala lokudlwengulwa komntana oneminyaka esixhenxe ubudala, kunyaka ophelileyo ngenyanga yeDwarha, kwesisikolo sabucala. Okuzakuthi ga ngoku akukabikho mgama ungako sele uhanjiwe malunga nelityala. UAyabonga Kekana uncokole nothethela isebe lezemfundo uVuyiseka Mboxela.

View Details

Iziko iFreedom Park Heritage Site and Museum, liphawula ikhulu leminyaka wazalwayo ongasekhoyo uRobert Mangaliso Sobukwe. USobukwe ongumseki wombutho iPan Africanist Congress, iPAC ngamafuphi, wayeligqala lomzabalazo elilachasene nenkqubo yengcinezelo ngokwebala, kweli loMzantsi Afrika. Ube phambili kwidabi lenkululeko yeli lizwe, echasene nemithetho yokuphathwa kwamapasi. Sithethanje, eli ziko libambe umsitho wokukhumbula eli qhawe eBotanical Gardens eRhafu. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe olilungu lebhunga kwiFreedom Park, uThami Ka Plaatjie...

View Details

Iqela lezopolitiko uMkhonto Wesizwe kwiphondo le Mpuma Koloni, linike umasipala ombaxa i Nelson Mandela Bay iintsuku ezilishumi elinesine ukuba aqubisane neqondo eliphezulu lentswela ngqesho, nolwaphulo mthetho kulo masipala. Namhlanje igquba lamalungu eli qela libambe umngcelele osingise kwiholo yesixeko eGqeberha, ukuya kudlulisa uxwebhu olunyanzelisa ukuphuculwa konikezelo lweenkonzo. Eli qela lithi iinkqubo zongenelelo ezinjengezo zengqesho yoluntu i EPWP, azibaxolisi abahlali. Masive ingxelo ku Sisipho Ngcumbe...

View Details

Isicotho sangoLwesibini esikhatshwa ziindundumo nemimoya emandla kuMasipala wesithili i-Amathole eMpuma Koloni, sishiye amakhaya amaninzi onakele, iindlela zivaliwe, kukho ukhukhuliseko, nezithuthi zichaphazelekile phakathi kwezinye izinto. UMasipala i-Amathole unooMasipala abathandathu phantsi kwakhe, kwaye abo bathe bachatshazelwa sesi sicotho bathathu, yi-Amahlathi nequka iQoboqobo, iGreat Kei, nequka iQumrha kunye ne-Raymond Mhlaba equka idolophu yaseDikeni. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe isithethi salo Masipala, uSisa Msiwa...

View Details

Ukuhlangabezana nengxaki yoshokoxeko lwabasebenzi bezempilo, uRhulumente wephondo iMpuma Koloni unezicwangciso zokuqesha ooGqirha namaNesi abangaphaya kwe waka, kunyaka-mali ka2025/26. Oku kuvezwe nguMphathiswa wesebe lemali ePhondweni, uMlungisi Mvoko, ngethuba esithi thaca uhlahlo-lwabiwo kwiNdlu yowiso-mthetho eBhisho izolo. Kolu lwabiwo, isebe lezeMfundo lifumene esona sixa sikhulu. Kubekelwe bucala nesixa-mali esisondele kwi-R300 million ukukhawulelana neentlekele ezichaphazele iPhondo. UAyabonga Kekana uncokole, nophuma kwisebe lemali ephondweni, uPhumelele Godongwana

View Details

Ikomiti ejongene namapolisa epalamente ityelele iphondo iMpuma Koloni, ngelokuhlola indlela asabela ngayo amapolisa kwizenzo zolwaphulomthetho neziganeko zokunyanzeliswa kwabantu ukuba bahlawule imali ngeenjongo zokubakhusela, i-extortion ngolwasemzini. Ziya zisanda ngokwanda iziganezo ze-extortion kwilizwe loMzantsi Afrika, kwaye zinefuthe elibi kuhlumo loqoqosho lweli nobomi boluntu ngokubanzi. Olu hlolo luza kugxila kweli phondo, nakwiphondo iKwaZulu-Natal. Ukusabela kule nyewe, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe olilungu lale komiti, uInathi Mbiyo...

View Details

IKomiti ejongene nenkcitho kaRhulumente ePalamente, iSCOPA, ikwinkqubo yokwakh' umkhanyo kooMasipala ababini eMpuma Koloni. Le Komiti izakuya kumasipala wesithili iOR Tambo kunye nomasipala ombaxa iBuffalo City. Injongo yolu tyelelo kukujonga imingeni aba masipala abajongene nayo, nokuba iyiqhwalelisa njani na inkqubo yokusiwa kweenkonzo eluntwini. Intatheli yethu, u-Ayabonga Kekana, iye yancokola nosihlalo we-SCOPA, uSongezo Zibi, nalapho iqale ngokumbuza ngemingeni abayiqapheleyo echaphazela umasipala i-OR Tambo...

View Details

Njengokuba namhlanje (Monday 24 March) ilizwe liphawula usuku olubekelwe bucala lwesifo sephepha, isebe lezempilo kuzwelonke lithi lizimisele ukuhlola abantu abangapha kwezigidi zintlanu kunyaka mali u 2025/26 njengenxalenye yephulo i End TB Strategy. Intatheli yethu u Sashin Naidoo isenzele lengxelo waze u Amanda Xhala wayiguqulela usasazo ngeSiXhosa

View Details

Imibutho ejongene nesifo sephepha eMzantsi Afrika, isebenzise usuku iWorld TB Day ukugxeka urhulumente ngokusilela kuxanduva lwakhe lokubeka phambili isifo sephepha, nokungathathi manyathelo ekuhambiseni iinkonzo ezidingekayo ukunyanga esi sifo. Ngokwengxelo yombutho wezempilo kwihlabathi, iWHO, isifo sephepha sihamba phambili ekubulaleni abantu. Ngonyaka, kweli loMzantsi Afrika bayi 54-thousand abantu abaswelekayo bebulawa sesi sifo. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe oyi-Outreach and Training Coordinator: kwiRHAP and TB Accountability Consortium, uZimbini Madikiza...

View Details

Inyanga YoKwindla yinyanga yokuqongqotha unyaka-mali kurhulumente, ze inyanga ka-Tshazimpuzi ibeyeyokuqala kunyaka-mali omtsha. Oku kuthetha ukuba urhulumente uqala ngokutsha ukusebenzisa uvimba ukusa iinkonzo eluntwini, nokuqhuba neenkqubo zikarhulumente. Kwiveki ezimbini ezidlulileyo, uMphathiswa wesebe lemali uEnoch Godongwana, uye wabela amasebe karhulumente kuquka namaqumrhu uhlahlo mali kwindlu yowiso-mthetho, ukulungiselela unyaka mali ka 2025/26. Kolu hlalo-lwabiwo mali, uGodongwana uye wabhengeza ukonyuswa kwerhafu yentengo i-VAT ngePesenti enye kwisithuba seminyaka emibini ezayo. Yinto ke le ekhatywayo yimibutho eliqela ePalamente, kwaye igrogrise ngokuba izakuluchasa olu hlalo lwabiwo-mali, xa kufuneka luvotelwe ePalamente. Ukuhlalutya uhlalo lwabiwo-mali ngokwabiwa kumasebe nakumacandelo ahlukeneyo, emnxebeni sinayo ingcali kwimiba yorhulumento nephuma kwiziko-mfundo iWits, uSandile Swana…

View Details

Uyaqhuba umnyadala wethoba wemidlalo yeqonga eMpuma Koloni, iEastern Cape Film Festival ngolwasemzini, nobanjelwe kwiziko iLove Life Kwanobuhle, eKariega. Lo mnyhadala waminyaka le unika ithuba lokuzibonakalisa abavelisi bemidlalo yeqonga nabo banqwenela ukuvelisa imidlalo kwakunye neengcali kwelicandelo ezithe gqolo ukuxhobisa uluntu lweliphondo ngokusebenzisa iingxoxo ngelokuzinzisa elicandelo njengelo loqoqosho. Kuvakala nokuba uvelisa amathuba emisebenzi lomnyhadala kweliphondo. Ukuva banzi emnxebeni sibambe ophuma kwi Eastern Cape Film Festival, uNceba Mqolomba...

View Details

Usekela mongameli u Paul Mashatile ngomso, uzakwenza intetho ephambili kumsitho wokuphawula intlekele yokubhubha kwabantu kwilokishi yakwa Langa, e Kariega apha eMpuma Koloni. Umasipala ombaxa i Nelson Mandela Bay ubekele bucala imali ezizigidi ezintlanu ukusindleka lomsitho. Indawo yentlekele i Langa Memorial kungoku nje iyavuselelwa, nalapho usekela mongameli, abaphathiswa kunye neentsapho ezaachaphazelekayo, bezakubayinxalenye yomsitho wokubekwa kweenkatha. Zingapha kwamashumi mahlanu anesithandathu iintsapho ezisakhalayo emva kweminyaka engamashumi mane, zifuna izindlu, imisebenzi yesigxina, unikezo lokutyala, kumiselwe nengxowa mali ekhethekileyo yomhlala phantsi. u Nandipha Plaatjie unengxelo......

View Details

Arhoxiswe onke amatyala ngakusomashishini wee taxi owaziywayo wase Mpuma Koloni, yinkundla kamantyi yase Monti ngalenjikalanga. Ebevele phambi kwenkundla ngamatyala aquka ukubulala, ukuzama ukubulala, ukuba nemipu engekho mthethweni kunye nokunyanzelisa intlawulo ngokungekho mthethweni, phakathi kwamanye. Oku kulandela ukubanjwa kwakhe ngamapolisa ebutsheni bemini yanamhlanje. Intatheli yethu uSidima Mfeku ilazi ngcono elibali.....

View Details

IBrand South Africa ibambe iqonga elaziwa ngeNational Brand Forum. Eli qonga lizakuzama ukuza neendlela zokukhweba abatyali mali, ukuthengwa kweemveliso zeli, kwakunye nokuqhubeka bethengisa uMzantsi Afrika kumanye amazwe. Eli qonga lizakanye ngethuba uMzantsi Afrika uzakusingatha amazwe ngamazwe xa kubanjwe indibano yeG20. Nangona kunjalo, amashishini asakhulayo kweli athi afumana ubunzima ekuphuhleni nanjengoko kukho imithetho engqingqwa ekufuneka eyilandele. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nomanejala jikelele kwezentengiso kwaBrand SA, uSithembele Ntombela.

View Details

UMzantsi Afrika uphawula iveki egxile ekuchaseni ukucalucalulwa kwabantu ngokobuhlanga, i Anti-Racism Week ngolwasemzini. Le veki ikwa sisikhumbuzo sokuphathwa gadalala nokubulawa kwabantu abamnyama, bebulawa ngurhulumente wengcinezelo. Ukungalingani okusabonakalayo phakathi kwabamnyama nabamhlophe kweli lizwe, isengunobangela wokungaboni ngasonye phakathi kweentlanga zeli. Nakubeni eli lizwe lenze kangangoko ukuqinisekisa ukuba ucalucalulo ngokobuhlanga lusiphulwa neengcambu, kodwa kubonakala ngathi le yingxaki ekunzima ukuyiphelisa ngokupheleleyo. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe ongusekala-mlawuli ojongene nokupheliswa kokucalucalulana ngokobuhlanga kwiSebe lezobulungisa nophuhliso lomgaqo-siseko, uPheleka Dzingwe...

View Details

Kwiveki ephelileyo isebe lolawulo ngentsebenziswano leMpuma Koloni belisindleke indibano ebigxile kulawulo lwengeniso, i -Revenue Management ngolwasemzini. Injongo yale ndibano ibukukufumana izisombululo ezigqibeleleyo kwimingeni engolawulo lwengeniso eyenziwa ngamasebe karhulumente, kwakunye nendlela yokusetyenziswa kwemali ngokufanelekileyo. Uninzi loomasipala beli phondo bakwimeko engentlanga ngokwasezimalini, maxa wambi bengakwazi nokuhlawula abasebenzi ngenxa yolawulo lwengeniso olungeluhle. Omnye wemingeni ejongene noomasipala ngumgangatho ophantsi wenkqubo yokuqokelelwa kwentlawulo yeenkonzo koomasipala bephondo, nto leyo ekhokhelele ekubeni oomasipala batyalwe imali ebetha kwi 2-point-2 billlion Rand. Ukusabela banzi ngeengxoxo, iziphakamiso kwakunye nezisombululo ekuphunywe nazo kule ndibano, sibambe emnxebeni othethela isebe lolawulo ngentsebenziswano uPheello Oliphant...

View Details

Olibambela-ngqonyela kwi-arhente ejongene nezibonelelo zezentlalontle, i-SASSA, uThemba Matlou, uthi bangaphaya kwesiqingatha kubantu abayi 2-point-9 yezigidi abafumana isibonelelo sabo sezentlalontle kwibhanka yePosi, ekusadingeka benze amakhadi amatsha. Oku kwenzeka ngelixa kushiyeke isithuba esingaphantsi kweveki ngaphambi kokufika kwexesha elisikelwe ukuba babe kanti sele bewenzile la makhadi matsha, mhla lowo ungowamashumi amabini kule nyanga. Kwiseshoni yokunikezela ngeenkcukacha ebibanjwe eKapa ngokuhlwa kwangoLwesine, le arhente ithe iyancedisana nePost Bank kule nyewe. Iqinisekisile ukuba abaxhamli bezibonelelo zezentlalontle abazukushiywa enyanyeni ukuba kwenzekile bangakwazi ukuguqulela kula makhadi matsha ngaphambi kwalo mhla usikiweyo. UMlamli Maneli uza nengxelo...

View Details

Amasebe karhulumente kuzwelonke nakumaphondo, athe agxekwa ngenxa yokutyalwa koomasipala eMpuma Koloni imali yeenkonzo abazinikezelayo. Lamasebe anetyala elifikelela kwi 1.6 billion randi, ngelixa uluntu lutyala imali efikelela kwi 46 billion randi. Oku kuvele ngethuba kubanjwe indibano emalunga nengeniso koomasipala, iRevenue Management Indaba, lisebe lolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yezemveli ephondweni, eMonti. USidima Mfeku usenzele le ngxelo...

View Details

Indlu yowisomthetho kwiMpuma Koloni isindleke ipalamente yamadoda namhlanje, ngeenzame zokuxoxa namadoda ngeendlela zokusabela kudushe olusekelezelwe kwisini, kuquka nengxaki yokubulawa kwabasetyhini. Le ndibano, nezinyaswe ngamaqonga awohlukileyo amadoda, iindwendwe eziphuma kwilizwekazi i-Afrika, kwakunye namagqugula abasetyhini, phakathi kwabanye, ibanjwe phantsi komxholo othi, "Don't look away, act against abuse." Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ukrwece inkulu-baphathiswa yephondo iMpuma Koloni, uOscar Mabuyane...

View Details

ISebe lolawulo ngentsebenziswano kwiphondo iMpuma Koloni, lisindleke indibano egxile kulawulo lwengeniso, iRevenue Management ngolwasemzini. Oomasipala abaninzi kweli bajamelene nengxaki yemali ngenxa yolawulo olungeluhle lwemali, phakathi kwezinye izinto. Ukuxoxa banzi ngale ndibano, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe othethela eli Sebe, uPheelo Oliphant...

View Details

UMphathiswa wezimali, uEnoch Godongwana, ubhengeze u0.5% wokonyuka kwerhafu yentengo kulonyaka mali, ze kwakho yenyuke ngomnye u 0.5% kunyaka mali olandelayo, nto leyo eyibeka kwi16% isuka kwi15%. UMphathiswa uthe kunyanzeleke ethathe esisigqibo ukuze onyuse ingeniso urhulumente ayidingayo ukumelana nolwabiwo-mali lwakhe lwe2.4 trillion randi. Ebesenza uhlalo-lwabiwo mali lwakhe eKapa namhlanje, kulandela ukumiswa kwalo kwinyanga ephelileyo. Ukuhlalutya olu hlalo lwabiwo mali, emnxebeni sibambe usoqoqosho, uXhanti Payi...

View Details

Namhlanje umphathiswa wesebe lemicimbi yemali uEnoch Godongwana ulindeleke enze intetho yohlahlo lwabiwo mali. Kwinyanga ephelileyo, lentetho yaye yamiswa ngenxa yokungaboni ngasonye ngesiphakamiso sokwenyuswa kwerhafu yentengo. Eminye imibutho efana ne-DA isamile kwelokuba izakuphikisa ukwenyuswa kwerhafu yentengo. Olu izakuba lulwabiwo mali lokuqala phantsi korhulumente wobumbano iGNU. UYolanda Kambile ubambe udliwano ndlebe nomhlalutyi uGqirha Nkosikhulule Nyembezi.

View Details

Iimanyano zabasebenzi zilumkise urhulumente ukuba angakhe alinge acinge ngokurhoxisa ukwenyuswa kwemivuzo yabasebenzi. Imifela ndawonye yabasebenzi kuquka iCOSATU, ivakalise inkxalabo ngokurhoxa kuka rhulumente kwisivumelwano sabo kulandela ukumiswa kohlahlo lwabiwo-mali kwinyanga egqithileyo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe othethela umfelandawonye wemibutho yabasebenzi, iCOSATU, uZanele Sabela...

View Details

Buthande ukuba muncu ubudlelane bezozakuzo phakathi koMzantsi Afrika nelizwe laseMelika, susela ethabathe imikhala yolawulo isihlandlo sesibini njemongamei waseMelika u-Donald Trump ekuqaleni kwalo nyaka. Oku kujongana ngezikhondo zamehlo phakathi kwala mazwe mabini kuphenjelelwe ubukhulu becala yimithetho yoMzantsi Afrika kwakunye nezigqibo zawo ngokuphathelene kupolitiko lwamazwe ngamazwe. Kwinkqubo ndaba yakho u NewsReview u Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nomhlalutyi wezopolitiko ugqirha Mkhuseli Vimba kunye noyingcali yezomthetho u Mpumelelo Bond Nyoka.

View Details

Ibhodi yezenkcubeko kwisebe lezemidlalo nobugcisa, ibambisene nekomiti ejongene notshintsho lwamagama eMpuma Koloni, kunye nekomiti yomasipala ombaxa i Buffalo City ejongene nokutshintshwa kwamagama, zizakubamba indibano nababandakanyekayo ngamagama aphakanyisiweyo eendawo zeliphondo zakudala ezikulomasipala, ukususela ngoMvulo uyakutsho ngoLwesithathu waleveki izayo. Ikomiti yephondo ejongene notshintsho lwamagama ifumene izicelo zokutshintsha amagama phantsi komasipala ombaxa i BCM, yaze yenza uphando, yawasa ebhungeni kwaye ngoku ilindele ukuwasa kwabo babandakanyekayo. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sinaye olilunge lekomiti i Eastern Cape Geographical Committee u Gqirhalwazi Xolisa Tshongolo.....

View Details

Kumalinge okuzama ukwakha umaspala ozinzileyo ngokwezimali umpaspala ombaxha iNelson Mandela Bay namhlanje usungule iphulo lokufumana imali etyalwa lo maspala ngokuthi ucime umbane kwiindawo ngendawo zale Metro. Likhokhelwa licandelo lezimali libambisene nelombane kwakunye nelokhuselo nokhuseleko namahlanje, eli phulo namhlanje lijolise kumashshini akwiiindawo ezinjenge Summerstrand, Central, North End nezinye. Ukusabela banzi ngeli phulo emnxebeni ngoku sinaye othethela lo maspala uSithembiso Soyaya...

View Details

Kwilinge lokuza nesisombululo kumngeni wentswela-ngqesho echaphazela ulutsha eMzantsi Afrika, nokuqinisekia ukuba ulutsha lweli lusebenzisa izakhono netalente yalo ukuziphuhlisa, lugxothwe ikati eziko, luqale namashishini alo. Namhlanje kubanjwe i-Indaba ezakudibanisa iinkokheli zolutsha, ooSomashishini, kunye nolutsha ukushukuxa imiba eyimingeni ekudalweni kwemisebenzi. Le ndibano isindlekwe liziko i-Youth Empowaworx phantsi komxholo othi "Reimagining Livelihoods and Recovering Lost Ground," . UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwi Youth Empowaworx, uSechaba Motsieloa…

View Details

Umbutho iDemocratic Alliance uqukumbele utyelelo lwawo lweveki eMelika eWashington DC. Bathi injongo yolutyelelo kukuzinzisa ubudlelane phakathi koMzantsi Afrika neMelika, emva kweentetha ebezikhona. Olu tyelelo lulandela olweqela iAfri-Forum, nebityelele iMelika. Isithethi sesebe lobudlelane namazwe angaphandle uChristpin Phiri, sithe umbuthe weDA ubungayanga kumela urhulumente woMzantsi Afrika. UAyabonga Kekana ka30MinutesLive uncokole nengcali yemiba yamazwe angaphandle ugqirha Mkhuseli Vimba.

View Details

Isebe lezolimo, lize nephulo elitsha lokuphakamisa uhlumo lwezoqoqosho lwephondo iMpuma Koloni, ngokuthi luncede amafama asakhasayo. Eliphulo liza emva kokuba inkulubaphathiswa yephondo u Oscar Mabuyane ityelele ilizwe i United Arab Emirates, nalapho yenza isivumelwano sokuthumela inyama esuka apha ephondweni kwelalizwe. Ikomiti emele elisebe epalamente, iye yanikwa uxanduva lokukhangela indawo ezakulungela ukuthatha oluxanduva yaze yabona indawo yokuxhela ese Ngqushwa, nezakuthwala iinkomo ezingamawaka alishumi. Leprojekti izakudala amathuba engqesho kubantu beliphondo abalikhulu linamashumi amahlanu. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sithe masikrwece ongusihlalo wekomiti ejongene nesebe lezolimo epalamente ugqirha Fundile Bese....

View Details

Abaphathiswa bamazwe ohlukileyo nabajongene nemiba yorhwaphilizo, bangungelene kwiphondo leNtshona Koloni, kwintlanganiso eyaziwa ngeG20 Anti-Corruption Working Group. Umphathiswa wesebe leenkonzo zoluntu nolawulo Inkosi Mzamo Buthelezi, ubambisene necandelo lophando elikhethekileyo kulentlanganiso. Umphathiswa uButhelezi uthi uluntu kufuneka lusebenzisane ukuze urhulumente akwazi ukulwa urhwaphilizo. Kusenjalo, umphathiswa ukwathi banezicwangciso zokukhusela oodiza amahlebo. UAyabonga Kekana ubenodliwano ndlebe nophuma kwiSIU, uKaizer Kganyago.

View Details

Ibhanka yehlabathi ithi uMzantsi Afrika mawuphelise inkqubo ye-Black Economic Empowerment uhlaziye nemithetho elawula umakulinganwe, kubunini nolawulo lwamashishini anika abantu abantsundu ithuba likamakulinganwe kwabo bebala, neyaphenjelelwa ziinzame zokulungisa ukuvalelwa kooSomashishini abantsundu kumathuba okuba yinxalenye yohlumo nophuhliso loqoqosho, nokuba babekwisithebe sokuthatha izigqibo kumashishini neenkampani eziphezulu. IWorld Bank ithi i-BEE nale mithetho zizo ezenza luhlume ngesantya sonwabu uqoqosho lweli, nokuba kubenzima ukudalwa kwemisebenzi. UAyabonga Kekana uncokole nengcali kwimiba yezoqoqosho, uKhaya Sithole.

View Details

Iqela lamanesi aangena kwinkqubo yoqeqesho ngo 2024 eMpuma Koloni, limgxeke kabukhali urhulumente wephondo ngokumilisela amanyathelo okucutha inkcitho kwisebe lezempilo. Bathi oku kubohluthe ithuba lokuqeshwa isigxina. Lamanesi aqhube uqhankqalazo ngaphandle kwee-ofisi zenkulubaphathiswa yephondo leMpuma Koloni, enyanzelisa ukuqeshwa isigxina xa izivumelwano zawo zengqesho zeenyanga ezilishumi elinesibini, zifikelela esiphelweni ekupheleni kwale nyanga yoKwindla. Ingxelo siyenzelwa ngu Sidima Mfeku...

View Details

Isebe lemfundo esisiseko kuzwelonke liveze ukuba zingapha kwamakhulu amahlanu iziganeko zokuxhatshazwa kwabafundi, ubukhulu becala ngabanye abafundi kwizikolo zeli, oko uqalile unyaka wokufunda ka-2025. IBullying kumaxesha athile ikhokhelela ekubeni abantwana bayeke isikolo, ngelixa abanye baye bazibulale. u Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe no Sifiso Ngobese ophuma kwisebe lemfundo esisiseko

View Details

Umphathiswa wesebe lophuhliso lwamashishini amancinci, uStella Ndabeni, ubhengeze ingxowa mali ye-500 million rand ukuxhasa iivenkilana zasekuhlaleni. Lengxowa mali ijolise ekukhuthazeni ukhuphiswano kwintengiso, khonukuze iivenkile ezincinci nezo zithengisa ukutya, zikwazi ukukhuphisana neevenkile ezinkulu. u Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwi SA Spaza uBheki Twala ngalomba

View Details

Isebe lezemfundo nophuhliso lwentlalo eMpuma Koloni, abambene ngezandla ngelokunceda umfundi oneminyaka elishumi elinesibhozo ubudala wakwilokishi iMotherwell, ongakwaziyo ukuya esikolweni emva kotyando lwethunjana elikumazantsi esisu (Appendicitis), kwisibhedlele iLivingstone eGqeberha. Lo mfundi ubephuma engena esibhedlele susela utyando lwakhe lokuqala kwinyanga yeNkanga (November) kunyaka ophelileyo, kwaye bekufanele ukuba wenza ibanga lematriki kulo nyaka, kodwa impilo yakhe iya isiba mbi nangakumbi. Masive ingxelo ku Ntombozuko Balintulo...

View Details

Isebe lemfundo esisiseko kuzwelonke liveze ukuba zingapha kwamakhulu amahlanu iziganeko zokuxhatshazwa kwabafundi, ubukhulu becala ngabanye abafundi kwizikolo zeli, oko uqalile unyaka wokufunda ka-2025. Iphondo iLimpopo lichazwe njengelona lihamba phambili ngezi ziganeko, xa kuthelekiswa namanye amaphondo. IBullying kumaxesha athile ikhokhelela ekubeni abantwana bayeke isikolo, ngelixa abanye baye bazibulale. UAyabonga Kekana ka30MinutesLive uncokole nonikezela ngeenkonzo zoxinizelelo lwengqondo nomphefumlo, unjingalwazi Jabulani Keswa nophuma kwi-univesithi yaseFort Hare.

View Details

Sele iyiminyaka elishumi sukela oko abafundi kumaziko emfundo ephakamileyo kweli loMzantsi Afrika bathi bemisa ngxi yonke into, beqhankalaza. Olu qhankqalazo luyimbali, nolubizwa iFees Must Fall protest, lwalugxile ekubeni abafundi bakwazi ukufikelela kumaziko emfundo aphakamileyo kungekho sithintelo semali. Ukuxoxa banzi ngalo mba, nangenkqubela esele yenzekile sukela ngoko, emnxebesi sinophuma kumbutho wabafundi iSASCO, uYandisa Ndzoyiya, kwakunye nolilungu lecandelo labafundi kumbuzo i-EFF, uYamkela Situnda...

View Details

Umlimi oqeqeshwe kwiYunivesithi yaseNelson Mandela eMpuma Koloni, uzakuvula iziko lokuqala elizakuba namayeza okukhathalela imfuyo, nelidingeka ngamandla kwidolophana yakuQoboqobo. UBathandwa Ntshingwa ukwiphulo lokunceda amafama asakhasayo emfuyo kumasipala waseAmahlathi ngokuthi eze neliziko lizakugxila kunyango lwemfuyo kuQoboqobo. UNtshingwa ungene kwicandelo apho banqabileyo abantu abantsundu abasebenza ngonyango lwemfuyo eMpuma Koloni. Ingingqi yakuQoboqobo izele ngamafama amancinane kwezolimo nokufuya, neyinto ebangela kubaluleke ukuba libekhona iziko elibonelela ngamayeza onyango lwemfuyo. Ukusabela ngeli phulo, emnxebeni uMkhokeli Bandla ubambe ongumlimi nengcali kwimpilo yezilwanyana, uBathandwa Ntshingwa...

View Details

Kukho izityholo zabasebenzi baseburhulumenteni ekuthiwa banyanzelisa ukuhlawulwa imali ngabanini beendawo zokulala, iGuest Houses. Kutyholwa ngokuba le mali banyazelisa ngayo yileyo ihlawulwa ngumqeshi kwaba banini be-Guest House ukuba balungiselelwe ukutya nokulala, xa bethe baphuma nomsebenzi. Kodwa bona abasebenzi baye banyanzelise ukuba eyokutya bayinikwe ngaba somashishini. Kuye kwafakwa isikhalazo kwi-ofisi yomphathiswa wesebe lophuhliso lwezoqoqosho eMpuma Koloni, Mlungisi Mvoko malunga noku. Kwaye ukusabela banzi masamkele enkqubeni yena kanye uMphathiswa Mvoko…

View Details

Nanjengoko sele iyiminyaka engamashumi amane anesixhenxe walishiyayo eli uRobert Sobukwe, iDyunivesiti iNelson Mandela ihlabe ikhwelo lokuba iinkokheli zilandele ekhondweni lakhe, kwaye zibe lilizwi lenyaniso kwabo bahlelelekileyo, noninzi lwabo ingabantu abanyama. Unjingalwazi Simphiwe Sesanti uyibalule indima enkulu eyadlalwa nguSobukwe ekunikeni iPan Africanism ithuba, nto leyo eyavumela iinkokheli ezimnyama ukuba zikwazi ukuvakalisa ukuchasa kwazo urhulumente wocalucalulo. UNjingalwazi Sesanti ukutsho oku kwintetho yakhe kule Dyunivesiti, nesihloko sayo sithi " Re-imagining the legacy of Robert Sobukwe". UNtombozuko Balintulo ebelapho, waza wasiqulunqela le ngxelo...

View Details

Kurhaneleka ukuba kukho iqela labantu abangabasebenzi kwiArhente yezibonelelo zikarhulumente uSASSA, neliqhuba izenzo zobuqhophololo kule arhente. Ingxelo ithi, umanejala ophezulu kwi ofisi ekwilokishi yase Zwide unqunyanyisiwe, emva kwezityholo zokuba akakhange alibeke emsebenzini iminyaka emibini. Ukanti amatyala abanye abasebenzi abarhanelwa ngezenzo zobuqhophololo adluliselwe kumaziko aphanda izenzo zolwaphulo mthetho, kule arhente iphantsi kophando. Kusenjalo, abakwa SASSA bakhuphe isilumkiso kwabo banqwenela ukufaka izicelo zesibonelelo sokufumana imali eyi 350 Rand ukuba basebenzise ii Websites ezifanelekileyo ukufaka izicelo, kuba kukho nezo zizezomgunyathi. Ukuva banzi ngale miba, emnxebeni ngoku sinaye umphathi ophezulu kwa SASSA u Bandile Maqethuka...

View Details

Usihlalo wekomiti yemfundo ephakamileyo epalamente uTebogo Letsie, ukholelwa ukuba inkqubo yokuxhasa abafundi ngemali iyakuncedisa kakhulu ekuxhaseni abafundi abaziwa nge-missing middle. Aba bafundi bajamelene nomngeni omandla, nanjengoko bengakwazi ukufumana inkxaso kuNSFAS, ngenxa yemivuzo yabazali babo, kwelinye icala abazali abakwazi kuhlawula izifundo zabo zamaziko emfundo ephakamileyo. Ngethuba umongameli uCyril Ramaphosa ebesenza intetho yobume besizwe kwinyanga ephelileyo, uthe urhulumente uzakuxhasa abafundi abangamawaka alishumi kunyaka wokuqala, nosele uqalile. Le nkqubo yemali mboleko yokufunda iphantsi kuka-NSFAS. UVuyolwethu Mabeqa usenzela ingxelo kaBusi Bopela...

View Details

Umasipala osezingxakini i Makana ulindeleke ukuba wenze iinguqu kulawulo, achaze namaphulo amatsha azakusombulula imingeni ejongene nalomasipala. Kweminye yalemingeni lunikezo lwamanzi kubahlali balomasipala nabasele beneeveki bengafumani manzi, ngenxa yokuba umasipala ebhenele ekunikezeni amanzi ngokomlinganiselo. Kwinkqubo ndaba yethu izolo sikhe sancokola nosodolophu walomasipala, sase senza idinga lokuba sincokole naye banzi namhlanje ukuyidakanca ngokubanzi lemiba. Ukuncokola banzi ke ngoku emnxebeni sinaye usodolophu waseMakana uYandiswa Varha....

View Details

Ikomishoni kamakulinganwe ngokwesini ikhuphe ingxelo yophando ediza ukuba izikolo ezithile zeMpuma Koloni, zinyanzelisa abafundi abangamantombazana ukuba bayeke esikolweni ngenxa yokuba bekhulelwe. Oku nakubeni umgaqo nkqubo kazwelonke wolawulo nokukhulelwa kwabafundi, uchaza ukuba akukho mthethweni ukuba banyanzeliswe ukuba bayeke isikolo abafundi abakhulelweyo. Lo mgaqo nkqubo uhambisa uthi, abafundi mabavunyelwe ukuba bahlale esikolweni ngexesha lokukhulelwa kwabo ze bavunyelwe nokubuyela esikolweni emva kokubeleka. Uphando lwale komishoni lunikezelwe kwikomiti yepalamente ejongene nemiba yamanina, ulutsha nabantu abaphila nokukhubazeka. Emnxebeni ngoku sinalo igosa lezomthetho kwiKomishoni kamakulinganwe ngokwesini eMpuma Koloni uNoma-Afrika Wakashe, ukusabela kwelabo icala ngalomba...

View Details

Zilishumi iziganeko zesifo sochwane kwizandla, iinyawo, nenyebethu, ezingqiniweyo eMonti eMpuma Koloni uzakuthi ga ngoku. U Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwisebe lezempilo ephondweni ukuvundlisa uluntu ngesi sifo, uZoleka Mbange

View Details

Inkulu-baphathiswa yephondo iMpuma Koloni, u-Oscar Mabuyane, ibibambe intetho yayo engobume bephondo ngoLwesihlanu, neyiyintetho yakhe yokuqala phantsi korhulumente wolawulo lwesichenxe. Phakathi kwezinto azibaluleyo uMabuyane, kukulungiswa kweendlela zomhlaba zeli phondo zifakelwe i-tar, ngelokunceda uluntu lweli phondo. Emnxebeni, u-Ayabonga Kekana ubambe iNkulu-baphathiswa, u-Oscar Mabuyane, khon' ukuze isicacisele banzi ngobume beli phondo...

View Details

Izolo ihlabathi belibhiyozela usuku lwamazwe ngamazwe olugxile kulwimi lwebele, i-International Mother Tongue Day ngolwasemzini. Uphando lubonisa ukuba abafundi abafunda ngeelwimi ezimbini, eziquka nolwimi lwabo lweenkobe, baqhuba kakuhle kwizifundo zabo. Ukanti ukubhiyozela olu suku, isikolo samabanga aphantsi iNonkcampa eQonce, besibambe umsitho ogxile wesiNtu, obonisa inkqubeko yesiXhosa nobuncwane bokusetyenziswa kolwimi lweenkobe kwimidlalo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe inqununu yesikolo iNonkcampa Primary School, u-Anele Zita...

View Details

USASSA ukwiphulo lokuncedisa iPostbank ekutshintshweni kwamakhadi egolide abe ngamakhadi amnyama. Liye landiswa ixesha lokuwatshintsha, ukuya kumhla wamashumi amabini kwinyanga ezayo. Kukholelwa ukuba lamakhadi matsha akuzokuba lula ukuba kwenzeke ubuqhetseba kuwo. UAmanda Xhala kaTruNews@6 ubambe udliwano ndlebe nomanejala ophezulu kwaSASSA, uBandile Maqethuka.

View Details

Isebe lezabasebenzi liyalele ukuvalwa kweziko loqhaqho-zidumbu ( forensic pathology services facility) eNew Brighton eGqeberha, ngenxa yokungacokeki kwalo. Nangona kunjalo kukho iingxelo zokuba abasebenzi kweli ziko bayaqhubeka nokunikezela ngeenkonzo kwiindawo zokugcina izidumbu eGelvandale, naseMount Road. Emnxebeni sinaye ophuma kumbutho iHospersa Provincial Labour Relations Organiser and Tekno Felllow, uThembisa Mtshingila-Witbooi...

View Details

Umbutho ophikisayo nongowesithathu ngobukhulu kwipalamente yeloMzantsi Afrika, uMkhonto Wesizwe Party, uphefumle ngokumiswa kwentetho yohlalo lwabiwo-mali ebekufanele ukuba yenziwe namhlanje. U-Amanda Xhala ubambe emnxebeni umbhexeshi oyintloko yalo mbutho, uMzwanele Manyi...

View Details

Inqunyanyiselwe umhla weshumi elinesibini kwinyanga ezayo intetho yohlahlo-lwabiwomali yomphathiswa wemicimbi yezemali, u-Enoch Godongwana. Oku kulandela ukumiswa kwale ntetho namhlanje, kulandela ukungavisisani kwimibutho engoogxa kurhulumente wobumbano, iGNU, ngomba wokwenyuswa kwerhafu yentengo iVAT, ngomyinge wesibini ekhulwini. Ukusicacisela banzi ngokuba iVAT lena yintoni na, u-Amanda Xhala ubambe emnxebeni umhlalutyi wezoqoqosho, uNjingalwazi Bonke Dumisa...

View Details

Nanjengoko kulindeleke ukuba uMphathiswa uGodongwana emva kwemini athi thaca uhlahlo lwabiwo-mali lonyaka mali ka-2025/26, kulindeleke aze namaqhinga okucutha ityala likaRhulumente, nawenkcitho karhulumente engazokutyabula abarhafi beli, nezicwangciso zikaRhulumente zokukhulisa uqoqosho kudalwe nemisebenzi phakathi kwezinye izinto. U Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe noyingcali kwimiba yezoqoqosho norhulumento, nosuka kwiDyunivesithi iWits, uGqirha Asanda Fotoyi

View Details

URhulumente wephondo iMpuma Koloni ngokusebenzisana necandelo labucala, baphehlelele iphulo lokuncedisa ukuhlawulela abafundi ityala abanalo kumaziko emfundo ephakamileyo. Imali ebekelwe bucala ukucima la matyala ibalelwa kwi-70 million rands, kwaye abo bazakuxhamla kuyo ngabo bagqibe izifundo zabo nto nje abakwazi ukufumana iziqinisekiso zabo zemfundo kuba betyala amaziko ebebefunda kuwo. Masincokole ngokubanzi ngoku nothethela uRhulumente wephondo, uKhuselwa Rantjie…

View Details

Abaqeshi jikelele kweli lizwe bayabongozwa ukuba baziqhelanise nemiqathango emayela nowona mvuzo mncinci wamkelekileyo, ukuze baqinisekisa ukuba bayayithobela. Oku kusemva kokuba urhulumente ebhengeze ukuba owona mvuzo mncinci wamkelekileyo kweli lizwe, i-minimum wage, uzakonyuswa ngo-4-point-4 percent ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo. Oko kuthetha ukuba owona mvuzo uphantsi ngoku izakuba yi-28 rands 79-cents ngeyure ukusuka kwi 27-rands 58-cents. Masifumane ilizwi elisuka kumfela-ndawonye wemibutho yabasebenzi, iCOSATU, emnxebeni sinaso isithethi salo mbutho uZanele Sabela…

View Details

Ilizwe loMzantsi Afrika linelona nani liphezulu kwihlabathi labantu abaphila nentsholongwane kagawulayo, nalapho kuqikelelwa ukuba bakwisibhozo sezigidi (8 million) abantu kweli lizwe abaphila nale ntsholongwane. Kutshanje, umongameli waseMelika, uDonald Trump, ubhengeze ezokuba uyasinqumamisa isicwangciso sesibonelelo sexesha elingxamisekileyo somongameli wela lizwe esenzelwe ukujongana nesifo ugawulayo, iPEPFAR ngamafuphi. Le nkqubo izixhamlisa kakhulu iinkqubo zikagawulayo zeloMzantsi Afrika, kuquka amachiza ee-ARVs. Sithethanje, baqikelelwa kwishumi elinesihlanu lamawaka (15 000) abasebenzi kwimibutho engekho phantsi korhulumente, nesebenza ngabantu abaphila nentsholongwane kagawulayo, abachaphazelekileyo sesi sigqibo sikaTrump. Ukuxoxa banzi ngalo mba, uYolanda Kambile emnxebeni ubambe umlawuli kwicandelo elijongene nonyango nokhathalelo lwabo baphila nentsholongwane kagawulayo kwiSebe lezempilo kuzwelonke, uGqirha Musa Manganye, kwakunye nothethela umbutho iTreatment Action Campaing, iTAC ngamafuphi, uSibongile Tshabalala...

View Details

Njengelinge lokuphakamisa ukukwazi ukufunda nokubalisa amabali ngeelwimi zeenkobe, iSebe lemfundo esisiseko, ngokubambisana neNational Education Collaboration Trust kwakunye ne Nal'ibali Trust, babeke le nyanga bucala ukukhuthaza ukufunda, ufundela ngaphandle, iRead Aloud Month ngolwasemzini. Oku ziinzame zokwenza ukuba abantu bakwazi ukufikelela kumabali abaliswa kusetyenziswa iilwimi zenkobe. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umanejala wezonxibelelwano kwiNal'ibali Trust, uSuri Tsholetsane

View Details

Ukusukela izolo, kubhiyozelwa iveki ejongene nezifo ezosulela ngokwabelana ngesondo, iSTI/Condom Week, nezakuqhuba de kube ngomhla wamashumi amabini ananye kule nyanga. Umbutho wezempilo kuzwelonke, iWHO, uthi lixesha lokuba kuphinde kuthetha-thethwane kufundiswe ngokubaluleka kwe condom. Ku 30 MinutesLive namhlanje u Amanda Xhala wenze udliwano ndlebe nophuma kwisebe lempilo kuzwelonke u Regina Maithusi...

View Details

Ihlabathi namhlanje libhiyozela usuku lokunika ingqwalasela kusasazo lukanomathotholo, iWorld Radio Day. Olu suku kulo nyaka lubhiyozelwa phantsi komxholo othi: Radio and Climate Change, ngeenzame zokuqwalasela indima kanomathotholo ekufundiseni ngengxaki yokuguquguquka kobume bezulu. Abantu abaziimfama nabo baxhomekeke kakhulu ukufumana ulwazi ngokwenzeka kwiindawo zabo, nakwihlabathi jikelele. Emnxebeni uVuyolwethu Mabeqa uthetha noyingqonyela yeNational Council for the Blind, uLouis Nzimande...

View Details

Indibanisela yemibutho yezempilo neyaziwa njenge Universal Healthcare Access Coalition, ithe thaca isiphakamiso sayo ethi sesona sichanekileyo esizakufezekisa iinjongo zokuba wonke ubani akwazi ukufumana iinkonzo zonyango ezisemgangathweni, ngokulinganayo nangokufikelelekayo eMzantsi Afrika, endaweni yeInshorensi yezempilo kuzwelonke i-NHI. Le ndibanisela ibandakanya imibutho yezonyango, izigulana, imibutho engenanto yakwenza norhulumente phakathi kweminye, ithi iziphakamiso eza nazo zisekelwe kubungqina obubambekayo, zizakubanakho ukusebenza ngoko nangoko kwaye zizakusebenza ngemali eyabelwe yona kungekho mfuneko yokunyusa irhafu kubemi beli. Ukusabela banzi ngesi siphakamiso, emnxebeni ngoku sinalo ilungu lekomiti eququzelela lendibanisela yemibutho ekwangusihlalo wombutho wezonyango woMzantsi Afrika, i SAMA uGqirha Mvuyisi Mzukwa...

View Details

Abarhanelwa abathathu ababanjwe malunga nokuxhwilwa komntwana oneminyaka elithoba, eMonti , uEmaan Fatima Ghumman, bavele kwinkundla kamantyi yase Monti eMpuma Koloni. Lo mfundi webanga lesihlanu kutyholwa ukuba waxhwilwa ngamadoda amabini angaziwayo, nebeqhuba isithuthi esi grey ngombala kwiveki ephelileyo ngaphandle kwesikolo sakhe. U Fatima uphinde wabuyiswa kusapho lwakhe eBuffalo flats. Ibutho leeHawks kweliphondo lithi lo mntwana kutyholwa ukuba ushiywe kufutshane nesikhululo samapolisa eNyibiba, eMdantsane ngabantu abangaziwayo. ULubabalo Dada usenzele le ngxelo...

View Details

Isebe lezemfundo kuzwelonke liphawula iveki echasene nokuzibulala kwabantwana, ukususela ngomhla we 9 uyakutsho kwi 16 yalenyanga, phantsi komxholo othi " Your feelings matter, let's talk". Oku kwenzelwa ukuxhobisa uluntu ngamanyathelo olunokuwathabatha ukuthintela ukuzibulala kwabantwana. Kwinkqubo yethu u 30 MinutesLive namhlanje u Amanda Xhala wenze udliwano ndlebe nothethela isebe lezemfundo kuzwelonke u Elijah Mhlanga.....

View Details

Iveki yokuqala yenkqubo yokufunda ka 2025 kumaziko efundo ephakamileyo eMpuma Koloni, iUniversity of Fort Hare kunye neWalter Sisulu University, ibijongene neengxaki zenkxaso mali yabafundi. Nangona kukho ezingxaki zemali, iFort hare sele iqalile nokufundisa ngelixa eWSU kusekho imingeni enxulumene nokubhaliswa kwabafundi. ULubabalo Dada usenzele ingxelo

View Details

Imanyano yabasebenzi iCommunications Workers Union ikhuphe isilumkiso sokuba aphezulu amathuba okuba ivalwe iposi yoMzantsi Afrika ingaphelanga le nyanga. Iposi yeli esezingxakini, yafakwa phantsi kwenkqubo yohlangulo lwamashishini ngo 2023. Ukuba sive banzi ngoku u Amanda Xhala ubambe udliwano ndlebe nothethela i CWU u Nathan Bowers...

View Details

: Ikomishoni yamalungelo oluntu ithi izindlu zangasese ezingagungxulwayo neziphuculiweyo eMpuma Koloni, zisakhala ngaphantsi kwezidingo zokhuseleko, nto leyo ibeka ubomi nesidima sabantwana besikolo emngciphekweni. Le komishoni ikhuphe ingxelo engancumisiyo ngeziseko zogutyulo kwizikolo zase Mpuma Koloni. Le ngxelo idiza ukuba inkqubo yogutyulo ebizwa i Sanitation Appropriate for Education -iSAFE- ngamafutshane, ayihambiselani nomgangatho wokhuseleko kwaye inyhasha amalungelo esidima sabafundi abaselula nemeko yokufunda esempilweni. Ziqabele kumakhulu amane iziko zeli phondo ezisasebenzisa izindlu zangasese ezingagungxulwayo. Masive ingxelo ku Sidima Mfeku...

View Details

Urhulumente woMzantsi Afrika uthi iyaxhalabisa into yokuba isizathu sika mongameli waseMelika, uDonald Trump sokuphelisa inkxaso kwelilizwe, asinasihlahla okanye sisekelezelwe kwiinkcukacha ezingenabunyani, kwaye singathatheli ngqalelo nembali yelilizwe yobukoloniali nengcinezelo. u Amanda Xhala ubambe udliwano ndlebe nosoqoqosho u gqirha Mkhuseli Vimba!

View Details

Amaziko emfundo ephakamileyo kwilizwe loMzantsi Afrika ajamelene nemingeni emandla, nequka iingxaki ekwamkelweni kwabafundi, xa kuthelekiswa nezicelo zabo, ukungaqesheki kwabafundi xa begqibile ukufunda, nokujongelwa phantsi kweekholeji zoqeqesho, iiTVET, nezibonwa njengezinokuba sisisombululo kule ngxaki. Unyaka nonyaka, iidyunivesiti zeli zikhala ngokungabi nazithuba, nto leyo ekhokelela kwelokuba abanye abafundi bahlale emakhaya, bangaqhubi nezifundo zabo xa sele bephumelele ibanga le-matriki. Kukho izimemelelo zokuba mayiguqulwe indlela asebenza ngayo la maziko, khon' ukuze akwazi ukwamkela abafundi abathe xhaxhe. Ukuxoxa banzi ngalo mba neminye, phulaphuli ushicilelo uAyabonga Kekana alwenze nosihlalo wekomiti ejongene nemfundo ephakamileyo epalamente, uWalter Litsie. Ukanti emnxebeni ekwabambe ingcali kwimiba yezemfundo, uGqirha Thembinkosi Twalo...

View Details

IBhanka enguvimba yeloMzantsi Afrika, ibambisene nesebe lezemfundo esisiseko kunye neBhodi yeeMviwo eziZimeleyo (i-IEB), ibhengeze iphulo lezikolo lekomiti yemigaqo nkqubo yezezimali, iMonetary Policy Committee ngelasemzini. Eli phulo nelingena kunyaka weshumi elinesithathu kungoku nje, lijolise ekuvuseleleni uthando lwezoqoqosho nezibalo kubafundi bebanga leshumi, logama likwabonisa ngamathuba emisebenzi kwiibhanki zeli. Ukusabela banzi ngoku, emnxebeni u-Amanda Xhala ubambe oligosa eliyintloko lezonxibelelwano kwibhanka enguvimba, uThoraya Pandy...

View Details

Yamkelwe ngezimvo ezahlukileyo intetho kamongameli uCyril Ramaphosa engobume besizwe, ayenze ngokuhlwa kwayizolo. Le ntetho nebiyeyokuqala kulawulo lwesixhenxe noluphantsi korhulumente wobumbano lwesizwe, ihlakulelwe kukukhankanywa kwamajoni omkhosi wokhuselo woMzantsi Afrika alishumi elinesine athe awela kwilizwe laseDemocratic Republic of Congo, nalapho ebethunyelwe kumsebenzi wogcino-cwangco. Phakathi kwezicwangciso athe wazikhankanya umongameli, seso sokuba bonke abemi boMzantsi Afrika ngokwahluka kwabo babuthelane ndawonye kwiingxoxo zesizwe ukuze kuxovulwe ikamva leli lizwe. Emnxebeni ngoku sinaye umhlalutyi wezopolitiko ugqirha Nkosikhulule Nyembezi...

View Details

Uhlumo loqoqosho nokudalwa kwemisebenzi yeminye yemiba ephambili ekulindeleke ukuba umongameli Cyril Ramaphosa athethe ngayo kwintetho yakhe engobume besizwe namhlanje. URamaphosa uzakusebenzisa eli thuba ukudakanca izinto azakugxila kuzo urhulumente, izicwangciso zonyaka nokuchaza ngezinto ezenziwe ngurhulumente kunyaka ophelileyo nakwiminyaka egqithileyo. Ngethuba kuvulwa ipalamente kunyaka ophelileyo, emva kokusekwa korhulumente wobumbano, uphuhliso loqoqosho, ukuphuculwa kweziseko nokuqubisana noomasipala abangaqhubi kakuhle, zezinye zezinto ezazihamba phambili kwintetho kaRamaphosa. UAyabonga Kekana uncokole nomhlalutyi wezopolitiko uGqirha Nkosikhulule Nyembezi…

View Details

Usekela-mphathiswa wemfundo esisiseko, uGqirha Regina Mhaule, ukugxininisisile ukuzibophelela kukarhulumente ekuxhobiseni abafundi kwizikolo zikarhulumente ngezakhono ezidingekayo, ezizakwenza ukuba kubelula ukungena kwizithuba zengqesho. UMhaule ebethetha kumsitho wokuphehlelelwa kwee-labhoratri ezimbini zezifundo ze-robotics kwizikolo zamabanga aphakamileyo ezimbini eziqhube kakuhle kakhulu kwiphondo iMpuma Koloni. Ezi zikolo, iSoqhayisa kwakunye neCingani eMotherwell eGqeberha, zingabaxhamli botyalomali oluxabisa izigidi zeerandi olwenziwe ngabathathi-nxaxheba babucala. USisipho Ngcumbe usiqulunqele le ngxelo...

View Details

Isebe lezempilo eMpuma Koloni liphawula iveki yokwazisa uluntu ngokukhulelwa kwabantwana nanjengoko liqhubeka lisanda inani labantwana abakhulelwayo kweliphondo. Yilonto ke kwinkqubo ndaba yethu sithe masikrwece ogumlawuli kwingingqi i Sarah Baartman apha kwisebe lezempilo ugqirha Bulelwa Mzileni....

View Details

Usekela-mongameli uPaul Mashatile, uqinisekise uluntu loMzantsi Afrika ngokuqulathwe kumthetho ongqamene nokoxuthwa komhlaba kubaniniwo, khon' ukuze usetyenziswe ngumbuso, iLand Expropriation Act ngolwasemzini. UMashatile ebethetha kwindibano yesigqeba solawulo kumbutho woomasipala kweli, iSALGA, eKapa kwiNtshona Koloni namhlanje. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe ngu Zara Groenewald...

View Details

Umphathiswa wesebe lezobulungisa nophuhliso lomgaqo siseko, uMmamoloko Kubayi, ubhengeze ukuba abemi boMzantsi Afrika bazakukwazi ukubona uluhlu lwabantu abaxhaphaza ngokwesondo nabo bempatho mbi esekelezelwe kwisini. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kumbutho olwela amalungelo wabantwana kweli u Shaheeda Omar.

View Details

Unpacking DRC conflict with Public and international affairs researcher Advocate Sipho Mantula and political analyst, Dr Mkhuseli.

View Details

UMongameli waseMelika uDonald Trump, utyhola iinkokheli zo Mzantsi Afrika ngokwenza ububi obufana nokupasisa imigaqo -nkqubo yokuthathwa komhlaba ngaphandle kwembuyekezo. UTrump ugrogrise ngokuyeka ukuxhasa ngemali eli lizwe. Oku ukubhale kwikhasi lonxibelelwano etyhola uMzantsi Afrika ngokoxutha umhlaba watsho esithi elilizwe liziphethe kakubi ezinye iintlanga kweli. Emnxebeni sinaye umhlalutyi wezopolitiko Nkosinathi Breakfast..

View Details

Kuchaphazeleke amaziko amathandathu ezempilo eKariega ngenxa yokubiwa kweentambo zombane, ntoleyo echaphazele iinkonzo ezisiwa eluntwini. Ezintambo zombane zibiwe ngoLwesibini. Izigulane kuye kwafuneka zithunyelwe kwamanye amaziko ezempilo ngelithuba bekusetyenziswa ijenareyitha. Ukanti abarhanelwa ngokwenza oku bafumane umonzakalo wokutsha. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nomlawuli wezonxibelelwano kwisebe lezempilo uSiyanda Manana.

View Details

INkundla ePhakamileyo yasePitoli igwebe ukuba eminye yemigaqonkqubo enxulumene nesibonelelo sikarhulumente sabo bangaphangeliyo ayikho mthethweni. Le nkundla igwebe kwelokuba i-Arhente yezibonelelo zikaRhulumente iSASSA, mayilungise le miqathango nethintela izigidi zabaxhamli besi sibonelelo ukuba basifumane. Eminye yemiqathango yile yokuba abaxhamli abafumana imali nakwizihlobo baye bakhatywe yile nkqubo. UAyabonga Kekana uncokola nophuma kwi Institute for Economic Justice uSiyanda Baduza, nalapho simbuze ngokuba inkundla igwebe ngelithini ngokwale miqathango...

View Details

Inkqubo yophando ngakwizityholo zesincwaso ezityatyekwa ijaji eyongameleyo eMpuma Koloni, uSelby Mbenenge, iphinde yavuselela iingxoxo ngendlela yokuziphatha kweejaji emsebenzini kwakunye nobudlelane nabasebenzi. Kukho imibuzo yokuba ingaba zivumelekile ukuba zibe nobudlelane obungaphandle komsebenzi kusini na. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwiJudges Matter, uMbekezeli Benjamin.

View Details

Inkokheli yombutho iBuild One South Africa, iBOSA uMmusi Maimane, imemelela kurhulumente ukuba aphelise izinga lokupasa kumngangatho ka-30%, ngelibanga ukuba oku kudodobalisa ikamva lomfundi likwahlisa nomgangatho wemfundo. Lo mbutho uthi uzakudlulisela uxwebhu kumphathiswa wesebe lemfundo esisiseko uSiviwe Gwarube, olutyikityiweyo ngabantu abaxhasa esi siphakamiso salo mbutho. UAyabonga Kekana ubenodliwano ndlebe nenkonkeli yeBOSA, uMmusi Maimane.

View Details

Inkqubo yophando kwizityholo zesincwaso ngakwiJaji eyongamele iinkundla zaseMpuma Koloni uSelby Mbenenge, ivuselele iingxoxo ngeziganeko zesincwaso emisebenzini. Bambi baxoxa ngelithi, uukuxhatshazwa ngokuncwaswa emisebenzini yinto engathathelwa ngqalelo, kangangokuba iye ibeyinto ehlekelwayo nakumanye amaziko afana nezikolo kunye nasemabandleni. Ukungathathelwa ngqalelo kwesincwaso kula maziko kuye kutyhafise abo bangathandiyo xa bencwaswa ukuba bazibike eziziganeko. UAyabonga Kekana uncokole nengcali kwimiba yezengqesho uPenny Mkhize, ukuba sincokole ngokumiliselwa kwemigaqo-nkqubo elwa ukuxhaphaza ngokuncwasa emisebenzini, nokuba iyasebenza kusini na

View Details

Uyaqhubeka nokuba ngumba otshis'ibunzi umba wabafundi abashiya isikolo bengekafiki kwibanga le Matric, ngenxa yemingeni eyahlukileyo ethi ityhalele abafundi ngaphandle kwenkqubo yokufunda. Iintanda ezikhoyo kwinkqubo yokufunda zithi zikuphazamise ukufunda, nto leyo ebangela ukuba abafundi bangabinawo umdla ze ekugqibeleni baphele besoyisikala basishiye isikolo ngaphambi kokufikelela kwiMatric. Phakathi kwemingeni engunobangela wokuba abafundi bakwazi ukufikelela kwimfundo engcono, yintlupheko, ukungabikho kwenkxaso nokungabikho kwemithombo eyaneleyo yokufunda nokufundisa. Ukusincedisa kwincoko yethu namhlanje, emnxebeni ngoku sinayo umphathiswa wezemfundo kwiphondo leMpuma Koloni uFundile Gade kwakunye negosa eliphezulu kwisebe lophuhliso lwentlalo uLumka Oliphant...

View Details

Amakhulu abafundi eMpuma Koloni abaphumelele ibanga leshumi, nanethemba lokuqhubekeka nemfundo kumaziko emfundo ephakamileyo, angazibona engakwazi ukufezekisa amaphupha awo ngenxa yokushokoxeka kwendawo kumaziko amaninzi eGqeberha. Iinkcukacha-manani zibonisa ukuba isiqingatha sabo baselungelweni lokungena kulamaziko, kubonakala ngathi singangabinako ukwamkelwa. Inani labafundi bebanga leshumi abaselulungelweni lokungena kwidyunivesithi zeli lonyukile kulonyaka. Uninzi lwedyunivesithi zeli zifumene izicelo ezingaphaya kwekhulu lewaka kodwa zingathatha abafundi abangafiki nakwisiqingatha lwelinani...Ukusabela banzi emnxebeni sibambe igosa eliphuma kwidyunivesithi yasePitoli uSandisiwe Williams...

View Details

Nanjengoko kulindeleke ukuba amaziko emfundo ephakamileyo avule iminyango ukulungiselela inkqubo yokufunda ka nyaka ka 2025, mininzi imingeni abafundi abajongene nayo eminye yayo kukungafumani inkxaso mali ,namingeni leyo yayilwelwa ngabafundi bephulo i #FeesMustFall ngonyaka ka 2015. Lo nyaka ka 2025 uphawula iminyaka elishumi ukususela oko kwaqala iintshukumo ze #FeesMustFall kwi University yaseWits, apho abafundi babesilwa neeFees eziphezulu kunye nokukhutshelwa ngaphandle kwabafundi (Financial exclusion). UAyabonga Kekana ubenodliwano ndlebe nomongameli we-South African Union of Students uYandisa Nzoyiya.

View Details

Amakhulu abafundi eMpuma Koloni aphumelele ibanga leshumi, nanethemba lokuqhubekeka nemfundo kumaziko emfundo ephakamileyo, angazibona engakwazi ukufezekisa amaphupha awo ngenxa yokushokoxeka kwendawo kumaziko amaninzi eGqeberha. Iinkcukacha-manani zibonisa ukuba isiqingatha sabo baselungelweni lokungena kulamaziko, kubonakala ngathi singangabinako ukwamkelwa. Masive ngokunabileyo kuNtombozuko Balintulo...

View Details

Amaphondo iMpuma Koloni neKwaZulu-Natal, ayazingca ngokuba nabafundi abaninzi abaphuma kwizikolo zasemaphandleni nasezilokishini, ezibizwa ii Quintile 1-3, abaphumelele nge-Bachelor. Ingaba aba bafundi basifumene ngokwaneleyo isikhokhelo sokuba baza kuthini ukusuka apha? Ingaba oku kuthetha ukuba baza kwamkeleka kusini na kumaziko emfundo ephakamileyo? Ingaba bawufumene ngokwaneleyo umkhombandlela wamakhondo emfundo, kwanokuba imali yenkxaso yezifundo bayazi ukuba bangayikhangela phi na?UAyabonga Kekana ubenodliwano ndlebe nengcali kwimiba yezemfundo, uGqirha Thembinkosi Thwalo.

View Details

Umphathiswa wemfundo esisiseko uSiviwe Gwarube uthi akubangakho ziganeko zixhomis'amehlo ezichaziweyo kusuku lokuqala lokuvulwa kwezikolo. uGwarube ubetyelele ezinye izikolo kwiphondo leMpuma Koloni, kuquka isikolo sembali samabanga aphakamileyo i Healdtown, ukuya kuhlola ukulungela kwaso inkqubo yokufunda nokufundisa kunyaka ka 2025. Masive ingxelo ku Lubabalo Dada...

View Details

Banyanzelisa ukuqeshwa isigxina ootitshala abahlohla kwinqanaba lophuhliso, uGrade R. Bakwanyanzelisa ukuxhamla kumaqithi-qithi afana neMedical Aid, nawomhlala-phantsi kwingqesho yabo lisebe lezemfundo esisiseko. Ukuva banzi ngoku, emnxebeni u-Ayabonga Kekana ubambe umongameli wombutho i-South African Early Childhood Development Teachers Union, uGqirha Bafana Langa.

View Details

Isebe lophuhliso loluntu kuzwelonke lithi lizakuvulela ithuba kwabo bangaqhubanga kakuhle kwibanga leshumi ukuba basebenzise iinkonzo ze-call centre yabo ukufumana iinkonzo zothuthuzelo ngokwasemphefumlweni. Le Call Centre yenzelwe ukunika iinkonzo kwabo bangamaxhoba empatho mbi esekelezwe kwisini. Eli sebe libenegalelo ngeenkonzo elibonelela ngazo kubafundi abenza ibanga leshumi, nabasuka kumakhaya atsala nzima. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni u-Ayabonga Kekana ubambe ophuma kwiSebe lophuhliso loluntu, uLumka Oliphant...

View Details

Iphondo iMpuma Koloni liye labonisa ukukhula okuzinzileyo ngokubhekiselele kwiqondo lempumelelo kwibanga lematriki kule minyaka idlulileyo, nalapho kunyaka ka-2023 eli phondo laye laphumelela ngomyinge we 81.4%. Oku kwaalibeka eli phondo kwindawo yesithandathu kwisizwe siphela. Ukanti ngomso kulindeleke ukuba kukhutshwe iziphumo zematriki zika 2024 ngokusesikweni. Ukuva okulindelekileyo, emnxebeni uYolanda Kambile uncokole nesithethi seSebe lezemfundo eMpuma Koloni, uMalibongwe Mtima...

View Details

Iqela i ANC kufuneka lizihlaziye lona ngokunokwalo ngaphakathi okanye lijongane nomngcipheko wokutshabalala. La ngamazwi omongameli weli qela uCyril Ramaphosa xeshikweni ewisa intetho yekomiti yesigqeba esiphezulu - i January 8 statement kumabala i Mandela Park eKhayelitsha eKapa izolo. Lo msitho nobanjwa rhoqo ngonyaka, uza kanye xa eli qela liphulukene neevoti kunyulo jikelele lwanyakenye okokuqala kwiminyaka engamashumi amathathu. Ukanti uRamaphosa ukholelwa ukuba i ANC ingazibuyisa ezi voti ngokuthi izibhence kwakunye nomanyano. Uvule intetho yakhe ngokukhwel'ezehlela kwiqela i Democratic Alliance nelilihlakani layo kurhulumente wobumbano lwesizwe nelilawulayo kwiphondo leNtshona Koloni, esithi abantu baseNtshona Koloni bayaqhubeka nokujongana nentswela ngqesho, intlupheko nokungalingani, miba leyo iqandusela ulwaphulo mthetho, udushe, impatho mbi yamanina, ukusetyenziswa kweziyobisi ngokugqithisileyo neminye imiba. Ukungena nzulu kule ntetho yomongameli we ANC uCyril Ramaphosa, emnxebeni ngoku sinalo ilungu lesigqeba esiphezulu kwi ANC uStella Ndabeni Abrahams ngokunjalo nomhlalutyi wezopolitiko uGqirha Nkosikhulule Nyembezi...

View Details

Isebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni livakalise inkxalabo ngokwenyuka kwenani lokulahlwa kweemveku kweli phondo. Susela ngoMarch wonyaka ophelileyo, phantse ibe ngabantwana abangamashumi amane abathe balahlwa, nalapho kwisiganeko sakutsha nje, kuqukwa umntwana oneveki ezelwe nofunyenwe efakwe eplastikhini kwibhulorho yaseMdantsane ngaphandle kwaseMonti. Ngoko mthetho, ukulahla umntwana lulwaphulo mthetho, kwaye ubani angabekwa ityala atshutshiswe. Kodwa ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sibambe isithethi sesebe lophuhliso loluntu, uMpumzi Zuzile...

View Details

Owona mbutho mdala wezopolitiko e-Afrika owawusilwa nenkqubo yengcinezelo nobuKoloniyali, i-ANC, namhlanje ugqiba iminyaka eyi-113, wasekwayo. Lo mbutho wasekwa ngonyaka ka-1912 eBloemfontein. Ngo-1994 wabaselulawuleni okokuqala phantsi kwenkqubo yeDemokhrasi ngokukhokhelwa ngu Bawo uNelson Mandela. Kunyulo lonyaka odlulileyo i-ANC iphulukene nolawulo okokuqala kwiminyaka engamashumi amabini anethoba ulawula wodwa kuzwelonke nakumaphondo. Kwakule minyaka, lo mbutho ubenemingeni eli qela ebangele iintanda kuwo nokuba uphulukane nenkxaso. Izityholo zorhwaphilizo, ubunkokheli obuhexayo, iintanda phakathi embuthweni zezinye izinto ezichaphazele lo mbutho. UAyabonga Kekana uncokole Gqirha Nkosikhulule Nyembez, ngembali nekamva le-ANC kwezopolitiko.

View Details

Unobhala jikelele we-ANC uFikile Mbalula, uthi lo mbutho uzakuthatha amanyathelo ngakumalungu angaziphathi kakuhle. Uthethe neentatheli kwibala iNelson Mandela Park eKhayelitsha eKapa, nalapho lo mbutho uzakubambela umsitho wawo weJanuary 8th Statement. UMbalula uthi iANC iqinisekile ukuba izakuligcwalisa eli bala. Nangona kunjalo, amalungu alo mbutho afana noTony Yengeni ebesoloko eligxeka eli bala esithi ukusetyenziswa kwalo kubonisa ukuba akulindelwanga bantu baninzi. UMbalula uthi uTony Yengeni kwakunye no Obed Bapela, bazakubizelwa kwinkqubo yoluleko nanjengoko ebatyhola ngokurhuqela igama lombutho eludakeni. UAyabonga Kekana unodliwano ndlebe nomhlalutyi wezopolitiko uNjingalwazi uNtsikelelo Breakfast…

View Details

Nanjengoko sele lisemnyango ixesha lokuvulwa kwezikolo kunyaka u 2025, isebe lezemfundo esisiseko kwiphondo leMpuma Koloni kulindeleke ukuba liqhube umsebenzi wokuphendla ukukulungela kwezikolo ukufunda nokufundisa, nalapho ngokwesiqhelo lisithi ekuqaleni konyaka ngamnye linikezele inkxaso edingwa zizikolo, liqaphela nemingeni engathi ibenefuthe elibi kwinkqubo yokufunda nokufundisa. Ukanti mkhulu umqela osele uhanjiwe eminyakeni ukuqinisekisa ukuba zonke izikolo zikulungele ukufunda nokufundisa zisuka nje ngosuku lokuqala zivulwa izikolo. Ukanti ke akubi njalo kuzo zonke izikolo ingakumbi ezo zisemaphandleni nasezilokishini ngenxa yeengxaki ezahlukileyo nesizakuthi sizishukuxe kule nkqubo. Ukusincedisa ukuxovula ukulungela kokuvulwa kwezikolo ephondweni-emnxebeni ngoku sinaye usekela mlawuli ekwangumanejala weenkqubo zezikolo kwiphondo leMpuma Koloni u Thembani Mtyida....

View Details

Umbutho woluntu, iSave South Africa, kwakunye ne-COSATU, bakugxekile ukupheliswa kwezivumelwano zengqesho zexeshana zabo benza umsebenzi woluntu ekuhlaleni, iicommunity workers ngolwasemzini. Oku kuza ngexesha apho iSebe lolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli libhengeze ukuba liza kuziphelisa izivumelwano zengqesho zabasebenza kule nkqubo, abaneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu nangaphezulu, ekupheleni kwale nyanga. I-Save South Africa ithi inoloyiko lokuba eli nyathelo lakwandisa iqondo esele lixhomile kade lentswelangqesho kweli lizwe. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguNothando Magudulela...

View Details

Iqumrhu i-Road Traffic Management Corporation liphakamisa ukuba sibeqatha isohlwayo sabo bophula umthetho kwiindlela zeli. I-RTMC iphakamisa ukuba ulwaphulo-mthetho olwenziwa kwiindlela zeli, malufakwe kwinqanaba lolwaphulo-mthetho luka-Schedule 5, noluquka amatyala afana nokubulala, ukuzama-ukubulala, ukuphanga nobuqhophololo. Emnxebeni sinaye othethela iRoad Traffic Management Corporation, uSimon Zwane…

View Details

Kunyaka ophelileyo kwezopolitiko kweli loMzantsi Afrika, sibone kubanjwa unyulo nolukhokelele kurhulumente wentsebenziswano iGNU. Sabona amalungu aphambili kumbutho weEFF, elishiya elaqela esiya kumbutho weMK Party. Sithe masikrwece intatheli yethu yezopolitiko uNtebo Mokobo...

View Details

ISebe lophuhliso lwezentlalontle lithumele oonontlalontle kwiilwandle ezintlanu kummandla i-OR Tambo, nabazakuthi bakhathalele abantwana kwakunye namantombazana aselula. Ziliqela iinkonzo abazakuthi banikezele ngazo aba nontlalontle, kuquka ii-arm band, ezizaku zifakwe kubantwana abaneminyaka elishumi elinesibini nangaphantsi, ngeenjongo zokuqinisekisa ukhuseleko lwabo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeno u-Amanda Xhala ubambe intatheli yeli jelo, uFundiswa Mhlekude...

View Details

Masijonge kumasipala ombaxa iBuffalo City, apha ephondweni ukuba bona balungiselele kanjani ukuqinisekisa ukhuseleko kubantu balo masipala ngale mini inkulu itshayelela ukwamkela unyaka omtsha ka-2025. Emnxebeni sinaye othethela lo masipala uSamkelo Ngwenya…

View Details

Umphathiswa wemicimbi yemveli, uVelenkosini Hlabisa ebekhokhele abathunywa eGcuwa eMpuma Koloni ukuyakuxoxa ngeendlela ekungathi kuqutyiswane ngazo ukusweleka kwabakhwetha bekunye neenkokheli zemveli. Ngabakhwetha abangamashumi amabini anesibhozo abathe basweleka susela ukuqala kwexesha lolwaluko lwasehlotyeni kweli phondo. UAyabonga Kekana uncokole nomphathiswa wemicimbi yemveli, uVelenkosini Hlabisa ukuva ngeziphumo zentlanganiso...

View Details

Isixeko saseKapa sithi sisebenza nzima ukuqinisekisa ukhuseleko lwemimandla yamatyotyombe esemngciphekweni. Oku kulandela iziganeko eziliqela zokutsha kwamatyotyombe kwiNtshona Koloni, nezishiye abantu ababini bephulukene nobomi, ze abangaphaya kwewaka bashiyeka bengenandawo zokufihla iintloko kwiindawo zamatyotyombe eMasiphumelele, eDu Noon, eNomzamo kwakunye naseVrygrond kule veki. Kumatyotyombe aseJoe Slovo eLanga, kumlilo wakutshanje, kuqikelelwa ukuba angaphaya kwamakhulu amathathu amatyotyombe aye atshatyalaliswa ngulo mlilo. UMlamli Maneli uza nengxelo ethe vetshe...

View Details

Iqumrhu elilawula iindlela iRoad Traffic Management Cooperation, kunye nombutho olawula ushishino lwe-taxi iSANTACO, bebedibene kwintlanganiso kule veki ukushukuxa nokufumana izisombululo kwiingozi zezithuthi endleleni, nezibandakanya ii-taxi. Ngokwe-RTMC, baqaphele ukuba ziliqela iingozi ekubandakanyeka kuzo ii-taxi. Enye yezo ngozi yethe yasuba ubomi babantu abalishumi elinesihlanu ngaseRhafu eMpuma Koloni. Masincokole nosekela-mongameli wokuqala kwi-SANTACO uMazwe Nkonki…

View Details

Kulindeleke abantu namhlanje batyelele iilwandle zeli eziquka eziseSajonisi, eMonti kwakunye naseGqeberha. Intatheli yethu uNkululeko Nyembezi, uye kwenye yeelwandle zaseSajonisi. Indawo yaseSajonisi iineelandle ezilishumi neziye ezithandwa ngabatyeleli.

View Details

Ayabonga Kekana held an interview with economist Proffesor Bonke Dumisa on what type of Christmas this will be for individuals who cannot afford to return home for a variety of reasons

View Details

Amaziko oluleko elizwe loMzantsi Afrika agcwele ngokumangalisayo, nto leyo ebangela ukuba amabanjwa ahlale kwiimeko ekunzima ukuphila phantsi kwazo, nezinefuthe elibi nakumagosa ezoluleko okanye amadindala ezintolongweni. Ngokweengxelo, lixhome kakhulu inani lamabanjwa asalindele ukuchotshelwa kwamatyala awo, nagcinwe kula maziko. Iintolongo zeli zineebhedi ezibalelwa kwi 105 000, ngeli lixa amabanjwa wona ebalelwa kwi 156 000. Loo not ithethe ukuba uMzantsi Afrika unamabanjwa aku 50 000 angenazibhedi kumaziko oluleko eli. Ngethuba ephendula imibuzo epalamente, umphathiswa weenkonzo zoluleko uthe baqikelela kwelokuba ukwakhiwa kweentolongo ezintsha, kwakulidla eli imali ebalelwa kwi R36-billion, endulula ngokukhutshwa kwamabanjwa awenze amatyala amancinci. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sinomongameli wemanyano yabasebenza kumaziko oluleko, iPOPCRU, uThulani Ngwenya, kwakunye noyingcali kwimiba yolwaphulomthetho, uHlumela Boqwana-Mzili...

View Details

Babalelwa kwishumi elinesixhenxe abakhwetha ababikwe njengababhubhileyo kweli xesha lolwaluko lasehlotyeni, eMpuma Koloni. Sele kubanjwe abantu abasibhozo mayela nokuvula izikolo zolwaluko ezingekhomthethweni, nokolusa abantwana ngomgunyathi. Iingcali zezempilo zinoluvo lokuba ubukhulu becala isithatha siye sibekwe ekubhubheni kwabakwetha, kunganikwa ngqwalasela yaneleyo kumakrwala abuya esuthwini onakalelwe bubudoda babo; kumaxesha athile abanye baye baphulukane namalungu obudoda ngenxa yolwaluko olungaqhubanga ngendlela. Masincokole ngoku, nengcali kwimiba yezempilo nonika iingcebizo zezempilo kwisiko lolwaluko, uGqirha Mthembeni Tebelele…

View Details

Iziko i-Business Against Crime South Africa (BACSA) libongoza uluntu ukuba luqaphele ubuqhophololo obuthe tshitshilili kumaqonga onxibelelwano, apho izikrelemnqa zisebenzisa amagama eenkampani ezaziwayo kunye nabaphathi bazo, zithembisa abantu "imali yasimahla" okanye izabelo zemali eninzi (ezibizwa ngokuba yidividendi) ukuba bathenga izabelo. UAyabonga Kekana ube nodliwano ndlebe nophuma kwi BACSA uNil Flaatten.

View Details

Iziko elijongene nezifo ezosulelayo i NICD, ithi kuqhambuke isifo irubella eMzantsi Afrika. Esisifo sosulelayo sifumaneka kakhulu kubantwana abangaphantsi kweminyaka elishumi noomama abakhulelweyo. Ingxelo zithi esisifo sinobungozi kakhulu koomama abakhulelweyo kwiinyanga ezintathu zokuqala kwaye singabangela umntwana azalwe neengxaki zentliziyo, abeyimfama okanye angeva. UAyabonnga Kekana uncokole nebambela sekela mlawuli kwisebe lezempilo kwicala elijongene nezifo ezosulelayo, Ramphelane Morewane.

View Details

Ikomishoni ejonge nendlela urhulumente asebenza ngayo iPublic Service Commission, eMpuma Koloni, ithi idinga izixhobo ezaneleyo ukukwazi ukwenza umsebenzi wayo ngokupheleleyo. Bakwathi badinga amandla okwenza uphando nakwezinye izigaba zorhulumente, ingabi ngamasebe kuphela. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nomkomishinala wePublic Service Commission eMpuma Koloni uVuyani Mapolisa.

View Details

Umongameli uCyril Ramaphosa ubhengeze ukuba kuzakubanjwa iingxoxo zikazwelonke kulo nyaka uzayo, ezijolise ekujonganeni nemeko yentlalontle yeli lizwe. Ebesenza intetho yakhe kwimibhiyozo esemthethweni yosuku loxolelwaniso eVredendaal, eNtshona Koloni. URamaphosa, uthe abemi beli kufuneka babe yinxalenye yeengxoxo ezifuna ukuqhubela ilizwe phambili. UAyabonga Kekana ubenodliwano ndlebe nomhlalutyi wezopolitiko ugqirha Nkosikhulile Nyembezi.

View Details

Kwiphulo lokuphelisa ukuthengiswa kotywala ngokungekho mthethweni, ingakumbi ngelixesha leziyunguma, amagosa onyanzeliso mthetho kumasipala i Mnquma, athimbe utywala obungangee litha ezilikhulu kwiindawo zentselo ezikwiilokishi neendawo zamaphandle zalomasipala. Obutywala buthinjwa kwiindawo ezithengisa utywala kuba zingahambiselananga nemithetho yakwa Eastern Cape Liquor Board emiselwe ukuthengisa utywala. Lisaqhuba njalo eliphulo, amagosa aphinde athimba ukutya okuphelelweyo okugcinwe kwisakhiwo esikufuphi naku Ndabakazi okungange zigadla ezibini. Ukuva banzi ngeliphulo, emnxebeni sinaye othethela umasipala uMnquma, u Loyiso Mpalantshane....

View Details

Nangona i-SACP uzakuphinda ubenentlanganiso ne-ANC, ukushukuxa isigqibo samakomanisi sokungenela unyulo loomasipala lwango-2026 uzimele geqe, unobhala jikelele wamakomanisi uSolly Mapaila uthi bona bengulo mbutho basamile kwisigqibo sabo. UMapaila ukuthethe oku ngethuba enikeza ingxelo ngemo yombutho kwinkongolo ekhethekileyo, neqhubayo sithetha nje eBoksburg kwiMpuma yeRhawuti. UMapaila, ukwathi oku kukumiliselwa kwesindululo esathathwa kinkomfa yalo mbutho ngo-2022, emva kokuba bephoxwe zizigqibo ze-ANC kubudlelane abanalo. Iinkokheli ezisuka kwi-ANC, iCOSATU, kunye ne-SANCO, neyimibutho ebambisene ngoqhogwano lolawulo, iyinxalenye yale nkomfa intsuku ne. Abanye abantu abakudidi oluphezulu abazimase le nkomfa kuquka lowo wayengumongameli we-ANC uThabo Mbeki, umninawa wakhe uMoeletsi Mbeki, kunye nosomashishini uPatrice Motsepe. Ingxelo kaNtebo Mokobo siyilungiselelwe nguVuyo Mabeqa…

View Details

Ikomishoni kamakulinganwe ngokwesini ibambe iingxoxo ngophando olwenziweyo ngokuxhaphaka kwezehlo zokuxhatshazwa ngesondo kwabantu kumaziko emfundo ephakamileyo. Oluphando luqwalasele izimvo zabafundi ngezinto ezibangela ukuba zivame izehlo zokuxhatshazwa ngesondo kulamaziko, luphinde luqwalasele namanyathelo athatyathwa ngamaziko emfundo ephakamileyo ukuphelisa lemikhuba. uAmanda Xhala wenze udliwano ndlebe nophuma kwi ofisi yezomthetho kwi komishoni kamakulinganwe u NomaAfrika Wakashe

View Details

Igunya-bantu lecandelo elijongene nendlela yokuphatha imali, iFinancial Sector Conduct Authorithy, liveze ukuba phantse ibe ngabaqeshi abayi Seven-thousand 770 abasileleyo ukuhlawula ingxenye yabo kwingxowa-mali yomhlala phantsi susela kweyoMnga kunyaka ophelileyo. Oku kulandela ukuziswa kwenkqubo ye two pot kwinyanga yoMsintsi. Le nkqubo yenziwe ngokuthi kwenziwe iinguqu kumthetho ojongene nerhafu. Ivumela abasebenzi ukuba babenako ukucuntsula kwingxowa yabo yomhlala phantsi bengakhange babe kanti bayalahla emsebenzini. Nangona kunjalo, emva kokuqala kwale nkqubo, kuvele ukuba abanye abaqeshi abakhange baziphathe kakuhle njengokuba besilele ukuhlawula ingxowa-mali yomhlala phantsi njengengxenye yabasebenzi babo. Le ndlela yokuziphatha itenxileyo ishiye abasebenzi abangamawaka abafake izicelo besengxakini. UAbongwe Kobokana usenzele le ngxelo...

View Details

Liswelekile igqwetha elimele ummangalelwa wokuqala kwityala eliphanda ukubulawa kukaSenzo Meyiwa, uThulani Mngomezulu. Ingaba ukusweleka kwakhe kuzakulichaphazela njani eli tyala, nekudala liqhuba ngoku? u Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nengcali yezomthetho uAdvocate Dumisani Apollis

View Details

Umbutho wabantu abangaboniyo woMzantsi Afrika ubambe umngcelele ukuya kudlulisa uxwebu lwezikhalazo ezingxamisekileyo, ezichaphazela ootitshala abangaboniyo kwisebe lemfundo esisiseko ePitoli namhlanje. Othethela lombutho uEugene Matshwane uye wamenywa kulenkqubo ukusichazela banzi ngalomngcelele

View Details

Isebe elijongene namanina,abantu abatsha kunye nabantu abaphila nokukhubazeka, libambisene norhulumente wephondo iMpuma Koloni namhlanje livala iphulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu elichasene nempatho mbi ngakumanina nabantwana e Port St Johns. Eliphulo lenzelwa ukuqwalasela nokunika inkxaso kwabo bazibona bengamaxhoba empatho mbi nokuxhatshazwa ngokwesondo. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sinayo intatheli yethu elandela elinqaku u Fundiswa Mhlekude.....

View Details

Usekela mphathiswa kwisebe lobulungisa nophuhliso lomgaqo siseko u Andries Nel, usindleka umsitho wokuvulwa kwenkundla yamatyala okuxhatshazwa ngokwesondo eMthatha namhlanje. Lomsitho kazwelonke ukwaphawula nephulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu elichasene nempatho mbi ngakumanina nabantwana. Lenkundla yenzelwa ukunikeza inkxaso kumaxhoba ezehlo zokuxhatshazwa ngesondo. Ukuva banzi ngalomsitho, emnxebeni sithe masikrwece intatheli yethu elandela elinqaku u Nkululeko Nyembezi.....

View Details

Urhulumente wase Mpuma Koloni namhlanje uqaphela usuku oluchasene nobuqhophololo. Lo msitho nobanjelwe kwilokishi yaKwaZakhele eGqeberha kumasipala ombaxa iNelson Mandela kulo nyaka, uphawula inyathelo elibalulekileyo lokwazisa nokuba kukhuthazwe abantu ukuba babuchase ubuqhophololo. Iphondo lidize ukuba urhulumente ukwazile ukucutha izenzo zobuqhophololo obenziwa ngabasebenzi baseburhulumenteni kule minyaka mine igqithileyo, susela ukusungulwa kwamaphulo ezicwangciso zokuthintela nokulwa ubuqhophololo norhwaphilizo( i-Provincial Anti-Corruption Action Plan ne- Provincial Fraud Prevention Plan). Ukusabela banzi ngalo msitho, emnxebeni ngoku sinaye othethela urhulumente wephondo leMpuma Koloni uKhuselwa Rantjie...

View Details

Iziphumo zophando olwenziwe liziko i The Trends in International Mathematics and Science Study, zibonisa abafundi bebanga u Grade 5 beloMzantsi Afrika basemsileni, xa kuthelekiswa nabamazwe angamashumi amahlanu anethoba, ngokubhekiselele kwizifundo ze-Maths nezeNzululwazi. Nangona kunjalo, ezi ziphumo zikwabonisa ukuphucuka kwezabebanga u Grade 9, nezenyukileyo. Ingaba yintoni unobangela wokuba uMzantsi Afrika uzibone ukule meko, ngokubhekiselele kwezi zifundo zimbini? Ingaba oku kunento yokwenza ne-curriculum okanye abafundi abanamdla kwezi zifundo? Ukuphendula le mibuzo neminye, u-Amanda Xhala uxoxe le nyewe noyi-Acting Chief Director for Curriculum Management kwiSebe lezemfundo kwiphondo iMpuma Koloni, uChulekazi Xundu-Bula, kwakunye noyingcali kwimiba yezemfundo, uGqirha Thembinkosi Thwalo.

View Details

Icandelo lamadoda kwibhunga elijongene nentsholongwane kagawulayo, libambisene nombutho i- National Men's Forum South Africa, kwakunye nabanye abathathi-nxaxheba abohlukileyo, babame umsitho obizwa ngokuba yipalamente yamadoda oMzantsi Afrika, i- Mens Parliament ngolwasemzini, eKapa, kwiphondo leNtshona Koloni. Lo msitho untsuku-mbini, noqukunjelwayo namhlanje, uqwalasela indima yamadoda ekulweni udushe olusekelezelwe kwisini nabantwana. Ukusabela banzi, emnxebeni u-Amanda Xhala ubambe unobhala-jikelele we-Songe Social Change, uSiya Ndesi.

View Details

Kudutyulwe kwabulawa amadoda amane akwiminyaka ephakathi kwamashumi amathathu anesine kunye namashumi amahlanu anesithoba ubudala, kwilali yakuGatyane kuMente eMpuma Koloni. Kuvakala ukuba isibonda sale lali nabantakwaso , besisemotweni esingise edolophini kuGatyane, ngethuba kusenzeka esi siganeko. Ukusabela banzi ngoku, emnxebeni sinaso isithethi senkonzo yesipolisa ephondweni, uSiphokazi Mawisa…

View Details

Sele kusweleke abakhwetha abahlanu eMpuma Koloni kwelixesha lasehlotyeni lolwaluko. Ziyohluka izizathu zokusweleka kwaba bakhwetha, kwaye bakwimimandla eyohlukileyo ephondweni. Kunyaka ophelileyo, babalelwa kumashumi amathathu anesine abakhwetha abathi basweleka ngeli xesha lolwaluko. Ukusabela banzi ngoku, emnxebeni sinaye othethela uphathiswa kwisebe lemicimbi yemveli ephondweni, uPheelo Oliphant…

View Details

Ijelo losasazo iSABC eMpuma Koloni livakalise amazwi ovelwano kusapho lomsasazi ongasekhoyo woMhlobo Wenene FM nomabona kude, uNomonde Vakalisa. UVakalisa uswelekele esibhedlele ngentseni yanamhlanje, emva kokuba ekhe wagula ixesha elide. Ebesaziwa kakhulu ngeenkqubo azibhexeshileyo eziliqela zenkolo kwisikhululo sikanomathotholo. USisipho Ngcumbe uyabalisa...

View Details

Ingxowamali ebizwa iTshiamiso Trust, ibongoza bonke ababesakusebenza kwimigodi yegolide kweli loMzantsi Afrika, okanye iintsapho zabo, ingakumbi abo bathi bachatshazelwa sisifo isilicosis okanye isifo sephepha (TB) ukuba beze ngaphambili, ngelokujonga ukuba baselungelweni lokuxhamla kusini na kule ngxowamali. Iphondo iMpuma Koloni lelona kugxilwe kakhulu kulo. Ukusabela banzi ngalo mba, u-Ayabonga Kekana ubambe umanejala wezonxibelelwano kwi Tshiamiso Trust, uLusanda Jiya.

View Details

Namhlanje usuku lokuqala kwinyanga yoMnga ihlabathi jikelele liqaphela usuku lwesifo sikagawulayo ngesimemelelo sokuba kubekho umanyano ekulweni intsholongwana kagawulayo. Umxholo wesizwe wulo nyaka othi "Equal Rights, Equal Care" uhlaba ikhwelo kwiinkokheli nabemi beli lizwe ukuba bakubeke phambili ukubaluleka kwamalungelo kwezempilo ngokuqubisana nokungalingani nto leyo ibangela ukuba kungabikho nkqubela kumlo nesifo sikagawulayo. Babetha kwizigidi ezisibhozo abantu abaphila nentsholongwane kagawulayo kweli kwaye kwelinani bangaphezulwana kwezigidi ezintandathu abantu abafumana amachiza okunyaa le ntsholongwane. Ukanti iingcali zithi emva kweminyaka yokufundisa nokwazisa ngesi sifo basebaninzi abantu eMzantsi Afrika abangayiyo ukufumana uncedo okanye ukuya kufumanisa ukuba banayo kusini le ntsholongwane. Ukungena nzulu kwincoko yethu namhlanje sinaye emnxebeni umcebisi ngezamalungelo oluntu kumbutho i South African National Aids Council (SANAC) u Pholo Ramothwala, kwakunye nosihlalo kuzwelonke wombutho i Treatment Action Campaign uSibongile Tshabalala...

View Details

Incwadi esihloko sithi 'I Survived it all: A story of forced marriage, domestic abuse and resilience', yincwadi ebalisa ibali lombhali ukususela ebuntwaneni bakhe ukuya kwixesha lokuthatha kwakhe umhlala phantsi. Kule ncwadi umbhali noyintombi yalowo wayesakuba ngumongameli wephandle iTranskei, uKaizer Daliwonga Matanzima ongasekhoyo, uqubisana nohambo lwakhe lwamahla-ndinyuka neenzingo agagene nazo ebomini noxa nje ezelelwe kusapho olufumileyo. Uqubisana kule ncwadi nemixholo eyahlukileyo, phakathi kwayo kukho iimeko zokuhlala, ezenkcubeko, upolitiko kwakunye nezembali. Ukuva banzi ngale ncwadi, emnxebeni ngoku sinaye umbhali u Xoliswa Matanzima-Jozana...

View Details

Iingcali kwimozulu zimemelela ukuba kufundiswe uluntu ngokubanzi ukuze kubekho ukuqondwa kakuhle nokusabela ngokufanelekileyo kwizilumkiso zemozulu. Njengokuba imo yezulu eMzantsi Afrika iya itshintsha-tshintsha rhoqo, ezizilumkiso zibalulekile ukukhusela iimpilo zoluntu nokucutha umonakalo. Nangona kunjalo, imingeni isekhona kwiinkqubo zokusabela ngexesha nasekuthatheni amanyathelo. Lo ibi ngumba ebekugxilwe kuwo kwingxoxo ebingemo yezulu nokukhutshwa kwezilumkiso ngexesha, nebibanjwe ePitoli. Ukusabela banzi ngoku emnxebeni sibambe umphathi ophezulu kwinkonzo yemozulu yoMzantsi Afrika uMnikeli Ndabambi...

View Details

Ibhunga lokulilifa lesizwe nelilicandelo lesebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko, lixhasa umboniso wokuqala wothando lokutya kweMpuma Koloni nosindlekwa ngumbutho wezoshishino, i -Business Pledge Collaborators and Women of Value Southern African, bebambisene nabanye abandakanyekayo. Lo mboniso wokutya, iinjongo zawo kukubhiyozela indima yokutya ukubonakalisa inkcubeko nokukhuthaza imvisiswano yoluntu, ze iqaqambise indlela ukutya kweAfrika okungadala ngayo umanyano noxolo. Ukuva banzi ngalo mboniso emnxebeni ngoku sinaye umpheki u Andile Somdaka noyinxalenye yalo msitho...

View Details

Nanjengoko ifikelela esiphelweni inyanga yabantu abaphila nokhubazeko, abantu abaphila nokhubazeko bajongene nemingeni eliqela enjengongakwazi ukuzifumana ngokugqibeleleyo iinkonzo zikarhulumente, iindawo zokuzithuma nokuzicoca ezingamelaniyo nemeko kwakunye nokunqongophala kwezindlu. Uluntu oluphila nokhubazeko eMpuma Koloni, lutyhole urhulumente ngokusilela ukukhawulelana nezidingo zabo. Bakholelwa ekubeni ukusilela kwabasemagunyeni ukuqubisana neengxaki zabo, kunyhasha ilungelo labo lesidima. Ingxelo iza no Fundiswa Mhlekude...

View Details

: Iinkcukacha manani zolwaphulo mthetho zibonisa ukuba phakathi kwenyanga yeKhala (July) nenyanga yoMsintsi, bangaphezulu kwesithathu abantwana ababulawayo ngelithuba elishumi amanina athi abulawe eMzantsi Afrika ngosuku. Ingxelo egxile kuphando lokuqala olugxile kukuxhatshazwa ngokwesini, lubonisa ukuba amanina aneminyaka elishumi elinesibhozo nangaphezulu, bakhe bahlaselwa. I-arhente ejongene namalungelo abantwana iUNICEF, iinenkqubo ezijongene nabazali ukuzama ukwehlisa elinani. Yolanda Kambile uncokole nophuma kwiUNICEF eMzantsi Afrika, uLungile Mdluli .

View Details

Umbutho i-Mining Affected Communities United in Action, iMACUA ngamafuphi, imemelela ungenelelelo lohlangulo lwabombi mgodi abangekhomthethweni kumgodi ongasesetyenziswayo iStilfontein, eMntla Ntshona. Sele isisithuba seeveki ngoku amapolisa eqhuba nephulo lika-Operation Val'umgodi kula mmandla, kwaye bathi sele bengapha kwewaka abombi mgodi abaphume ngaphandle kulo mgodi. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwiNational Administrator ye-MACUA, uSabelo Mnguni.

View Details

Inkonzo yesipolisa eMzantsi Afrika ithi ngooZama-Zama abalishumi elinesine, kuquka inkwenkwana eneminyaka elishumi elinesine ubudala, abaphumele ngaphandle kwe-Shaft 10 ehambisana ne-Shaft 11 eeStilfontein kuMntla Ntshona phezolo. Amapolisa athi aba Zama-Zama baye baphuma kulo mgodi ngobusuku becinga ukuba awasekho amapolisa. Inkonzo yesipolisa iqhuba nephulo lika-Operation Val'uMgodi, nelijolise ekusiphuleni nengcambu ulwaphulo-mthetho oluqhubeka kwimigodi eyavalwayo. Emnxebeni, u-Ayabonga Kekana ubambe othethela inkonzo yesipolisa kuzwelonke, uBrigadier Athlenda Mathe...

View Details

Liyaqalisa ngomso umhla wamashumi amabini anesihlanu kule nyanga kwihlabathi iphulo lokuqaphela ukuchasa udushe olujoliswe kumanina nabantwana phantsi komxholo walo nyaka othi "30 Years of Advancing Collective Action to End Violence Against Women and Children". Kulo unyaka eli phulo nelizakuqhuba de kube ngumhla weshumi kwinyanga yoMnga, lizakugxila phakathi kweminye imiba ekuqubisaneni neengcambu ezingunobangela walo mkhuba, ukukhuthaza ukulingana kwamadoda namanina kwakunye nokkudalwa kwamathuba oqoqosho kumanina nabantwana. Ukanti ibhunga lezophando i-Human Sciences Research Council, likhuphe iziphumo zophando lokuqala ngodushe olusekelwe kwisini. Olu phando luqaqambisa izenzo zokubethwa, ukuxhatshazwa ngokwesondo, ukophulwa komphefumlo, udushe olumayela nezoqoqosho kwakunye nolo lwasengqondweni kulutsha nakumanina. Ukusincedisa ukungenza nzulu kwezi ziphumo zolu phando, sithe masikrwece uNjingalwazi Khangelani Zulu othe wongamela olu phando ekwabambe njengentloko kweli bhunga, ukanti ke sinaye nothethela iKomishoni kamakulinganwe ngokwesini u Jabu Baloyi...

View Details

Iziko iMandela Bay Theatre Complex libambisene nomdlali weqonga uZukiswa Cakucaku, bamema bonke abathandi bemidlalo yeqonga abakwingingqi ye Nelson Mandela Bay, eMpuma Koloni, ukuba bazekubukela umdlalo weqonga i- Sizwe Banzi is Dead, nongumdlalo ochaza ngobomi phantsi korhulumente wengcinezelo. Lomdlalo weqonga nowabhalwa nguAthol Fugard, uJohn Kani noWinston Ntshona, ulandela ibali lika Sizwe Banzi ojongene nobunzima phantsi korhulumente wengcinezelo. Ukusabela banzi, emnxebeni sibambe umqulunqi welibali uZukiswa Cakucaku...

View Details

Ikomiti yomgaqo nkqubo wezimali kwibhanka enguvimba, ivumelene ngamxhelo-mnye ukuba ilicuthe nge 25 basis points iqondo lenzala kwimali mboleko, nto leyo ithetha ukuba ngoku limi kwinto engaphezulwana nje kwisixhenxe ekhulwini, 7-point-75 Percent. Irhuluneli yebhanka enguvimba uLesetja Kganyago, ithi lo gama ithande ukuphucuka inkangeleko yoMzantsi Afrika kodwa isengumngeni leyo yehlabathi. Ukusabela ngokuthethwa koku, emnxebeni ngoku sinaye umhlalutyi wemiba yoqoqosho ozimeleyo uGqirha Bonke Dumisa...

View Details

Ungeniswe kumqulu wezaziso zikarhulumente umthetho woomasipala oyilwayo ozakusebenza ngokufanayo ngokuphathelene kuqoqosho lwasezilokishini. Lo mthetho woomasipala uyilwayo nongeniswe kulo mqulu ngumphathiswa wolawulo ngokubambisana nemicimbi yemveli, u Velenkosini Hlabisa, ujolise ekudaleni iimeko ezivumayo zoshishino kumashishini amancinane asezilokishini, unike inkxaso kuye wonke ubani ofuna ukushishina, uvelise imisebenzi, ze uxhobise nabahlali ngezakhono zoshishino. Ukanti ke oku kuzakuvuselela ze kuhlaziye uqoqosho lweelokishi. Ukusabela banzi ngalo mthetho, sithe masikrwece umphathiswa worhulumente ngobambiswano nemicimbi yemveli u Velenkosini Hlabisa...

View Details

Igunyabantu elilawula iinkcukacha iInformation Regulator, liyalele isebe lemfundo esi siseko ukuba limilisele inkqubo apho umzali ezakunikeza imvume kwisebe ukuba lipapashe iziphumo zomntwana zebanga leshumi. Ngaphambili, amagama abafundi, iifani kwakunye neziphumo, zazipapashwa kumaphephandaba. Kodwa ekuhambeni kwexesha isebe laye lapapasha iinombolo zabafundi zokubhala kuphela. Eli gunyabantu lithi ukupapashwa kwezi ziphumo kukungawuthobeli umthetho ogxile ekupapasheni iinkcukacha zomntu. Ukusabela banzi, u-Ayabonga Kekana uthethe nophuma kwigunyabantu elilawula iinkcukacha, i-Information Regulator ngolwasemzini, uNomzamo Zondi...

View Details

Abanini bezikroxo eGqeberha eMpuma Koloni, sele beqalile nenkqubo yokubhalisa amashishini abo ukuqinisekisa ukuba bathobela imiqathango eqinisekisa ukhuselo lwezempilo. Ngethuba ethetha nesizwe ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga, umongameli uCyril Ramaphosa unike abanini bezivenkile iintsuku ezingamashumi amane ananye ukuba babhalise koomasipala babo, okanye azakuvalwa amashishini abo. Susela kwinyanga yoMsintsi, kuchazwe iziganeko ezingamakhulu asibhozo anamashumi alithoba zezigulo ezibangelwa kukutya okunetyhefu kuzwelonke, nalapho iGauteng kunye neKwaZulu Natal ingawona maphondo achaphazeleke kakhulu. Abanikazi bezivenkile bakhalazile ngokuba ezintsuku bazinikiweyo ukuba babhalise, zimfutshane kakhulu. USinethemba Witi usenzele le ngxelo

View Details

Ukusukela ngenyanga yoMsintsi ( September) zingaphezulu kwe-890 izehlo ezichaziweyo zokugula kwabantu ngenxa yokutya okutyhefekileyo eMzantsi Afrika. Umongameli uCyril Ramaphosa, uye wamemelela ukubhaliswa kwezi zikroxo zingekapheli iintsuku ezingamashumi amabini ananye. Kwiveki ephelileyo, usodolophu waseNelson Mandela ubambe ugqogqo nalapho ekhuphe umyalelo wokuba kuvalwe ezisibhozo kuba abanini bazo bengenazimpepha. Ukanti sele kuqaliwe ukubhaliswa kwezi zikroxo. Phulaphula udliwano-ndlebe phakathi ko-Ayabonga Kekana noceba kumasipala weNelson Mandela, uThembinkosi Mafana...

View Details

Iingcali zezopolitiko zilumkise ngelithi ingendela iyantlukwano phakathi kumbutho iEFF ngenxa yezityholo zokuthintelwa kwelungu lalo mbutho, ugqirha Mbuyiseni Ndlozi, ukuzimasa inkomfa yonyulo yalo mbutho ezayo. Iingxelo zithi uNdlozi uthintelwe ukuba abeyinxalenye yenkomfa kazwelonke, iNational People's Assembly ekulindeleke ukuba iqhube eNasrec eRhawutini kwinyanga yoMnga. Ngohlalutyo oluthe vetshe kulo mba, u-Ayabonga Kekana ubambe emnxebeni umhlalutyi wezoplitiko, uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast...

View Details

Umbutho wamakomanisi, iSACP, ukhwebe intlanganiso ekhethekileyo yamahlakani kanxantathu. Oku kulandela ukungaboni ngasonye kwalo mbutho ne-ANC, ngomba ongqamene norhulumente wobumbano, iGNU. Kumaxa angaphambili, lo mbutho ubuye ubhengeze ukuba uza kuzigqatsela unyulo ngexa lonyulo, kodwa kunangoku, oko akukenzeki. U-Ayabonga uncokole nentatheli yeli jelo, uNtebo Mokobo, ngale nyewe...

View Details

Urhulumente woMzantsi Afrika ude walisabela ikhwelo lokuba uthathe amanyathelo ngakwiivenkile zasekuhlaleni ezingayithobeliyo imithetho yeli nemiqathango emayela nokuthengisa ukutya okufanelekileyo ukuba kungatyiwa ngabantu. Ngokuhlwa kwangoLwesihlanu kwiveki esiyishiyayo umongameli uCyril Ramaphosa uthethe nesizwe ngamanyathelo azakuthathwa ukuqubisana nokufunquka kwamanani abantu abathi bagule bambi besweleka ngenxa yokutya ukutya okutyhefekileyo. Kwezi nyanga zidlulileyo abantwana abaselula bathe bangamaxhoba okutya izimuncu-muncu ezingekho mpilweni nto leyo ikhokhelele ekubhubheni kwabangamashumi amabini anesibini ze kwaqhambuka neentshukumo zoqhankqalazo kwezinye iindawo. Eiminye yale miqathango ibhengezwe ngumongameli kukuba ezi venkile zibhalise koomaspala kwisithuba seentsuku ezingamashumi amabini ananye kwaye zizakuvalwa iivenkile ezifunyaniswa zingayithobeli imiqathango yezempilo. Ukusincedisa kule ncoko yethu namhlanje emnxebeni sinaye unobhala wecandelo lezophuliso lwamashishini kumbutho i South African Spaza and Tuckshop Association u Sibusiso Ngcobo...

View Details

Ngomhla weshumi kweYenkanga kuphehlelelwe incwadi ebizwa ukuba 'Imfundiso kubhalo loncwadi Isixhosa' eKapa kwiphondo leMpuma Koloni. Le ncwadi nebhalwe nguVuyani Nkunzi injongo yayo kukunika iingcebiso kwabo benza izifundo zolwimi lwesiXhosa. Ukusabela banzi emnxebeni, sibambe kanye lombhali uVuyani Nkunzi...

View Details

Ingxelo yebhunga lezimbiwa ithi uMzantsi Afrika uphulukana nezigidi zeerandi rhoqo ngonyaka, ngenxa yokombiwa kwemigodi ngokungekho semthethweni. Kunyaka ophelileyo umongameli uCyril Ramaphosa, wagunyazisa ukutyalwa kwamajoni angaphezulu kwamawaka amathathu kwimigodi engesasebenziyo. Kunyaka ophelileyo ngoJune, kwaasweleka abombi mgodi abangekhomthethweni nabaziwa ngeZama-Zama, abangamashumi amabini. Sithetha nje, ingxelo ezingaqinisekiswanga zithi ngamawaka abantu abaphantsi komgodi nekulindeleke ukuba bakhutshwe. U-Ayabonga Kekana udlene indlebe nothethela iSebe lezimbiwa, uMakhosonke Buthelezi, ngalo mba...

View Details

Kubekwe imithetho engqingqwa nanjengoko ixesha lolwaluko livulwe ngokusesikweni. Eminye yemithetho ebekiweyo, kukuba umntwana ozakoluka othe wahlolwa kwelinye iphondo akazokuvunyelwa ukoluka kweliphondo leMpuma Koloni. Isebe lezempilo kwakunye nesebe elijongene nemicimbi yezemveli, banikezele ngezithuthi kwiqela elizakujongana nelixesha lokwaluka. UAyabonga Kekana uncokole nosekela sihlalo wendlu yeenkosi ephondweni, okwangusihlalo kwikomiti ejongene nokoluka ephondweni, unkosi Gwazinamba Matanzima.

View Details

Isebe lophuhliso loluntu eMzantsi Afrika sele liqalile nenkqubo yokukhupha kuluhlu lwemibutho ebhaliswe phantsi kwalo, imibutho engafumani nkxaso kurhulumente engahambisani nemiqathango emiselwe lelisebe. U Amanda Xhala wenze udliwano ndlebe nobambela ngqonyela kwicala lee NPO kwisebe lophuhliso loluntu u Luyanda Ngonyama

View Details

Ilizwe loMzantsi Afrika liphambili kumazwe ase-Afrika athwaxwa sisifo seswekile. Kwiphondo iMpuma Koloni, ngumyinye we 12-point-5 ekhulwini wabantu abadala abaphila nesi sefo, ngeli lixa unyango lufikelela kuphela kumashumi amathathu anesine ekhulwini abo baludingayo. Oko kuthetha ukuba sisibini kwisithathu sabantu abanesifo seswekile abangakwaziyo ukufikelela kunyango. Nanjengoko namhlanje ihlabathi liphawula usuku olunika ingqwalasela kwisifo seswekile, umbutho obizwa i-Doctors Without Borders, utyelele ummandla waseMnquma nowaseMbhashe, ngelokuvavanyela esi sifo, phakathi kwezinye izinto. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sinaye ophuma kulo mbutho, uSiphokazi Mtshizana...

View Details

Amapolisa aseMpuma Koloni aphanda ukulahleka kwabantwana abane abaphakathi kweminyaka emine ukuya kwesixhenxe ubudala, abaduke kwilali yaseMadamini KwaBhaca. Aba bantwana bagqityelwe ukubonwa bedlala ngaphandle kwikhaya labo emini ngeCawe. Ukuva banzi ngalo mba, u-Ayabonga Kekana uncokole nentatheli yeli jelo, u-Nkululeko Nyembezi...

View Details

FOCUS: Annual District Development Model conference.

INTRO: Ukukwazi ukumelana kwaye luhambelane neenguqu kubuchwepheshe, uluntu loMzantsi Afrika ingakumbi ulutsha oluza kuqalisa ukuphangela, kufuneka lukwazi ukuziqhelanisa nehlabathi eliguqukayo, ze lufunde izakhono ezintsha, khon' ukuze lukwazi ukuzixhobisa ngeendlela zokufumana ulwazi oluludingayo kwi-internet, olufana nokuphonononga iinkcukacha namanani, kwanokusebenzisa iinkqubo zekhompyutha. Kukho iimbono ekuye kwabelwana ngazo ngalo mba, kwinkomfa yaminyaka le yenkqubo ebizwa iDistrict Development Model, neqhubayo kwezi ntsuku zimbini zizayo kwiDyunivesiti iNelson Mandela, eGqeberha eMpuma Koloni. USinethemba Witi usenzele le ngxelo...

View Details

Urhulumente wephondo iMpuma Koloni ukwamkele ukwenyuka okumandla kwezinga lengqesho kweli phondo, njengoko ebonisa njalo amanani akutshanje ekota yesithathu yonyaka u2024, nakhutshwe liziko leenkcukachamanani, iStats SA. Ngokwengxelo yeStats SA, lehle ngomyinge we 3.8 ekhulwini iqondo lentswelangqesho kweli phondo, ukusuka ku 41% ukuya ku 37.2%. U-Ayabonga Kekana uncokole banzi ngalo mba nothethela urhulumente wephondo iMpuma Koloni, uKhuselwa Rantjie...

View Details

Urhulumente wephondo iMpuma Koloni ukwamkele ukwenyuka okumandla kwezinga lengqesho kweli phondo, njengoko ebonisa njalo amanani akutshanje ekota yesithathu yonyaka u2024, nakhutshwe liziko leenkcukachamanani, iStats SA. Ngokwengxelo yeStats SA, lehle ngomyinge we 3.8 ekhulwini iqondo lentswelangqesho kweli phondo, ukusuka ku 41% ukuya ku 37.2%. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni u-Ayabonga Kekana uncokole nothethela urhulumente wephondo iMpuma Koloni, uKhuselwa Rantjie...

View Details

Kukhe kwakho izikhalazo ngenkqubo entsha yeArhente yezibonelelo zika SASSA, neyinkqubo eqinisekisa iinkcukacha zabaxhamli ngelizama ukunqanda ubuqhophololo. Iingxelo zithi baliqela abaxhamli besibonelelo esaziwa ngokuba yiR350 abachaze ubunzima ababufumanayo ukufumana izibonelelo zabo. Kanti le arhente ithi inenkqubo eyiqalileyo ukuncedisana nabaxhamli. Ukuva banzi, emnxebeni sibambe othela uSASSA eMpuma Koloni, uThabisa Mayaba...

View Details

Kwilinge lokulwa ulwaphulomthetho kumasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay, nakwiindawo ezitsala umdla wabakhenkethi, i-arhente yophuhliso kwesi sixeko, iphehlelela igumbi eliza kulawula iikhamera eziqwalasela ulwaphulomthetho(CCTV) olwenzeka kwimimandla ethile yesi sixeko. Sithetha nje, sele zilikhulu elineshumi elinesibini (112) iikhamera esele zifakelwe kwesi sixeko. Ukuxoxa banzi ngalo mba, u-Ayabonga Kekana emnxebeni ubambe ingqonyela ye-MBDA, u-Anele Qaba

View Details

Umasipala ombaxa iBuffalo City, eMpuma Koloni, uphulukana nee billon zerandi ngenxa yabantu abaxhaphaza inkqubo yokufumana iinkonzo zamanzi nombane simahla kuMasipala. Le nkqubo, neyaziwa ngokuba yi-indigent system, ibonelela abahlali balo masipala abangakwazi ukuhlawula iinkonzo zikamasipala, ngenxa yemo yentlalo noqoqosho. Ingaba lo masipala wenza ntoni ukuqinisekisa ukuba kuxhamla abantu abangabo kule nkqubo? Emnxebeni u-Ayabonga uthetha nesithethi seBuffalo City Metro, uSamkelo Ngwenya...

View Details

Ingxelo ekhutshwe ngumbutho i-United Nations Educational, Scientific and Cultural Organization ( UNESCO), ibonisa ukuba abantwana abafunda ugrade 3 no-grade 6 bafumana izifundo ezingaphantsi kwebanga abalifundayo nento engakhuthazi iqondo lokucinga ngokusumbulula ingakumbi izifundo zezibalo. Ngethuba kuncokolwa neetitshala koluphando, bavakalise ukuba iincwadi ezisetyenziswa ngabafundi kufuneka ziquke imidlalo ukuze zikwazi ukuvuleka iingqondo zabantwana. UAyabonga Kekana uncokole nengcali yezemfundo ugqirha uThembinkosi Thwalo.

View Details

Ziya zisanda izenzo zolwaphulomthetho olwenzeka kwi-internet, i-cyber crime ngolwasemzini, kweli loMzantsi Afrika. Ingxelo ye-Interpol yanyakenye, egxile kwi-cyber crime, ifumanise ukuba zibe ngaphaya kwe-230 yezigidi izigrogriso zalo mkhuba eziye zafunyaniswa kweli ngonyaka ka-2021. Ukanti kwiveki ephelileyo, iqela laseBrazil elizibiza i-N4aughtySec, lichaze ukuba likwazile ukufikelela ngokungekho mthethweni kwiinkcukacha eziyimfihlo ze-arhente yokhuseleko lwezentlalontle, iSASSA, nalapho lithi lithathe imali engaphaya kwekhulu elinamashumi asixhenxe ezigidi zeerandi. UAyabonga Kekana ubenodliwano ndlebe noyi-Security Strategist, ekwayi Cyber Security Expert, u-Andy Mashaile.

View Details

Kwinkqubo ndaba yakho namhlanje u Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe no Zukiswa Mqakanya othethela i South African Human Rights Commision eMpuma Koloni nalapho bencokola ngophando olwenziwe yilekomishoni ngesimo esibi seendlela zase Mpuma Koloni.

View Details

Xa siqukumbela le veki, sizakujonga kwimiba eyohlukileyo nebitshisa ibunzi kwezopolitiko. Uphinde wonyulwa njengoMongameli waseMelika uDonald Trump. Inkokheli ye-EFF uJulius Malema ithi asothusi isigqibo sowayenguSihlalo walo mbutho uAdvocate Dali Mpofu, sokuzibandakanya nombutho iMK party. Kukho amalungu e-MK Party avakalisa ukungaxoli ngobunkokheli balo mbutho. Ingaba okwenzeka eMozambique kuzakubanefuthe elinjani kuMzantsi Afrika? Lungenelelo olunjani oludingekayo kwi-SADAC kwela lizwe? Ukuhlalutya banzi le miba, u-Ayabonga uthethe nomhlalutyi wezopolitiko uGqirha Mkhuseli Vimba...

View Details

Umbutho kamakulinganwe ngokwesini, iSonke Gender Justice, uphakamisa ukwandiswa kwekhefu elithathwa ngabazali abanosana olutsha ukuba ibesisithuba seenyanga ezine kumzali ngamnye. Lo mba kungoku nje uphambi kwenkundla yomgaqo-siseko kulandela isigwebo esasiwiswe ngaphambili nesilamla umthetho wezengqesho, i-Basic Conditions of Employment Act, nowawuvumela umzali omnye ukuba axhamle kweli khefu ixesha elide. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe neSonke's Policy Development and Advocacy Specialist, Namuma Mulindi…

View Details

Kuphazamisekile ukuhanjiswa kweempahla kumda iLebombo ophakathi ko Mzantsi Afrika ne Mozambique. Oku kusemva kokubanjwa koqhankqalazo ngenxa yokungoneliseki ziziphumo zonyulo ebelubanjwe kwinyanga ephelileyo, kwilizwe laseMozambique. Umbutho olawulayo iFrelimo, nguwo owaphumelelayo. Amaqela aphikisayo kwela lizwe aye abhengeza ukuba ayazikhaba iziphumo zonyulo bebanga ukuba bezithiwe mbende bubuqhophololo. U-Ayabonga Kekana uncokole no Tumelo Machogo ngalo mba...

View Details

Umbutho iDemocratic Alliance uthe thaca epalamente umthetho ozaku jongena norhwaphilizo, i-Anti Corruption Bill. Ngelixa kusiyiwa kunyulo, lombutho wathi ufuna ukwazisa ikomishoni ezakujongana nokuphanda nokutshutshisa urhwaphilizo lwamatyala anobuzaza. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nengcali yopolitiko ugqirha Nkosikhulule Nyembezi..

View Details

UMphathiswa weSebe lezemali u-Enoch Godongwana, uvakalise ukuba kulindeleke lenyuke liyekuma kwi six-point-three trillion yeeRandi ityala likaRhulumente kunyaka mali ka2025/26. UGodongwana ukuvakalise oku ngethuba esithi thaca uhlahlo lwabiwo-mali lo mbindi wonyaka ePalamente, kwiveki edlulileyo. Eli tyala kulindeleke lenyuke nangona uRhulumente enze iinzame zokulicutha, neziquka ukucuthwa kwenkcitho ngurhulumente. UAyabonga Kekana ube nodliwano ndlebe nengcali yezoqoqosho uNjingalwazi Bonke Dumisa…

View Details

Utyalo-mali olumandla kuphuhliso lweziseko ezingundoqo, nokuphuculwa korhulumento koomasipala, kubonwa njengezinye zezisombululo kuhlumlo loqoqosho loMzantsi Afrika. Oku kuphakanyiswe ngumphathiswa wesebe lemali, uEnoch Godongwana ngethuba esithi thaca uhlahlo lwabiwo-mali lombindi wonyaka ngoLwesithathu wale veki siyiqukumbelayo. UGodongwana uvakalise isidingo senkxaso koomasipala, nanjengorhulumente osondeleyo kuluNtu namashishini ekuseni iinkonzo ezingundoqo nokuqinisekisa ukuba intle imo yokudalwa kwemisebenzi. Bangamakhulu mabini anamashumi amahlanu nesixhenxe (257) oomasipala abakhoyo eMzantsi Afrika, kuquka abambaxa abasibhozo, abangamashumi amane anesine (44) besithili, kunye nabangamakhulu amabini anesihlanu abangqongwe ngamaphandle. Aba masipala bajamelene nemingeni eli qela, ekuquka ulawulo oluheshe-heshe, ubungonkeli bezopolitiko obungazinzanga, ukufeda ukuqokelela ingeniso yerhafu yeenkonzo, kunye norhwaphilizo. Ingaba ooMasipala banako ukuba sisiseko sohlumo loqoqosho kweli ngokupheleleyo? Kufuneka kwenziwe ntoni ukuqinisekisa oku ukuba kuyimpumelelo? Le yeminye yemibuzo esifuna impendulo kuyo. Ukusincedisa koku, emnxebeni sinayo umhlalutyi kwimiba yopolitiko noqoqosho, uSandile Swana…

View Details

Alikachazwa ngokwangoku usuku lwenkonzo yomngcwabo yeNkosi ethe yabulawa kwikomkhulu laseMqhekezweni, ngaphandle kwaseMthatha eMpuma Koloni. Amalungu osapho lwamaDlomo azakuhlangana komkhulu ngeCawa ukushukuxa lo mba. UNKosi Nogcinile Mtirara ubulewe ngobusuku bangoLwesibini ngamadoda angaziwayo amabini, nabezogqume ubuso ngee bhalaklava. UFundiswa Mhlekude za nengxelo

View Details

Icandelo lophando elikhethekileyo iSIU, lifike lingabhungisanga kumasipala waseMakana eMpuma Koloni, ukwenza ugqogqo. Oku kuza emva kokuba umongameli uCyril Ramaphosa egunyazise ukuba makwenziwe uphando kwizityholo zolawulo olugwenxa kulamasipala. I-SIU ithi oku kulandela ikhwelo elihlatywe ngabahlali abaliqela, lokuba kuphandwe ukusukela ngo2019. Olu phando luzakuqwalasela uphuculo lwenkqubo yelindle yesigaba sokuqala kulomasipala, inkqubo yokufakwa kombane kwakunye nokwenyulwa kwenkampani iMBB ukujonga nokulondolozwa kwamanzi namanye amaphulo. USinethemba Witi uza nengxelo...

View Details

Namhlanje isebe lezobulungisa lityikitya isivumelwano ne-Consumer Profile Bureau esizakubona kudluliswa iinkcukhaca zabo bangondli abantwana kwibhodi elawula ukuthengwa kwezinto ngetyala, iCredit Bureau. Eli linge lelokwenza nzima kwabo bangondli abantwana babo, ukuba bathenge izinto ngetyala. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe noTsekiso Machike

View Details

Kulindeleke ukuba amagosa ecandelo elikhethekileyo lezophando i SIU, enze ugqogqo kumasipala i Makana, eMakhanda namhlanje. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nesithethi seSIU Kaizer Kganyakgo.

View Details

Usihlalo we-ANC kummandla iNelson Mandela Bay, uBabalwa Lobishe, wonyulwe njengosodolophu omtsha womasipala ombaxa weNelson Mandela, eMpuma Koloni. ULobishe, ungena endaweni kaGary van Niekerk wombutho iNational Alliance, nolahlileyo esikhundleni sakhe namhlanje. Ukulahla kwakhe kulandela isigqibo sesigqeba esiphezulu seANC sokuba lombutho mawukhokhele bonke oomasipala abangenamibutho iphumelele ngesininzi. ENelson Mandela Bay, iANC ibambisene nombutho kaVan Niekerk iNational Alliance, EFF, PA, PAC kwakunye neAIC. USinethemba Witi usenzela lengxelo

View Details

I-Arhente yezendlela isungule inkqubo yophuhliso lwabakhi nezakuthi incedisane nabo ukuphucula umsebenzi wabo, ushishino nokuvelisa umsebenzi okumgangatho ophezulu. Le nkqubo izakuphinda incedise abakhi ekubeni bakwazi ukuqoshelisa umsebenzi ngexesha elisikiweyo. UAyabonga Kekana uncokole nongumlawuli oyintloko uLehlohonolo Memela...

View Details

Umongameli wesebe lezimali u Enoch Godongwana ulindeleke ukuba athi thaca intetho yakhe yombindi wonyaka yolwabiwo mali. Kwinkqubo ndaba yakho yanamhlanje sithetha nosoqoqosho ophuma kwi univesithi i Nelson Mandela Bay ugqirha u Asanda Fotoyi......

View Details

Imanyano yabasebenzi bezemfundo nezempilo kuzwelonke, iNehawu, izakuvela kwinkundla yabasebenzi namhlanje ngelinge lokulwela oonompilo abangaqeshwa isigxina. Oku kuza emva kokuba lemanyano ifake isicelo kwinkundla yabasebenzi esiphikisa isigqibo sokuthintela ukuqeshwa kwababanompilo lisebe. Eli ikwalilinge leNehawu lokuvala izikhewu zokushokoxeka kwabasebenzi kwicandelo lezempilo. Kodwa ukuva banzi ngoku, emnxebeni sinaye othethela iNehawu kuzwelonke, u Lwazi Nkolonzi......

View Details

Umphathiswa wezempilo uGqirha Aaron Motsoaledi uthi unobangela wokubhubha kwabantwana abathandathu baseNaledi,eSoweto, ibingeyotyhefu ekutyeni (Food poisoning) kodwa ibiyi-Chemical ebizwa ngokuba yi-Organophosphate. Ayabonga Kekana unodliwano ndlebe noBelinda Makafula nongumlawuli kwimiba kwicandelo lokusingqongileyo kwisebe lezempilo.

View Details

Is South Africa a Xeno/Afrophobic Country? Ayabonga Kekana discussed this issue with African Diaspora Chairperson Vusumuzi Sibanda and a Historian and Senior Lecturer at UNISA Prof Luvuyo Dondolo, following the recent incidents of food poisoning due to expired food items, allegedly from foreign nationals' spaza shops.

View Details

I-ANC ithi akufanelekanga ukuphikiswa kwentetho kamongameli uCyril Ramaphosa yi-DA, kumba wobudlelane boMzantsi Afrika ne-Russia. URamaphosa ebethetha kwingqungquthela ye-BRICS nalapho achaphazele ukuba iRussia inobudlelane obuqinileyo noMzantsi Afrika. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe noumhlalutyi wezopolitiko, uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast…

View Details

Amaqela ezopolitiko ePalamente amemelela amanyathelo angxamisekileyo okulawulwa kweevenkile zasekuhlaleni zabemi bangaphandle, nanjengoko zisanda iziganeko ezichazwayo jikelele eMzantsi Afrika zokugula nokusweleka kwabantwana, emva kweengxelo zokuba batye ukutya okuthengwe kwezi venkile. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nombhexeshi oyintloko weqela iIFP uMhlanhla Hadebe...

View Details

Abanini bendawo yentselo iEnyobeni, kwindawo yaseScenery Park eMonti, bathi abazokubhena kumyalelo wenkundla ephakamileyo yaseMonti, wokuba kudilizwe le ndawo. Lo myalelo uthi baneentsuku ezingamashumi amathathu ananye ukuba bayidilize. Umasipala ombaxa iBuffalo City, wafaka esi sicelo, ephakamisa imingeni efana nomhlaba esakhiwe kuwo, isimo sesakhiwo kwakunye neempepha zokushishina. Ngenyanga yeSilimela (June) ngo2022, kwasweleka abantwana abangamashumi amabini ananye kulendawo.

View Details

Inkundla ephakamileyo yase Monti inike umasipala ombaxa i Buffalo City umyalelo wokudiliza indawo yentselo iEnyobeni ese Scenery Park, ngaphandle kwase Monti. Umasipala waafaka isicelo sokudiliza esisakhiwo ephakamisa imingeni efana nomhlaba esakhiwe kuwo, isiseko esi kunye neempepha zokushishina. Ngenyanga yeSilimela ngonyaka u 2022 kwaabhubha abantwana abangamashumi amabini ananye kwesasakhiwo. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sinaye othethela umasipala ombaxa i Buffalo City u Samkelo Ngwenya...

View Details

Kukho isimemelelo sokuba amapolisa anxibe iikhamera xa esemsebenzini ukuze kujongwe umsebenzi wabo. Oku kuza emva kwenkxalabo yokuba amapolisa angasebenzisa amagunya awo ukudubula abulale abantu abamsulwa, kwisizathu sokuba ebezikhusela kudubulwano obelukhona phakathi kwawo noonqevu. Ayabonga Kekana ubambe udliwanondlebe ingcali kwiinkqubo nolawulo lwenkonzo yesipolisa uZimisele Nxafani...

View Details

u Eskom uthi abathengi abasebenzisa umbane we prepaid meters ezindala, abazokukwazi ukufumana umbane xa bewuthenga ukuba abahlaziyanga basebenzise inkqubo entsha esanduluku veliswa. Kwinkqubo yethu namhlanje sincokola nothethela u Eskom kuzwelonke u Daphne Mokoena..

View Details

Kuvakala iingxelo zokuba kudutyulwe kwabulalwa abantu abahlanu ngobusuku bayizolo eNew Brighton eGqeberha. Kusenjalo, kukho neengxelo zokuba kukho abantu ababanjiwe kwityala lokubulawa kwa bantu abahlanu eBityi, eMthatha ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. U Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nothethela umphathiswa kwisebe lezothutho ephondweni u Makhaya Komisa

View Details

Kuvakala iingxelo zokuba kudutyulwe kwabulalwa abantu abahlanu ngobusuku bayizolo eNew Brighton eGqeberha. Kusenjalo, kukho neengxelo zokuba kukho abantu ababanjiwe kwityala lokubulawa kwa bantu abahlanu eBityi, eMthatha ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Ukuva banzi, sinaye othethela isebe lezothutho nokhuseleko loluntu uMakhaya Komisa...

View Details

Abahlali bomasipala ombaxa, iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, bathi ukungakhathalelwa kweenkqubo zogutyulo kusisizathu seempuphuma eziye zagubungela eminye imimandla. Abahlali baseMissionvale eGqeberha bathi baye banyanzeleka ukuba bazame ukuzivula ngokwabo iinkqubo zogutyulo izolo. Oku kwenzeka nanjengoko ingamakhulu eentsapho kwisixeko jikelele ashiyeke edinga, kwabhubha abantu abathathu ngenxa yezikhukhula. Emnxebeni sinaye othethela isebe lorhulumento ngentsebenziswano ephondweni, uPheello Oliphant…

View Details

Isebe lemfundo kwi Mpuma Koloni libongoza abafundi , iititshala nabazali kwiphondo ukuba balumke nanjengoko kusina imvula emandla kwiphondo, kwaye kulindelwe ukuba iqhube yonke le veki. Isebe likungqinile ukunqunyanyiswa kokubhalwa kwephepha leComputer Assistant Technology, labafundi bebanga leMatriki kwingingqi yaseKariega kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay. Ukuva banzi ngoku, emnxebeni sinaye osisithethi sesebe uVuyiseka Mboxela...

View Details

Bangaphaya kwamakhulu amabini abantu abafudusiweyo emakhayeni abo kuMasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, ngenxa yezantyala-ntyala ezibangelwe yimvula ene phezolo nesagalelayo kungoku nje. Abantu bafuduswe ngale ntsasa kwaye bagcinwe kwii holo zoluntu. Le dolophu ibisando kujongana nezikhukhula ngoJune kulo nyaka, ukuva banzi sinayo emnxebeni intatheli yethu uSinethemba Witi...

View Details

Yonke into ime ngendlela nanjengoko kuqale ukuhlalelwa kweemviwo zematriki, oku kuvakaliswe lisebe lezemfundo eMpuma Koloni. Ilungu lesigqeba solawulo esijongene nesebe lezemfundo, uFundile Gade, utyelele isikolo samabanga aphakamileyo iKwaMagxaki eGqeberha, ukuya kujongela ukulungela kokubhalwa kweemviwo. Eli phondo lijonge ukufumana umyinge wamashumi asibhozo anesihlanu ekhulwini (85 %) kwiziphumo zokuphela konyaka, nezakuba nguchatha womyinge wesine ekhulwini ( 4%) kwiziphumo zonyaka ophelileyo. UNandipha Plaatjie usenzele lengxelo

View Details

Abenkonzo yemozulu bakhuphe isilumkiso seemvula ezimandla neempuphuma kumaphondo amathandathu, kuquka iphondo le Mpuma Koloni kule veki. Oomasipala abachaphazelekayo kweli phondo babandakanya umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, iBuffalo City, iKouga, i Sundays River, iMakana, iNdlambe, iAmahlathi neNgqushwa. Ukanti iziko lolawulo leentlekele eMpuma Koloni lithi lilifunqule iqondo lokulungela nayiphi na imeko engathi ihle. Ukuva banzi ngamalungiselelo akhoyo ukukhawulelana nale mozulu, emnxebeni ngoku sinaye othethela isebe lorhulumente ngobambiswano eMpuma Koloni uPheelo Oliphant...

View Details

UMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa, uthumele umyalezo wenkuthazo kubafundi bebanga lika-Grade 12, nabaqalisa ukubhala iimviwo zokuphela konyaka namhlanje. Kulo unyaka ngabafundi abangaphaya kwe-eight hundred thousand abazakuchophela iimviwo kweli. Kanti babalelwa ku-sixteen thousand abafundi abakwizikolo zabucala abazakuchophela iimviwo ze -IEB. Masijonge ukuba apha eMpuma Koloni ukusu lokuqala kwimviwo luqhuba/e njani na, ingakumbi nesimo sezulu singesihlanga? Emnxebeni sinaye othethela isebe lezemfundo ephonweni, uMalibongwe Mtima…

View Details

Nanjengoko le nyanga iyinyanga enika ingqwalasela kwimpilo ngokwasengqondweni, iMental Health Awareness Month ngolwasemzini, kuNews Review namhlanje u-Ayabonga Kekana ubambe ingxoxo ngempilo yabasebenzi ngokwasengqondweni kwiindawo zengqesho.

View Details

Inyanga yeDwara ibekelwe bucalwa ukuphawula isifo somhlaza webele. Ukanti esi sifo, nesisesinye sezifo ezigqamileyo kweli loMzantsi Afrika, sifumaneka kakhulu kumanina aphantsi kweminyaka engamashumi amane ubudala. Owayesakuba yintatheli nokwicandelo lezonxibelelwano kurhulumente, uNoxolo Makoba-Somdaka, wazifumana enesifo somhlaza webele kunyaka ophelileyo, kwaye unomyalezo othi likhona ithemba, kwaye kuyaphileka xa esi sifo sifunyenwe kwangexesha. Ukuncokola banzi ngalo mba, uMkhokeli Bandla uncokola naye uNoxolo Makoba-Somdaka...

View Details

Ukuhamba kuka Floyd Shivambu kubangele iingxaki nemingeni kumbutho we-Economic Freedom Fighters. Ngokokutsho kwabakhi-mkhanya kwezopolitiko, ukushiya lombutho kwalowo ebengusekela mongameli kwi-EFF, kuveze iintanda embuthweni ze kwanika amalungu ombutho ithuba lokuba aphinde aqwalasele ukuba asafuna ukuqhubeka nalo mbutho kusini na. Oku kuza nanjengoko obelilungu lepalamente le-EFF uFana Mokoena kunye noBusisiwe Mkhwebane, bebhengeze ukulahla kwabo kulo mbutho kwisithuba kungaphelanga nosuku phakathi kwabo. Kwingxelo ka Zara Groenewald, masive ngokunabileyo kuMkhokheli Bandla...

View Details

Umbutho wabantu abangaboniyo eGqeberha ubhiyozela usuku olugqamisa ukusetyenziswa kweentonga ezincedisa abantu abangaboniyo. Kubanjwe imingcelele kwizwelonke nalapha eGqeberha. Oku kwenzelwa ukuphawula ukukwazi ukuzimela kwabantu abangaboniyo ngalenyanga ibekelwe bucala, yabantu abangaboniyo. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sinaye omnye wabaququzeleli balomngcelele u Yonela Hofu....

View Details

ISebe lezoPhuhliso loluntu lisebenzisana kunye neNational Shelter Movement of South Africa, libambe umsitho obizwa iShelter Indaba phantsi komxholo othi " Progressive Sheltering: Strengthening Shelters in South Africa". Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nesithethi sesebe uLumka Oliphant.

View Details

Ulahlile njengelungu lombutho we-EFF nelasepalamente, uBusisiwe Mkhwebane. Kwimbalelwano ayithumele kumongameli weEFF uJulius Malema, uMkhwebane ubalule ukuba ufuna ukuchitha ixesha nosapho lwakhe. Kwezinye zezinto athe wazibalula kulembalelwano, yindlela amalungelo akhe athe anyhashwa ngayo ngethuba wayengumkhuseli woluntu. Wangena kulombutho kunyaka ophelileyo ngelixa wabayinxalenye yekomiti yezobulungisa epalamente. UAmanda Xhala ubenodliwano ndlebe nomhlalutyi wezopolitiko uBukani Mngoma.

View Details

Umongameli uCyril Ramaphosa unike imvume icandelo lophando elikhethekileyo iSIU, ukuba liphande ii-contracts zee-tender ezibalelwa kwishumi elinethoba kwisebe lezempilo eMpuma Koloni, ezirhaneleka kurhwaphilizo nobuqhophololo. U Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nothethela i SIU u Kaizer Kganyakgo....

View Details

Ikomiti ejongene nokusebenza kwesebe lophuhliso loluntu kwindlu yowiso mthetho yase Bhisho eMpuma Koloni, iqhuba uviwo lwasesidlangalaleni olungomthetho-sihlomelo oyilwayo wabantu abadala, noluqalise izolo ukuya kutsho ngomhla wesibhozo kulenyanga. Ukuva banzi ngokuqulethwe ngulo mthetho uyilwayo, emnxebeni ngoku sinaye usihlalo wekomiti yendlu yowiso mthetho eMpuma Koloni ejongene nesebe lophuhliso loluntu uLindiwe Gunuza-Nkwentsha...

View Details

Nanjengoko ihlabathi beliphawula usuku olubizwa iWorld Mental Awareness Day, u-Amanda Xhala uhleli nophuma kwi Doctors Without Borders, uSiphokazi Mtshizana, ngotyelelo lwabo kwiMpuma Koloni, ngelokuphawula olu suku.

View Details

Indoda eneminyaka engamashumi amane anesihlanu ubudala etyholwa ngokubulala abantu abalishumi elinesibhozo kwilali yaseNgobozana eLusikisiki, isityeshele isicelo sayo sebaile. USiphosoxolo Myekethe uvele okwethutyana kwinkundla ka Mantyi yaseLusikisiki eMpuma Koloni. Ujongene namatyala asibhozo okubulala nelinye lokubanompu ongekho mthethweni. Intatheli yeSABC uFundiswa Mhlekude usenzele lengxelo...

View Details

USiphosoxolo Myekethe oneminyaka engamashumi amane anesihlanu ubudala, kulindeleke avele kwinkundla kamantyi eLusikisiki eMpuma Koloni namhlanje, nalapho alindeleke ukuba afake isicelo sebheyile ngokwayamene nokubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo kwilali iNgobozana. Igunyabantu lezoTshutshiso liyayikhaba ibheyile likhankanya izigwebo zikaMyekethe zangaphambili zokubalala nokuphanga exhobile. Ukuva banzi ngalo mba, sinayo emnxebeni intatheli yethu uFundiswa Mhlekude.

View Details

Uchazwe njengenkokheli ebihlonitshwa, enolwazi olunzulu lwezoqoqosho nolwathi lwabumba imigaqo nkqubo yezoqoqosho kuMzantsi Afrika okhululekileyo, ongasekhoyo uTito Mboweni. U-Mboweni usweleke ngoMgqibelo kwisibhedlele sase Rhawutini emva kokugula ixeshana elifutshane eneminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu ubudala. Phakathi kwezikhundla athe wazibamba eburhulumenteni kuquka ukuba yirhuluneli yebhanka enguvimba, sikhundla eso asibambe iminyaka elishumi, wangumphathiswa wezemisebenzi iminyaka emihlanu ze wangumphathiswa wezimali iminyaka emithathu. Ukuncokola ngomqela kaMboweni, emnxebeni sinengcali yezoqoqosho uProf Bonke Dumisa neyayifunda noMboweni edyunivesity

View Details

Ku News Review, u-Yolanda Kambile uxoxa ukulungela kweSebe lezemfundo kwiphondo iMpuma Koloni ukubamba iimviwo zebanga leMatriki nothethela eli Sebe, uVuyiseka Mboxela.

View Details

Kwinkqubo-ndaba uNews Review, u-Yolanda Kambile ubambe udliwano-ndlebe nomphathiswa wemfundo esisiseko, uSiviwe Gwarube, bexoxa ngezicwangciso zikaGwarube ngeli Sebe kule minyaka ezakube ehleli kwesi sikhundla.

View Details

Abazali besikolo samabanga aphakamileyo sakuKomani, iQueenstown Girls High, bebebambe umngcelele onxamnye nokuxhatshazwa ngokwesondo kwabafundi kwesa sikolo.

View Details

Inqunyanyisiwe esikolweni ititshala yesikolo samantombazana eKomani, iQueenstown Girls High, eMpuma Koloni, ngezityholo zokuxhaphaza abafundi ngokwesini nokubancwasa. Abafundi babanga ukuba bakuchazile oku kwinqununu yesikolo ekuqaleni kwalo nyaka kodwa isikolo asathatha manyathelo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sinesithethi sesebe lezemfundo ephondweni uMalibongwe Mtima...

View Details

Umhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Mkhuseli Vimba, uhlalutya banzi izigrogriso ze-DA zangaphambi kokwenyulwa kosodolophu omtsha wesixeko saseTshwane no-Amanda Xhala.

View Details

INTRO: Ukusilela kokulungiswa nokukhuselwa kweziseko zikamasipala, okuxabisa ngaphezulu kwee-billion ezingamakhulu amahlanu eerandi, kubangelwa bubunkokheli obeheshe-heshe kwaba masipala. Oku kuthethwe ngumlawuli-jikelele wesebe lorhulumente wentsebenziswano, ugqirha Mbulelo Tshangana. Uninzi lweziseko koomasipala abambaxa, kwakunye nakwabanye oomasipala abangaphezulu kwamakhulu amabini anamashumi amahlanu, azihoywanga, nalapho ezinye zonakalisiwe. Masive uAmanda Xhala kwingxelo ka Ntebo Mokobo...

View Details

Namhlanje abemi belizwe laseMozambique bazakonyula umongameli omtsha, ipalamente noorhulumente beenqila kunyulo jikelele oluqhubayo. Our presenter Ayabonga Kekana speaks with our SABC NEWS reporter Thuto Ngobeni..

View Details

Isebe lezeMfundo eMpuma Koloni namhlanje lise Gqeberha kumsitho wokunika ingqwalasela kukhuseleko lwezikolo ephondweni, le indabano ijolise ekukhuthazeni indawo ekhuseleyo kubafundi kunye notishala.Phantsi komxholo othi " Strengthing safety nets and ensuring safe school environment for teachimng and learning"

View Details

Umfelandawonye wemibutho yabasebenzi i-COSATU ubambe ugwayimbo lukazwelonke ongokukhalazela intswela ngqesho namhlanje.UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nesithethi se-COSATU kuzwelonke, uZanele Sabela...

View Details

Umbutho wamakomanisi, iSACP, kulo nyaka ubhiyozela ikhulu elinesithathu leminyaka wasekwayo. Kule nyanga, lo mbutho ubamba iphulo laminyaka le elibizwa iRed October. Phakathi kwezinto eziphambili kweli phulo, kukuqwalasela umba wokuvuselelwa koqoqosho lweli, ngeenjongo zokuveliswa kwezithuba zengqesho, nanjengoko iqondo lentswelangqesho lisaxhome kakhulu kweli. Lo mbutho ube sematheni kutshanje, ngokubhekiselele kwiimbono zawo ngokusekwa korhulumente wobumbano, iGNU. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sinelungu lesigqeba sikazwelonke se-SACP nokwangusihlalo walo mbutho kwiphondo iMpuma Koloni, uMzoleli Mrara...

View Details

Namhlanje lusuku olwabekelwa bucala yi-UNESCO ukunika ingqwalasela nokubhiyozela ootitshala kwihlabathi jikelele, iWorld Teacher's Day ngolwasemzini. Olu suku lukwasetyenziswa ukukhumbuza ngokubaluleka kwemfundo esemgangathweni, negalelo lootitshala ekufezekiseni oku. Kulo nyaka, olu suku lubhiyozelwa phantsi komxholo othi: "Valuing teacher voices: towards a new social contract for education". Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni siqhagamishelana nomlawuli-jikelele weenkqubo nolawulo kwiSebe lezemfundo kwiphondo iMpuma Koloni, uThembani Mtyhida

View Details

Isebe lezemfundo eMpuma koloni kulindeke ukuba libhengeze ukulungela kwalo iimviwo ezizayo kunye nokuphehlelelwa kwenkqubo yokugqibela yezemfundo kulonyaka. Iphondo lizibekele umyinge ka 83% kwiziphumo zebanga leshumi kulonyaka ka 2024. Ukuva banzi ngalamalungiselelo, sinaye emnxebeni othethela iSebe lezemfundo ePhondweni uVuyiseka Mboxela...

View Details

Abahlalutyi bathi isivumelwano sochatha kwimivuzo yabasebenzi bakwarhulumente esingaphaya komyinge we 4-point-6 ekhulwini, asizukumelana noqoqosho lweli olusele luphantsi koxinizelelo. Oku kwenzeka ngexesha apho imibutho yabasebenzi bakwarhulumente inyanzelisa isivumelwano sonyaka omnye, seshumi elinesibini ekhulwini (12%) kubo bonke abasebenzi, kunyakamali ka-2025/2026. Isinyanzeliso sakutshanje semibutho yabasebenzi sifika ngethuba apho umphathiswa wemicimbi yezemali kulindeleke awise intetho yohlahlo-lwabiwomali lwaphakathi enyakeni, ekupheleni kwale nyanga. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe ngu-Naledi Ngcobo...

View Details

Namhlanje ilizwe liphawula usuku oluchasene nokusetyenziswa gwenxa kotywala. Umphathiswa kwisebe lophuhliso loluntu kuzwelonke u Sisisi Tolashe, uzakube ekhokhele umsitho ophawula olusuku eMgungundlovu KwaZulu Natal. u Ayabonga Kekana wenze udliwano ndlebe nolibambela mlawuli kwicandelo le Welfare Services kwisebe lophuhliso loluntu kuzwelonke, u Siza Mangangoe.

View Details

Food labelling expert Namhla Skweyiya speaks on transparency in food labelling to as to make informed choices

View Details

Ayabonga Kekana speaks with Charmaine September, Provincial Manager of the EC Justice Department's Language Unit and EC PANSALB Provincial Manager Dr Xolisa Tshongolo, about the issue of language in South African police stations and courts.

View Details

The Constitutional Court finds former President Jacob Zuma guilty of contempt of court and sentenced him to 15 months imprisonment. We get various reactions from the MKMA, Jacob Zuma Foundation and COSATU.

View Details

On this week's HOT SEAT WEDNESDAY we hosted Dr. Sibongile Zungu from the Eastern Cape Health Department to discuss its readiness against the pandemic, Covid-19.

View Details

The challenges faced by the youth of 2021 vary from that of 1976. Unemployment, drug and substance abuse and lack of skills development are one of the many challenges the youth of today face. Ayabonga kekana hosted a Life Coach and Author, Mzi Mngoma from Stress Coach to discuss possible solutions...

View Details

Can contraceptives kill someone? This is the question most women are asking following the tragic death of a 29-year-old Nompumelelo Makhubalo who was injected at the Central Clinic in Gqeberha two weeks ago. A week later she developed an infection at the injection site which ultimately led to her death. The cause of death on the medical report says septic shock. Ayabonga Kekana spoke with the medical expert, Dr Bongani Mooi...

View Details

Listen to Tuesday's edition of #30MinsLive with Ayabonga Kekana...

View Details

Ayabonga Kekana holds an interview with MKMVA's Carl Niehaus about the disbandment of the MKMVA and the MK Council by the ANC NEC

View Details

On NewsReview we looked at communities taking law into their own hands ( mob justice). We spoke with Simthembile Vayeke ( SANCO) and Brigadier Thembinkosi Kinana ( SAPS)

View Details

With renewed calls for South Africa to have a Basic Income Grant aimed to assist unemployed population groups between ages 19 and 59, Ayabonga talked with Lelona Mxesibe from the Studies In Poverty and Inequality Institute…

View Details

The Southern African Alcohol Policy Alliance is calling on government to implement stricter restrictions on alcohol. Gift Nongqotho spoke with SAAPA Communication Manager, Terri Liza.

View Details

The IEC has appointed former Deputy Chief Justice Dikgang Moseneke to lead a process to review whether current conditions are conducive or not to hold free and fair elections. Ayabonga Kekana had a discussion with the IEC Deputy CEO, Mawethu Mosery and My Vote Counts Researcher, Letlhogonolo Letshele...

View Details

ANC in KwaZulu-Natal has taken a resolution to support former President Jacob Zuma on his corruption trial. Ayabonga Kekana speaks with Provincial Secretary, Mdumiseni Ntuli...

View Details

A proposal for polyandry to be legally recognised as a form of marriage has sparked a major debate. Earlier this month, the department of home affairs gazetted a new green paper for the Marriage Act. One of the proposals in the gazette is the recognition of polyandry. This would allow women to marry more than one man at the same time. Ayabonga Kekana had a round table discussion with ACDP leader, Rev Kenneth Meshoe, Philisa Abafazi Bethu SA Director, Lucinda Evans and Traditionalist, Mr. Luyolo Nqevu...

View Details

Buffalo City Metro Executive Mayor, Xola Pakathi is our guest on our "HOT SEAT" Wednesday feature.

View Details

A memorandum of understanding to train about 900 young people in green economy was signed. Ayabonga Kekana spoke with Nepoworx CEO, Nonjabulo Sokhela

View Details

We discuss the ANC status quo and the ANC NEC meeting leaks with the ANC veteran, Mavuso Msimang.

View Details

On our show today we had a pre-recorded interview with Xolani Dube, analyzing the appearance of president Cyril Ramaphosa before the State Capture Commission. We also had an interview with Pakes Dikgetsi of COPE. Human Settlements HOD in the EC Tabisa Poswa spoke to us about the RDP houses and jobs for sale scam in the province. Petros Majola of Khula Development Enterprise spoke to us about the death of a learner at an incident that occurred at school in the EC.

View Details

The South African Council for Educators (SACE) has officially launched its Handbook on Teachers’ Safety and Security in South African Schools. #30MinsLive host Ayabonga Kekana talked with Bheki Mnisi....

View Details

On our programme today we spoke to the Dept of Basic Education, Elijah Mhlanga, about the discussions on the issue of returning to school of learners on a daily bases. We also had an intv with Bheki Mnisi of SACE about the safety and security of teachers. Also we spoke to the EC Legis Speaker's Spokesperson, Lwandile Sicwetsha on the money allocated to MPLs for constituency work. Lastly, we had an interview with Frank Gazu of GLASA about the increasing incidents of gays and lesbian killings.

View Details

South Africa suspends the rollout of the Johnson & Johnson COVID-19 vaccine over potential blood clot risks reported by the United States, the health minister said. Ayabonga Kekana had a chat with SAPHRA Chairperson, Prof Helen Rees...

View Details

The Tuesday edition of #30MinsLive with Ayabonga Kekana

View Details

A podcast for Monday's edition of #30minsLive on TRUFM with Ayabonga Kekana

View Details

30MinsLive host, Ayabonga Kekana discussed the State and the relevance of the PAC with Political Analyst, Bukani Mngoma. The party celebrates 62 years of its existence since 1959.

View Details

COSATU to meet with Public Enterprise Minister Pravin Gordhan on electricity hike and load shedding. #30MinsLive host Ayabonga Kekana, talked with COSATU spokesperson, Sizwe Pamla...

View Details

80% of SA consumers are in debt and defaulting on their loans. Ayabonga kekana had a conversation with Financial Law expert, Thabo Mantyi...

View Details

Gift Nongqoto speaks to Eastern Cape Film Festival's Nceba Mqolomba on an all-female production company that is in need of financial backing in order for it to produce a film that will be highlighting mental illness.

View Details

Book Review: Teardrops - A Collection of Short Stories. An interview between Interchange presenter Gift Nongqoto and the author of the book Babalwa Nqoro.

View Details

An Eastern Cape woman's struggle to obtain documents for herself and her children is now again being looked at by the authorities. Twenty-three- year old Nasiphe Mbaliso from Tshabho, near Berlin in the Eastern Cape, and her three children are undocumented. As Ayabonga Kekana reports, Mbaliso says she has been struggling for years to get birth certificates for her and her children...

View Details

Ayabonga Kekana hosts the ANC National Executive Committee member, Pemmy Majodina to unpack the state of the party as it celebrates 109 years.

View Details

News Review host, Ayabonga Kekana sat down and talked with the Director of Agro-Processing at the Eastern Cape Economic Development Department as they discussed the province's economic recovery plan. This as the province has at least 50 per cent of the unemployment rate.

View Details

NewsReview host, Ayabonga Kekana had a discussion with Professor Moeketsi Letsaka from the College of Education at UNISA and Mr Khaya Molaoa, a Chief Curriculum Specialist as they put a spotlight on South Africa’s current education system and how it addresses socio-economic challenges?

View Details

The South African Medical Research Council study titled 'Unspoken Victims' suggests that the rape of men and their vulnerabilities to sexual abuse and rape need to be addressed. Ayabonga Kekana talked with Dr Mercilene Machisa from SA's Medical Research Council...

View Details

The deputy minister of Labour and Employment, Boitumelo Moloi together with the deputy minister of Police, Cassel Charlie Mathale visited the Buffalo City Metro Municipality in the Eastern Cape. The purpose of this visit was amongst other things, service delivery matters, ways in which the economy can be improved and to look in to ways to fight gender based violence. Ayabonga Kekana spoke to the deputy minister of labour and employment, Boitumelo Moloi…

View Details

The Indigenous Language Action Forum held a webinar recently, to discuss the use of indigenous languages in the criminal justice system. The meeting under the theme “Language and the criminal justice system” focused on the continued preference of English as the medium of instruction during court proceedings. The organisation believes this disadvantages indigenous language speakers. Ayabonga Kekana spoke to Dr Zakeera Docrat from the Indigenous Language Action Forum….

View Details

The Eastern Cape legislature has resolved to get rid of apartheid or colonial statues in the province. There have been calls from the EFF for these statues to be removed saying it’s time for African dignity to be restored. This comes at a time when the Buffalo City metro is in a process of changing names of its town including East London airpot, East London and King William’s Town. Ayabonga Kekana speaks to the MEC for Arts and Culture, sports and recreation, Fezeka Nkomonye…

View Details

Tru News Hour host, Ayabonga Kekana had a conversation with the Independent Police Investigative Directorate (IPID) boss on her visit to the Eastern Cape

View Details

Business leadership South Africa is concerned about the looming job cuts in the liquor industry amid the recent alcohol ban. President Cyril Ramaphosa last week has announced the suspension of sales and distribution of alcohol with immediate effect, citing it puts pressure in the health care system, as the country is battling with Covid-19. BLSA CEO, Busi Mavuso says the industry was never consulted. SABC journalist, Amanda Xhala spoke with Mavusi....

View Details

We talked with the South African Union of Students (SAUS) President Meshack Mugabe on the union’s call for universities to reduce fees amid current lockdown. The union argues that student fees partly accounted for contact classes, which haven't fully taken place due to lockdown also calls on lease agreements on student accommodation.

View Details

As the world today commemorates the World Suicide Prevention Day, The South African Depression and Anxiety Group, SADAG, has adviced parents to look out for warning signs of suicide in their children and get them help immediately. Pethu Soga had an interview with the South African Depression and Anxiety Group's Taylor Phillip...

View Details

Recent horrific incidents of rape, murder, and kidnapping in South Africa have once more put the safety of women and children in a spotlight. These incidents have also raised questions on the men's responsibility in society to protect women. Tru News Hour Anchor, Ayabonga Kekana had an interview with the Sonke Gender Justice spokesperson, Patrick Godana…

View Details

Basic Education Minister, Angie Motshekga says her department is moving ahead with the Automatic Progression Policy. The policy proposes that a learner may only repeat a grade once in the Foundation Phase (Grade R – Grade 3) to prevent them from being retained in this phase for longer than four years. Some education experts have warned that the automatic progression policy may have dire consequences for the country’s education system. Ayabonga Kekana talks to Education Specialist, Tholisa Matheza from the University of Cape Town

View Details

Lying about your qualifications, even on platforms such as Twitter bios and LinkedIn, could lead to jail time. This is according to National Qualifications Framework Amendment Act. Phethu Soga spoke to Former Higher Education Director of the National Qualificacions Framework Dr Shirley Lloyd.

View Details

Akukha vakali ngalomzuzu ukuba uqhankqalazo oluquba kwi Dyuniveithi i-Rhodes lizakuphela nini. Masive banzi kwi ntatheli yethu elandela elibhali uMcebisi Ngqina....

View Details

Abafundi base NMMU bavale indlela kwiDyunivesithi, aze amapolisa abadubula ngembubulu zerubber...

View Details

High Court in Pretoria has denied government leave to appeal against its finding that the failure to arrest Sudanese leader Omar Al Bashir was unconstitutional.Zama Ntshona had an interview with political analyst Somadoda Fikeni on the matter.

View Details

Zama Ntshona interviewed THEMBA NOLUTSHUNGA-FREE MARKET FOUNDATION, ZAMIKHAYA MASETI-ECONOMICAL ANALYST, MZWANELE NYONTSO-DEPUTY PRESIDENT OF PAC and ATHOL TROLLIP-DA ( PRE-REC) on recent reports that South Africa is slipping away from economic freedom.

View Details

The new Rule 53A of the National Assembly was invoked for the first time against the member of parliament and the leader of the EFF, Julius Malema in parliament yesterday. Listen to Zama Ntshona debates this rule with ANC parliamentary spokesperson Moloto Mothapo, DA's John Steenhuisen and political analyst Zamikhaya Maseti.

View Details

Zama Ntshona interviewed MAHLUBI MABIZELA-CHIEF DIRECTOR FOR UNIVERSITY EDUCATION POLICY and LAZOLA KATI -MEMBER OF BLACK STUDENT MOVEMENT IN RHODES UNIVERSITY

View Details

Namhlanje kwinkqubo yethu sithetha ngesindululo sokulondoloza imali yomhlalaphantsi xa ubani athe walahla phambi kwexesha emsebenzini. Ngokwesi sindululo ubani ucetyiswa ukuba angayithathi le mali, koko ayityale kwingxowa eyakubangela ukuba imncede yena nosapho lwakhe ekuhambeni kwexesha. Phulaphula ngethuba uZama Ntshona ebethetha noo-Ismael Momoniat ophuma kwi-National Treasury, kwakunye no-Jan Mahlangu we-Cosatu kwinkqubo iThe Day Breaker on Tru FM.

View Details

The Day Breaker broadcast live from the women's parliament in Bhisho.

View Details

Zama Ntshona engages with the different stakeholders regarding the special Cosatu NEC

View Details

Zama Ntshona interview spokesperson from the department of Agric and Rural Development in the EC Mvuyisi Sicwetsha about partrneship between the Boxer Superstores and the department. There are many jobs that are expected to be created in the province.

View Details

Zama Ntshona interviews Lesego Kgobane ( relationship consultant in home loans department at HIP) on Housing Investment Partners which include Old Mutual and the National Housing Finance Corporation developing an innovative home finance solution for those earning between three-thousand 500 rand and 30-thousand rand per month.

View Details

The Department of Labour Eastern Cape's HOD Bheki Gama engages with Zama Ntshona on a programme ran to empower people on how to deal with different labour matters and offer assistance!

View Details

President Jacob Zuma leads a high delegate of government officials to the World Economic Forum in Cape Town where Eastern Cape premier is one of the selected premiers attending!

View Details

ANC NWC visit Nelson Mandela Bay Metro to iron out certain problems like administration. Reporter Mzukisi Solani unfolds the purpose of the visit

View Details

Zama Ntshona engaging with Eastern Cape department of Education spokesperson, Malibongwe Mtima on the meeting of the MEC with school principals of underperfoming schools in the province

View Details

MAASA forges ahead in building a credible skills base to support the country's renewable energy skills base

View Details

REVIEWING THE ANC DECISION TO NOMINATE DANNY JORDAAN AS NELSON MANDELA BAY METRO MAYOR AND ITS IMPLICATIONS.

View Details

In an interview with Zama Ntshona, Humana People to People co-ordinator Tonderai Chikono, spoke about the training that his company offer to sustenance farmers.

View Details

Zama Ntshona had a one-on-one interview with the SABC reporter, Morafe Tabane, who attended a NERSA meeting scheduled to discuss if power utility, Eskom, can hike electricity prices to 25.3 percent from July this year. Later on, he had an in-depth analysis with an economical analyst Prof Bonke Dumisa on this issue.

View Details

Buffalo City mayor, Zukiswa Ncitha, ANC councillor Sindiswa Gomba and Speaker Luleka Simon-Ndzele appear before the East London magistrate's court. Zama Ntshona spoke to our reporter, Makhaya Komisa (SABC)

View Details

DASO at the University of Fort Hare is still celebrating its victory over SASCO in the SRC elections. Gift Nongqoto had a one-on-one interview with DASO's president, Busisiwe Mashiqi...

View Details

SASCO at the University of Fort Hare had a press briefing following their defeat to DASO in the SRC elections. During an interview with Gift Nongqoto, SASCO Provincial Chaiperson in the Eastern Cape, Yanga Zicina, had this to say...

View Details

Zama Ntshona interviews Makhaya Komisa ( SABC reporter) and Zolani Ndlela ( SAMWU BCM regional secretary) on supporting Buffalo City municipal manager Andile Fani.

View Details

Zama Ntshona interviews Social Development Spokesperson in the Eastern Cape, Gcobani Maswana, on the partnership between his department and Rhodes University to train learners to operate in community development environment.

View Details

March organised by disbanded Eastern Cape leadership of SADTU to the provincial education department headquarters in Zwelitsha. Listen to Zama Ntshona interviewing Yanga Funani ( SABC reporter)

View Details

Popcru is up in arms with the decision taken by SAPS to make their members to learn Chinese in the EC. Zama Ntshona spoke to the Chairperson of Popcru in the Province Loyiso Mdingi.

View Details

Buffalo City Metro Municipal Manager Andile Fani might be fired due to alleged allegations of tempering with the tender system. Zama Ntshona interviewing Busisiwe Jemsana (SABC Reporter).

View Details

SAPS Lieutenant Khaya Tonjeni speaks with the presenter Zama on conjunction with People's Republic of China holding an opening ceremony for Chinese Language Training.

View Details

Zama Ntshona talks with EC Public Works MEC Thandiswa Marawu handing over Alice Gateway project that is part of Small towns Revitalisation Programme.

View Details

Zama Ntshona interviews Eddie Makue from national Economic development committee visiting the Nelson Mandela Bay Metro on potential economic growth.

View Details

Zama Ntshona interviews Sanele Nene ( UKZN analyst) on the recent xenophobic attacks happening in the country especially in Kwa-Zulu Natal.

View Details

Zama Ntshona interviews Makhaya Komisa ( SABC reporter) on the Eastern Cape preparations for the elective regional congress running smoothly.

View Details

Education department responds on the SADTU meeting

View Details

Zama Ntshona interviews Zanele Booi ( EC SADTU member) on a meeting with the department of education that lasted until midnight but yielded no results.

View Details

Education department spokesperson Loyiso Pulumana responds on the worker's strike in the Eastern Cape. An indepth interview with our presenter Zama Ntshona!

View Details

Eastern Cape Education officials are up in arms over allegations of missing funds, Zama Ntshona interviews Nehawu secretary Xolani Malamlela

View Details

Gift Nongqoto speaks to NACTU President, Joseph Maqhekeni, on the sacking of former Cosatu General-Secretary, Zwelinzima Vavi

View Details

Proffesor Somadoda Fikeni anaylses Vavi's expulsion live with Zama Ntshona on the DayBreaker on Tru Fm

View Details

Zama Ntshona spoke to our reporter, Fundiswa Mhlekude, on the bail application of a Cala grandfather who is accused of raping his granddaughter

View Details

Zama Ntshona on a one-on-one interview with SRC President at Rhodes University, Siyanda Makhubo, on students' demand for a name change

View Details

Zama Ntshona interviews Rhodes Vice-Chancellor, Dr Sizwe Mabizela, on Rhodes students' name change demand

View Details

Gift Nongqotho interviews Bulelwa Makhalima ( TB/HIV programme manager) on World TB Day programme in the Eastern Cape

View Details

Zama Ntshona interviews our reporter, Nkululeko Nyembezi, on actions to be taken by the EC Education Department against four women accused of urinating on the food bowls at a school outside Mthatha in the Eastern Cape.

View Details

A live interview between Zama Ntshona and our reporter, Makhaya Komisa, on reports that Buffalo City Metro is opposing the inclusion of Great Kei and Ngqushwa Municipalities under its belt

View Details

Zama Ntshona speaks to the EC Human Settlements Spokesperson, Lwandile Sicwetsha, on his Departments' announcement to support municipalities and traditional leaders

View Details

During a live interview with Zama Ntshona, our reporter Mcebisi Ngqina got shot in the crossfire when police opened fire with rubber bullets on protesting residents of Alicedale in the Eastern Cape

View Details

Zama Ntshona interviews our reporter Yanga Funani on the death of a 67 year-old traditional healer at Mt Coke near King William's Town in the Eastern Cape after an assault, allegedly by a mob who accused him and his three sons of kidnapping a 13 year-old boy

View Details

Zama Ntshona interviews our reporter Yanga Funani on allegations that a Bufallo City Metro ward councillor at Zwelitsha is receiving death threats

View Details

Umphathiswa wesebe lezolimo kwiphondo leMpuma Kapa uMlibo Qoboshiyane uzimisele ukuvuselela amasimi eswekile!

View Details

Employment Act reinforces equality at work! Chief Inspector at Labour Department Livingstone Matiwane talks on such issues with Zama Ntshona!

View Details

Latest updates on the Absa Premiership, latest cricket scores live with Monwabisi Jimlongo on TruFm

View Details

Zama Ntshona's one on one with reporter Busisiwe Jemsana on the visit of Water and Sanitation Minister Nomvula Mokonyane with her deputy Pam Tshwete!

View Details

Our presenter Zama Ntshona interviews SABC News reporter Lubabalo Dada on a story of a teenager who's allegedly murdered by his mother's ex-boyfriend!

View Details

Zama Ntshona Interviews Economic Development Sector's Phiwe Mkhonwana on how small business owners can get guidance to growing their business!

View Details

Our presenter Zama Ntshona interviews journalist Makhaya Komisa about the story of irregular activities at a hospital in Fort Beaufort in the Eastern Cape!

View Details

Our presenter Zama Ntshona interviews the organiser on the Economic Development Sector Phiwe Mkhonwana about small business development!

View Details

Latest sports update on The DayBreaker on TruFm: Absa Premiership match updates

View Details

Eastern Cape will once more host an Africa dialogue for women in Africa

View Details

Electricity theft is a major problem in East London. We speak to BCMM spokesperson Chris Gower about the extent of the problem.

View Details

Interview with EC Social Development MEC, Nancy Sihlwayi, on Day 2 of the Africa for Africa Women Conference in Port Elizabeth, EC

View Details

Interview with President leading Women of Africa, Madelein Mkuni, on Day 3 of the Africa For Africa Women's Conference in Port Elizabeth, EC

View Details

Seriti commission expresses concern over whistleblower's testimony...

Seven infant bodies found in a dump in Durban...