Likhankanyiwe igama lenkokheli yeEFF, uJulius Malema, ngethuba bekunikezelwa ubungqina kwikomishoni yophando kaMadlanga. Igama lakhe livele kwincoko eyayiphakathi konqunyayisiweyo oyintloko yezobuntlola esipoliseni, uMajor General Feroz Khan, kwakunye noligosa eliphezulu kwinkampani eyenza amacuba, uMohamed Sayed. Obu bungqina bobaphakathi konyaka ka2020 no2023, nobutyhola aba bathathu ngokuceba ukususa owayeyi Inspector-General yezobuntlola, uSetlhomamaru Dintwe, kwisihlalo sakhe. Kukwakho izityholo zokuba uKhan wayenikezela ngeenkcukacha ekungafanelekanga ukuba unikezele ngazo kuMalema. Kuyavakala ukuba uMalema ubhalele ikomishoni esithi akakwazi ukuqinisekisa ubunyani bale miyalezo eyayiphakathi kuka Khan noSayed. Emnxebeni sinayo ingcali yezopolitiko, uHlumelo Xaba...