Kukho ingxelo yeEqual Education ephakamisa inkxalabo enkulu ngomgangatho wezikolo zaseMpuma Koloni. Ngokweenkcukacha zeSebe lezeMfundo yi25% yezikolo zeli phondo ezikwimeko embi kakhulu. Kwezinye abafundi banyanzeleka ukuba bafundele kumagumbi angakhuselekanga nadilikayo, kwaye ezinye ezikolo azinawo nombane. Le ngxelo ikwakhankanye izityholo zolawulo olugwenxa kunye nokuziphatha kakubi kwiSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, kuquka amabango okuba imali eyayenzelwe ukwakha nokuphucula izikolo yasetyenziswa gwenxa. Ukuva banzi ngale ngxelo, emxebeni u-Amanda Xhala ubambe iSenior Researcher kwa-Equal Education, uSam Beynon...