Ngabantu abalishumi elinesihlanu eDebe Nek kwiMpuma Koloni abagwetywe isigwebo sobom ngamatyala amane okubulala, kwakunye neminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ngawokuthimba nodushe lwasesidlangalaleni. Ezi zigwebo ziza kuqhuba ngexesha elinye. Ngokomthetho, ukuthabathela umthetho ezandleni zakho, yinto engakhuthazwayo. Oku, abahlali kwakunye namaqonga opoliso asekuhlaleni, bathi ngamaxesha amaninzi bakwenza ngenxa yokuba belahlekelwe lithemba ngakwinkonzo yezobulungisa. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yezolwaphulomthetho, uGqirha Thompho Tshivhase.