Abaqeshi jikelele kweli lizwe bayabongozwa ukuba baziqhelanise nemiqathango emayela nowona mvuzo mncinci wamkelekileyo, ukuze baqinisekisa ukuba bayayithobela. Oku kusemva kokuba urhulumente ebhengeze ukuba owona mvuzo mncinci wamkelekileyo kweli lizwe, i-minimum wage, uzakonyuswa ngo-4-point-4 percent ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo. Oko kuthetha ukuba owona mvuzo uphantsi ngoku izakuba yi-28 rands 79-cents ngeyure ukusuka kwi 27-rands 58-cents. Masifumane ilizwi elisuka kumfela-ndawonye wemibutho yabasebenzi, iCOSATU, emnxebeni sinaso isithethi salo mbutho uZanele Sabela…