Nanjengoko kulindeleke ukuba amaziko emfundo ephakamileyo avule iminyango ukulungiselela inkqubo yokufunda ka nyaka ka 2025, mininzi imingeni abafundi abajongene nayo eminye yayo kukungafumani inkxaso mali ,namingeni leyo yayilwelwa ngabafundi bephulo i #FeesMustFall ngonyaka ka 2015. Lo nyaka ka 2025 uphawula iminyaka elishumi ukususela oko kwaqala iintshukumo ze #FeesMustFall kwi University yaseWits, apho abafundi babesilwa neeFees eziphezulu kunye nokukhutshelwa ngaphandle kwabafundi (Financial exclusion). UAyabonga Kekana ubenodliwano ndlebe nomongameli we-South African Union of Students uYandisa Nzoyiya.